UMgaqo-siseko
weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika
UMGAQO-SISEKO
WERIPHABLIKHI YOMZANTSI-AFRIKA
[UMHLA OWABHENGEZWA NGAWO: 18 DISEMBA, 1996]
[UMHLA WOKUQALISA KWAWO: 4 FEBRUWARI 1997]
(ngaphandle kokuba kuboniswe ngenye indlela)
(lushicilelo lwesiNgesi olutyikitywe nguMongameli)
njengoko utshintshwe
nguMthetho Wokuqala Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1997
nguMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998
nguMthetho Wesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998
nguMthetho Wesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1999
nguMthetho Wesihlanu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1999
nguMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001
nguMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001
nguMthetho Wesibhozo Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002
nguMthetho Wethoba Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002
nguMthetho Weshumi Wokutshintshwa  KoMgaqo-siseko ka-2003
nguMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003
nguMthetho Weshumi Elinesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2005
nguMthetho Weshumi Elinesithathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2007
nguMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008
nguMthetho Weshumi Elinesihlanu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008
nguMthetho Weshumi Elinesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2009
UMTHETHO
Injongo kukwazisa ngoMgaqo-siseko omtsha woMzantsi-Afrika nokulungiselela imibandela ehlobene nawo
OKUQULETHWEYO
INtshayelelo ……………………………………………..
ISahluko 1……………………………………………….
Imimiselo esisiseko
ISahluko 2……………………………………………………………..
UMqulu wamaLungelo
ISahluko 3……………………………………………………………..
Oorhulumente abasebenzisanayo
ISahluko 4…………………………………………………………….
IPalamente
ISahluko 5…………………………………………………………….
UMongameli nesiGqeba seZwe Lonke
ISahluko 6…………………………………………………………..
Amaphondo
ISahluko 7…………………………………………………………
URhulumente Wasekuhlaleni
ISahluko 8………………………………………………………….
Iinkundla Nokusingathwa Kobulungisa
ISahluko 9…………………………………………………………
Amaziko Karhulumente Axhasa Idemokrasi yoMgaqo-siseko
ISahluko 10............................................................................
Ukusingathwa Kwemisebenzi Yoluntu
ISahluko 11………………………………………………………..
Iinkonzo Zokhuseleko
ISahluko 12..............................................................................
Iinkokeli Zomthonyama
ISahluko 13...............................................................................
Iimali
ISahluko 14………………………………………………………..
Imimiselo ngokubanzi
IShedyuli 1………………………………………………….........
IFlegi Yelizwe
IShedyuli 1A
Imimandla Yamaphondo
       [UShedyuli 1A ufakelwe licandelo 4 loMthetho Weshumi Elinesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-
       2005]
IShedyuli 2………………………………………………………………….
Izifungo Nezibhambathiso
IShedyuli 3………………………………………………………………….
Iindlela Zokuqhutywa Konyulo
Ishedyuli 4…………………………………………………………………….
Imisebenzi Enokwenziwa Kokubini YiNdlu Yowiso-mithetho Yelizwe NaziziNdlu Zowiso-mithetho Zamaphondo
IShedyuli 5………………………………………………………………………..
Imisebenzi Enokwenziwa ZiziNdlu Zowiso-mithetho Zamaphondo Kuphela
IShedyuli 6………………………………………………………………………….
Amalungiselelo Okuwelela Kwelinye Ixesha
IShedyuli 6A
IShedyuli 6A ifakelwe sisiqendu 6 soMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 yaza yatshitshiswa sisiqendu 6 soMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008
IShedyuli 6B
IShedyuli 6B, ngaphambili ebiyiShedyuli 6A, ifakelwe ifakkelwe sisiqendu 2 soMthetho Wesibhozo Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002, yanikwa inombolo entsha sisiqendu 6 soMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 yaza yatshitshiswa sisiqendu 5 soMthetho Weshumi Elinesihlanu 
Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008
IShedyuli 7…………………………………………………………………………
 Imithetho etshitshisiweyo
Isalathiso
INtshayelelo
Thina, bantu baseMzantsi-Afrika,
Siyaziqonda iintswela-bulungisa zexesha elidlulileyo;
Sibothulel’ umnqwazi abo baye bathubeleza ebunzimeni ukuze kubekho ubulungisa nenkululeko elizweni lethu;
Siyabahlonela abo baye basebenzela ukwakha nokuphuhlisa ilizwe lethu; kwaye
Sikholelwa kwelokuba uMzantsi-Afrika ungowabo bonke abahlala kuwo, simanyene nangona singafani.
Ngoko ke, ngabameli bethu abanyulwe ngokukhululekileyo, samkela lo Mgaqo-siseko njengowona mthetho wongamileyo weRiphablikhi ukuze—
                  Kuphele imisantsa yexesha elidlulileyo kwakheke uluntu oluziseko zizezentando yesininzi,   
                 ubulungisa basentlalweni namalungelo oluntu asisiseko;
                  Kwandlalwe iziseko zoluntu lwentando yesininzi nolukhululekileyo olurhulumente usekelwe 
                 kwintando yabantu nommi ngamnye ekhuselwe ngokulinganayo ngumthetho;
                  Kuphuculwe ubomi babo bonke abemi nomntu ngamnye akhululwe afikelele kwelona nqanaba 
                 anokufikelela kulo lobuchule bakhe; kananjalo
                 Kwakhiwe uMzantsi-Afrika omanyeneyo nongowentando yesininzi onako ukuthabath’ indawo yawo    
                 efanelekileyo  njengelizwe elizimeleyo kusapho lwamazwe ngamazwe.
Ngamana uThixo angabakhusela abantu bakowethu.
Nkosi sikelel’ iAfrika.  Morena boloka setjhaba sa heso.
God seën Suid-Afrika.  God bless South Africa.
Mudzimu fhatutshedza Afurika.  Hosi katekisa Afrika.
ISAHLUKO 1
 IMIMISELO ESISISEKO (ss 1-6)
1.	IRiphablikhi yoMzantsi Afrika
IRiphablikhi yoMzantsi Afrika ililizwe elinye, elinobunganga nelinedemokhrasi elisekwe phezu kwezi zithethe zixabisekileyo zilandelayo:
(a)	Isidima somntu, ukufezekiswa kokulingana kwanokuphuhliswa kwamalungelo abantu nokweendlela ngeendlela zokukhululeka kwabo.
(b)	Inkqubo engenamkhethe ngokobuhlanga nangokwesini.
(c)	Ukongama koMgaqo-siseko nokulawula komthetho.
(d)	Ilungelo jikelele lokuvota labantu abadala, umqulu wesizwe omnye wabavoti, unyulo oluthe gqolo, kunye nenkqubo yorhulumente wedemokhrasi ebandakanya amaqela ngamaqela, ukuqinisekisa uxanduva lokuphendula, ukugadwa kwentembeko nokwenziwa kwezinto elubala.
2.	Ukongama koMgaqo-siseko
Lo Mgaqo-siseko ngowona mthetho wongameleyo kwiRiphablikhi; umthetho okanye izenzo ezinxamnye nawo azinamandla okusebenza, kwaye izimiselo ezimiselwe nguwo kufuneka zifezekiswe.
3.	Ubumi
(1)	Ku kho ubumi baseMzantsi-Afrika bomntu wonke.
(2)	Bonke abemi –
(a)	banesabelo esilinganayo kuwo amalungelo, kwiinyhweba okanye kwiimfanelo zobumi; kanjalo
(b)	bajongwe ngokulinganayo yimisebenzi naluxanduva lobumi.
(3)	Uwiso-mthetho lwesizwe kufuneka lubonelele ngeendlela ngeendlela zokufumana ubumi, ukulahlekelwa bubo nokubuyiselwa kwabo.
4.	Umhobe wesizwe
Umhobe wesizwe weRiphablikhi umiselwa nguMongameli ngesihlokomiso.
5.	Iflegi yesizwe
Iflegi yesizwe inombala omnyama, omthubi, oluhlaza, omhlophe, obomvu, kunye noblowu njengokuba kuchaziwe kwaza kwazotywa kwiShedyuli 1
6.	Iilwimi
(1)	 Iilwimi zoburhulumente zeRiphablikhi sisiSuthu saseNtla, isiSuthu, isiTswana, isiSwati, isiVenda, isiTsonga, isiAfrikaans, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa, nesiZulu.
Kufuneka urhulumente akuthathele ingqalelo ukungasetyenziswa ngokwaneleyo nokuthotywa komgangatho, kwangaphambili phaya, kweelwimi zeenkobe zabantu bakowethu, aze athathe amanyathelo asebenzayo nabonakalayo, okunyusa umgangatho wazo nokuhambisela phambili ukusetyenziswa kwazo.
(a)	Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo bangasebenzisa naziphi na kanye iilwimi zoburhulumente ekwenziweni komsebenzi woburhulumente, bethathela ingqalelo ukusetyenziswa, ukuba nokusebenziseka, iindleko, iimeko zemimandla kunye nokulungelelana kweemfuno zabemi neelwimi abakhetha zona xa bebonke, okanye ezifunwa nezikhethwa ngabephondo elithile; kodwa urhulumente wesizwe norhulumente wephondo ngalinye kufuneka ubuncinane, basebenzise iilwimi zoburhulumente zibe mbini.
OoMasipala kufuneka bathathele ingqalelo iilwimi ezisetyenziswa nezikhethwa ngabemi beendawo zabo.
(4)	Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo kufuneka bathi, ngomthetho nangamanye amanyathelo, bakulawule baze bakubeke liso ukusebenzisa kwabo iilwimi zoburhulumente. Makuthi kungashenxwanga nje kwimimiselo yecandelwana (2), zonke iilwimi zoburhulumente zixatyiswe ngokulinganayo, futhi ziphathwe ngokufanayo.
(5)	IBhodi yeeLwimi zoNke zoMzantsi Afrika eyiPan South African Language Board esekwe ngomthetho wesizwe kufuneka –
(a)	ikhuthaze, kanjalo idale iimeko zokuphuhliswa nokusetyenziswa –
(i)	kwazo zonke iilwimi zoburhulumente;
(ii)	kweelwimi zesiRhoyi, isiNama nesiSan; kunye
(iii)	nolwimi lokuthetha ngezandla; ize kanjalo
(b)	 ikhuthaze ize iqinisekise ukuhlonelwa –
(i)	kwazo zonke iilwimi ezisetyenziswa ngokuxhaphakileyo ngabantu ngabantu eMzantsi Afrika, kubandakanywa isiJamani, isiGrike, isiGujarati, isiHindi, isiPhuthukezi, isiThamili, isiThelegu, nesiUrdu; kunye
(ii)	nesiArabhu, nesiHebhere, nesiSanskriti nezinye iilwimi ezisetyenziselwa unqulo eMzantsi Afrika.
ISAHLUKO 2
UXWEBHU LWAMALUNGELO (ss 7-39)
7.	Amalungelo
(1)	Olu Xwebhu lwamaLungelo lilitye lembombo ledemokhrasi eMzantsi Afrika.  Luqulethe  ngokukhuselekileyo amalungelo abo bonke abantu kweli  lizwe lethu, kananjalo luqinisekisa izithethe ezixabisekileyo zedemokhrasi ezizezi: isidima somntu, ukulingana kwanenkululeko.
(2)	Urhulumente kufuneka ahlonele, akhusele, akhuthaze aze azalisekise amalungelo akolu Xwebhu lwamaLungelo.
(3)	Amalungelo akuXwebhu lwamaLungelo alawulwa kuphela lusikelo- mda oluqulethwe okanye olukhankanywe kwicandelo 36, okanye kwenye  indawo kwalapha kule Mthetho oYilwayo.
8.	Ukusebenza  kwalo
(1)	Uxwebhu lwamaLungelo lusebenza kuwo wonke umthetho kwaye  lubophelela ezowiso-mthetho, ezolawulo, iijaji kwakunye nawo onke amaziko karhulumente.
Ummiselo okwiXwebhu lwamaLungelo ubophelela umntu okanye isigqeba esinokuthatha nesinokuthathelwa amanyathelo omthetho ukuba lo mmiselo unakho, nakangangokuba unakho, xa kuthathelwa ingqalelo uhlob lwelungelo kunye nohlobo lwawo nawuphi na umsebenzi omiselwe lilungelo elo.
Xa kusetyenziswa ummiselo othile woXwebhu lwamaLungelo emntwini okanye isigqeba esinokuthatha nesinokuthathelwa amanyathelo omthetho ngokwecandelwana (2), inkundla –
ukuze yenze ilungelo elithile elikuXwebhu olu lisebenze, kufuneka isebenzise okanye, ukuba kuyimfuneko, iphuhlise umthetho woluntu apho elo lungelo lingafezekiswayo ngumthetho  oqingqiweyo; kananjalo
(b)	ingaphuhlisa imigaqo yomthetho woluntu yokulisikela umda ilungelo, kodwa kuthi kanti oko kusikelwa umda kuhambisana necandelo 36(1).
Isigqeba esinokuthatha nesinokuthathelwa amanyathelo omthetho sifanelwe ngokomthetho ngamalungelo akuXwebhu lwamaLungelo kangangoko kuyimfuneko ngokohlobo lwamalungelo lawo, nangokohlobo lwesigqeba eso sinokuthatha nesinokuthathelwa amanyathelo omthetho.
 9	Ulingano
(1)	Wonke ubani ulingana nomnye phambi komthetho kwaye unelungelo lokukhuselwa nelokuncedeka ngokulinganayo emthethweni.
Ukulingana kubandakanya ukuwaxhamla ngokupheleleyo nangokulinganayo onke amalungelo kunye nokukhululeka kwizinto-yinto. Ukukhuthaza ukufezekiswa kokulingana, kungawiswa umthetho, kuthathwe namanye amanyathelo  anjongo ikukukhusela okanye ukuqhubela phambili abantu, okanye iindidi  zabantu, abadlelwa indlala ngenxa yocalu- calulo olunesheyi.
Urhulumente akufuneki acalule ngesheyi, nokuba kungokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo, nawuphi na umntu ngenxa yesizathu okanye yezizathu ezibandakanya ubuhlanga, isini, ukukhulelwa, imo yomtshato, imvelaphi ngokobuhlanga okanye ngokwasekuhlaleni, ibala, utyekelo ngokwesondo, ubudala, ukukhubazeka, inkolo, isazela, inkolelo, inkcubeko, ulwimi, nokuzalwa.
Akukho mntu uvumelekileyo ukuba acalule ngesheyi, ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo, nabani na ngesizathu okanye ngezizathu ezikwicandelwana (3). Kufuneka kwenziwe umthetho wesizwe wokuthintela okanye wokuvalela ucalulo ngendlela enesheyi.
(5)	Ucalulo ngesizathu esinye okanye ezingaphezulu ezikwicandelwana (3) lunesheyi ngaphandle kokuba kufunyaniswe okokuba olo calulo alunasheyi 
10	Isidima somntu
Wonke ubani unesidima semvelo, kunye nelungelo lokuhlonitshwa nokukhuselwa kwesidima sakhe.
11	Ubomi
 Wonke ubani unelungelo lokuba adle ubomi.
12.	Inkululeko nokhuseleko lomntu
(1)	Wonke ubani unelungelo lenkululeko nokhuseleko lobuntu, elibandakanya ilungelo –
lokungavalelwa kwenkululeko yakhe kungakhange kubekho luthethwano okanye kungekho sizathu sinobulungisa;
 (b)	lokungabanjwa avalelwe enganikwanga thuba lokuvela enkundleni yamatyala;
(c)	lokukhululeka kuzo zonke iintlobo zogonyamelo ezivela kuwonke- wonke okanye emntwini ngamnye;
(d)	 lokungangcungcuthekiswa nangayiphi na indlela;
(e)	 nelokungaphathwa okanye ohlwaywe ngendlela ekhohlakeleyo, engenabuntu okanye ethoba isidima.
Wonke ubani unelungelo ekubeni nesihomo ngokwasemzimbeni nasengqondweni, into leyo ebandakanya ilungelo –
(a)	lokwenza izigqibo mayela nokuzala;
(b)	lokhuseleko nolawulo lwemizimba yabo;
(c)	nokungasetyenziselwa luphando ngokufunisela malunga nezonyango okanye ezobunzululwazi, ngaphandle kwemvume yakhe ayinike eyiqonda kakuhle into avuma yona.
 13.	Ubukhoboka, imeko yobukhoboka ngokunyanzelwa
Akukho bani unokwenziwa ikhoboka okanye abekwe phantsi kweemeko zobukhoboka okanye asetyenziswe ngesinyanzelo.
14.	Ubomi obungaphazanyiswayo
Wonke ubani unelungelo lobomi obubodwa obungaphazanyiswayo, into leyo ebandakanya ilungelo –
(a)	lokungasetshwa kwakhe isiqu okanye kwekhaya lakhe;
(b)	lokungasetshwa kwezinto angumninizo;
(c)	lokungathathelwa izinto zakhe; okanye
(d)	lokungabhencwa konxibelelwano lwakhe lwangasese/lwabucala.
15.	Inkululeko yezenkolo, yenkolelo neyezimvo
(1)	Wonke ubani unelungelo lokukhululeka ngokwesazela, ngokwenkolo, ngokokucinga, ngokwenkolelo nangokoluvo.
Unqulo lungenziwa kumaziko karhulumente okanye kumaziko ancedwa ngurhulumente xa ngaba –
(a)	olo nqulo lulandela imigaqo ebekwe ziziphatha-mandla ezifanelekileyo zaseburhulumenteni;
(b)	lwenziwa ngendlela elinganayo; kwaye
(c)	ukuya kunqula kukhululekile kwaye kungokuzithandela.
(3)	(a)	Eli candelo aliwuthinteli umthetho owamkela –
(i)	 imitshato eqhutywe phantsi kwaso nasiphina isithethe okanye phantsi kwenkqubo yomthetho wezenkolo, owomntu othile okanye umthetho wekhaya elithile; okanye
 (ii)	iinkqubo zomthetho womntu othile, okanye owekhaya elithile, olandela nasiphi na isithethe okanye ekulandelwa zona ngabantu abalandela inkolo ethile.
Ulwamkelo ngokwemigaqo yomhlathi (a)	kufuneka lungqamene neli candelo kwakunye neminye imithetho yoMgaqo-siseko.
16.	Inkululeko yokuvakalisa okucingayo
(1)	Wonke ubani unelungelo lenkululeko yokuvakalisa into ayicingayo, ebandakanya–
(a)	inkululeko yamaphepha-ndaba, namanye amajelo eendaba;
(b)	 inkululeko yokufumana okanye yokunika abanye ulwazi okanye izimvo;
(c)	 inkululeko yokudala nokuvelisa ngokobuchule; kunye
(d)	nenkululeko kwezemfundo nenkululeko yokwenza uphando lwezobunzululwazi.
(2)	Ilungelo elikwicandelwana (1)	alibandakanyi –
(a)	ukuntyontyela imfazwe;
(b)	ukuphembelela udushe olufukamileyo; okanye
(c)	ukuhlwayela intiyo esekelwe kubuhlanga, kwisini, okanye kwinkolo, ephembelela ukwenzakalisa/ukwenziwa kobubi.
17.	Indibano, uqhankqalazo noxwebhu  lwezibongozo
Wonke ubani unelungelo, lokudibana nabanye, lokuqhankqalaza, lokupiketha nelokuhambisa uxwebhu lwezibongozo, ngendlela enoxolo kwaye engaxhobanga.
18.	Inkululeko yokuzibandakanya
Wonke ubani unelungelo lokuzibandakanya ngokukhululekileyo.
19.	Amalungelo ezopolitiko
(1)	Wonke ummi ukhululekile ukuba azikhethele ngokwezopolitiko, oku kubandakanya ilungelo –
(a)	lokuseka iqela lezopolitiko;
(b)	 lokuthabatha inxaxheba kwiintshukumo zeqela lezopolitiko, okanye ukufunela iqela lezopolitiko amalungu; kunye
(c)	nokugayela iqela elithile lezopolitiko okanye injongo ethile yezopolitiko.
