INdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010 kunye neNdebe ye-FIFA yoManyano, eMzantsi Afrika ngo 2009
IMIBA
Sililizwe lesibini ehlabathini lokuba kubanjelwe kulo iindebe zehlabathi zomdlalo weqakamba, umbhoxo kunye nebhola ekhatywayo. 
IZITEYIDIYAM  
Ezi ziteyidiyam zitsha zezona zibukeleka kakhulu ehlabathini, kwaye zidibene ziyakubanezitulo zokuhlalisa abantu abangaphezulu kwama 570 000.
• ISiteyidiyam i-Moses Mabhida e-Durban sinombombo wentsimbi oziimitha eziyi 105 phezu kwephahla, kwaye ngokusebenzisa isithuthi sentambo, ababukeli bayakuyibona kamnandi i-Indian Ocean.
• I-Soccer City e-Johannesburg yakhiwe ngathi liselwa, ingqayi yokusela yesintu yase-Afrika. Indawo elufele olungaphandle ingange 43 000 m2 kwaye iyonke izakwakhiwa ngezinto zokwakha zendalo ezonga amandla. Esi sesona siteyidiyam sikhulu e-Afrika, esinezitulo zokuhlalisa abantu abaphantse babe ngama 95 000.
• ISteyidiyam i-Mbombela e-Nelspruit sakhiwe kwingingqi eyaziwa ngobumbejembeje bayo bendalo yasendle nezilwanyana zasendle, kufutshane ne-Kruger National Park. Uphawu lwaso olungundoqo nolugqibeleleyo zizixhaso zophahla ezili 18 ezingathi ziindlulamthi.
Iiziteyidiyam ezisezilokishini zivuselelwa umgangatho, ezinye njeengeendawo zokuzilolonga nokuqeqeshela abadlali. Ezi zibandakanya:
• Isiteyidiyam i-Orlando, sona esigqitywe phambi kwexesha elibekiweyo, kunye neSiteyidiyam i-Dobsonville e Soweto
• Iziteyidiyam i-Rand, i-Cecil Payne, i-Rabie Ridge ne-Ruimsig e-Johannesburg
• Iziteyidiyam i-HM Pitje, i-Super ne-Giant e-Tshwane/Pretoria
• Isiteyidiyam i-Sesa Ramabodu e-Rocklands, Cape Town
• Isiteyidiyam i-Princess Magogo, i-King Zwelithini kunye ne Sugar Ray Xulu e-Durban
• Isiteyidiyam i-Olympia Park e-Rustenburg.
Ubusazi?
• I-R25 million izakutyalwa kuphuhliso lweeklabhu kuzo zonke iindidi zemidlalo, ngakumbi kwiindawo zabahlali abangamahlwempu, ukuze kuveliswe kwaye kukhuliswe italente yethu yezemidlalo kwaye kuphuculwe ukukhuphisaneka kwemidlalo yakweli. 
• I-R212 million ityalwa kwimidlalo yasezikolweni neyabahlali kwisithuba esikhokelela ku 2010. INkqubo yeZikolo iyakuzisa izithethe zokudlala ngokufanelekileyo nangokungakhethi zeNdebe yeHlabathi ye-FIFA, iindlela zokuphila ezinempilo kunye nosetyenziso lweenkqubo ezidibanisa iinkcubeko ngeenkcubeko kubantwana besikolo abayi 12 million, ngokwemidlalo, ubugcisa kunye nenkcubeko. 
EZOTHUTHO
Kutyalwa malunga ne R11,7 billion kwinkqubo yobuxhakaxhaka bezothutho ukuze kuqinisekiswe ukuba abaxhasi bebhola, amaqela wabadlali kunye neenkonzo zeendaba, bahambahamba kakuhle nangokukhululekileyo. Iiprojethi zothutho zeNdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010 ziyinxenye ehlangeneyo yotyalo-mali lulonke lukarhulumente kwezothutho, nto leyo eshukumisa inkqubo yethu yezothutho ukuze oko kubeyinzuzo yexesha elide kubakhweli nakwezoqoqosho. 
