Umyalezo ovela kuMkhuseli woLuntu

Ngoku yinto eyaziwayo ukuba ilizwe lethu, kanje ngoninzi lwamanye kwilizwe jikelele, likwimeko yokwehla koqoqosho ngokusesikweni. Ukwehla koqoqosho kungoku ligama ekudumzelwa ngalo elitsha kwaye ngendlela enye okanye engenye sonke sihlaselwe sesi senzeko.

Ngengoko siqhubeka ukuva ubunzima bemeko emandundu kuqoqosho, oko kufuna thina siqine ngokwasezimalini, i-ofisi yam iyaqhubeka ukusebenza ngezikhalazo zokupheliswa kwezibonelelo zepensheni yabantu abadala. Abaxhamli bezi zibonelelo ngabemi abadala, abangabanye bamaqela anokwenzakala elizweni lethu nabahlala endlaleni rhoqo.  

Enye imeko enjalo yokupheliswa kwesibonelelo yileyo kaVho Mphephu oneminyaka engama-86 ubudala wePhondo laseLimpopo, osibonelelo sakhe sapheliswa phantse iminyaka emithathu ngokuthathwa njengosebenzisa inombolo yesazisi enye nomnye umntu okwiPhondo laseFree State.  

Ukulandela ungenelelo lwe-ofisi yam, isibonelelo sepensheni sikaVho Mphephu sabuyiselwa kwaye wafumana umyinge opheleleyo wemali elityala. Ndiphinde ndandulula ukuba i-Arhente yoKhuseleko loLuntu lwaseMzantsi Afrika, eLimpopo, ichonge igqiza lophando ukuphengulula umba wezibonelelo eziphelisiweyo, ngenxa yokuthathwa njengabasebenzisa iinombolo zesazisi ezinye njengoko oku kubonakala ukuba yingxaki eyenzekayo. Ukufezekiswa kwezi zindululo kwakubekela iliso elibukhali.

Ngethuba urhulumente esenza inkqubela phambili malunga nelungiselelo lwendawo yokuhlala esezantsi ngexabiso kwabahlelelekileyo ngaphezulu kweminyaka, kusekho imiceli-mngeni epha ngaphambili. I-ofisi yam kutshanje iphengulule isimangalo sikaYunithi-R noYunithi-S eLebowakgomo, ngokuchasene neSebe loRhulumente waMakhaya neziNdlu laseLimpopo, ngokusilela ukwakha nokugqiba izindlu ze-RDP ukulungiselela uluntu.  

Izindululo ezivela e-ofisini yam yayizezokuba iSebe malakhe lize ligqibezele izindlu zabo bonke abaxhamli abazicelo zabo zaziphunyezwe ngokufanelekileyo. Ukongeza, imiyinge yenkxaso karhulumente ekhoyo ngoku imele ukusetyenziswa ukuncedisa abamangali njengoko indleko yezixhobo zokwakha inyukile ngaphaya kweminyaka.

Ukuxela ulwaphulo-mthetho ngokuqinisekileyo kwakuphumela kwindawo zoluntu ezikhuselekileyo kungoko i-ofisi yam iphengulule isikhalazo ngomazisi ochasene neeNkonzo zamaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokusilela ukuwonga umsebenzi wayo ukuhlawula uvuzoi olungama-R75 000 emva kokunika ulwazi olukhokelele kukuvalelwa nokugwetywa kwityala lokukhuthuza. Emva kophengululo, ndindulule ukuba i-SAPS ihlawule ummangali uvuzo olupheleleyo njengokuthembisa nokuba kwilixa elizayo, i-SAPS ihlawula iintlawulo zesixa semali apho izithembiso zazenziwe khona.

Nceda uza ngaphambili nezikhalazo zakho, i-ofisi yam ikwiindawo ezohlukeneyo zelizwe kwaye sikwanenombolo yamahala, 0800 11 20 40 ongayisebenzisa ukufaka isikhalazo.  Sijonge phambili ekubeni nonxulumano olusebenzayo nawe ukuqinisa idemokrasi yethu yomgaqo-siseko.



Kude kube lilixa elizayo  



IGqwetha u-ML Mushwana