(2)	 Wonke ummi unelungelo kunyulo olukhululekileyo, olungenamkhethe noluthe gqolo lwalo naliphi na iziko lezowiso-mthetho elisekwe ngokoMgaqo-siseko.
(3)	Wonke ummi ongumntu omdala unelungelo –
(a)	lokuvota kunyulo lwalo naliphi na iziko lezowiso-mthetho elisekwe ngokoMgaqo-siseko,akwenze oko emfihlakalweni;
(b)	nelokuzigqatsela isikhundla eburhulumenteni, nelokuba kuso isikhundla eso ukuba unyulwe.
20.	Ubumi
Akukho mmi unokubandezelwa  ilugelo lakhe lobumi.
21.	Inkululeko yokuhamba nokuhlala
(1)	Wonke ubani unelungelo lokuhamba-hamba.
(2)	Wonke ubani unelungelo lokuyishiya iRiphablikhi.
(3)	Wonke ummi unelungelo lokungena ahlale naphi na, kwiRiphablikhi.
(4)	Wonke ummi unelungelo lokuba nepaspoti.
22.	Inkululeko yokurhweba, eyempangelo neyomsebenzi wobizo
Wonke ubani unelungelo lokukhetha ngokukhululekileyo umsebenzi worhwebo, impangelo, okanye umsebenzi wobizo. Ukuqhutywa komsebenzi worhwebo, impangelo okanye umsebenzi wobizo kungalawulwa ngumthetho.
23.	Ubudlelane basemsebenzini
(1)	Wonke ubani unelungelo lokusebenza kwiimeko ezingenasheyi.
(2)	Wonke ubani ongumsebenzi unelungelo –
(a)	lokuseka nokujoyina umbutho wabasebenzi;
(b)	lokuthabatha inxaxheba kwimisebenzi neeprogramu zombutho wabasebenzi;
(c)	nelokugwayimba.
(3)	Wonke ubani ongumqeshi unelungelo –
(a)	lokuseka nokujoyina umbutho wabaqeshi;
(b)	lokuthabatha inxaxheba kwiintshukumo neeprogramu zombutho wabaqeshi.
(4)	Yonke imibutho yabasebenzi, nayo yonke imibutho yabaqeshi inelungelo –
(a)	lokumisela ulawulo lwayo, amaphulo ayo, kunye nezinto zayo ezenzayo;
(b)	lokuququzelela; kunye
(c)	nelokuseka nelokujoyina umanyano oluthile.
 (5)	Yonke imibutho yabasebenzi, eyabaqeshi, naye wonke umqeshi unelungelo lokungenela uthethelelwano. Kungawiswa umthetho wesizwe wokulawula olu thethelelwano. Ukuba lo mthetho unelungelo olinciphisayo elikwesi Sahluko, olo nciphiso maluvumelane necandelo lama-36 (1).
(6)	Umthetho wesizwe ungawavuma amalungiselelo ombutho wabasebenzi okhuseleko aqulethwe kwizivumelwano ezenzelwe onke amalungu. Ukuba umthetho unelungelo olinciphisayo elikwesi Sahluko, olo nciphiso maluvumelane necandelo 36 (1).
24.	Indalo esingqongileyo
Wonke ubani unelungelo –
(a)	lokungqongwa yindalo engenabungozi kwimpilo yakhe okanye kwintlalontle yakhe;
 (b)	lokuba indalo emngqongileyo ikhuselwe ukuze kuncedeke izizukulwana zangoku nezizayo, ikhuselwe ngamanyathelo ezomthetho afanelekileyo, kwakunye namanye amanyathelo–
(i)	anqanda ukungcoliswa nokudodobaliswa kwendalo;
(ii)	akhuthaza ulondolozo lwendalo; kanjalo
(iii)	aqinisekisa uphuhliso oluhlala luqhuba lwezendalo kunye nokusetyenziswa kwamajelo ezendalo lo gama kukhuthazwa uphuhliso olulungileyo lwezoqoqosho nezentlalo.
25.	Ipropati
(1)	Akukho bani omakavaleleke ukuba abe nepropati ngaphandle kokuba oko kungqamene nomthetho osetyenziswayo jikelele, kanjalo akukho mthetho omawuvumele ukuvaleleka kokuba nepropati ngokwesigqibo esicalanye.
(2)	Ipropati ingahluthwa kuphela ngokwemigaqo yomthetho osetyenziswa jikelele –
(a)	ngenjongo yoburhulumente okanye ukunceda uluntu; kanjalo
(b)	kube kho imbuyekezo, esixa-mali sayo, kwanexesha nendlela yokuhlawulwa kwayo ekuvunyelwene ngazo ngabo bachaphazelekayo, okanye ekugqitywe ngazo okanye ezivunywe yinkundla.
Isixa-mali sembuyekezo leyo kwanexesha nendlela yokuhlawulwa kwayo kufuneka zibe  zezinobulungisa nezingenasheyi, zibonise ukulungelelana okungenasheyi phakathi kwezinto ezilungele uluntu nezinto ezilungele abo bachaphazelekayo, kuthathelwa ingqalelo zonke iimeko  ezinxulumeneyo, kubandakanywa –
(a)	ukusetyenziswa ngelo xesha kwepropati;
(b)	imbali yokufumaneka nokusetyenziswa kwayo ipropati leyo;
 (c)	ixabiso lentengiso lepropati leyo;
 (d)	ubungakanani botyalo-mali ngqo ngurhulumente kunye nenkxaso- mali ekufumaneni nasekuphuculeni ngokunenzuzo ipropati; kunye
 (e)	nenjongo yokuhluthwa.
(4)	Ngokweli candelo –
(a)	kwizinto ezilungele uluntu kubandakanywa ukuzibophelela kwesizwe kwiinguqulelo zemihlaba, nakwiinguqulelo ezizisa ukufikelela ngokulinganayo kuwo onke amajelo ezendalo oMzantsi Afrika; kwaye
(b)	ipropati ayiphelelanga kumhlaba kuphela.
(5)	Urhulumente kufuneka athabathe amanyathelo afanelekileyo ezomthetho namanye amanyathelo, ngokweendlela anazo, ukukhuthaza iimeko ezenza ukuba abemi bafumane umhlaba ngendlela engenamkhethe/engenasheyi.
(6)	Umntu okanye abantu abalungelo labo lomhlaba lingakhuselekanga ngokusemthethweni ngenxa yemithetho okanye izenzo zamandulo zocalulo ngokobuhlanga, kufanelekile, kangangoko kukho isibonelelo ngokoMthetho wePalamente, ukuba umhlaba lowo ube ngowakhe/ngowabo ngokukhuselekileyo ngokwasemthethweni okanye abuyekezwe ngokufaneleneyo nelahleko yakhe/yabo.
Umntu okanye abantu abaye bahluthwa ipropati yabo emva komhla we-19 kuJuni 1913 ngenxa yemithetho okanye izenzo zamandulo zocalulo ngokobuhlanga kufanelekile, kangangoko kukho isibonelelo ngokoMthetho wePalamente, ukuba abuyiselwe loo propati okanye abuyekezwe alungiselelwe ngendlela enobulungisa/engenasheyi.
Akukho mmiselo weli candelo unokuthi uthintele urhulumente ekuthabatheni amanyathelo omthetho okanye angamanye ukufezekisa iinguqulelo ezimalunga nomhlaba, namanzi nezinye ezinxulumene nazo ukuze kube nokulungiswa kwezenzo zocalulo lobuhlanga lwangaphambili, kuvumeleke ke kodwa ukuba kungakho ukunxaxha kwimimiselo yeli candelo, kodwa kuhambelane nemimiselo yecandelo 36(1).
IPalamente kufuneka yenze le mithetho kubhekiselwe kuyo kwicandelwana (6).
26.	Ubonelelo ngezindlu
(1)	Wonke ubani unelungelo lokufumana indlu efanelekileyo.
(2)	Urhulumente kufuneka athabathe amanyathelo afanelekileyo omthetho, kunye namanye amanyathelo, kangangokuba enakho, ukuze afezekise ukuthi gqolo kokufumaneka kweli lungelo.
Akukho bani uya kukhutshwa endlwini yakhe okanye adilizelwe indlu yakhe, ngaphandle komyalelo wenkundla, okhutshwe emva kokuqwalasela zonke iimeko eziphathelelene noko. Akukho mthetho mawuvumele ukukhutshwa kwabantu ezindlwini ngokwesigqibo esicalanye.
27.	Ulondolozo lwempilo, ukutya, amanzi nokhuseleko lwezentlalo
(1)	Wonke ubani unelungelo lokufumana –
(a)	iinkonzo zolondolozo lwempilo, kubandakanywa nolondolozo olumalunga nempilo yokuzala abantwana;
 (b)	ukutya kunye namanzi aneleyo;
 (c)	nokhuseleko lwezentlalo, olubandakanya uncedo olufanelekileyo lwezentlalo, ukuba umntu akanakho ukuzondla, yena nentsapho yakhe.
(2)	Urhulumente kufuneka athabathe amanyathelo afanelekileyo omthetho, kunye namanye amanyathelo, kangangokuba enakho, ukuze afezekise ukuthi gqolo kokufumaneka kwelungelo ngalinye kula.
(3)	Akukho bani makalelwe nomakanganikwa uncedo lwezonyango olungxamisekileyo.
28.	Abantwana
(1)	Wonke umntwana unelungelo –
(a)	lokuba negama nobuzwe ukususela ekuzalweni;
(b)	lokulondolozwa likhaya, okanye ukulondolozwa ngabazali, okanye lokufumana olunye ulondolozo olufanelekileyo xa esusiwe phakathi kwekhaya;
(c)	lesondlo esisisiseko, indawo yokuhlala, iinkonzo zonyango ezisisiseko, kunye neenkonzo zentlalo;
(d)	lokukhuselwa kwimpatho embi, ukungahoywa, ukwenziwa into embi, okanye ukuthotywa isidima;
(e)	lokukhuselwa kwizenzo zengqesho/zobusebenzi ezixhaphazayo;
(f)	lokuba kungafuneki okanye angavunyelwa ukuba enze umsebenzi okanye anike iinkonzo–
 (i)	ezingamfanelanga umntu oneminyaka engangale yalo mntwana; okanye
(ii)	ezibeka esichengeni intlalontle yalo mntwana, imfundo yakhe, impilo yakhe yasemzimbeni okanye yasengqondweni, okanye ukukhuliseka kwakhe ngokwasemoyeni, ngokwesimo okanye  ngokwasentlalweni;
(g)	lokungabi kho selugcinweni lwamapolisa ngaphandle kokuba oko kuba selugcinweni lwamapolisa linyathelo lokuncamela; kwimeko enjalo ke makusetyenziswe amalungelo omntwana aphantsi kwamacandelo 12 no-35, kuphinde kuqinisekiswe ukuba umntwana lowo uvalelwa okwelona xesha lifutshane lifanelekileyo, kwaye unelungelo –
(i)	lokungadityaniswa nabanye abantu abavalelweyo abangaphezu kweminyaka eli-18 ubudala;
(ii)	nelokuphathwa ngendlela, agcinwe kwiimeko, ezithathela ingqalelo iminyaka yakhe umntwana lowo;
(h)	lokuba abe negqwetha elabelwe yena ngurhulumente nangeendleko zikarhulumente ekuxoxweni kwamatyala embambano achaphazela umntwana, ukuba ukungenziwa kwale nto kuya kudala ukungaphathwa ngabulungisa okucacileyo;
(i)	nelokungasetyenziswa ngokuthe ngqo kungquzulwano ngezixhobo, nelokukhuselwa ngamaxesha ongquzulwano ngezixhobo.
(2)	Ukulungelwa komntwana yeyona nto iphambili nebalulekileyo kuwo nawuphi na umbandela ophathelelene nomntwana lowo.
(3)	Kweli candelo, igama elithi “umntwana” lithetha umntu ongaphantsi kweminyaka eli-18.
29 	Imfundo
(1)	Wonke ubani unelungelo –
(a)	lemfundo esisiseko, kubandakanywa imfundo yabantu abadala esisiseko; kunye
(b)	nelemfundo ethe tyishi, ekufuneka urhulumente athi, ngamanyathelo afanelekileyo, enze
ukuba ithi gqolo ukufumaneka, nokufikeleleka.
(2)	Wonke ubani unelungelo lokufumana imfundo ngolwimi okanye ngeelwimi zoburhulumente azikhetheleyo, kumaziko karhulumente emfundo, apho loo mfundo inokuqhubeka khona ngendlela efanelekileyo. Ukuze kuqinisekiswe ukufikelela ngokukuko kweli lungelo, nokusetyenziswa okukuko kwalo, urhulumente kufuneka avelele zonke iinkalo zemfundo kubandakanywa amaziko afundisa ngolwimi olunye, kuthathelwe ingqalelo –
(a)	ukulingana;
(b)	ukuba nokwenzeka; kunye
(c)	nemfuneko yokulungisa iimeko eziziphumo zomthetho wamandulo wocalulo nezenzo zawo.
(3)	Wonke ubani unelungelo lokuseka agcine, ngeendleko zakhe, amaziko azimeleyo ezemfundo –
(a)	angenacalu-calulo ngokobuhlanga;
(b)	abhalisiweyo kurhulumente; kwaye
(c)	anomgangatho ongekho ngaphantsi komgangatho wamaziko karhulumente emfundo anjengawo.
(4)	Icandelwana (3) alikuvaleli ukubonelelwa ngemali ngurhulumente kwamaziko emfundo  azimeleyo.
30 	Ulwimi nenkcubeko
Wonke ubani unelungelo lokusebenzisa ulwimi azikhethela lona, nokuphila ubom ngokwamasiko nezithethe azikhethela wona, kodwa akukho namnye umntu oya kuwasebenzisa la malungelo ngendlela eyaphula nawo nawuphi na ummiselo woXwebhu lwamaLungelo.
31 	Abantu neenkcubeko neenkolo kunye neelwimi zabo
(1)	Abantu abaphila ngokwamasiko nezithethe, okanye inkolo okanye ulwimi oluthile abanakubandezelwa ilungelo lokuthi bekunye nabanye babo –
(a)	bonwabe ngokwamasiko nezithethe zabo, baqhube inkolo yabo, basebenzise nolwimi lwabo; kanjalo
(b)	baqulunqe, bajoyine, baqhube imibutho namanye amaziko oluntu angokwamasiko nezithethe, ngokwenkolo nangokolwimi lwabo.
(2)	La malungelo akwicandelwana (1) makangasetyenziswa ngendlela engangqinelaniyo nawo nawuphi na ummiselo woXwebhu lamaLungelo.
32.	Ufikeleleko lweenkcukacha
(1)	 Wonke ubani unelungelo lokufikelela –
(a)	kulo naluphi na ulwazi olusezandleni zikarhulumente;
(b)	nakulo naluphi na ulwazi olusezandleni zomnye umntu olufunelwa ukuze lusetyenziselwe okanye kukhuselwe nawaphi na amalungelo.
(2)	Kufuneka kwenziwe umthetho wesizwe oya kuthi ufezekise eli lungelo, kanjalo ube nokubonelela ngamanyathelo afanelekileyo okuphungula umthwalo wezolawulo nowezemali kurhulumente.
33.	Isenzo sezolawulo esinobulungisa
(1)	Wonke ubani unelungelo kwisenzo sezolawulo esisemthethweni, esifanelekileyo, nesingenasheyi ngokomgaqo-nkqubo.
(2)	Wonke ubani omalungelo akhe athe aphulwa ngenxa yesenzo esithile sezolawulo unelungelo lokuba anikwe izizathu ezibhaliweyo ngeso senzo sezolawulo.
(3)	Kufuneka kwenziwe umthetho wesizwe ukufezekisa la malungelo, kwaye kufuneka –
(a)	unike isibonelelo sokuqwalaselwa kwesenzo sezolawulo yinkundla yezomthetho okanye, apho kufanelekileyo, inkundla ezimeleyo nengakhethi cala;
(b)	unike umsebenzi kurhulumente ukuba afezekise amalungelo akwicandelwana (1)nele-(2);
(c)	ukhuthaze inkqubo yolawulo esebenza ngokunemfezeko.
34.	Ufikeleleko lweenkundla zamatyala
Wonke ubani unelungelo lokuba nayiphi na imbambano enokusonjululwa ngokusetyenziswa komthetho, kugqitywe ngayo kwingxoxo esesidlangalaleni engenasheyi enkundleni okanye, apho kufanelekileyo, kwelinye iqumrhu okanye iqonga elizimeleyo nelingakhethi cala.
35.	Abantu ababanjiweyo, abaseluvalelweni nababekwa amatyala
(1)	Wonke ubani obanjiweyo ngenxa yesityholo sokwaphula umthetho unelungelo-
(a)	lokuthula tu;
(b)	lokuxelelwa ngoko nangoko –
(i)	ngelungelo lakhe lokuthula;
 (ii)	nangeziphumo zokungathuli;
(c)	lokunganyanzeliswa ukuba enze nasiphina isivumo sesityholo okanye isivumo semiba ethile yesityholo, nto ezo zinokusetyenziswa njengobungqina obuchasana naye loo mntu;
(d)	lokuveliswa enkundleni yamatyala kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka, kodwa kungadlulanga
(i)	iiyure ezingama-48 emva kokubanjwa; okanye
(ii)	ukuphela kosuku lokuqala lwenkundla emva kokuphela kwezi yure zingama-48, ukuba ezi yure zingama-48 ziphela emva kweeyure zesiqhelo zenkundla okanye ngosuku olungelulo lwesiqhelo lwenkundla;
e)	lokuba ekuveleni kwakhe okokuqala enkundleni, emva kokuba ebanjiwe, abekwe isityholo  okanye aziswe ngesizathu sokuba luqhubeke uvalelo lwakhe, okanye akhululwe; (f)	nelokukhululwa eluvalelweni, ukuba imeko yobulungisa iyavuma, ngokuhambisana nemiqathango efanelekileyo.
(2)	Wonke ubani ovalelweyo, kubandakanywa naye wonke umbanjwa ogwetyiweyo,unelungelo – (a)	lokuxelelwa kwamsinyane ngesizathu sokuvalelwa kwakhe;
(b)	lokuzikhethela nokubonisana negqwetha, nokuxelelwa kwamsinyane ngeli lungelo;
(c)	lokuba negqwetha elikhutshelwe umntu ovalelweyo, likhutshwa ngurhulumente, ngeendleko zikarhulumente, ukuba ukungabi kho kwalo kungabangela isiphumo esingenabulungisa kakhulu, nelokuba axelelwe kwamsinyane ngeli lungelo;
(d)	lokufuna ukuziqondela buqu enkundleni ngokuba semthethweni kokuvalelwa kwakhe nelokuba akhululwe ukuba oko kuvalelwa akukho  mthethweni;
(e)	lokuvalelwa phantsi kweemeko ezihambisana nesidima somntu, kubandakanywa, ubuncinane, ukushukumisa umzimba nokubonelelwa, ngeendleko zikarhulumente, ngendawo yokuhlala efanelekileyo, isondlo, izinto zokufunda, kunye nonyango lwamayeza;
(f)	nelokunxibelelana, nokutyelelwa –
(i)	ngumyeni, inkosikazi, okanye liqabane lakhe umntu lowo;
(ii)	sisizalwane sakhe;
(iii)	umluleki kwezakwaliZwi azikhethele ngokwakhe; kunye
(iv)	nogqirha azikhethele ngokwakhe.