Uvuselelo lomgangatho weendlela zakweli, iziporo kunye neendlela ezihamba iibhasi ziyakudala inkqubo yezothutho ehlanganisiweyo. Oku kubandakanya iinkqubo ezintsha ezifana neeNkqubo zokuGqithiselana ngokuKhawuleza zeZiporo nezeeBhasi, ezibandakanya imizila eyodwa yothutho loluntu kunye neendawo ezichongiweyo zokukhuphela  abakhweli, ukuze abakhweli batshintshe basuke kuhlobo oluthile lwesithuthi, baye kolunye uhlobo lwesithuthi. INdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010 izakunkqenkqezisa phambili ukusetyenziswa kweendlela zokukhupha amatikiti ezihlanganisiweyo zobuxhakaxhaka bombane, nto leyo eyakwenza ukuba abakhweli bakwazi ukusebenzisa itikiti libelinye bakhwele ngalo iibhasi, oololiwe kunye neeteksi. 
IINDIDI ZOBUCHWEPHESHE BENKCAZELO NONXIBELELWANO
Ubuxhakaxhaka bendawo yonxibelelwano lomabonakude wesathelayithi kunye nonxibelelwano lweminxeba yeNdebe yeHlabathi luyakuxhasa amandla okukhupha amaza onxibelelwano lomoya angama 40 gigabytes ngomzuzwana, kwaye iyakusetyenziselwa ukunika iinkonzo zosetyenziso lwamaza onxibelelwano aphangaleleyo nanabileyo emva ko 2010. 
IZiko loSasazo lweHlabathi elise Johannesburg lizakuba liziko elisisigqubi seenkonzo zeendaba, kwaye lifumane usasazo lwamaza omoya oluvela kwiziteyidiyam luze lulugqithisele kwihlabathi liphela. 
Iziko elisisigqubi seenkonzo zeendaba libandakanya izitya zesathelayithi ezithabathe indawo engange 5 000 m². Ababukeli bethelevijini bomnyhadala we 2010 bayakufikelela malunga kwi 26,9 billion.
Ubusazi?
Isilogani sethu esivunyiweyo seNdebe yeHlabathi yango 2010 sithi KE NAKO. Bhiyozela uBuntu be-Afrika “Ke Nako” ligama leSesotho, Sesotho sa Leboa neSetswana elithetha ukuthi “sekulixesha”. Likhwelo lokubhiyozela i-Afrika njengemvelaphi yobuntu nanjengomgaleli kuwo wonke amacandelo weenzame zoluntu. 
UKHENKETHO KUNYE NEENDAWO ZOKUHLALA
Okokuqala embalini, i-FIFA yenza izivumelwano neendawo zokuhlala nokulala ezingezizo iihotele, ezifana neepaki zelizwe, amagumbi okulala nokutya isidlo sakusasa, izindlu ezineendawo zokulala kunye namakhaya wamandwendwe.
Sesinamagumbi ahlelwe ngokomgangatho angama 80 000 – wona onelise inani elifunwa yi-FIFA elingama 55 000 agqitha ngaphaya kwalo.
EZEMPILO KUNYE NEENKONZO ZONYANGO 
Ilizwe lizakuba nonakekelo lwempilo olusisiseko lwamahala kwiindawo zokudlalela ezivunyiweyo, iinkonzo zempilo zongxamiseko iiyure ezingama 24, kunye namanyathelo ehlabathi nawelizwe obuntlola okugada ukuqhambuka kwezifo. INdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010 iyakukhawulezisa ukuphuculwa kweenkonzo zonyango zongxamiseko zaseMzantsi Afrika:
• Kusekwa amaziko onxibelelwano amabini afakwe kanobom ubuxhakaxhaka kwiphondo ngalinye axabisa i-R37 million, alungiselelwe ukuhlanganisela izithuthi zongxamiseko nqo ngexesha lokwenzeka kwezinto kwelona ziko longxamiseko likufutshane lifumanekayo 
• Kutyalwa iR8 million ukuze kuvuselelwe umgangatho wamaziko ongxamiseko 
• Iinkonzo zonyango zeenqwelomoya ziyakufikeleliswa kuwo wonke amaphondo 
• Kuzakutshintshwa izithuthi ezizi-ambulensi ezingama 450.
