IiNdaba ngoKufutshane



Ukubuyekeza ngemali kwe-GEPF kowayesakuba lipolisa



Owayesakuba lipolisakazi wayezakubuyiselwa umyinge wemali eyayitsalwe kwinkxaso-mali yepensheni yakhe njengenxenye yokuvalwa kwetyala lesebe.UMkhuseli woLuntu uLawrence Mushwana undulule ukuba ummangali abuyiselwe umyinge wenzala, ebalwe ngomhla wokutsalwa kwayo ukuza kutsho ngomhla wentlawulo.



Oku kuze emva kophengululo yi-Ofisi yoMkhuseli woLuntu efumanise ukuba inkqubo emiselwe yiNgxowa-mali yePensheni yaBaqeshwa bakaRhulumente (i-GEPF) kwiNcwadi yayo yokufundisa iNkqubo yokuvalwa kwetyala lesebe malunga necandelo lama-21(3) loMthetho wePensheni waBaqeshwa bakaRhulumente, wonyaka ka-1996 (i-GEP Law) kwakungavunyelwana nayo.  



Kwafunyaniswa futhi ukuba isigqibo sokuvala ityala lesebe kwiinzuzo zepensheni zommangali asivumelananga neemfuno zeCandelo lesi-3 loMthetho oKhuthaza uBulungisa boLawulo, wonyaka ka-2000 kwaye ngoko ke "wawungalunganga ngokwenkqubo". 





USomlomo ugxininise ukuthathela inyathelo uSekela Mphathiswa



USomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe wagxininisa ekuthatheleni amanyathelo uSekela Mphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uMalusi Gigaba, ngokungavumelani nemfanelo yomgaqo-siseko wokusebenzisana ne-Ofisi yoMkhuseli woLuntu (i-OPP).



Oku kusemva kokuba uMnu. Gigaba esilele ukusebenzisana nophengululo lwe-OPP kwizityholo zokuba wathumela iintyatyambo emfazini wakhe ngeendleko zikarhulumente kwanokuba wahlawula amatikiti enqwelo-moya nokuqeshwa kwemoto zabantu abohlukeneyo kumatyeli awohlukeneyo.



Ukulandela uphengululo, uMkhuseli uLawrence Mushwana undulule kuSomlomo ukuba athathe amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba ukusilela kukaMnu. Gigaba ukusebenzisana kuyaqwalaselwa.



Ngethuba uphengululo lufumanisa ukuba inkcitho yetyala ezenzele lona i-ofisi kaGigaba malunga neentyatyambo ezathunyelwa emfazini wakhe kwakunxamnye nomthetho, kungenaziqhamo kwaye kuyilahleko, yazise ukuba izityholo ezinxulumene neendleko zokhenketho eyazenzela lona i-ofisi kaSekela Mphathiswa zazingafumaneki.  



IGqwetha uMushwana uqhube wandulula ukuba uMlawuli-Jikelele weSebe, uMavuso Msimang, aphucule inkqubo yolawulo lwemali ye-ofisi kaMnu. Gigaba.



IPalamente izakubeka iliso kukufezekiswa kwezindululo ze-NERSA 'kukucinywa kombane kwiindawo ezithile ixeshana xa umbane usohluleka ngumthwalo'



IKomiti yeMicimbi yePalamente enoxanduva lwamandla imele ukubeka iliso ize inike ingxelo kufezekiso ngexesha elifanelekileyo nekwaneziqhamo yezindululo ezenziwe nguMmiseli weSizwe wezaMandla wase-SA (i-NERSA) ngoMeyi ka-2008 ilandela uphengululo kukudingeka kombane.  



Ukundulula isenzo soncedo esilandela uphengululo lokuqala olusisiqalo sakho kwizehlo zokudingeka kombane nokuphazamiseka kwamandla ombane ngenxa "yokucinywa kombane kwiindawo ezithile ixeshana xa umbane usohluleka ngumthwalo" kulungiselelo lombane ngurhulumente, u-Eskom, uMkhuseli woLuntu uLawrence Mushwana ugxininise uSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho ukuthatha amanyathelo kulo mba.



Indawo enkulu yoMzantsi Afrika ifumana udingeko lombane nokudingeka kwamandla ngenxa yokucinywa kombane kwiindawo ezithile ixeshana xa umbane usohluleka ngumthwalo ukusuka ngoNovemba ka-2007 ukuya ngoJanuwari ka-2008. 



"Iingqwalaselo novaleliso olwenziwe kuphengululo yaba ngezokuba bekukho ukulibaziseka kwindawo karhulumente ukuphucula igunya lokuvelisa umbane lakwa-Eskom ngexesha nokuba uxoliso kuluntu lwanikezwa kulo mba ngophazamiseko olwabakholo lokucinywa kombane kwiindawo ezithile ixeshana xa umbane usohluleka ngumthwalo," litshilo iGqwetha uMushwana. 



Wongeze ngelithi i-NERSA, njenge-arhente yomgcini nesinyanzelo yenkqubo-sikhokelo emiselayo enikeziweyo nguMthetho woMmiselo woMbane, wonyaka ka-2006, inamagunya nomyalelo wokuqinisekisa ukuba izindululo ezenziwa kwingxelo yayo ziyaphunyezwa kwanokuba u-Eskom avumelane neemeko zelayisenisi yakhe namalungiselelo anxulumeneyo oMthetho.







 