(3)	Wonke ummangalelwa unelungelo lokuba ityala lakhe lixoxwe ngokungenasheyi, nto leyo ibandakanya ilungelo –
(a)	lokwaziswa ngesityholo, enikwa iinkcukacha ezaneleyo ukuze akwazi ukuziphendulela;
(b)	lokuba nexesha elaneleyo kwanezinto ezaneleyo zokulungiselela impendulo yokuzikhusela;
(c)	lokuxoxwa kwetyala lakhe esidlangalaleni kwinkundla eqhelekileyo;
(d)	lokuba ityala liqaliswe ukuxoxwa lize liphethwe ngaphandle kokulibazisa okungenasihlahla;
(e)	lokuba khona buqu xa kuxoxwa ityala lakhe;
(f)	lokukhetha igqwetha aze amelwe lilo, nelokuba axelelwe ngeli lungelo ngoko nangoko;
(g)	lokuba negqwetha elabelwe ummangalelwa ngurhulumente, ngeendleko zikarhulumente, ukuba ngaba kungakho isiphumo esingenabulungisa ngendlela engathandabuzekiyo xa kungenziwanga njalo, kwaye axelelwe ngeli lungelo;
(h)	lokuthathwa njengomntu ongenatyala, nelokuthula tu, nelokunganiki bungqina xa kuxoxwa ityala;
(i)	lokuveza nokuphikisa ubungqina;
(j)	lokunganyanzelwa ukuba anike ubungqina obumbeka ibala;
(k)	lokuxoxwa kwetyala lakhe ngolwimi loo mmangalelwa alwaziyo okanye, ukuba oko akunakho ukwenzeka, iingxoxo zitolikelwe kolo lwimi alwaziyo;
(l)	lokungagwetywa ngesenzo okanye utyeshelo olwalungelolwaphulo-mthetho phantsi komthetho wesizwe okanye wamazwe ngamazwe ehlabathi ngexesha lokwenzeka kwaso okanye lotyeshelo olo;
(m)	lokungatshutshiselwa ityala elisisenzo okanye utyeshelo asele wagwetyelwa okanye wagwetywa ngenxa yalo;
(n)	lokuzuza esona sohlwayo silula kwezo zimiselweyo ukuba ngaba isohlwayo esimiselweyo solo lwaphulo-mthetho siye satshintshwa apha kweli xesha liphakathi kokwenziwa  kolwaphulo-mthetho nokugwetywa; kunye
(o)	nelungelo lokubhenela kwinkundla engentla, okanye lokuba isigwebo siqwalaselwe kwakhona, yile nkundla.
(4)	Nanini na eli candelo lifuna ukuba kunikwe umntu iinkcukacha ezithile, ezo Nkcukacha kufuneka zinikwe ngolwimi alwaziyo loo mntu.
(5)	Ubungqina obufunyenwe ngendlela eyaphula naliphi na ilungelo elikuXwebhu lwamaLungelo  mabungafakwa ukuba ukwamkelwa kobo bungqina kungabangela ukuba ukuxoxwa kwetyala kube nesheyi, okanye ukwenzeka kobulungisa kuphazamiseke ngendlela ethile
36.	Ukusikelwa imida kwamalungelo
(1)	Amalungelo akuXwebhu lwaLungelo angasikelwa umda kuphela ngokulandela umthetho wokusetyenziswa jikelele, kuphela kangangoko usikelo-mda olo lufanelekile kwaye lulungile kwintlalo yoluntu ekhululekileyo neyedemokhrasi, esekelwe kwisidima somntu,ukulingana nenkululeko, kuthathelwe ingqalelo yonke imibandela enxulumeneyo, kubandakanywa–
(a)	uhlobo lwelungelo;
(b)	ukubaluleka kwenjongo yosikelo-mda;
(c)	uhlobo kunye nobungakanani bosikelo-mda olo;
(d)	ubudlelwane phakathi kosikelo-mda nenjongo yalo; kunye
(e)	nendlela engabopheleli kakhulu yokufezekisa le njongo.
(2)	Ngaphandle kwemimiselo ekwicandelwana (1) okanye nawuphi na omnye Ummiselo woMgaqo-siseko, akukho mthetho unokusikela umda naliphi na ilungelo elikhuselweyo elikuXwebhu lwamaLungelo.
37.	Iimo zonxunguphalo
(1)	Imo yonxunguphalo ingamiselwa kuphela ngokoMthetho wePalamente, Nakuphela xa –
(a)	ubomi besizwe busemngciphekweni wemfazwe, wohlaselo, wovukelo-mbuso ngokubanzi, wokungabi kho kocwangco, wentlekele ebangelwe yimo yendalo, okanye enye imo yonxunguphalo kawonke-wonke;
(b)	naxa ukumiselwa oko kwayo kuyimfuneko ukuze kubuyiselwe uxolo okanye ucwangco.
(2)	Umiselo lwemo yonxunguphalo, kwakunye nawuphi na umthetho owisiweyo, okanye elinye inyathelo elithatyathiweyo ngenxa yolo miselo zingasebenza kuphela –
(a)	ukubheka phambili; kanjalo
(b)	ithuba elingadlulanga kwiintsuku ezingama-21 ukususela kumhla womiselo olo, ngaphandle kokuba INdlu yoWiso-mthetho igqiba ekubeni ilongeze ixesha lomiselo. INdibano le, ingalongeza ixesha lokumiselwa kwemo yonxunguphalo, lingagqithi kodwa kwiinyanga ezintathu kwisihlandlo ngasinye. Ukongezwa okokuqala kwexesha lemo yonxunguphalo kufuneka  kwenziwe ngokwesigqibo esithathwe ngokuxhaswa yivoti yoninzi lwamalungu eNdlu. Nakuphi na ukongezwa okulandelayo kufuneka kube ngokwesigqibo esithathwe ngokuxhaswa  yivoti yamalungu eNdibano angamashumi amathandathu ekhulwini (60%), ubuncinci. Esi sigqibo kubhekiswa kuso kulo mhlathi makufikelelwe kuso kuphela emva kwengxoxo eselubala kwiNdibano leyo.
(3)	Nayiphi na inkundla esemthethweni ingenza isigqibo malunga nokusebenza –
(a)	komiselo lwemo yonxunguphalo;
(b)	kwako nakuphi na ukongezwa komiselo lwemo yonxunguphalo;
(c)	kwawo nawuphi na umthetho owenziweyo, okanye elinye inyathelo elithatyathiweyo, ngenxa yomiselo lwemo yonxunguphalo.
(4)	Nawuphi na umthetho owiswe ngenxa yomiselo lwemo yonxunguphalo Unganxaxha kuXwebhu lwamaLungelo kuphela kangangokuba –
(a)	kuyimfuneko ngokungqongqo ngenxa yonxunguphalo; kanjalo
(b)	umthetho lowo –
(i)	uhambisana nezimiselo zeRiphablikhi phantsi komthetho wamazwe ngamazwe osebenza kwiimo zonxunguphalo;
(ii)	uthobela icandelwana (5); kanjalo
(iii)	upapashwa kwiGazethi kaRhulumente yesizwe kwamsinyane nje emva kokuwiswa  kwawo.
(5)	Akukho Mthetho wePalamente ogunyazisa umiselo kwemo yonxunguphalo, namthetho owenziweyo nanyathelo lithatyathiweyo, ngenxa yomiselo lwemo yonxunguphalo, ungavumela okanye ugunyazise-
ukusus’ ityala urhulumente, okanye nawuphi na umntu ngaso nasiphi na isenzo esingekho mthethweni;
(b)	nakuphi na ukunxaxha kweli candelo; okanye
(c)	nakuphi na ukunxaxha kwicandelo ngalinye elikhankanywe kuluhlu loku-1 lwesiCwangciso samaLungelo angenakuDlelelelwa, kangangobungakanani bokungadleleleki kwecandelo ngalinye,  njengoko buboniswe ngokumelene nelo candelo, kuluhlu lwesi-3  lweso siCwangciso.
Isicwangciso saMalungelo Angenakudlelelelwa
1
Inombolo yeCandelo
2
Isihloko seCandelo
3
Ubungakanani bokungadleleleki kwelungelo ngalinye
9
Ulingano
Ngokumayela nocalulo olunesheyi oluzizathu zalo zibubuhlanga, umbala womntu, imvelaphi ngokobuhlanga okanye ngokwemo yentlalo, isini,unqulo okanye
ulwimi lomntu.
10
Isidima somntu
Lonke
11
Ubomi
Lonke
12
Inkululeko nokhuseleko lomntu
Ngokumalunga namacandelwana (1)	(d)	no-(e)	no-2 (c)
13
Ubukhoboka, imeko yobukhoboka nokusetyenziswa ngesinyanzelo
Ngokumalunga nobukhoboka nemeko yobukhoboka
28
Abantwana
Ngokumayela: namacandelwana (1)(d)	no
(e): namalungelo akumhlathana,woku (i)
nowesi (ii)	wecandelwana (1)	(g); kunye
necandelwana (1)	(i)	elimalunga
nabantwana abane –15 leminyaka
nobangaphantsi koko.
.
35
Abantu ababanjiweyo, abaseluvalelweni nababekwa amatyala
Ngokumayela –namacandelwana (1)	(a),
abavalelweyo (b)	no(c)	no (2)	(d); –namalungelo
nababekwa izityholo akwimihlathi (a)	ukuya ku (o)
yecandelwana (3), ngaphandle komhlathi
(d); – icandelwana (4); kunye –
neccandelwana (5)	elimalunga
nokungasetyenziswa kobungqina ukuba
ukwamkelwa kobo bungqina kuya kubangela
ukuba ukuthethwa kwetyala kube nesheyi.
(6)	Xa kuthe kwavalelwa umntu kungaxoxwanga tyala, oko ikukudlelelelwa kwamalungelo  okubangwe lumiselo lwemo yonxunguphalo, kufuneka kulandelwe le miqathango ilandelayo:
Kufuneka kuqhagamshelwane nomntu omdala ongowakokwabo mvalelwa okanye omdala ongumhlobo wakhe, kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka, axelelwe ukuba umntu lowo  uvalelwe (ngamapolisa).
Kufuneka kupapashwe isaziso kwiGazethi kaRhulumente yesizwe kwithuba leentsuku  ezintlanu eselugcinweni lwamapolisa loo mntu, kuchazwe igama lomvalelwa nendawo avalelwe kuyo futhi kuboniswe iimeko zonxunguphalo avalelwe phantsi kwazo loo mntu.
Umvalelwa kufuneka avunyelwe azikhethele ugqirha, oya kumtyelela ngalo naliphi na ixesha elifanelekileyo.
Umvalelwa kufuneka avunyelwe azikhethele igqwetha, eliya kumtyelela ngalo naliphi na ixesha elifanelekileyo.
Makube kho inkundla eqwalasela olo valelo kwamsinya kangangoko kunokwenzeka, kodwa zingedlulanga iintsuku ezili-10 emva komhla wokuvalelwa kwaloo mntu; inkundla kufuneka imkhulule lowo uselugcinweni lwamapolisa, ngaphandle kokuba kusafuneka evalelwe ukuze kubuyiselwe uxolo nocwangco.
Umntu oselugcinweni lwamapolisa ongakhululwanga ngokohlengahlengiso phantsi komhlathi (e), okanye ongakhululwanga ngokohlengahlengiso oluphantsi kwalo mhlathi, angafaka isicelo nkundleni solunye uhlengahlengiso loko kuvalelwa kwakhe nanini na, emva kokudlula kweentsuku ezili-10 emva kohlengahlengiso lwangaphambili; ke inkundla kufuneka imkhulule umvalelwa lowo ngaphandle kokuba kusafuneka evalelwe ukuze kubuyiselwe uxolo nocwangco.
Umvalelwa kufuneka avunyelwe avele buqu phambi kwayo nayiphi na inkundla eqwalasela uvalelo lwakhe, amelwe ligqwetha koko kuvavanywa kwetyala, nokuba abeke izikhalazo malunga  nokuhlala evalelwe.
Urhulumente kufuneka anike inkundla izizathu ezibhaliweyo ezixhasa ukuhlala evalelwe loo mntu, futhi amnike umvalelwa ikopi yezo zizathu, ubuncinane, iintsuku ezimbini phambi kokuba inkundla iqwalasele uvalelo olo.
 (7)	Ukuba inkundla ithe yamkhulula umvalelwa, loo mntu makangaphindi avalelwe kwangezaa zizathu, ngaphandle kokuba urhulumente athi kuqala anike inkundla izizathu ezivakalayo  zokuphinda avalelwe loo mntu.
Icandelwana (6) nelesi (7) awasebenzi kubantu abangengobemi boMzantsi Afrika nabavalelwe ngenxa yongquzulwano ngezixhobo phakathi kwamazwe ngamazwe ehlabathi.  Endaweni yoko, urhulumente kufuneka athobele imiqathango ebophelela iRiphablikhi phantsi komthetho wamazwe ngamazwe wobuntu malunga nokuvalelwa kwabo bantu.
38.	Ukusetyenziswa kwamalungelo
Nabani na odwelisiweyo kweli candelo unelungelo lokwenza isicelo kwinkundla efanelekileyo, ebika ukuba ilungelo elithile elikuXwebhu lwamaLungelo laphulwe okanye libekwe emngciphekweni; inkundla ke ingamnika uncedo olufanelekileyo, kubandakanywa nokumiselwa kwamalungelo. Abantu abangenza izicelo enkundleni ngaba balandelayo –
(a)	nabani na oneenjongo ezizezakhe;
(b)	nabani na omele omnye umntu ongenakho ukuzimela yena ngegama lakhe;
(c)	nabani na omele iqela elithile okanye udidi oluthile lwabantu, nokuba ungomnye wabo, okanye ujonge ukubanceda;
(d)	nabani na omele ukunceda uluntu;
(e)	nombutho omele amalungu awo.
39.	Ukutolikwa koXwebhu lwaMalungelo
(1)	Xa icacisa uXwebhu lwamaLungelo inkundla, isigqeba okanye iqonga elithile, kufuneka–
 ikhuthaze izithethe ezixabisekileyo ezisisiseko sentlalo yoluntu olungenamfihlo nolunedemokhrasi, lona lusekelwe kwisidima somntu, ukulingana nakwinkululeko;
(b)	ithathele ingqalelo umthetho wamazwe ngamazwe ehlabathi; kanjalo
(c)	ingathathela ingqalelo nomthetho wobudlelwane namazwe angaphandle.
(2)	Xa icacisa nawuphi na umthetho, naxa iphuhlisa umthetho woluntu, okanye umthetho wesintu, inkundla, isigqeba okanye iqonga elithile, kufuneka ikhuthaze umoya, neenjongo zoXwebhu  lwamaLungelo.
(3)	Uxwebhu lwamaLungelo aluphikisani nobukho bawo nawaphina amanye amalungelo okanye iinkululeko ezaziwayo okanye ezinikwa abantu ngumthetho woluntu, umthetho wesintu okanye umthetho owiswe yindlu yowiso-mthetho kangangoko zihambisana nolu Xwebhu.
ISAHLUKO 3
URHULUMENTE WENTSEBENZISWANO (ss 40-41)
40.	URhulumente weRiphablikhi
(1)	KwiRiphablikhi le, urhulumente wenziwe zizigaba zoburhulumente ezahlukeneyo, ezixhomekeke esinye kwezinye, ezikwanxulumene, ezizezi: isigaba sorhulumente wesizwe, esoorhulumente bamaphondo, sorhulumente weengingqi.
(2)	Zonke izigaba zikarhulumente kufuneka zilandele, zinamathele kwimigqalisela ekwesi Sahluko zize zenze imicimbi yazo zilawulwa zizikhokelo ezinikwa sesi Sahluko.
41.	Imigqalisela yorhulumente wentsebenziswano nobudlelane phakathi koorhulumente
(1)	Zonke izigaba zikarhulumente, kunye nawo onke amaziko karhulumente kwisigaba ngasinye, kufuneka –
(a)	zigcine uxolo, umanyano lwesizwe kunye nokungahlula-hluleki kweRiphablikhi le;
(b)	ziqinisekise intlalo-ntle, yabantu beRiphablikhi;
(c)	zenzele iRiphablikhi le iyonke uburhulumente obunemfezeko, obuzenzo ziselubala, obunentembeko, nobunolungelelwano;
(d)	zinyaniseke kuMgaqo-siseko, kwiRiphablikhi, nakubantu bayo;
(e)	zihlonele inqanaba ngokoMgaqo-siseko, amaziko, amagunya, nemisebenzi karhulumente kwezinye izigaba, nto ezo zimiselwe nguMgaqo-siseko;
(f)	zingathathi naliphi na igunya okanye umsebenzi ngaphandle kwamagunya okanye imisebenzi ephathiswe zona ngokoMgaqo- siseko;
(g)	zisebenzise amagunya azo, zenze nemisebenzi yazo ngendlela engangeneleli kumhlaba, kwimisebenzi okanye kwisidima samaziko orhulumente wesinye isigaba;
(h)	zisebenzisane ngokuthembana nangokuthembeka –
(i)	ngokukhuthaza ubuhlobo phakathi kwazo;
(ii)	ngokuncedana nokuxhasana;
(iii)	ngokuxelelana nokudlana indlebe ngemicimbi enomdla neluncedo ngokufanayo kuzo;
(iv)	ngokunxibelelanisa izenzo nemithetho yazo;
(v)	ngokuyibamba imigaqo-nkqubo ekuvunyelwene ngayo;
(vi) nangokuphepha ukuthathelana amanyathelo ezomthetho.
(2)	UMthetho wePalamente kufuneka –
(a)	useke okanye ubonelele ngemibutho namaziko okukhuthaza nokuqhubela phambili ubudlelane phakathi kwezigaba ezi zikarhulumente; kanjalo
(b)	wenze kube kho iindlela ezifanelekileyo nemigaqo-nkqubo ekwanjalo yokwenza lula ukusonjululwa kweembambano eziphakathi kwezigaba zikarhulumente.
(3)	Iziko likarhulumente elibandakanyekayo kwimbambano ephakathi kwezigaba zikarhulumente kufuneka lenze iinzame kangangoko zokusombulula imbambano leyo ngeendlela kunye nemigaqo-nkqubo eyenzelwe oko, kwaye kufuneka lizame zonke ezinye iindlela phambi kokuba lize kwinkundla ukuzokusombulula loo mbambano.
(4)	Ukuba inkundla ayanelisekanga ukuba imimiselo yecandelwana (3) iphunyeziwe,ingayibuyisela imbambano kuloo maziko karhulumente  abeyichophele.
ISAHLUKO 4
IPALAMENTE (ss 42-82)
42.	Ukuma kwePalamente
(1)	IPalamente inezi zindlu –
(a)	yiNdlu yoWiso-mthetho; kunye
(b)	neBhunga leSizwe laMaphondo.
(2)	INdlu yoWiso-mthetho kunye neBhunga leSizwe laMaphondo zithabatha inxaxheba kwinkqubo yowiso-mthetho ngokwendlela ebekiweyo kuMgaqo-siseko.
(3)	INdlu yoWiso-mthetho inyulelwa ukumela abantu nokuqinisekisa urhulumente ophethwe ngabantu phantsi kwalo Mgaqo-siseko. Ikwenza oku ngokunyula uMongameli, ngokubonelela ngeqonga lesizwe lokuqwalasela imicimbi ngokuphandle, ngokuwisa imithetho nangokuphonononga nangokuba liliso kwinyathelo lokusebenziseka kwemithetho.
(4)	IBhunga leSizwe laMaphondo limele amaphondo ukuqinisekisa ukuba imicimbi yamaphondo iyaqwalaselwa kwisigaba sesizwe sikarhulumente. Likwenza oku ikakhulu ngokuthabatha inxaxheba kwinkqubo yowiso-mthetho yesizwe nangokubonelela ngeqonga lesizwe lokuqwalasela ngokuphandle imicimbi echaphazela  amaphondo.
(5)	UMongameli angayibiza iPalamente ukuba ihlangane kwindibano engeyoyesiqhelo ngalo naliphi na ixesha ukuze kuqhutywe umcimbi othile.
Indawo yokuhlangana kwePalamente iseKapa, kodwa uMthetho wePalamente, owenziwe  ngokungqinelana necandelo 76(1) no-(5), ungagqiba ukuba le ndawo yokuhlangana kwePalamente ibe kwenye indawo.