UKHUSELEKO NOKHUSELO 
Akukho nanye into ezakuyekwa izenzekele nje ngokwamathuba ekukhuseleni lo mnyhadala nasekukhuseleni ilizwe lethu. Olu tyalo-mali luyakuqhubeka ukuncedisa amapolisa kumanyathelo awo okulwa ubugebenga naxa sele yagqithayo iNdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010:
• I-R665 million izakusetyenziswa ekuthengeni izixhobo ezikwizinga eliphezulu, kubandakanywa izixhobo zokulawula isihlwele sabantu, iinqwelo-moya ezingenamntu phakathi, ii-helikopta, izintywizisi zamanzi ezili 10, ii-BMW ezili 100 zokupatrola oohola beendlela kunye nobuxhakaxhaka bempahla yokukhusela umzimba
• Amaziko amane okulawula nokukhupha imiyalelo akumgangatho ophezulu wobuchwepheshe azakufumana imifanekiso nqo esuka kwiinqwelo-ntaka nezinye iikhamera. 
• Umkhosi ozinikeleyo wamalungu angama 41 000 uzakutyalwa ujongane nje kuphela neNdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010.
Ubusazi?
KwiMbizo yeHlabathi malunga noPhuhliso oluZinzisekayo, uMzantsi Afrika wasungula indlela yokhuselo evunyiweyo njengomzekelo omtsha emakujongwe kuwo lihlabathi – kwaye ke ngoku seyivunyiwe ngumbutho weZizwe eziManyeneyo njengomzekelo wemibhiyozo emikhulu. 
UKUFIKELELA KUMZANTSI AFRIKA 
• I-R1,5 billion ityalwa ekuvuseleleni umgangatho weendawo zokungena kweli lizwe kwaye amalungiselelo eNdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010 aphucula imigaqo yokungena kwabantu kweli lizwe ukuze bangene kwaye baphume kakuhle nangokufanelekileyo. 
• Siyakubaneencwadi zokuvumela ukungena ezilungiselelwe nqo imidlalo ethile eziyakwenza ukuba abo banamatikiti bangene lula elizweni. 
• Oku kubandakanya ukukhawulezisa iinkqubo zokungenisa abantu elizweni kwiindawo zokungena ngemizila “yokukhawulezisa” kunye nokuqhutyekiswa okuphambili kwabakhweli apho abahambi bahlolwayo phambi kokuba bakhwele iinqwelo-ntaka eziya kwiindawo abahambela kuzo. 
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwi:
www.sa2010.gov.za
IMIBA EKHAWULEZILEYO
Amalungiselelo kaRhulumente eNdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2010 naweNdebe ye-FIFA yoManyano eMzantsi Afrika ngo 2009 
I 2010 KUNYE NOQOQOSHO LWETHU OLUKHULAYO
Kuzakuveliswa imisebenzi emitsha emalunga nama 415 000 ngenxa yokubamba le tumente. 
Kuveliswe imisebenzi emitsha engama 80 000 kwishishini lonakekelo lweendwendwe kunye nengama 40 000 kwishishini lokwakha. 
Kuzakongezwa malunga ne R55,7 billion kwimveliso yethu epheleleyo yelizwe ngo 2010. 
Imali engange R2 billion yemali esetyenziswe kwiziteyidiyam ezintsha izakubayinzuzo nqo kumakhaya anengeniso ephantsi. 
Iindwendwe ezivela kumazwe angaphandle zizakusebenzisa malunga ne R8,5 billion eMzantsi Afrika ngo 2010. 
Phakathi ko 2007 no 2015, uMzantsi Afrika uzakusingatha  abanye abakhenkethi behlabathi abazizigidi ezimbini ngenxa yokubambela le tumente kweli lizwe.
