UkuBekwa esiKhundleni kukaMongameli – 2009
Masibhiyozeleni ukubekwa esikhundleni koMongameli omtsha welizwe! 
Izigidi zabemi boMzantsi Afrika zithabathe inxaxheba kunyulo jikelele ngowama- 22 kweyoKwindla 2009. Ngokuvota, abantu baseMzantsi Afrika bathabathe inxaxheba kwinkqubo yedemokhrasi yokonyula uMongameli omtsha welizwe. Njengokuba ngoku sizazi iziphumo zonyulo, lixesha ke lokuba uMongameli omtsha waseMzantsi Afrika abekwe. 
Yintoni ukubekwa esikhundleni? 
Ukubeka esikhundleni ngumsitho osemthethweni ophawula ukuqala kwexesha le-ofisi lorhulumente omtsha. Ngolu suku, uMongameli omtsha ufungiswa yiJaji eyiNtloko yoMzantsi Afrika. Iintloko zamazwe, noorhulumente kunye nabameli boorhulumente abavela kwamanye amazwe bayeza kulo msitho ubalulekileyo. Kukwakho nomculo, imisebenzi yenkcubeko kunye neminye imisebenzi kumsitho wokubhiyozela usuku. 
Luza kuba nini ubeko sikhundleni? 
Kulo nyaka, ubeko sikhundleni luza kuba ngoMgqibelo, 9 kaTshazimpuzi 2009, ukusukela ngeye-11:00  kwi-Union Buildings ePitoli.
Kutheni lubalulekile nje olu suku? 
Ngolu suku, sibhiyozela impumelelo yedemokhrasi yelizwe lethu kunye namalungelo namathuba esiwonwabelayo ngoku kuMzantsi Afrika onedemokhrasi, ongenabuhlanga nongachasananga nobuni. Lusuku esinokumanyana ngalo njengesizwe ekubeni siqhube uMzantsi Afrika esinokuba nebhongo ngawo.   
Ungaba yinxenye yobeko sikhundle ni njani? 
Izikhululo zoomabonakude kunye nezoonomathotholo ziyakulusasaza ngqo ubeko sikhundleni ngomhla we-9 kaTshazimpuzi 2009 – zivule!
Kukwakho nemisitho elungiselelweyo kwiindawo ezahlukeneyo kwilizwe xa lilonke – yiba yinxenye yayo! 
Ngeenkcukacha zemisitho ekummandla wakho, tsalela umnxeba ku-1020 (inombolo yasimahla kumnxeba wasendlini).  
Sisebenza ngokuDibeneyo ekuPhuculeni uBomi boLuntu!