43.	Igunya leRiphablikhi lokuwisa imithetho
KwiRiphablikhi, igunya lowiso-mthetho –
(a)	kwisigaba sesizwe sikarhulumente lixakathiswe iPalamente, njengoko kubekiwe kwicandelo 44;
(b)	kwisigaba samaphondo sikarhulumente lixakathiswe indlu yowiso-mthetho yephondo, njengoko kucasisiweyo kwicandelo 104; ize
(c)	kwisigaba seengingqi sikarhulumente lixakathiswe amaBhunga ooMasipala, njengoko kucaciswe kwicandelo 156.
44.	Igunya lowiso-mthetho lesizwe
(1)	Igunya lowiso-mthetho lesizwe elixakathiswe iPalamente –
a)	liphathisa iNdlu yoWiso-mthetho igunya –
(i)	lokutshintsha uMgaqo-siseko;
(ii)	lokuwisa umthetho malunga nawo nawuphi na umbandela, kubandakanywa nombandela okwindawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, kodwa kungabandakanywa, ngokulawulwa licandelwana (2), umbandela okwiindawo zemisebenzi ezidweliswe kwiShedyuli 5; kanti
(iii)	nelokuthi inike nawaphina kumagunya ayo owiso-mthetho kulo naliphi na iziko lowiso-mthetho elikwesinye isigaba soburhulumente ngaphandle kweli lokutshintsha uMgaqo-siseko; kanjalo
(b)	liphathisa iBhunga leSizwe laMaphondo igunya –
(i)	lokuthabatha inxaxheba ekutshintsheni uMgaqo-siseko, ngokungqinelana necandelo 74;
(ii)	lokupasisa, ngokungqinelana necandelo 76, umthetho malunga nawo nawuphi na umbandela okwindawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, kunye nayo nayiphi na enye into ekufuneka iphunyezwe ngokoMgaqo-siseko, ngokungqinelana necandelo 76;
(iii)	nelokuqwalasela, ngokungqinelana necandelo 75, nawuphi na omnye umthetho ophunyezwe yiNdlu yoWiso-mthetho.
(2)	IPalamente ingangenelela ngokuwisa umthetho, ngokungqinelana necandelo 76 (1), kumcimbi ophantsi kwendawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 5, xa oko kufuneka ukuze –
(a)	kugcinwe ukhuseleko lwesizwe;
(b)	kugcinwe ubunye kwezoqoqosho;
(c)	kugcinwe imigangatho yesizwe eyimfuneko;
(d)	kusekwe imigangatho ekwelona nqwanqwa lisezantsi efunekayo ukuze kwenziwe iinkonzo ezithile; okanye
(e)	kuthintelwe inyathelo elingafanelekanga elithatyathwe liphondo elithile, nyathelo elo libeka engozini ukulungelwa kwelinye iphondo okanye kwelizwe liphela.
(3)	Kusenokuthi xa kufuneka kusetyenziswe ngokufezekileyo igunya elithile elichaphazela umbandela okwiShedyuli 4, kwenziwe umthetho malunga nomcimbi othile, osuke wafuneka kakhulwana okanye wazalwa kuko oku kusetyenziswa kwelaa gunya; loo mthetho uthathwa njengomthetho omalunga nqo nombandela odweliswe kwiShedyuli 4.
(4)	Xa isebenzisa igunya layo lezowiso-mthetho iPalamente ibotshelelwe kuphela nguMgaqo-siseko, kwaye kufuneka isebenze ngokungqinelana nawo, futhi ingaphumi kwimida ebekwa nguwo uMgaqo-siseko.
45.	Imigaqo nemiyalelo edibeneyo neekomiti ezidibeneyo
(1)	Kufuneka iNdlu yoWiso-mthetho kunye neBhunga leSizwe laMaphondo ziseke ikomiti edibeneyo yemigaqo eza kwenza imigaqo nemimiselo emalunga nomsebenzi odibeneyo weNdlu yoWiso-mthetho le neBhunga eli, kubandakanywa imigaqo nemimiselo –
yokuqingqa iinkqubo zokwenza lula inkqubo yowiso-mthetho, kubandakanywa ukumiselwa kwexesha lokugqiba naliphi na inyathelo laloo nkqubo;
yokuseka iikomiti ezidibeneyo ezinamalungu angabameli abasuka kwiNdlu yoWiso-mthetho nakwiBhunga nokunika abaza kuchophela, banike nengxelo, ngeeMthetho oYilwayo ekuthethwa ngazo kwicandelo 74 nele-75 ezithe zasiwa kule komiti;
(c)	yokuseka ikomiti edibeneyo yokuqwalasela uMgaqo-siseko, ubuncinane, rhoqo ngonyaka;
(d)	neyokulawula imicimbi –
(i)	yekomiti edibeneyo yemigaqo;
(ii)	yeKomiti eLamlayo;
(iii)	yekomiti yoqwalaselo loMgaqo-siseko; kunye
(iv)	nazo naziphi na iikomiti ezidibeneyo ezisekwe ngokwemigaqo yomhlathi (b).
(2)	Amalungu eKhabhinethi, amalungu eNdlu yoWiso-mthetho kunye nabathunywa kwiBhunga leSizwe laMaphondo baneenyhweba neemo zokuvikeleka phambi kwekomiti edibeneyo yeNdilu yoWiso-mthetho neBhunga ezifana nezo banazo phambi kweNdibano okanye phambi kweBhunga.
Indlu yoWiso-mthetho (ss 46-59)
46.	Ubume bayo nokunyulwa kwayo
(1)	INdlu yoWiso-mthetho inamalungu angekho nganeno kuma-350 nangekho ngaphezulu kuma-400 abasetyhini namadoda abanyulwe njengamalungu ngokwenkqubo yonyulo –
(a)	emiselwe ngumthetho wesizwe;
(b)	esekelwe kuluhlu olunye lwesizwe lwabavoti;
(c)	emisela ubudala bokuvota obuli-18 leminyaka ubuncinane;
(d)	nethi ke ngoko ibangele ukuba abantu bamelwe phantse ngokulinganayo, ngokubanzi.
(2)	Kufuneka kubekho umthetho wePalamente omisela indlela yokuqingqa inani lamalungu eNdlu yowiso-mthetho.
[Icandelwana (1) litshintshwe licandelo 1 loMthetho weShumi Wokutshintshwa koMgaqo-siseko ka-2003 nalicandelo 1 loMthetho weShumi elineSihlanu Wokutshintshwa koMgaqo-siseko ka-2008.
47.	Ubulungu
(1)	Wonke ummi okufaneleyo ukuvotela iNdlu yoWiso-mthetho unakho ukuba lilungu leNdlu yoWiso-mthetho, ngaphandle –
(a)	kwakhe nabani na oqeshwe ngurhulumente, okanye osebenzela urhulumente efumana umvuzo ngoko kuqeshwa okanye loo msebenzi, kodwa ingenguye/ingengabo –
(i)	uMongameli, uSekela-Mongameli, abaPhathiswa, naMasekela abaPhathiswa; kunye
(ii)	nabanye ababambe izikhundla, abamisebenzi yabo ingangquzulaniyo nemisebenzi yelungu leNdlu kwaye iqinisekiswe njengengangquzulaniyo naloo misebenzi ngomthetho wesizwe;
(b)	kwabathunywa abasisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo okanye amalungu eNdlu yoWiso-mthetho yephondo okanye aweBhunga likaMasipala;
(c)	kwabantu abanamatyala abangasenakukwazi ukuwabhatala;
(d)	kwakhe nabani na oqinisekiswe yinkundla yamatyala yeRiphablikhi ukuba akemanga kakuhle engqondweni; okanye
(e)	kwakhe nabani na othe, emva kokusebenza kweli candelo, wafunyaniswa enetyala lokwaphula umthetho wagwetywa ithuba elingaphezulu kweenyanga ezili-12, wavalelwa akwabizwa nefayini, apha kwiRiphablikhi, okanye ngaphandle kweRiphablikhi, xa ngaba isenzo eso sokwaphulwa komthetho besiya kuthathwa njengokwaphulwa komthetho nalapha kwiRiphablikhi, kodwa akukho mntu omakathathwe njengosele egwetyiwe de sibe isibheno malunga nokufunyanwa enetyala, okanye nesigwebo eso, sele siqwalaselwe, okanye lide ixesha lesibheno libe liphelile. Ukungafaneleki phantsi kwalo mhlathi kuphela emva kweminyaka emihlanu eqale emva kokugqitywa kwesigwebo.
(2)	Umntu ongafanelekanga ukuba abe lilungu leNdlu yoWiso-mthetho ngokwecandelwana 1(a) okanye (b) angazigqatsela iNdlu yoWiso-mthetho phantsi kosikelo-mda okanye kwemiqathango emiselwe ngumthetho wesizwe.
(3)	Umntu uyaphulukana nobulungu bakhe beNdlu yoWiso-mthetho ukuba loo mntu –
(a)	akasafanelekanga; 
(b)	akakho kwiNdibano ngaphandle kwemvume, oko kungabikho kusenzeka kwiimeko zokuphulukana nobulungu ezimiselwe yimigaqo nemimiselo yeNdlu yoWiso-mthetho; okanye
(c)	uyaphelelwa bubulungu kwiqela awayetyunjwe lilo loo mntu njengelungu leNdlu yoWiso-mthetho, ngaphandle ke kokuba uye waya kuba lilungu lelinye iqela ngokwezikhokelo zeShedyuli 6A.
[Icandelwana  (3) lithathelwe indawo licandelo 2 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 nalicandelo 2 loMthetho Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2008.
(4)	Izithuba ezingenabantu kwiNdlu yoWiso-mthetho kufuneka zivalwe ngokwemigaqo yomthetho wesizwe.
48.	Isifungo noqinisekiso
Phambi kokuba amalungu eNdlu yoWiso-mthetho aqale ukwenza imisebenzi yawo kwiNdlu, kufuneka afunge okanye enze isingqiniso sokuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana noShedyuli 2.
49.	Ubude bexesha lokusebenza kweNdlu yoWiso-mthetho
(1)	Indlu yoWiso-mthetho inyulelwa ithuba lokusebenza eliyiminyaka emihlanu.
(2)	Ukuba iNdlu yoWiso-mthetho ichithiwe ngokwecandelo 50; okanye xa kuphela ixesha layo, kufuneka uMongameli athi ngesihlokomiso, abize unyulo, abeke nemihla yalo, ekufuneka lubekho zingaphelanga iintsuku  ezingama-90, ukusuka kulo mhla wokuchithwa kweNdibano okanye wokuphela kwexesha lokusebenza kwayo. Isihlokomiso esipapasha unyulo nomhla walo usenokukhutshwa ngaphambi okanye emva kokuphela kwexesha lokusebenza leNdlu yoWiso-mthetho
[Icandelwana  (2) lithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Wesihlanu Wokutshintshwa KoMgaqo—siseko  ka-1999.]
(3)	Ukuba iziphumo zonyulo lweNdlu yoWiso-mthetho  azibhengezwanga ngeli xesha limiswe  ngokwecandelo 190, okanye ukuba unyulo lubekelwe bucala yinkundla, kufuneka uMongameli athi ngesihlokomiso, abize olunye  unyulo, abeke nemihla yalo, nyulo olo kufuneka lubekhozingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukusuka kuloo mhla wokuphela kwelo xesha okanye ukusuka  kumhla olwabekelwa bucala ngawo unyulo.
(4)	Indlu yoWiso-mthetho ihlala ikulungele ukusebenza ukususela kwixesha lokuchithwa kwayo okanye lokuphela kwexesha layo lokusebenza  kude kube lusuku oluphambi kosuku lokuqala lonyulo lweNdibano elandelayo.
50.	Ukuchithwa kweNdlu yoWiso-mthetho phambi kokuphela kwethuba layo lokusebenza
(1)	UMongameli kufuneka ayichithe iNdlu yyoWiso-mthetho ukuba –
iNdibano ithabathe isigqibo sokuba mayichithakale, esixhaswe yivoti yesininzi samalungu ayo; naxa
(b)	iminyaka emithathu sele idlule ukususela ekubeni yanyulwayo iNdlu yoWiso-mthetho le.
(2)	IBambela likaMongameli kufuneka liyichithe iNdlu yoWiso-mthetho ukuba –
(a)	kukho isithuba kwisikhundla sikaMongameli; kwaye
(b)	iNdlu ayide inyule uMongameli omtsha ngethuba elikwiintsuku ezingama-30 emva kokuba sivelile eso sithuba.
51.	Amaxesha okuhlala nawokuthi xha
(1)	Ukuhlangana kweNdlu yoWiso-mthetho okokuqala emva konyulo kufuneka kwenzeke ngexesha nangomhla omiselwe yiJaji eyiNtloko (Chief Justice), kodwa kungabi semva kweentsuku ezili-14 emva kokuba zibhengeziwe iziphumo zonyulo. Indlu yowiso-mthetho ingamisela ixesha lokuhlangana, nobungakanani bamanye amaxesha ayo okuhlangana nawokuthi xha.
[Icandelwana (1) lithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo  ka-2001.]
(2)	UMongameli angathi abize iNdlu yoWiso-mthetho ukuba ize ekuhlanganeni okungesosiqhelo nangaliphi na ixesha, iqwalasele imicimbi eyodwa. Iindibano zeNdlu yoWiso-mthetho zivumelekile ukuba zibe kwezinye iindawo  ezingeyiyo le yesiqhelo yokuhlanganela kwePalamente kuphela ngenxa yezi zizathu zilandelayo kuphela: ukulungelwa kukawonke-wonke, ukhuseleko, okanye ukwenza izinto zibe lula, naxa ivumeleka loo nto ngokwemigaqo nemiyalelo yeNdlu.
52.	USomlomo noSekela-Somlomo
(1)	Ekuhlanganeni kwayo okokuqala emva kokunyulwa, okanye xa kufuneka kuvalwe  isithuba, iNdlu yoWiso-mthetho kufuneka inyule uSomlomo kunye noSekela-Somlomo wayo, phakathi  kwamalungu ayo.
(2)	IJaji eyiNtloko kufuneka ongamele ukunyulwa kukaSomlomo, okanye acele enye ijaji ukuba yenze oko. USomlomo yena wongamela unyulo lukaSekela-Somlomo.
[Icandelwana (2) lithathelwe indawo licandelo 2 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(3)	Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 usebenza ekunyulweni kukaSomlomo noSekela-Somlomo.
(4)	INdlu yoWiso-mthetho ingamsusa uSomlomo okanye uSekela-Somlomo wayo esikhundleni ngokwesigqibo. Kufuneka sibe kho isininzi samalungu eNdlu xa kuthatyathwa esi sigqibo.
(5)	Ngokokwemigaqo nemiyalelo yayo, iNdlu yoWiso-mthetho inganyula phakathi kwamalungu ayo amanye amagosa okongamela ukuncedisa uSomlomo kunye noSekela-Somlomo.
53.	Izigqibo
(1)	Ngaphandle kwalapho uMgaqo-siseko unika mmiselo wumbi –
(a)	kufuneka kube kho isininzi samalungu eNdlu yoWiso-mthetho phambi kokuba kuvotelwe uMthetho oYilwayo okanye utshintsho kwuMthetho oYilwayo;
isinye kwisithathu samalungu ubuncinane, kufuneka sibe khona phambi kokuba kuvotelwe nawuphi na umcimbi ongomnye, kwiNdlu; kwaye
(c)	yonke imicimbi ephambi kweNdlu kufuneka igqitywe ngesininzi senani leevoti ezivotiweyo.
(2)	Ilungu leNdlu yoWiso-mthetho elongameleyo kwintlanganiso yeNdibano alinavoti yengxoxo,kodwa –
(a)	kufuneka lenze ivoti yesigqibo xa inani leevoti lilingana macala omabini kuloo micimbi;
(b)	lingafaka ivoti enika icala xa isigqibo emasenziwe malunga nomcimbi othile kufuneka sixhaswe yivoti yamalungu eNdibano asisibini kwisithathu, ubuncinane.
54.	Amalungelo amalungu eKhabhinethi naMasekela aBaphathiswa kwiNdlu yoMthetho
 UMongameli nalo naliphi na ilungu leKhabinethi okanye uSekela-Mphathiswa ongelolungu leNdlu yoWiso-mthetho bangathi, ithathelwe ingqalelo imigaqo nemiyalelo yeNdlu baye, futhi bathethe, kwiNdlu yoWiso-mthetho, kodwa ke bangavoti.
[Icandelo 54 lithathelwe indawo licandelo 3 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
55.	Amagunya eNdlu yoWiso-mthetho
(1)	Xa isebenzisa igunya layo lowiso-mthetho, iNdlu yoWiso-mthetho ingathi –
(a)	iqwalasele, ipasise, itshintshe okanye ikhabe nawuphi na umthetho ophambi kweNdibano le; kanjalo
(b)	iqalise okanye ilungise umthetho, ngaphandle kweMithetho eYilwayo yemali.
(2)	INdlu yoWiso-mthetho kufuneka imisele iindlela –
(a)	zokuqinisekisa ukuba onke amaziko alawulayo karhulumente kwisigaba sesizwe sikaRhulumente athembekile kuyo;
(b)	nezokugada –
(i)	ukusetyenziswa kwegunya lesizwe lolawulo oluphezulu, kubandakanywa ukwenziwa komthetho usebenze;
(ii)	nalo naliphi na iziko likarhulumente.
56.	Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kweNdlu yoWiso-mthetho
INdlu yoWiso-mthetho nayo nayiphi na kwiikomiti zayo -
ingabiza nawuphina ukmntu ukuba avele kuyo aze kunika ubungqina ngesifungo okanye uqinisekiso okanye aze kuveza iimpepha ezithile;
ingafuna ukuba nawuphi na umntu okanye iziko linike ingxelo kuyo;
ingathi ngokomthetho wesizwe okanye ngokwemigaqo nemiyalelo inyanzele nawuphi na umntu okanye iziko ukuba lithobele oko kubizwa okanye loo nto ifunwa kulo ngokomhlathi (a) okanye (b); kananjalo
ingamkela uxwebhu lwezibongozo, imibiko yemicimbi ethile okanye imicimbi ebhaliweyo evela kubo nabaphi na abantu abanomdla okanye amaziko anomdla.
57.	Izicwangciso zangaphakathi, iingxonxo neenkqubo zeNdlu yoWiso-mthetho
(1)	INdlu yoWiso-mthetho-
(a)	ingamisela ize ilawule imicimbi yayo yangaphakathi, iingxoxo nemigaqo-nkqubo; kanjalo
(b)	ingenza imigaqo nemiyalelo mayela nemicimbi yayo, kodwa kuthathelwa ingqalelo inkqubo yedemokhrasi ebandakanya ilungelo okuba nabameli, nelokuthatha inxaxheba, ukuthembeka, ukwenza izinto elubala, kunye nokubandakanyeka kukawonke-wonke.
(2)	Imigaqo nemiyalelo yeNdlu yoWiso-mthetho kufuneka inike isikhokelo –
(a)	sokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zayo, ndawonye nokumisela amagunya azo, nemisebenzi yazo, nemigaqo-nkqubo yazo, kwanobungakanani bexesha lobukho bazo iikomoti ezo;
(b)	sokuthi onke amaqela ezopolitiko amancinane amelweyo kwiNdibano athabathe inxaxheba kwiingxoxo zeNdibano nezeekomiti zayo, ngendlela engqinelana nedemokhrasi;
(c)	 sokuthi kuncediswe, ngezemali nezolawulo, iqela ngalinye elimelweyo kwiNdibano ngokobungakanani bokumelwa kwalo, ukuze iqela ngalinye nenkokeli yalo libe nako ukuyenza imisebenzi yalo kwiNdlu ngokunemfezeko; kunye
(d)	nesokuyivuma inkokeli yelona qela likhulu kwaphikisayo kwiNdlu njengeNkokeli yeQela eliPhikisayo.