INdebe ye-FIFA yoManyano eMzantsi Afrika ngo 2009 
Ngomhla we 14 ukuya kuma 28 eyeSilimela 2009
Lo mginyisi-ngwiqi, owaziwa njengombiyozo weentshatsheli weNdebe yeHlabathi ye-FIFA, ngumdlalo ophakathi kwamaqela aphumelele kwitumente nganye ye-FIFA yomanyano, iqela elaphumelelayo kule Ndebe yeHlabathi idlulileyo ye-FIFA, kunye neqela lelizwe ekuzakubanjelwa kulo itumente yeNdebe ezayo yeHlabathi ye-FIFA. Ngengxubevange etsala umdla yamaqela akwizinga lehlabathi – kubandakanywa isithathu kumaqela amane aphezulu ehlabathini – kunye nochulumanco olumandla lwesizwe esingumthandi webhola ekhatywayo, iNdebe ye-FIFA yoManyano ngamava ekungafanelanga umntu aphoswe ngawo. 
I-EGYPT – iintshatsheli zango 2008 zeNdebe yeZizwe zase-Afrika ye-CAF 
Ngaphandle kwamathandabuzo, i-Egypt yenye yamaqela aphambili kumdlalo webhola ekhatywayo wase-Afrika. Lilelona qela linempumelelo kakhulu kwimbali yeNdebe yeZizwe zase-Afrika ngeetayitile ezintandathu. Umqeqeshi: Hassan Shehat. Izinga kwi-FIFA: 22. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kanye. Abadlali abagqamileyo: Hossam Hassan, Ahmed Hassan, Amr Zaky, Mohamed Zidan.
I-IRAQ – Iintshatsheli zeNdebe yango 2007 yase-Asia 
Indlela abayihlasela ngayo ibhola nobuchule obuliqilima kwenza ukuba bakufanele ukuzibiza njengeentshatsheli zase-Asia. Umqeqeshi: Jorvan Vieira. Izinga kwi-FIFA: 77. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kanye. Abadlali abagqamileyo: Younis Mahmoud, Noor Sabri, Bassim Abbas, Nashat Akram.
I-SPAIN – iintshatsheli zango 2008 ze-UEFA EURO
Okwangoku i-Spain liqela elinqenqeza kwizinga lokuqala kumazinga ehlabathi avunywe yi-FIFA. Umqeqeshi: Vicente Del Bosque. Izinga kwi-FIFA: lokuqala. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kokokuqala. Abadlali abagqamileyo: Fernando Torres, Xabi Alonso, Iker Casillas, Sergio Ramos.
I-UNITED STATES OF AMERICA (USA) – iintshatsheli zeNdebe yeGolide ye-CONCACAF yango 2007 
I-USA, ethe yavumeleka kwezi tumente zintlanu zidlulileyo zeNdebe yeHlabathi ye-FIFA kwaye emva kokukhusela ngempumelelo itayitile yayo yeNdebe yeGolide ye-CONCACAF yango 2007 ngokubetha i-Mexico 2-1, ibonwa njengomakhwekhwetha obuthamileyo kwicala lebhola ekhatywayo. Umqeqeshi: Bob Bradley. Izinga kwi-FIFA: 21. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kathathu. Abadlali abagqamileyo: Damarcus Beasley, Landon Donovan, Clint Dempsey, Tim Howard.
I-BRAZIL – iintshatsheli ze-Copa America zango 2007
Akukho qela lelizwe embalini elixhamle impumelelo kangange-Brazil. Ngokuvelisa amanye wawona magama makhulu kulo mdlalo afana no Pelé no Ronaldinho, lilo kuphela iqela elidlale kuzo zonke iiNdebe zeHlabathi ze-FIFA. Umqeqeshi: Dunga. Izinga kwi-FIFA: Isine. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kahlanu (liqela eliphumelele kabini). Abadlali abagqamileyo: Ronaldinho, Adriano, Gilberto, Robinho.
