xhosa.1550.motivation
UNGABOZE
uncame!
Abantu abaphumelelayo ebomini ngabo bangancamiyo. Impumelelo yakho iya kukalwa ngokwemiqobo oyitsibe ixabe endleleni yakho
ABANTU esibabona benempumelelo abazange bahambe lula, bengazange bancame nangona zazininzi izinto ezixabe endleleni yabo eya empumelelweni.
Ndinomthetho endiwubiza ngokuba "nguMthetho weSivuno". Xa ulime itapile uze uzihlakulelele, ziya kuthabatha ixesha phambi kokuba zivuthwe, kodwa uya kuvun' iitapile ezintle zakuvuthwa.
Zinike ixesha kwaye uzinikele kwinto oyenzayo, uya kuvuna iziqhamo ezihle kuyo.
Akukhathaliseki nokuba ungubani, xa izinto uzenza ngendlela, uya kufuman' iziphumo ezihle ebomini.
Kufuneka usoloko uzama ukuphumeza loo nto uyifunayo kuba ukungancami kuko okwenza umahluko phakathi kokoyisakala nokuphumelela.
Into eyenza abantu banikezele msinya kukuzithelekisa nabany' abantu abacinga ukuba baphumelela lula. Oko bubuyatha ngenxa yezizathu ezibini:
Esokuqala, awuzazi iinkcukacha zobomi bomny' umntu ngaphandle kwezobakho. Abantu ocinga ukuba baphumelela lula, kungenzeka bajongana neengxaki ezingaphezulu kwezakho. Kaloku awunazo iinkcukacha ezaneleyo ezingakwenza uzithelekise nomnye umntu!
Esesibini, bonk' abantu baneenjongo ezahlukeneyo ebomini, ngoko akufanelanga uzame ukukopa ubomi bomny' umntu.
Ukulinganisa omny' umntu kuyakudodobalisa.
Eny' into ebalulekileyo ukuze uphumelele kukungatyhafi kwinto oyifunayo nokuba ubona ungaqhubeli phambili.
Umzekelo, abantu abaqala amashishini baba nomdla kakhulu ekuqaleni. Bawavula kwangoko baze bawavale kade amashishini abo. Kodwa bayoyiswa kukuba nolo dlamko ixesh' elide. Bayanikezela bakubona izinto zihamba ngonyawo lonwabu. Yiloo nto kuphumelel' ishishini elinye kwali-10. Khuthala ngokuphindwe kali-10 ukuze uphumelele.
Yiba nomonde yaye uzingise xa izinto zibonakala zingakuhambeli kakuhle. Izinto ezikwenza uphumelele zifika xa izinto zingakuhambeli kakuhle ebomini!
Inkoliso yabantu bayakhawuleza ukubona into abayenzayo ingaphumeleli yaye bazibone befeketha ngexesha.
Ungabukholwa ubuvuvu bokuba sele likushiyile ixesha lokuphumelela. Umthi ongewuwutyale eminyakeni engama-20 edlulileyo, usengawutyala nangoku. Nokuba uzibona ufekethe ngexesha waphoswa nangamathuba, usengaqala nangoku.
Tshintsha indlela owenza ngayo xa kukho imfuneko, kodwa unganikezeli. Usenokuba nezinto ezikutyhafisayo yaye uzive udiniwe kodwa unganikezeli, nkqu noThixo akanakukunceda!
Xa uphinda ufikelwa yingcingane yokuncama,
yikhabe ngelithi: "Andisokuze ndincame!" [x]
Umbhali: Mfundisi George
BONA XHOSA February 2009
INKUTHAZO
Abantu abanca-mayo abaphu-meleli.
Ungabu-kholwa
ubu- vuvu bokuba
sele
uphele-lwe lixesha
IZINTO OFANELE UCINGE NGAZO
Nantoni na enexabiso ayenzeki ngephanyazo. Kuthabatha ixesha ukwakha umsebenzi omhle, ishishini okanye umtshato. Yiloo nto inkoliso yoosozigidi beneminyaka ekuma-61!
Awazi ukuba sele ukufutshane kangakanani nempumelelo. Eny' ingqondi yathi: "Xa uzimisele ukuma ubomi bakho bonke, awunakuma ixesh' elide."
Maxa wambi ebomini, amaxesha amahle namabi afika ngexesh' elinye, logama eziny' izinto zisebenza, eziny' azisebenzi. Maxa wambi abantu bayancama emva kwempumelelo enkulu kwicala elithile lobomi babo, ukanti maxa wambi bancama emva kokoyisakala kakhulu. Inyaniso kukuba impumelelo ikwayidlela yokufunda ukoyisakala kakuhle.