58.	Inyhweba
(1)	Amalungu eKhabinethi, aMasekela aBaphathiswa kunye namalungu eNdlu yoWiso-mthetho –
(a)	anenkululeko yokuthetha kwiNdlu nakwiikomiti zayo, phantsi kolawulo lwemigaqo nemiyalelo yayo; kwaye
(b)	awafanele ukuba afakwe ematyaleni embambano nawolwaphulo- mthetho, okanye abanjwe, okanye avalelwe entolongweni, okanye amangalelwe/ahlawuliswe/adliwe ngenxa
yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo okanye ayingenisileyo, kwiNdlu okanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zayo; okanye ngenxa
(ii)	yayo nayiphi na into ethe yadula ngenxa yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo, okanye ayingenisileyo, kwiNdibano kanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zayo.
[Icandelwana(1) lenziwe izilungiso ngecandelo 4 loMthetho 34 ka-2001.]
(2)	Ezinye iinyhweba neendlela zokuvikeleka kweNdlu yowiso-mthetho, amalungu  eKhabinethi  namalungu eNdlu zingamiselwa ngomthetho wesizwe.
 (3)   Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezihlawulwa amalungu eNdlu yoWiso-mthetho ziindleko ngqo zeNgxowa-mali yeNgeniso yesizwe,  eyiNational  Revenue Fund.
[Icandelo 58 litshintshwe licandelo 4 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001]
59.	Ukufikelela nokuthatha kwabantu inxaxheba kwiNdlu yoWiso-mthetho
(1)	INdlu yoWiso-mthetho kufuneka –
(a)	yenze kube lula ukuthabatha inxaxheba kukawonke-wonke kwinkqubo yowiso-mthetho nakwezinye iinkqubo zeNdibano neekomiti zayo; kanjalo (b)	iqhube imicimbi yayo ngendlela eselubala, ibambe iintlanganiso zayo kunye nezo zeekomiti zayo elubala; kodwa asengathatyathwa amanyathelo afanelekileyo –
(i)	okulawula ukungena kukawonke-wonke, kanye nokungena  koonondaba, kwiNdibano nakwiikomiti zayo;
(ii)	nawokwenza ukuba kusetshwe nawuphi na umntu, nawokuthi, apho kufanelekileyo,kungavunywa ukuba umntu angene, nokuba ungubani na, okanye akhutshwe nawuphi na umntu.
(2)	INdlu yoWiso-mthetho ayinakho ukumvalela uwonke-wonke, kubandakanywa noonondaba, kwintlanganiso yekomiti ngaphandle kokuba kufanelekile futhi kunezizathu ukuyenza loo nto phakathi koluntu olusebenza elubala nolunedemokhrasi.
IBhunga leSizwe laMaphondo (ss 60-72)
60.	Ukuma kweBhunga leSizwe
(1)	IBhunga leSizwe lakhiwe ligqiza elinye labathunywa bephondo ngalinye;abathunywa abo bephondo ngalinye bona balishumi.
(2)	Aba bathunywa balishumi ngaba –
(a)	abathunywa abane ababodwa abangaba –
(i)	iNkulumbuso yephondo okanye, ukuba iNkulumbuso ayifumaneki, naliphi na ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo elityunjwe yiNkulumbuso lizele yonke imicimbi okanye lizele ukwenza nawuphi na umcimbi owodwa ophambi kweBhunga leSizwe laMaphondo;
(ii)	nabanye abathunywa abathathu ababodwa; kunye
(b)	nabathunywa abathandathu abasisigxina abatyunjwe ngokwecandelo 61 (2)
(3)	INkulumbuso yephondo ikhokela igqiza labathunywa bephondo layo; ukuba  ke ayikho  yona, kukhokela ilungu elityunjwe yiNkulumbuso, elikweli gqiza.
61.	Ukwabiwa kwabathunywa
(1)	Amaqela amelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo anelungelo lokuba 	nabathunywa kwigqiza lephondo lawo ngendlela engqinelana nendlela ecaciswe kwiSigaba B seShedyuli 3.
(2)	(a)	Kufuneka kuthi zingekapheli iintsuku ezingama-30 emva kokuba kubhengezwe iziphumo zonyulo lwenNdlu yoWiso-mthetho yephondo, indlu yowiso-mthetho le
(i)	igqibe, ngendlela engqinelana nomthetho wesizwe, ukuba bangaphi na abathunywa beqela  ngalinye abaya kuba  ngabathunywa abasisigxina nokuba bangaphi abaya kuba ngabathunywa ababodwa; ize; ityumbe abathunywa abasisigxina ngokwamagama aphakanyisiweyo ngamaqela lawo.
(b)	Ukuba ngaba ukuma kwepalamente yephondo kuyatshintsha ngenxa yeenguqulelo kubulungu kumaqela, okanye ngenza yokudityaniswa kwamaqela, okanye ngenxa yokwahlulwa-hlulwa kwamaqeala okanye ngenxa yokwahlulwa-hlulwa nokudityaniswa kwamaqela kuloo palamente yephondo, kufuneka zithi zingadlulanga iintsuku ezingama-30 emva kolo tshintsho -
(i)	igqibe, ihamba ngokwemithetho yesizwe ekhankanywe kumhlathi (a), ukuba kwiqela ngalinye bangaphi na abathunywa abaza kuba sisigxina, bebangaphi na abaza kuba ngababodwa; nokuba
(ii)	ibeke abameli abasisigxina ngokwendlela abatyunjwe ngayo ngamaqela abo.
[IIsiqendu (b) sishiyiwe licandelo 1 loMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008]
[Icandelwana (2) lithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Wethoba Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002 nalicandelo 1 loMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008
(3)	Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (2)(a) kufuneka  uqinisekise ukuthatha inxaxheba kwamaqela amancinci kuzo zozibini iziqendu ezakha igqiza labathunywa, ezizezi: isiqendu sabathunywa abasisigxina, nesabathunywa ababodwa, ngendlela engqinelana nedemokhrasi.
Indlu yowiso-mthetho, ngokuvumelana kweNkulumbuso kunye neenkokeli zamaqela anelungelo lokuba nabathunywa ababodwa kwigqiza labathunywa lePhondo elo, kufuneka ityumbe abathunywa ababodwa, njengokuba kufuneka kumaxesha ngamaxesha, phakathi kwamalungu endlu yowiso-mthetho.
62.	Abathunywa abasisigxina
(1)	Umntu otyunjwe njengomthunywa osisigxina kufuneka akufanele ukuba lilungu  lendlu yowiso-mthetho yephondo.
(2)	Ukuba umntu olilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo utyunjwe wangumthunywa osisigxina, loo mntu uyayeka ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho.
(3)	Abathunywa abasisigxina batyunjelwa ithuba eliphela ka - (a)	kwakamsinyane nje phambi kwendibano yokuqala yendlu yowiso-mthetho yephondo emva konyulo lwayo olulandelayo; okanye
(b)	 ngomhla ophambi kokuba luqale ukusebenza unyulo lwabathunywa abasisigxina abanyulwe ngokwezikhokelo zecandelo 61 (2)(b)(ii).
[Isiqendu (b) sishiyiwe licandelo 2 loMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008]
[Icandelwana (3) lithathelwe indawo licandelo 2 loMthetho Wethoba Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2008.]
(4)	Umntu uyayeka ukuba ngumthunywa osisigxina ukuba loo mntu –
(a)	akasakufanele ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo ngenxa yaso nasiphi na isizathu ngaphandle kokutyunjelwa ukuba ngumthunywa osisigxina;
(b)	uye waba lilungu leKhabhinethi;
(c)	uphelelwe kukuthenjwa yindlu yowiso-mthetho yephondo, laza iqela elalimkhethile loo mntu lathi makabuye;
(d)	uyayeka ukuba lilungu leqela elalimkhethile lize ke iqela elo lithi makabuye; okanye
(e)	akabi kho kwiBhunga leSizwe laMaphondo, engenamvume yokungabi kho, kwiimeko apho imigaqo nemiyalelo yeBhunga imisela ukuba umntu owenjenjalo aphulukane nesikhundla sokuba ngumthunywa osisigxina.
(5)	Izithuba phakathi kwabathunywa abasisigxina kufuneka zivalwe Ngokwemigaqo yomthetho wesizwe.
(6)	 Phambi kokuba abathunywa abasisigxina baqalise ukwenza imisebenzi yabo kwiBhunga  leSizwe laMaphondo, kufuneka bafunge okanye benze isingqiniso sokunyaniseka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
63.	Ukuhlala kweBhunga leSizwe
IBhunga leSizwe laMaphondo lingalimisela ixesha lokuba neendibano zalo,  nobungakanani belo xesha, kwanamathuba alo iBhunga okungahlangani.
UMongameli angalibizela ukuhlala okungesosiqhelo iBhunga leSizwe laMaphondo nangaliphi na ixesha ukuza kwenza umsebenzi owodwa.
Iindibano zeBhunga leSizwe laMaphondo zivumeleke ukuba zibe kwezinye iindawo ezingeyiyo le yesiqhelo yePalamente phantsi kwezi zizathu zilandelayo kuphela: ukulungelwa kukawonke-wonke, ukhuseleko, okanye ukwenza izinto/iimeko zibe lula; nalapho ukuba kwimigaqo nemiyalelo yeBhunga kukho indawo eyivumelayo loo nto.
64.	Usihlalo nooSekela-Sihlalo
IBhunga leSizwe laMaphondo kufuneka linyule uSihlalo kunye nooSekela-Sihlalo ababini phakathi kwabathunywa.
USihlalo nomnye waba Sekela-Sihlalo banyulwa phakathi kwabathunywa  abasisigxina, benyulelwa ithuba leminyaka emihlanu, ngaphandle kokuba  ithuba labo lobuthunywa liphela  ngaphambi koko.
Omnye lo uSekela-Sihlalo unyulelwa ithuba lonyaka omnye, kwaye endaweni yakhe kufuneka kungene umthunywa ovela kwelinye iphondo, ukuze onke amaphondo abe nethuba lokumelwa.
IJaji eyiNtloko  kufuneka ichophele unyulo lukaSihlalo,okanye ityumbe enye ijaji ukuba yenze oko. USihlalo yena uchophela unyulo looSekela-Sihlalo.
[Icandelwana (4)	lithathelwe indawo licandelo 5 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(5)	 Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 usebenza kunyulo lukaSihlalo kunye nooSekela-Sihlalo.
(6)	 IBhunga leSizwe laMaphondo lingamsusa uSihlalo okanye uSekela- Sihlalo esikhundleni.
(7)	 Ngokwemigaqo nemimiselo yalo, iBhunga leSizwe laMaphondo linganyula amanye amagosa okongamela ukuze ancedise uSihlalo  nooSekela-sihlalo.
65.	Izigqibo
Ngaphandle kwalapho uMgaqo-siseko uthetha enye into –
iphondo ngalinye linevoti enye, evotwa egameni lephondo elo yintloko yegqiza lalo; kananjalo
yonke imicimbi ephambi kweBhunga leSizwe laMaphondo kuvunyelwana ngayo ngevoti evumayo yamaphondo amahlanu, ubuncinane.
Kufuneka kube kho uMthetho wePalamente owenziwe ngokungqinelana nenkqubo emiselwe licandelwana loku-(1) okanye elesi-(2) lecandelo 76, uMthetho lowo omawunike umgaqo-nkqubo ofanayo eziya kuthi izindlu zowiso-mthetho zamaphondo zilandele wona ukunika igunya kumagqiza azo lokuba amagqiza la avote egameni lazo.
66.	Ukuthatha inxaxheba kwamalungu eisgqeba seziphathamandla ezilawuloyo sesizwe (eKhabhinethi)
Amalungu eKhabinethi kunye nooSekela baPhathiswa bangaya, futhi bathethe kwiBhunga leSizwe laMaphondo, kodwa bangavoti.
IBhunga leSizwe laMaphondo lingafuna ukuba ilungu leKhabinethi, uSekela-Mphathiswa okanye igosa elikwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu okanye sephondo, liye kwintlanganiso yeBhunga okanye yekomiti yeBhunga eli.
67.	Ukuthabatha inxaxheba kwabameli borhulumente weengingqi
Abameli abangekho ngaphezu kweshumi, abasebenza ixeshana, abatyunjwe ngurhulumente  weengingqi oqingqiweyo, ngokwecandelo 163, ukumela iindidi ngeendidi zoomasipala,bangathabatha inxaxheba xa kuyimfuneko kwiingxoxo zeBhunga leSizwe laMaphondo, kodwa bangavoti.
68.	Amagunya eBhunga leSizwe
Ekusebenziseni igunya lalo lezowiso-mthetho, iBhunga leSizwe laMaphondo lingathi –
(a)	liqwalasele, liphumeze, litshintshe, licebise ngeendawo emazitshintshwe, okanye liwukhabe nawuphi na uMthetho ophambi kweBhunga, ngokungqinelana nesi Sahluko; kanjalo
(b)	liqalise okanye lilungise uMthetho okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, okanye omnye uMthetho okhankanywe kwicandelo 76(3), kodwa alingeqalisi okanye lilungise  iuMthetho oYilwayo zemali.
69 Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kweBhunga leSizwe
IBhunga leSizwe laMaphondo okanye nayiphi na kwiikomiti zalo –
lingambiza nawuphi na umntu ukuba avele phambi kwalo anike ubungqina ngesifungo okanye ngesingqiniso okanye aveze amaxwebhu;
lingafuna ukuba naliphi na iziko okanye nawuphi na umntu anike ingxelo kulo;
lingamnyanzela, ngokomthetho wesizwe okanye ngokwemigaqo nemiyalelo, nawuphi na umntu okanye naliphi na iziko ukuba athobele isamani ethile, okanye iimfuneko ezithile ngokomhlathi (a)	okanye (b); kanjalo
(d)	lingamkela iipetishini, imibiko yemicimbi okanye imicimbi ebhaliweyo ezisuka kubo nabaphi na abantu abafuna ukuzizisa, okanye amaziko anomdla wokwenjenjalo.
70 Izicwangciso zangaphakathi, iingxonxo neenkqubo zeBhunga leSizwe
(1)	IBhunga leSizwe laMaphondo –
(a)	lingamisela lize lilawule, imicimbi yalo yangaphakathi, iingxoxo neenkqubo; kanjalo
(b)	lingenza imigaqo nemiyalelo mayela nemicimbi yalo, kuthathelwa ingqalelo inkqubo yedemokhrasi ebandakanya ilungelo lokuba nabameli nelokuthabatha inxaxheba, ukuthembeka, ukwenza izinto elubala, nokubandakanyeka kukawonke-wonke.
 (2)	 Imigaqo nemiyalelo yeBhunga leSizwe laMaphondo kufuneka inike  isikhokelo –
sokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zalo, ndawonye nokumisela amagunya azo, imisebenzi yazo, imigaqo-nkqubo yazo, kwanobungakanani bexesha lobukho bazo;
sokuthabatha inxaxheba kwawo onke amaphondo kwiingxoxo zalo iBhunga ngendlela engqinelana nedemokhrasi; kananjalo
nesokuthi onke amaqela ezopolitiko amancinane amelweyo kwiBhunga eli athabathe  inxaxheba kwiingxoxo zalo iBhunga, nezeekomiti zalo, ngendlela engqinelana nedemokhrasi, nanini na kukho umcimbi ekufuneka kwenziwe isigqibo ngawo ngokwecandelo 75.
71	Inyhweba
(1)	Abathunywa kwiBhunga leSizwe laMaphondo, nabantu abaxelwe  kwicandelo 66 nelama 67 –
banenkululeko yokuthetha kwiBhunga nakwiikomiti zalo, phantsi  kolawulo lwemigaqo nemiyalelo yalo; kwaye
abafanele ukuba bafakwe ematyaleni embambano nawolwaphulo-mthetho okanye babanjwe, okanye bavalelwe entolongweni okanye bamangalelwe/bahlawuliswe/badliwe ngenxa–
yayo nayiphi na into abayithethileyo, abayivezileyo, okanye abayingenisileyo kwiBhunga okanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zalo; okanye ngenxa
yayo nayiphi na into ethe yadula ngenxa yayo nayiphi na into abayithethileyo, abayivezileyo, okanye abayingenisileyo kwiBhunga okanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zalo.
Ezinye iinyhweba nokunye ukuvikeleka kweBhunga leSizwe laMaphondo, nokwabathunywa kwiBhunga nokwabantu abakhankanywe kwicandelo 66 nelama-67, kungamiselwa nguMthetho wesizwe.
Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezihlawulwa amalungu asisigxina eBhunga leSizwe laMaphondo ziindleko ngqo zeNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe, iNational Revenue Fund.
72.	Ukufikelela nokuthatha kwabantu inxaxheba kwiBhunga leSizwe
IBhunga leSizwe laMaphondo kufuneka –
lenze kube lula ukuthabatha inxaxheba kukawonke-wonke kwinkqubo yowiso-mthetho nakwezinye iinkqubo zeBhunga kunye nezeekomiti zalo; kanjalo
liqhube imicimbi yalo ngendlela eselubala, lithi amathuba alo okuhlala, nalawo eekomiti zalo, liwenzele elubala, kodwa amanyathelo afanelekileyo angathatyathwa –
okulawula ukungena kukawonke-wonke, kanye nokungena koonondaba kwiBhunga nakwiikomiti zalo;
nawokulungiselela ukusetshwa kwakhe nawuphi na umntu nokuthi, apho kufanelekileyo, angavunyelwa angene, okanye akhutshwe nawuphi na umntu.
IBhunga leSizwe laMaphondo malingamvaleli uwonke-wonke, kubandakanywa noonondaba, kwintlanganiso yekomiti ethile, ngaphandle kokuba kufanelekile kwaye kukho isizathu zokwenjenjalo kuluntu olungafihlisi nto nolunedemokhrasi.
INkqubo yoWiso-mthetho yeSizwe 
Yonke iMithetho esaYilwayo
Nawuphi na uMthetho oYilwayo ungangeniswa kwiNdlu yoWiso-mthetho.
Kuphela lilungu leKhabinethi okanye uSekela-mPhathiswa, okanye ilungu okanye ikomiti yeNdlu yoWiso-mthetho emayingenise uMthetho oYilwayo kwiNdlu; kodwa lilungu leKhabinethi elijongene nemicimbi yezemali yesizwe lodwa elinokungenisa:
uMthetho oYilwayo ophathelele kwezemali; okanye
uMthetho oYilwayo elungiselela ukuwiswa kwalaa mithetho ichazwe kwicandelo 214.
[Icandelwana (2) lithathelwe indawo licandelo 1(a) loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001]
 [Icandelwana (3) lithathelwe indawo  licandelo 1(b) loMthehto Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
UMthetho oYilwayo okhankanywe kwicandelo 76 (3), ngaphandle koMthetho oYilwayo ikhankanywe kwicandelwana (2) (a) okanye (b) kweli candelo, ungangeniswa kwiBhunga leSizwe laMaphondo.
[Icandelwana (3)	lenziwe izilungiso ngecandelo ngecandelo 1 (b) loMthetho Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
Kuphela lilungu okanye ikomiti yeBhunga leSizwe laMaphondo elingangenisa uMthetho oYilwayo kwiBhunga eli.
UMthetho oYilwayo ophunyezwe yiNdlu yoWiso-mthetho kufuneka isiwe kwiBhunga leSizwe laMaphondo, ukuba kufuneka iBhunga liyiqwalasele. IMithetho eYilwayo ephunyezwe liBhunga kufuneka isiwe kwiNdlu.
74.	Imithetho eYilwayo eyenza izilungiso kuMgaqo-siseko
Icandelo loku-1 kwakunye neli candelwana angenziwa izilungiso ngoMthetho oYilwayo ophunyezwe –
yiNdlu yoWiso-mthetho, exhaswe yivoti efikileyo kuma-75 eepesenti amalungu  ayo, ubuncinane;
naliBhunga leSizwe laMaphondo, ixhaswe yivoti yamaphondo amathandathu ubuncinane.