NEW ZEALAND – iintshatsheli zeNdebe yeZizwe ze-OFC yango 2008 
Iqela elaziwa jikelele njenge ”All Whites”, lithabathe inxaxheba kuzo zonke iiNdebe zeZizwe ze-OFC ukusukela ngo 1973, laphumelela amaxesha amane. Umqeqeshi: Ricki Herbert. Izinga kwi-FIFA: 54. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kabini. Abadlali abagqamileyo: Simon Elliot, Ryan Nelson, Chris Killen, Shane Smeltz.
UMZANTSI AFRIKA – ilizwe ekuzakubanjelwa kulo ezi Tumente
I-“Bafana Bafana”, enetayitile enye yeNdebe yeZizwe zase-Afrika ye-CAF kunye neetayitile ezimbini zeNdebe ye-COSAFA egameni layo, ikulungele ukwenza owayo umda njengeqela ekubanjelwe iitumente elizweni lalo.  Umqeqeshi: Joel Santana. Izinga kwi-FIFA: 85. Ivele kangaphi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kanye. Abadlali abagqamileyo: Benni Mcarthy, Aaron Mokoena, Steven Pienaar, Teko Modise.
I-ITALY – iintshatsheli zeNdebe yeHlabathi ye-FIFA yango 2006 
Emva kokuba iphumelele iiNdebe ezine zeHlabathi ze-FIFA, i-Italy ilelinye lamaziko eengqonyela zehlabathi kwibhola ekhatywayo. UMqeqeshi: Marcello Lippi. Izinga  kwi-FIFA: Indawo yesibini. Ivele ngaphambi kwiNdebe ye-FIFA yoManyano: kokokuqala. Abadlali abagqamileyo: Fabio Cannavaro, Andrea Pirlo, Luca Toni, Gianluigi Buffon. 
Uhlelo LWEMIDLALO
Yonwabela umdlalo webhola ekhatywayo okwizinga lehlabathi ngemalana eqala kwi R70 qha – Zibekele indawo embalini kwaye ubeyinxenye yoBuntshatsheli beeNtshatsheli. 
Yenza isicelo kunxibelelwano e-www.FIFA.com okanye kulo naliphina isebe le-First National Bank elizweni jikelele. 
Ibhola evunyiweyo yemidlalo yeNdebe ye-FIFA yoManyano ebanjelwa eMzantsi Afrika ngo 2009 
Igama lebhola elivela kwi-siSotho elithi “Kopanya” lithetha ukuthi “Dibanisa”, kwaye limele ihlabathi lebhola ekhatywayo elihlanganayo okokuqala e-Afrika ngeyeSilimela 2009. Indlela eyilwe ngayo le bhola iphenjelelwe ngumsebenzi wobugcisa wamaNdebele.kunxulumaniso lweembombo nemigca yejiyometri. 
UHLELO LWEMIDLALO
IMIDLALO YAMAQELA 
II-SEMI-FINALS
INDAWO yesi 3/4 KUNYE NAMAGQIBELA KANQOYI
JOHANNESBURG
ISITEYIDIYAM I-ELLIS PARK 
RUSTENBURG
ISITEYIDIYAM I-ROYAL BAFOKENG 
TSHWANE / PRETORIA
ISITEYIDIYAM I-LOFTUS VERSVELD 
MANGAUNG / BLOEMFONTEIN
ISITEYIDIYAM I-FREE STATE 
IMINI YOKUPHUMLA
Cawe, eyeSilimela 14
Mvulo, eyeSilimela 15
Lwesibini, eyeSilimela 16
Lwesithathu, eyeSilimela 17
Lwesine, eyeSilimela 18
Lwesihlanu, eyeSilimela 19
Mgqibelo, eyeSilimela 20
Cawe, eyeSilimela 21
Mvulo, eyeSilimela 22
Lwesibini, eyeSilimela 23
Lwesithathu, eyeSilimela 24
Lwesine, eyeSilimela 25
Lwesihlanu, eyeSilimela 26
Mgqibelo, eyeSilimela 27
Cawe, eyeSilimela 28
Group A 
uMzantsi Afrika A1
Iraq A2
New Zealand A3
Spain A4
Group B
USA B1
Italy B2
Brazil B3
Egypt B4
“KOPANYA”
Ibhola evunyiweyo yokudlala