ISahluko 2 singenziwa izilungiso nguMthetho oYilwayo ophunyezwe –
yiNdlu yoWiso-mthetho, exhaswe yivoti, ubuncinane, esisibini kwisithathu samalungu ayo;
naliBhunga leSizwe laMaphondo, ixhaswe yivoti yamaphondo amathandathu, ubuncinane.
Nawuphi na omnye ummiselo woMgaqo-siseko ungenziwa izilungiso nguMthetho oYilwayo ophunyezwe –
yiNdlu yoWiso-mthetho, ixhaswe yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, 	ubuncinane;
naliBhunga leSizwe laMaphondo, ixhaswe yivoti yamaphondo amathandathu 	ubuncinane, ukuba utshintsho olo –
lumayela nomcimbi ochaphazela iBhunga eli;
luguqula imida, amagunya, imisebenzi okanye amaziko amaphondo; okanye
lutshintsha ummiselo ochaphazela ngqo umcimbi ongowamaphondo.
UMthetho oYilwayo owenza izilungiso kuMgaqo-siseko mawungaquki nemimiselo  engezonguqulo zoMgaqo-siseko namicimbi idibene neenguqulo ezo.
Kwisithuba samashumi amathathu 30 eentsuku, ubuncinane, phambi kokuba  uMthetho oYilwayo owenza izilungiso kuMgaqo-siseko ngokwecandelo 73 (2) ungenisiwe, umntu lowo okanye ikomiti leyo inenjongo yokuwungenisa kufuneka–
ipapashe, kwiGazethi kaRhulumente weSizwe nangokwemigaqo nemiyalelo 	yeNdlu yoWiso-mthetho, iinkcukacha zotshintsho olo lucetywayo ukuze 	zihlalutywe nguwonke-wonke;
ise ezi nkcukasha, ngokwemigaqo nemiyalelo yeNdlu, kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo ukuze zona zivakalise izimvo zazo; kanjalo
ise ezi nkcukacha, ngokwemigaqo nemiyalelo yeBhunga leSizwe laMaphondo, kweli Bhunga ukuze kuxoxwe ngazo ngokuphandle, ukuba olu tshintsho lupoposhwayo asilolutshintsho kufuneka luphunyezwe liBhunga eli.
Xa kungeniswa uMthetho oYilwayo owenza izilungiso kuMgaqo-siseko, loo mntu  okanye loo komiti iwungenisayo loo Mthetho uYilwayo kufuneka ize kunye nazo naziphi na izimvo ezibhaliweyo ezivela ebantwini nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo, azinike-
uSomlomo ukuze azandlale kwiNdlu yoWiso-mthetho;
nakuSihlalo weBhunga leSizwe laMaphondo, ukuba lutshintsho ekuthethwa ngalo kumacandelwana (1), (2)	okanye (3)(b), ukuze azandlale kwiBhunga elo.
UMthetho oYilwayo owenza izilungiso kuMgaqo-siseko mawungavotelwa kwiNdlu yoWiso-mthetho kwisithuba sama-30 eentsuku -
ingenisiwe, ukuba iNdibano ihlangene ngeli xesha ungeniswayo uMthetho oYilwayo lowo; okanye
yandlêlwè kwiNdlu, ukuba iNdlu ikwixesha lokungahlangani ngeli xesha ungeniswayo uMthetho oYilwayo lowo.
Ukuba uMthetho oYilwayo ekuthethwa ngawo kwicandelwana (3) (b), okanye nayiphi  na inxalenye yoMthetho oYilwayo lo, ophathelele kwiphondo elithile okanye  kumaphondo athile kuphela, iBhunga leSizwe laMaphondo malingawuphumezi  loo  Mthetho uYilwayo, okanye loo nxalenye yawo ichaphazelekayo, ngaphandle kokuba uvunyiwe yindlu yowiso-mthetho yelo phondo okanye zizindlu zowiso-mthetho zaloo maphondo uphathelene nawo.
UMthetho oYilwayo owenza izilungiso kuMgaqo-siseko epasisiweyo yiNdlu yoWiso-mthetho, naliBhunga leSizwe laMaphondo, apho lingena khona, kufuneka ithunyelwe kuMongameli ukuze ayivume.
75.	IMithetho eYilwayo yesiqhelo engachaphazeli amaphondo
Xa iNdlu yoWiso-mthetho iphumeza  uMthetho oYilwayo ongenguwo  uMthetho oYilwayo ekusebenza kuwo uMgaqo-nkqubo ocaciswe kwicandelo 74 okanye 76, uMthetho oYilwayo lowo kufuneka ubhekiswe kwiBhunga leSizwe laMaphondo ukuze kujongwane nawo ngokungqinelana nalo Mgaqo-nkqubo ulandelayo:
IBhunga kufuneka –
liwuphumeze uMthetho oYilwayo; okanye
liwuphumeze uMthetho oYilwayo phantsi kwezilungiso eziphakanyiswa yiyo;  okanye
liwukhabe uMthetho oYilwayo.
Ukuba iBhunga liyawuphumeza uMthetho oYilwayo ngaphandle kokuphakamisa utshintsho, uMthetho oYilwayo lowo mawusiwe kuMongameli ukuze awuvume.
Ukuba iBhunga liyawuphumeza uMthetho oYilwayo kodwa liwenze iiguqulelo, iNdlu kufuneka iwuqwalasele lo Mthetho uYilwayo kwakhona, ithathele ingqalelo nasiphi na isilungiso esiphakanyiswa liBhunga; ingathi ke –
iwuphumeze uMthetho oYilwayo kwakhona, unezilungiso okanye  ungenazilungiso; okanye
igqibe ukuba ingaqhubeli phambili ngoMthetho oYilwayo.
UMthetho oYilwayo ophunyezwe yiNdlu ngokomhlathi (c) kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awuvume.
Xa iBhunga leSizwe laMaphondo livota ngomcimbi othile ngokweli candelo, icandelo  65 alisebenzi; endaweni yoko –
umthunywa ngamnye kwigqiza lephondo ngalinye unevoti enye;
ubuncinci, isinye kwisithathu sabathunywa kufuneka sibe khona phambi kokuba Kuvotwe ngaloo mcimbi;
umcimbi kugqitywa ngawo ngesininzi seevoti ezenziweyo, kodwa ukuba kukho inani elilinganayo leevoti kwicala ngalinye lalo mcimbi, umthunywa ochopheleyo kufuneka afake ivoti eyahlulayo.
76.	Imithetho eYilwayo yesiqhelo echaphazela amaphondo 
(1)	Xa iNdlu yoWiso-mthetho iphumeza uMthetho oYilwayo ekubhekiswa kuwo kwicandelwana (3), (4) okanye elesi (5) uMthetho oYilwayo lowo kufuneka ubhekiswe kwiBhunga leSizwe laMaphondo kuze kujongwane nayo ngokungqinelana nalo mgaqo-nkqubo ulandelayo:
(a)	IBhunga kufuneka –
(i)	liwuphumeze uMthetho oYilwayo;
(ii)	liphumeze uMthetho oYilwayo etshintshiweyo; okanye
(iii)	liyikhabe uMthetho oYilwayo.
(b)	Ukuba iBhunga liyawuphumeza uMthetho oYilwayo lowo ngaphandle kotshintsho, uMthetho oYilwayo lowo kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(c)	Ukuba iBhunga liphumeza uMthetho oYilwayo onotshintsho, uMthetho oYilwayo lowo unotshintsho kufuneka uthunyelwe kwiNdlu, ukuba iNdlu iyawuphumeza uMthetho oYilwayo lowo utshintshiweyo, kufuneka iuthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(d)	Ukuba iBhunga liyawukhaba uMthetho oYilwayo, okanye ukuba iNdlu iyala
  ukuwuphumeza uMthetho oYilwayo otshintshiweyo waza weziswa kuyo  ngokomhlathi (c), uMthetho oYilwayo lowo, noMthetho oYilwayo otshintshiweyo, xa
  ikhona, kufuneka ithunyelwe kwiKomiti eLamlayo, enokuvuma –
(i)	uMthetho oYilwayo njengoko uphunyezwe yiNdlu;
(ii)	uMthetho oYilwayo otshintshiweyo ophunyezwe liBhunga; okanye
(iii)	uMthetho oYilwayo lo, ubekwe ngolunye uhlobo.
(e)	Ukuba iKomiti eLamlayo ayinakho ukuvumelana noMthetho oYilwayo lo ngeentsuku ezingama-30 ukususela mhla uMthetho oYilwayo weziswa kuyo, uMthetho oYilwayo uyaphelelwa ngaphandle kokuba iNdlu iwuphumeze kwakhona uMthetho oYilwayo, kodwa ngokuxhaswa yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinane.
(f)	Ukuba iKomiti eLamlayo ivumelana noMthetho oYIlwayo njengokuba uphunyezwe yiNdlu, uMthetho oYilwayo kufuneka ubhekiswe kwiBhunga; ukuba ke iBhunga liyawuphumeza uMthetho oYilwayo, uMthetho oYilwayo lo kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(g)	Ukuba iKomiti eLamlayo iyavumelana neBhili elungisiweyo njengoko ipasiswe liBhunga, uMthetho oYilwayo kufuneka ibhekiswe kwiNdlu; ukuba uphunyezwe yiNdlu, kufuneka ithunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
 (h)	Ukuba iKomiti eLamlayo ivumelana nolunye uhlobo loMthetho oYilwayo, olo hlobo lulolunye loMthetho oYIlwayo kufuneka luthunyelwe kwiNdlu nakwiBhunga; uze  ukuba uphunyeziwe yiNdlu naliBhunga, uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(i)	Ukuba uMthetho oYilwayo obhekiswe kwiBhunga ngokomhlathi (f) okanye (h) ayiphunyezwanga liBhunga, uMthetho oYilwayo uyaphelelwa ngaphandle kokuba yiNdlu ethi iwuphumeze uMthetho oYilwayo lowo, ixhaswa yivoti yamalungu ayo asisibini kwisithathu, ubuncinane.
(j)	Ukuba uMthetho oYilwayo obhekiswe kwiNdlu ngokomhlathi (g) okanye (h) awuphunyezwanga yiNdlu, loo Mthetho uYilwayo  uyaphelelwa; kodwa laa Mthetho uYilwayo ubukhe waphunyezwa  kuqala yiNdlu ingathi kwakhona uphunyezwe yiNdlu, kodwa ixhaswe yivoti yamalungu ayo asisibini kwisithathu, ubuncinane.
(k) UMthetho oYilwayo ophunyezwe ngokwemihlathi (e),(i) okanye (j) kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(2)	Xa iBhunga leSizwe laMaphondo liphumeza  uMthetho oYilwayo ekuthethwa ngawo kwicandelwana (3), uMthetho oYilwayo lowo kufuneka ubhekiswe kwiNdlu yoWiso- mthetho kuze kujongwane nawo ngokungqinelana nalo mgaqo-nkqubo ulandelayo:
(a)	INdibano kufuneka –
(i)	wuphumeze uMthetho oYilwayo, okanye
(ii)	iphumeze uMthetho oYilwayo otshintshiweyo, okanye
(iii)	iwukhabe uMthetho oYilwayo.
(b)	UMthetho oYilwayo ophunyezwe yiNdlu ngokomhlathi (a)(i) kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
 (c)	Ukuba iNdlu iphumeza uMthetho oYilwayo otshintshiweyo, uMthetho oYilwayo lowo utshintshiweyo kufuneka uthunyelwe kwiBhunga, uze ukuba iBhunga liyawuphumeza uMthetho oYilwayo lowo utshintshiweyo, wona uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(d)	Ukuba iNdlu iyawukhaba uMthetho oYilwayo, okanye ukuba iBhunga liyala ukuyiphumeza uMthetho oYilwayo otshintshiweyo othunyelwe kuyo ngokomhlathi (c), uMthetho oYilwayo lowo, nalo Mthetho uYilwayo utshintshiweyo, xa  ukhona, kufuneka ithunyelwe kwiKomiti eLamlayo, enokuvuma –
(i)	uMthetho oYilwayo njengoko uphunyezwe liBhunga
(ii)	uMthetho oYilwayo olungisiweyo njengoko uphunyezwe yiNdlu; okanye
(iii)	ivume olunye uhlobo lwalo Mthetho uYilwayo.
(e)	Ukuba iKomiti eLamlayo ayinakho ukuwuvuma ngeentsuku ezingama-30  ukususela mhla uMthetho oYilwayo wasiwa kuyo, uMthetho oYilwayo uyaphelelwa.
(f)	Ukuba iKomiti eLamlayo iyavumelana noMthetho oYilwayo njengoko uphunyeziwe  liBhunga, uMthetho oYilwayo lowo kufuneka ubhekiswe kwiNdlu, ukuba iNdlu  iyawuphumeza, uMthetho oYilwayo lowo kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(g)	Ukuba iKomiti eLamlayo iyawuvuma uMthetho oYilwayo olungisiweyo njengoko  uphunyezwe yiNdlu, uMthetho oYilwayo kufuneka ubhekiswe kwiBhunga, uze  ukuba uphunyeziwe liBhunga, uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(h)	Ukuba iKomiti eLamlayo ivuma olunye uhlobo loMthetho oYilwayo, olo hlobo loMthetho oYilwayo  kufuneka uthunyelwe kwiBhunga nakwiNdlu, ukuba uphunyezwe liBhunga nayiNdlu, kufuneka uthunyelwe kuMongameli ukuze awamkele.
(i)	Ukuba uMthetho oYilwayo obhekiswe kwiNdlu ngokwemihlathi (f)okanye (h) awuphunyezwanga yiNdlu, uMthetho oYilwayo lowo uyaphelelwa.
(3)	UMthetho oYilwayo mawuqwalaselwe ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo osekwe  licandelwana (1) okanye (2) ukuba ukwindawo yomsebenzi edweliswe kuShedyuli 4,  okanye uyawumisela uMthetho okhankanywe kuwo nawaphi na kula macandelo  alandelayo:
(a)	icandelo 65 (2);
(b)	icandelo 163;
(c)	icandelo 182;
(d)	icandelo 195 (3)	no (4);
(e)	icandelo 196; kunye
(f)	necandelo 197
(4)	UMthetho oYilwayo kufuneka kujongwane nawo ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo  osekwe licandelwana (1)	ukuba umisela uMthetho –
(a)	ekuthethwa ngawo kwicandelo 44 (2) okanye 220 (3); okanye
(b)	ekuthethwa ngawo kwiSahluko 13, ochaphazela imicimbi yezemali yesigaba samaphondo sikarhulumente.
[Isiqendu (b)_ sithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003]
(5)	UMthetho oYilwayo ekuthethwa ngawo kwicandelo 42 (6) kufuneka kujongwane  nawo ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo omiselwe licandelwana (1), ngaphandle kokuba –
(a)	xa iNdlu yoWiso-mthetho ivotela uMthetho oYilwayo le, imimiselo yecandelo 53 (1) ayisebenzi; endaweni yaloo nto, uMthetho oYilwayo ungaphunyezwa kuphela  ukuba isininzi samalungu eNdlu ayawuvotela ewamkela;
(b)	ukuba uMthetho oYilwayo ubhekiswe kwiKomiti eLamlayo, le migaqo ilandelayo iyasebenza:
(i)	Ukuba iNdlu yoWiso-mthetho iqwalasela uMthetho oYilwayo ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1) (g) okanye (h), loo Mthetho uYilwayo ungaphunyezwa kuphela ukuba isininzi samalungu eNdibano siyayivotela siwamkela.
(ii)	Ukuba iNdlu yoWiso-mthetho iqwalasela, okanye iyiqwalasela ngokutsha, uMthetho oYilwayo ekuthethwa ngayo kwicandelwana (1) (e), (i) okanye (j) loo Mthetho uYIlwayo ungaphunyezwa kuphela ukuba, ubuncinane, isibini kwisithathu samalungu eNdlu ayawuvotela ewamkela.
(6)	Eli candelo alingeni ndawo kwiMithetho eYilwayo yemali.
77.	IMithetho eYilwayo yeMali
Umthetho oYilwayo unguMthetho oYilwayo xa ngaba -
waba imali;
ubeka iirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo;
utshitshisa okanye unciphisa okanye unika izaphulelo kwiirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo; okanye
ugunyazisa iintlawulo ezitsalwa kwiNgxowa yemali yeSizwe eyi National Revenue Fund, ngaphandle kwalaa Mthetho uYilwayo ukhankanywe kwicandelo 214 ugunyazisa iintlawulo ezitsalwa ngqo.
UMthetho oYilwayo awunakujongana nawo nawuphi na omnye umcimbi ngaphandle -
umcimbi onxulumene nolwabiwo lwemali;
kokubeka okanye kokutshitshisa okanye kokunciphisa iirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo;
kokunika izaphulelo kwiirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo; okanye
kokugunyazisa iintlawulo ezitsalwa kwiNgxowa yemali yeSizwe eyiNational Revenue Fund.
Yonke iMithetho eYilwayo yemali kufuneka iqwalaselwe ngokomgaqo-nkqubo omiselwe licandelo 75.  Kufuneka kubekho uMthetho wePalamente omisela umgaqo-nkqubo wokutshintsha iiBhili zemali ePalamente.
[Icandelo 77 lithathelwe indawo licandelo 2 loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
78.	IKomiti eLamlayo
IKomiti eLamlayo –
inamalungu asithoba eNdlu yoWiso-mthetho anyulwe yiNdlu ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo omiselwe yimigaqo nemiyalelo yeNdlu; lo mgaqo-nkqubo mawube ngobangela ukuba amaqela ezopolitiko abe nabameli, kule komiti, abanani labo lilungelelene nenani labameli bawo kwiNdlu;
ikwanomthunywa omnye ovela kulo ngalinye igqiza lephondo  elikwiBhunga leSizwe laMaphondo, umthunywa lowo otyunjwe ligqiza akulo.
IKomiti eLamlayo iluvumile uchazo oluthile loMthetho oYilwayo, okanye igqibile ngomcimbi othile,  xa olo chazo loMthetho oYilwayo okanye  elinye icala laloo mcimbi, lixhaswa –
ngabameli abahlanu, ubuncinane, beNdlu yoWiso-mthetho;
nangabameli abahlanu, ubuncinane, beBhunga leSizwe.
79.	Ukuvunywa kweMithetho eYilwayo
UMongameli kufuneka awuvume, awusayine uMthetho oYilwayo ophunyezwe ngokwesi Sahluko okanye, ukuba uMongameli unamathandabuzo ngokungqinelana koMthetho oYilwayo noMgaqo- siseko, angawuphindisela kwiNdlu yoWiso-mthetho ukuba iyokuqwalaselwa kwakhona.
Imigaqo nemiyalelo edibeneyo kufuneka imisele umgaqo-nkqubo wokuqwalaselwa ngokutsha koMthetho oYilwayo yiNdlu yoWiso- mthetho nowokuthatha inxaxheba kweBhunga leSizwe laMaphondo kolo qwalaselo.
IBhunga leSizwe laMaphondo kufuneka lithathe inxaxheba ekuqwalaselweni ngokutsha koMthetho oYilwayo uMongameli athe wawubuyisela kwiNdlu yoWiso-mthetho ukuba –
amathandabuzo kaMongameli ngokungqinelana koMthetho oYilwayo noMgaqo- siseko aphathelele kumcimbi womgaqo-nkqubo obandakanya  iBhunga; okanye
icandelo 74 (1), (2) okanye (3) (b) okanye icandelo 76 lalisetyenzisiwe ekupasiseni uMthetho oYilwayo lowo.
Ukuba uMthetho oYilwayo, emva kokuqwalaselwa kwawo ngokutsha, uyawasusa amathandabuzo kaMongameli, uMongameli kufuneka awamkele, awusayine uMthetho oYilwayo; kungenjalo, uMongameli kufuneka:
awamkele awusayine uMthetho oYilwayo; okanye
awuse kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuze kuthatyathwe isigqibo Malunga nokungqinelana kwawo noMgaqo-siseko.
Ukuba iNkundla yezoMgaqo-siseko igqiba ekubeni uMthetho oYiwayo uyangqinelana noMgaqo-siseko, uMongameli kufuneka awamkele aze awusayine.
80.	Ukwenziwa kwesicelo kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ngamalungu eNdlu yoWiso-mthetho
Amalungu eNdlu yoWiso-mthetho angenzela isicelo kwiNkundla yezoMgaqo-siseko sokuba iNkundla leyo ikhuphe umyalelo othi uMthetho uwonke, okanye inxalenye yoMthetho wePalamente awungqinelani noMgaqo- siseko.
Isicelo –
kufuneka sixhaswe ubuncinane sisinye kwisithathu samalungu eNdibano; kwaye
kufuneka senziwe zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela kumhla athe ngawo  uMongameli wawamkela waze wawusayina uMthetho.
INkundla yezoMgaqo-siseko ingayalela ukuba wonke okanye inxalenye yoMthetho ophantsi kwesicelo ngokwecandelwana (1)	awunamandla okusebenza ide ibe iNkundla iye yenza isigqibo ngesicelo, ukuba –
iinjongo zobulungisa zifuna oku; kwaye
kukho ithemba lokuba isicelo singaphumelela.
Ukuba isicelo asiphumelelanga, saye sasingenathuba lihle lokuphumelela, iNkundla yezoMgaqo-siseko isengayalela abafaki-sicelo ukuba bahlawule iindleko.
81.	Ukupapashwa kweMithetho
UMthetho oYilwayo owamkelweyo waze wasayinwa nguMongameli uba nguMthetho wePalamente, kwaye kufuneka ipapashwe ngoko nangoko, kwaye iqalisa ukusebenza yakupapashwa okanye ngomhla omiselwe ngokoMthetho lowo.
82.	Ukugcinwa kakuhle kweMithetho yePalamente
Ikopi esayiniweyo yoMthetho wePalamente ibubungqina obupheleleyo bemimiselo yaloo Mthetho kwaye, emva kokupapashwa, kufuneka unikwe iNkundla yezoMgaqo-siseko ukuze iwugcine kakuhle.
ISAHLUKO 5
UMONGAMELI NESIGQEBA SESIZWE SEZIPHATHAMANDLA EZILAWULAYO (NEKHABHINETHI) (ss 83-102)
83.	UMongameli
UMongameli –
uyiNtloko yomBuso kwanentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu;
kufuneka awuxhase, awukhusele aze awuhlonele uMgaqo-siseko njengowona mthetho uphezulu weRiphablikhi; kwaye
ukwakhuthaza umanyano lwesizwe kwanoko kuya kuthi kuyiqhubele phambili iRiphablikhi.
84.	Amagunya nemisebenzi kaMongameli
UMongameli unamagunya awaphathiswe nguMgaqo-siseko kunye nomthetho, kubandakanywa amagunya afunekayo ukuze kwenziwe imisebenzi yeNtloko yoMbuso kunye neyentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu.
UMongameli ufanele ukuba enze ezi zinto zilandelayo –
ukwamkela nokusayina iMithetho eYilwayo;
ukuphindisela iMithetho eYilwayo kwiNdlu yoWiso-mthetho ukuze kuqwalaselwe kwakhona ukungqinelana koMthetho oYilwayo lowo lowo noMgaqo-siseko;
ukuthumela uMthetho oYilwayoli kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuba yenze isigqibo malunga nokungqinelana koMthetho oYilwayo lowo noMgaqo-siseko;
ukubizela iNdlu yowiso-mthetho, iBhunga leSizwe laMaphondo okanye iPalamente ukuba mayihlale kwintlanganiso yexesha elingelolesiqhelo ukuze iqwalasele imicimbi engxamisekileyo;
ukumisela abantu nakweziphi na izithuba apho uMgaqo-siseko okanye uMthetho ufuna ukuba uMongameli enjenjalo, ngaphandle kokumisela abantu akwenza kuba eyintloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu;
ukumisela iikhomishini zophando;
ukubiza uvavanyo-zimvo lwesizwe ngokoMthetho wePalamente;
ukwamkela nokunika ingqalelo abameli bozakuzo bamanye amazwe;
ukutyumba oonozaku-zaku, noonozakuzaku abanokuzimela;
ukuxolela okanye ukukhulula izaphula-mthetho nokucima naziphi na iifayini, izohlwayo okanye izohlutho;
nokuwonga ngeembasa.
[Amazwi okumhlonipha afakelwe kuShicilelo-Mithetho (Government Gazette) 24155 lukaDisemba 6 2002 nakuShicilelo-Mithetho 25213 lukaJulayi 2003]
85.	Isigqeba seziphathamandla ezilawulayo zeRiphablikhi
Igunya lolawulo oluphezulu leRiphablikhi lixakathiswe uMongameli.
UMongameli usebenzisa igunya lolawulo oluphezulu, ekunye namanye amalungu eKhabinethi –
ngokuwenza umthetho wesizwe usebenze, ngaphandle kwalapho uMgaqo-siseko okanye uMthetho othile wePalamente unammiselo wumbi;
ukuphuhlisa nokwenza inkqubo-sikhokelo yesizwe isebenze;
ukulungelelanisa imisebenzi yamasebe karhulumente kunye namaziko olawulo;
ukulungiselela nokuqalisa umthetho; kunye
nokwenza nawuphi na omnye umsebenzi wolawulo omiselwe kuMgaqo-siseko okanye kumthetho wesizwe.
86.	Unyulo lukaMongameli
Ekuhlaleni kwayo okokuqala emva kokunyulwa kwayo, kwakunye nanini na xa kufuneka kuvalwe isithuba, iNdlu y oWiso-mthetho kufuneka inyule owasetyhini okanye indoda phakathi kwamalungu ayo ukuba abe nguMongameli.
IJaji eyiNtloko kufuneka ichophele unyulo lukaMongameli, okanye ityumbe enye ijaji ukuba yenjenjalo. Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 kusebenza wona ekunyulweni kukaMongameli.
[Icandelwana (2) lithathelwe indawo licandelo 6 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001]
Unyulo lokuvala isithuba kwisikhundla sikaMongameli kufuneka lubanjwe ngexesha nomhla ogqitywe nguMongameli weNkundla yezoMgaqo-siseko, kodwa zingadlulanga iintsuku ezingama-30 emva kokuvela kwesithuba eso.
[Icandelwana (3)	lithathelwe indawo licandelo 6 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
87.	Ukuqalisa kukaMongameli esikhundleni
Xa enyulwe njengoMongameli, umntu uyayeka ukuba lilungu leNdlu yoWiso-mthetho, kwaye kufuneka athi, zingaphelanga iintsuku ezintlanu, athabathe isikhundla ngokufunga okanye ngokuvuma ukuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko ngokokweShedyuli 2.
88.	Ixesha lokubamba isikhundla sikaMongameli
Ixesha lokuba sesikhundleni kukaMongameli liqala ekuthatheni kwakhe  isikhundla eso lize liphele xa kuthe kwavela isithuba okanye xa omnye umntu onyuliweyo njengoMongameli ethabatha isikhundla.
Makungabi kho mntu ubamba isikhundla njengoMongameli ngaphezulu  kwezihlandlo ezibini; kodwa, xa umntu enyulwe ukuvala isithuba  sikhundleni sikaMongameli, ithuba eliphakathi kolo nyulo, nonyulo olulandelayo lukaMongameli alithathwa njengethuba lokuba sesikhundleni.
89.	Ukususwa kukaMongameli
INdlu yoWiso-mthetho, ngesigqibo esithathwe ngokuxhaswa yivoti, yesibini esithathwini samalungu ayo ubuncinci, ingamsusa uMongameli esikhundleni sakhe kuphela ngenxa yezi zizathu zilandelayo –
ukwaphulwa koMgaqo-siseko okanye komthetho okugqithisileyo;
ukungakwazi ukuziphatha okugqithisileyo; okanye
ukungakwazi ukwenza umsebenzi wesikhundla.
Nabani na othe wasuswa kwisikhundla sobuMongameli ngokwecandelwana (1)(a) okanye (b) akanakho ukufumana iimfanelo zeso sikhundla, kwaye akanakho ukubamba naso nasiphi na isikhundla eburhulumenteni.
90.	Umongameli oBambeleyo 
Xa uMongameli engekho kwiRiphablikhi, okanye engakwazi ukwenza umsebenzi wakhe wesikhundla sikaMongameli ngasizathu simbi, okanye ngethuba kukho isithuba kwisikhundla sikaMongameli, igosa elisesikhundleni lingabambela njengoMongameli ngokolu landelelwano lungezantsi –
uSekela-Mongameli;
uMphathiswa otyunjwe nguMongameli;
uMphathiswa otyunjwe ngamanye amalungu eKhabinethi;
uSomlomo, ide iNdlu yoWiso-mthetho ityumbe elinye lamalungu ayo.
UMongameli oBambeleyo unoxanduva, amagunya, nemisebenzi kaMongameli.
Phambi kokuthabatha uxanduva, amandla nemisebenzi kaMongameli,  uMongameli  oBambeleyo kufuneka afunge okanye avume ukuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
Umntu othe njengoMongameli oBambeleyo wenza isifungo okanye uqinisekiso lokunyaniseka kwiRiphablikhi akukho mfuneko yokuba aphinde enze esinye isifungo okanye olunye uqinisekiso xa ethe waphinda wabamba njengoMongameli ngesi sithuba siphela ukuqala sikhundleni komntu olandelayo ukunyulwa njengoMongameli.
[Icandelwana  (4)	longezwe ngecandelo1 loMthetho Wokuqala Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1997.]
91.	IKhabhinethi
IKhabhinethi yakhiwa nguMongameli, njengentloko yeKhabhinethi, uSekela-Mongameli kunye nabaPhathiswa.
UMongameli utyumba uSekela-Mongameli nabaPhathiswa, abanike  amagunyanemisebenzi yabo, kwaye unakho ukubagxotha.
UMongameli –
kufuneka akhethe uSekela-Mongameli phakathi kwamalungu  eNdlu yoWiso-mthetho;
angakhetha nokuba bangaphi abaPhathiswa phakathi kwamalungu  eNdlu; futhi
angakhetha abaPhathiswa bangabi ngaphezu kwesibini  abangengomalungu eNdibano.
UMongameli kufuneka atyumbe ilungu leKhabhinethi libe yinkokeli  yemicimbi kaRhulumetne kwiNdlu yoWiso-mthetho.
USekela-Mongameli kufuneka amncedise uMongameli ekwenzeni Imisebenzi karhulumente.
92.	Uxanduva lokuphendula nezinto eziluxanduva
USekela-Mongameli nabaPhathiswa bajongene namagunya nemisebenzi  yolawuloabayabelwe nguMongameli.
Amalungu eKhabhinethi kufuneka athembeke kwiPalamente  ngokudibeneyo okanye ngokomntu ngamnye, malunga nokusetyenziswa  kwamandla awo nokwenziwa kwemisebenzi yawo.
Amalungu eKhabhinethi kufuneka –
enze ngokungqinelana noMgaqo-siseko; aze
anike iPalamente iingxelo ezizeleyo nezithe gqolo malunga nemicimbi ephantsi kolawulo lwawo.
93.	Amasekela abaPhathiswa
UMongameli unokubeka-
aMasekela abaPhathiswa nokuba bangaphi na abakhetha apha kumalungu eNdlu yoWiso-mthetho; kunye 
 namanye aMasekela abaPhathiswa abangenakudlula kwisibini abakhetha kubantu abangengawo amalungu eNdlu yoWiso-mthetho, bokuba bancedisane namalungu eKhabhinethi, kwaye usenokubakhupha kwezo zikhundla.
AMasekela abaPhathiswa anyulwe ngokwecandelwana (1) (b) aphendula kwiPalamente ngokwamagunya awasebenzisayo nangokwemisebenzi ayenzayo.
[Icandelo 93 lenziwe izilungiso ngecandelo 7 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-Siseko  ka-2001.]
94.	Ukuqhuba kweKhabhinethi emva konyulo
Xa kubanjwe unyulo lweNdlu yoWiso-mthetho, iKhabhinethi, uSekela-Mongameli,  abaPhathiswa nawo nawaphi na amaSekela abaPhathiswa bahlala bekufanele ukusebenza de umntu onyulwe ukuba abe nguMongameli yiNdibano elandelayo athabathe isikhundla.
95.	Isifungo okanye uqinisekiso
Phambi kokuba uSekela-Mongameli, abaPhathiswa nawo nawaphi na amaSekela abaPhathiswa baqale ukwenza imisebenzi yabo, kufuneka bafunge okanye bavume ukuthembeka kwabo kwiRiphablikhi, nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
96.	Ukuziphatha kwamalungu eKhabhinethi namaSekela abaPhathiswa
Amalungu eKhabhinethi kunye namaSekela abaPhathiswa kufuneka baziphathe ngokwendlela yokuziphatha emiselwe ngumthetho wesizwe.
Amalungu eKhabhinethi namaSekela abaPhathiswa akuvumelekanga ukuba –
benze nawuphi na omnye umsebenzi obabhatalayo;
benze nangayiphi na indlela engahambisaniyo nezikhundla zabo, okanye bazibeke esichengeni sayo nayiphi imeko engathi ibangele umngcipheko wokungquzulana koxanduva lwabo lwaseburhulumenteni neemfuno zabo zabucala; okanye
basebenzise izikhundla zabo okanye naluphi na ulwazi olusezandleni zabo besenzela  ukutyebisa, okanye ukulungelwa, ngendlela engeyiyo kwakhe nawuphi na omnye umntu.
97.	Udluliselo lwemisebenzi
UMongameli angathi ngesihlokomiso atshintshele kwilungu elithile leKhabhinethi –
usetyenziso lwawo nawuphi na umthetho olunikwe elinye ilungu; okanye
naliphi na igunya okanye umsebenzi onikwe elinye ilungu ngokomthetho.
98.	Ukuphathiswa imisebenzi okwethutyana
UMongameli angaphathisa ilungu leKhabinethi naliphi na igunya okanye umsebenzi welinye ilungu elingekhoyo kweso sikhundla, okanye elingakwaziyo ukusebenzisa elo gunya okanye ukwenza loo msebenzi.
99.	Ukuphathiswa/ukwabelwa kwemisebenzi
Ilungu leKhabhinethi lingabela naliphi na igunya emalisetyenziswe okanye umsebenzi omawenziwe ngokoMthetho wePalamente kwilungu leBhunga lokuLawula lephondo okanye kwiBhunga likaMasipala. Ulwabelo –
kufuneka lube ngokwemigaqo yesivumelwano phakathi kwelo lungu  leKhabhinethi lichaphazelekayo kunye nelungu leBhunga esinoLawulo  oluPhezulu okanye leBhunga likaMasipala;
kufuneka lungqinelane noMthetho wePalamente lowo ulawula ukusetyenziswa kwelo gunya okanye ukwenziwa kwaloo msebenzi:
lwenzeka emva kokwaziswa ngesihlokomiso nguMongameli.
Ukungenelela kukaRhulumente weSizwe kulawulo lwamaphondo
[Esi sihloko sitshintshwe licandelo 2(a) loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003]
Xa iphondo lingakwazi okanye lingawufezekisi umsebenzi wezolawulo ngokwemigaqo yoMgaqo-siseko okanye yomthetho, isigqeba esilawulayo sesizwe singangenelela  ngokuthabatha nawaphi na amanyathelo afanelekileyo, ukuqinisekisa ukufezekiswa kwaloo msebenzi kubandakanywa –
ukukhupha umyalelo uye kwisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu, ochaza ubungakanani bokusilela ukufezekisa imisebenzi yalo, okwachaza nawaphi na amanyathelo afunekayo ukuze iphondo elo liwufezekise loo msebenzi walo;
nokuthabatha uxanduva lwaloo msebenzi kwelo phondo kangangoko kukho imfuneko –
yokugcina imigangatho yesizwe efunekayo okanye yokuhlangabezana nemigangatho ekubuncinane esekiweyo yokwenziwa komsebenzi;
yokugcina umanyano lwezoqoqosho;
yokugcina ukhuseleko lwesizwe; okanye
yokuthintela elo phondo ekuthabatheni inyathelo elingafanelekanga  elinokudlelelela amathuba okulungelwa kwelinye iphondo okanye  kwelizwe ngokubanzi.
 [Icandelwana (1) lenziwe izilungiso ngecandelo 2 (b) loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003.]
Ukuba isigqeba esilawulayo sesizwe siyangenelela kwiphondo ngokwemigaqo yecandelwana (1)(b) –
kufuneka singenise isaziso esibhaliweyo kwiBhunga leSizwe  laMaphondo ngeentsuku ezili-14 zokuhlala kwalo okokuqala emva kokuba ungenelelo olo luqalisile;
olo ngenelelo kufuneka lupheliswe ukuba ngaba iBhunga liyalukhaba, zingadlulanga iintsuku ezili-180 emva kokuba luqalile okanye ukuba ukuphela kweso sithuba, alilwamkelanga olo ngenelelo; kananjalo 
kufuneka ukuba iBhunga, njengokuba luqhuba nje olo ngenelelo, limana ukuluvandlakanya rhoqo ungenelelo olo, kwaye ke lingenza naziphi na izindululo ezifanelekileyo kwisigqeba esilawulayo sesizwe.
[Icandelwana (2) lithathelwe indnawo licandelo 2 (c) loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2003.]
[Icandelo 100 litshintshwe licandelo 2(a) loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003]
Umthetho wesizwe unokuyilawula inkqubo esekwe leli candelo.
[Icandelo 100 lenziwe izilungiso ngecandelo 2 (a) loMthetho 3 ka-2003.]
Izigqibo zeSigqeba esiLawulayo (zeKhabhinethi)
Isigqibo sikaMongameli kufuneka sibe sesibhaliweyo ukuba –
isigqibo eso senziwe ngokomthetho; okanye
sinemiphumela ephathelele emthethweni.
Isigqibo esibhaliweyo nguMongameli kufuneka sisayinwe kwakhona lelinye ilungu leKhabhinethi ukuba eso sigqibo sichaphazela umsebenzi othile ophathiswe elo lungu leKhabhinethi lilelinye.
Izihlokomiso, imigaqo nezinye iindlela zomthetho owayamileyo kufuneka zibe nokufikeleleka kubantu/nokufunyanwa lula ngabantu.
Umthetho wesizwe ungayichaza indlela yokuthi, nobungakanani bokuthi, izinto ezikhankanywe kwicandelwana (3)–
zandlalwe ePalamente; kanjalo
zamkelwe yiPalamente.
102.	Izindululo zokuphela kokuthenjwa
Ukuba iNdlu yoWiso-mthetho ithe, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, yapasisa isindululo sokuphela kokuthenjwa kweKhabhinethi, kungabandakanywa uMongameli, kufuneka uMongameli ayakhe ngokutsha iKhabhinethi.
Ukuba iNdlu yoWiso-mthetho ithe, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, yapasisa isindululo sokuphela kokuthenjwa kukaMongameli, uMongameli namanye amalungu eKhabhinethi nawo nawaphi na amaSekela-baPhathiswa kufuneka bazibeke phantsi iintambo.
ISAHLUKO 6
AMAPHONDO 
103.	Amaphondo
IRiphablikhi inala maphondo alandelayo:
IMpuma-Koloni
IFreyistata
IRhawuti
IKwaZulu-Natala
ILimpopo
IMpumalanga
UMntla-Koloni
UMntla-Ntshona
INtshona-Koloni.
      [Icandelwana (1) lithathelwe indawo licandelo 3 loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 laza lathathelwa indawo licandelo 1 soMthetho Weshumi Elinesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2005]
Imida yamaphondo yileyo yayikho ukuqalisa kokusebenza koMgaqo-siseko yimimandla eboniswe kwiimaphu ezahlukahlukeneyo ekuthethwe ngazo kwiSaziso esidweliswe kwiShedyuli 1A.
[Icandelwana (2) lithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Weshumi Elinesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2005]
(a) Nanini na xa ummandla wephondo usikwa ngokutsha kukutshintshwa koMgaqo-siseko, uMthetho wePalamente usenokutsho amanyathelo okulawula iziphumo ezingokomthetho nezinye ezisenokubakho ezizalwa koko kusikwa ngokutsha kommandla.
(b)  Umthetho wePalamente ekucingwa ngawo kwisiqendu (a) usenokwenziwa uze wenziwe usebenze ngaphambi kokuba ukutshintshwa koMgaqo-siseko kuqalise ukusebenza, kodwa nayiphi na imisebenzi yephondo, nempahla yalo, namalungelo alo, neembopheleleko zalo, nemisebenzi yalo okanye amatyala alo, ezo zinto zinokufuduswa ngokweso siqendu kuphela emva kokuba olo tshintsho luqale ukusebenza.
[Icandelo 103 lithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Weshumi Elinesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2005]
 IziNdlu zoWiso-mthetho zaMaphondo  
104.	Igunya lowiso-mthetho laMaphondo
Igunya lephondo lokuwisa umthetho liphathiswe indlu yowiso-mthetho yephondo elo, kwaye linika indlu yowiso-mthetho yephondo amandla –
okupasisa uMgaqo-siseko wephondo layo okanye okutshintsha nawuphi na uMgaqo-siseko opasiswe yiyo ngokwecandelo 142 nele-143;
okuwisela iphondo layo umthetho, malunga –
nawo nawuphi na umcimbi ophantsi kwendawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4;
nawo nawuphi na umcimbi ophantsi kwendawo yemisebenzi  edweliswe kwiShedyuli 5;
nawo nawuphi na umcimbi ongekhoyo kwezo ndawo zemisebenzi, onikwe elo phondo ngumthetho wesizwe;
kwanawo nawuphi na umcimbi omiselwe ngummiselo woMgaqo-  siseko ukuba kuwiswe umthetho wephondo ngawo;
nawokunikela nawaphi na amagunya ayo ezowiso-mthetho kwisiGqeba sikaMasipala esikwelo phondo.
Indlu yowiso-mthetho yephondo, ngesigqibo esithathwe ngokuxhaswe yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinci, ingayicela iPalamente ukuba itshintshe igama lephondo elo.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ibopheleleke kuphela kuMgaqo-siseko, nakuMgaqo-siseko wephondo layo, ukuba sele iwupasisile, kwaye  kufuneka yenze  ngokungqinelana nawo, kanjalo isebenze phakathi kwemida yawo uMgaqo-siseko kwanoMgaqo-siseko wephondo elo.
Umthetho wephondo, omalunga nombandela oyimfuneko ngokuvakalayo ukuze kusetyenziswe ngokufezekileyo igunya elithile, okanye omalunga nombandela ozalwa koku kusetyenziswa kweli gunya, gunya elo liphathelele kumbandela odweliswe kwiShedyuli 4, ungumthetho omayela  nomcimbi odweliswe kwiShedyuli 4, ngandlela zonke.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ingenza iingcebiso kwiNdlu yoWiso- mthetho ngomthetho omayela nawo nawuphi na umcimbi ongaphandle kwegunya laloo ndlu yowiso-mthetho, okanye ekuthi ngawo umthetho  wePalamente ube ngaphezulu kwaloo mthetho wephondo.
105.	Ukuma nokunyulwa  kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Indlu yowiso-mthetho yephondo yenziwa ngabasetyhini namadoda anyulwe  njengamalungu ngokwemigaqo yenkqubo yonyulo –
emiselwe ngumthetho wesizwe;
esekelwe kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe, kodwa kweli cala linamagama abantu belo phondo;
emisela ubudala bokuvota obuyiminyaka eli-18, ubuncinci;
nedala ukuba amaqela ezopolitiko akwelo phondo amelwe ngokulungeleleneyo, ngokubanzi.
[Icandelwana  (1)	lenziwe izilungiso ngecandelo 3 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 nalicandelo 3 loMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008.] 
(2)	Indlu yowiso-mthetho yephondo inamalungu aphakathi kwama-30 nama-80. Inani lamalungu, elinokwahluka phakathi kwamaphondo, kufuneka liqingqwe ngokwendlela emiselwe ngumthetho wesizwe.
106.	Ubulungu
Wonke ummi okufaneleyo ukuvotela iNdlu yoWiso-mthetho ukufanele ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo, ngaphandle –
kwakhe nabani na oqeshwe ngurhulumente okanye okwinkonzo ethile karhulumente, efumana umvuzo ngoko kuqeshwa okanye ngaloo nkonzo, ngengabo kodwa aba –
iNkulumbuso namanye amalungu eBhunga sePhondo elo esinoLawulo oluPhezulu;
kwanabanye ababambi-zikhundla abamisebenzi yabo ingqinelana nemisebenzi yelungu lendlu yowiso-mthetho yephondo, kwaye iqinisekisiwe ngumthetho wesizwe ukuba iyangqinelana naloo misebenzi;
kwamalungu eNdlu yiWiso-mthetho, abathunywa abasisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo okanye amalungu eBhunga likaMasipala;
kwabantu abanamatyala abangasoze baphinde bakwazi ukuwabhatala;
kwakhe nabani na oqinisekiswe yinkundla yamatyala yeRiphablikhi ukuba akemanga kakuhle engqondweni; okanye
nabani na, othe emva kokusebenza kweli candelo, wafunyaniswa enetyala lokwaphula umthetho waza wagwetywa ithuba elingaphezulu kweenyanga ezili-12 esentolongweni, engavunyelwanga ukuhlawula nefayini, nokuba kulapha kwiRiphablikhi, okanye ngaphandle kweRiphablikhi, ukuba isenzo eso sokwaphulwa komthetho besiya kuba kukwaphulwa komthetho kwiRiphablikhi; kodwa, akakho umntu oya kuthathwa njengomntu ogwetyiweyo de sibe isibheno sakhe ngokufunyanwa enetyala okanye ngesigwebo, sele kugqityiwe ngaso, okanye de libe lidlulile ixesha lokwenza isibheno. Ukungafaneleki ngokwalo mhlathi kuphela emva kweminyaka emihlanu sigqityiwe isigwebo eso.
Umntu ongafanelanga ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo ngokwemigaqo  yecandelwana (1) (a) okanye (b) angazigqatsela unyulo lwendlu leyo yowiso-mthetho, kodwa engalutyeshelanga naluphi na usikelo-mda kunye nemiqathango esekwe ngumthetho wesizwe.
Umntu uyalahlekelwa bubulungu bendlu yowiso-mthetho yephondo ukuba loo mntu uthe–
waphelelwa kukufanela ukunyulwa; okanye
akabi kho kwindlu yowiso-mthetho engenamvume yokwenjenjalo, kwiimeko apho imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho imisela ukuphulukana nobulungu; okanye
 uyaphelelwa bubulungu kwiqela awayetyunjwe lilo loo mntu njengelungu leNdlu yoWiso-mthetho, ngaphandle ke kokuba uye waya kuba lilungu lelinye iqela ngokwezikhokelo zeShedyuli 6A.
[Icandelwana (3) lithathelwe indawo licandelo 4 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003.]
Izithuba kwindlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka zivalwe  ngokwemigaqo yomthetho wesizwe.
107.	Isifungo okanye uqinisekiso
Phambi kokuba amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo aqalise ukwenza imisebenzi yawo kwindlu yowiso-mthetho, kufuneka afunge okanye enze isingqiniso sokuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
108.	Ubude bexesha lokusebenza kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Indlu yowiso-mthetho yephondo inyulelwa ithuba lokusebenza eliyiminyaka emihlanu.
Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo ichithwe ngokwecandelo 109, okanye xa kuphelathuba layo, iNkulumbuso yephondo kufuneka ithi, ngesihlokomiso, ibize unyulo, ibeke nemihla yalo; olo nyulo kufuneka lubanjwe zingaphelanga iintsuku ezingama-90, ukusuka kuloo mhla wokuchithwa kwendlu yowiso-mthetho yephondo okanye wokuphela kwethuba layo lokusebenza. Isihlokomiso esipapasha  unyulo nomhla walo usenokukhutshwa ngaphambi okanye emva kokuphela kwexesha  lokusebenza lendlu yowiso-mthetho yephondo.
[Icandelwana (2) lithathelwe indawo licandelo 1 loMthetho Wesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1999]
(3) Ukuba iziphumo zonyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo  azibhengezwanga lingekapheli ixesha elixelwe kwicandelo 190, okanye  ukuba unyulo lumisiwe yinkundla, uMongameli kufuneka athi,  ngesihlokomiso, abize olunye unyulo, abeke nemihla yalo; lona kufuneka  lubanjwe zingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukusuka kuloo mhla  wokumiswa konyulo.
(4) Indlu yowiso-mthetho yephondo ihlala ikulungele ukusebenza ukususela kwixesha lokuchithwa kwayo okanye ukuphela kwethuba layo lokusebenza kude kube lusuku oluphambi kosuku lokuqala lonyulo lwendlu yowiso-mthetho elandelayo.
109.	Ukuchithwa kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo phambi kokuphela kwethuba lazo lokusebenza
INkulumbuso yephondo kufuneka iyichithe indlu yowiso-mthetho ukuba –
indlu yowiso-mthetho ithabathe isigqibo sokuba ichitheke, esixhaswa yivoti yoninzi lwamalungu ayo; kwaye
sekudlule iminyaka emithathu emva kokuba indlu yowiso-mthetho yanyulwayo.
IBambela leNkulumbuso kufuneka liyichithe indlu yowiso-mthetho yephondo ukuba –
kukho isithuba kwisikhundla seNkulumbuso; ize
indlu yowiso-mthetho ingakwazi ukunyula iNkulumbuso entsha ngethuba leentsuku ezingama-30 emva kokuba sivelile eso sithuba.
110.	Amaxesha okuhlala nawokuthi xha
Emva konyulo, indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka ihlangane okokuqala ngexesha nangomhla ogqitywe yijaji etyunjwe yiJaji eyiNtloko, kodwa kungadanga kwadlula iintsuku ezili-14 emva kokubhengezwa kweziphumo zonyulo. Indlu yowiso-mthetho ingamisela ixesha nobungakanani bamanye amaxesha ayo okuhlangana nawokuthi xha.
[Icandelwana (1) lithathelwe indawo licandelo 8 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001]
INkulumbuso yephondo ingathi ibizele indlu yowiso-mthetho yephondo  kwindibano engeyoyesiqhelo nanini na ukuza kwenza umsebenzi owodwa.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ingagqiba okokuba iya kuhlanganela phi na ngokwesiqhelo.
111.	OoSomlomo nooSekela-somlomo
Kwindibano yokuqala emva kokunyulwa kwayo, okanye xa kukho imfuneko yokuvala isithuba, indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka inyule uSomlomo kunye noSekela-Somlomo, phakathi kwamalungu ayo.
Ijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezoMgaqo-siseko kufuneka yongamele ukunyulwa kukaSomlomo. USomlomo wongamela unyulo lukaSekela-Somlomo.
[Icandelwana (2)	lithathelwe indawo licandelo 9 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 nguwo osebenzayo ekunyulweni kooSihlalo beNdlu nooSekela-Sihlalo beNdlu.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ingamsusa uSomlomo okanye uSekela-Somlomo esikhundleni ngesigqibo. Isininzi samalungu endlu yowiso-mthetho kufuneka abe khona xa kuthatyathwa esi sigqibo.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ingathi, ngokokwemigaqo nemiyalelo yayo, inyule phakathi kwamalungu ayo amanye amagosa ongamelayo ukuncedisa uSomlomo kunye noSomlomo.
112.	Izigqibo
Ngaphandle kwalapho uMgaqo-siseko unammiselo wumbi –
isininzi samalungu endlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka abe khona phambi kokuba kuvotelwe uMthetho oYilwayo okanye isilungiso kwuMthetho oYilwayo;
ubuncinane isinye kwisithathu samalungu kufuneka abe khona phambi kokuba kuvotelwe nawuphi na umcimbi ongomnye ophambi kwendlu yowiso-mthetho; kananjalo
yonke imicimbi ephambi kwendlu yowiso-mthetho yephondo igqitywa ngesininzi senani leevoti ezikhoyo.
Ilungu elongameleyo kwintlanganiso yendlu yowiso-mthetho alinavoti enika icala kodwa –
kufuneka lenze ivoti yesigqibo xa kukho inani elilinganayo leevoti macala omabini omcimbi othile; kwaye
lingafaka ivoti enika icala xa umcimbi kufuneka kugqitywe ngawo ngokuthi uxhaswe yivoti yamalungu ayo asisibini kwisithathu, ubuncinane.
113.	Amalungelo abathunywa abasisigxina kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Abathunywa abasisigxina bephondo abakwiBhunga leSizwe laMaphondo bangaya, futhi  bathethe kwindlu yowiso-mthetho yabo nakwiikomiti zayo, kodwa bangavoti. Indlu yowiso-mthetho ingayalela ukuba umthunywa osisigxina aye kwindlu yowiso-mthetho okanye kwiikomiti zayo.
114.	Amagunya ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Xa isebenzisa igunya layo lowiso-mthetho, indlu yowiso-mthetho yephondo ingathi–
iqwalasele, ipasise, ilungise okanye ikhabe nawuphi na uMthetho oYilwayo ophambi kwendlu leyo yowiso-mthetho; kanjalo
iqalise okanye ilungise umhetho, ngaphandle kweMithetho eYilwayo yemali.
Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka imisele iindlela –
zokuqinisekisa ukuba onke amaziko alawulayo karhulumente wephondo akulo iphondo
elo athembekile kuyo;
nezokugada –
ukusetyenziswa kwegunya lephondo elinolawulo oluphezulu kwiphondo elo, kubandakanywa ukusetyenziswa komthetho;
nalo naliphi na iziko likarhulumente lephondo.
115.	Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Indlu yowiso-mthetho yephondo okanye nayiphi na kwiikomiti zayo –
ingabiza nawuphi na umntu ukuba avele phambi kwayo ukuza kunika ubungqina, ngesifungo okanye ngoqinisekiso, okanye aveze amaxwebhu;
ingayalela ukuba nawuphi na umntu okanye naliphi na iziko lephondo, linike ingxelo kuyo;
inganyanzela, ngokomthetho wephondo okanye ngokwemigaqo nemiyalelo yephondo, nawuphi na umntu okanye iziko ukuba athobele oko kubizwa okanye loo myalelo ngokomhlathi (a)	okanye (b); kwaye
ingamkela amaxwebhu ezikhalazo, imibiko yemicimbi okanye imicimbi ebhaliweyo yangeniswa, esuka kubo nabaphi na abantu abafuna ukuza nayo okanye amaziko afuna ukwenjenjalo.
116.	Amalungiselelo emicimbi yangaphakathi, iingxoxo nemigaqo -nkqubo yezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Indlu yowiso-mthetho yephondo-
ingamisela, ilawule amalungiselelo emicimbi yayo yangaphakathi, neengxoxo nemigaqo-nkqubo yayo;
ingenza imigaqo nemiyalelo malunga nemicimbi yayo, kuthathelwa ingqalelo inkqubo yedemokhrasi yokuba nabameli okanye neyokuthabatha inxaxheba, ukuthembeka, ukwenza izinto elubala, kunye nokubandakanyeka kukawonke-wonke.
Imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka inike  isikhokelo –
sokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zayo, ndawonye namagunya, nemisebenzi,nemigaqo-nkqubo, nobungakanani bexesha lokuba kho kwezi komiti;
sokuthatha inxaxheba kwamaqela amancinane (ezopolitiko) amelweyo kwindlu yowiso-mthetho, kwiingxoxo zayo nezeekomiti zayo, ngendlela engqinelana nedemokhrasi;
sokunika uncedo lwezemali nolwezolawulo kwiqela ngalinye (lezopolitiko) elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho, ngokulungelelene nenani labameli balo, ukuze iqela ngalinye nenkokeli yalo likwazi ukwenza imisebenzi yalo kwindlu yowiso-mthetho ngokufezekileyo;
nesokuvuma inkokeli yelona likhulu iqela eliphikisayo kwindlu yowiso-mthetho, njengeNkokeli yeQela eliPhikisayo.
117.	Inyhweba
Amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo kunye nabathunywa abasisigxina bephondo kwiBhunga leSizwe laMaphondo-
akhululekile ukuba angathetha nantoni na kwindlu yowiso-mthetho  nakwiikomiti zayo, kodwa elawulwa yimigaqo nemiyalelo yayo; kwaye
akafanele ukuba asiwe ematyaleni embambano nawolwaphulo-mthetho,  okanye abanjwe, okanye avalelwe entolongweni okanye amangalelwe  ngenxa –
yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo okanye ayingenisileyo kwindlu yowiso-mthetho okanye nakuyiphi na kwiikomiti zayo; okanye ngenxa
yayo nayiphi na into ethe yadula ngenxa yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo, okanye ayingenisileyo, kwindlu yowiso-mthetho okanye nakuyiphi na kwiikomiti zayo.
Ezinye iinyhweba nokuvikeleka kwendlu yowiso-mthetho yephondo namalungu ayokungamiselwa ngomthetho wesizwe.
Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezihlawulwa amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo  ziindleko ngqo zeNgxowa yeMali yePhondo, eyiProvincial Revenue Fund.
118.	Ukufikelela nokuthatha kwabantu inxaxheba kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka –
yenze kube lula ukuba abantu bathabathe inxaxheba kwinkqubo yowiso-mthetho nakwezinye iinkqubo zendlu yowiso-mthetho nezeekomiti zayo; 	kanjalo
iqhube imicimbi yayo ngendlela eselubala, ibambe iintlanganiso zayo kunye nezo zeekomiti zayo, elubala; kodwa amanyathelo afanelekileyo angathatyathwa –
okulawula ukungena kwabantu, kubandakanywa ukungena  koonondaba, kwindlu yowiso-mthetho nakwiikomiti zayo;
nawokusetshwa kwakhe nawuphi na umntu, kanti nokwalelwa ukungena  okanye ukususwa kwakhe nawuphi na umntu, apho kufanelekileyo  ukwenjenjalo.
Indlu yowiso-mthetho yephondo ayinakubavalela abantu, kubandakanywa noonondaba, kwintlanganiso yekomiti ngaphandle kokuba kuyafuneka kwaye kufanelekile ukwenjenjenjalo kuluntu olungafihlisi nto nolunedemokhrasi.
Ukungeniswa kweMithetho eYilwayo 
Ngamalungu eSigqeba esiLawulayo sephondo okanye ikomiti okanye ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo kuphela abantu abanokungenisa uMthetho oYilwayo kwindlu yowiso-mthetho; kodwa lilungu leSigqeba esiLawulayo elijongene nemicimbi yezemali kwiphondo kuphela elingangenisa uMthetho oYilwayo wemali kwindlu yowiso-mthetho.
120 IMithetho eYilwayo yeMali
Umthetho oYilwayo unguMthetho oYilwayo xa ngaba -
waba imali;
ubeka iirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo;
utshitshisa okanye unciphisa okanye unika izaphulelo kwiirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo; okanye
ugunyazisa iintlawulo ezitsalwa kwiNgxowa yeMali yeSizwe eyiNational Revenue Fund, ngaphandle kwalaa Mthetho uYilwayo ukhankanywe kwicandelo 214 ugunyazisa iintlawulo ezitsalwa ngqo.
(2)	UMthetho oYilwayo awunakujongana nawo nawuphi na omnye umcimbi  ngaphandle –
(a)	umcimbi onxulumene nolwabiwo lwemali; 
(b)	kokubeka okanye kokutshitshisa okanye kokunciphisa iirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo; 
(c)	kokunika izaphulelo kwiirhafu zesizwe, iintlawulo, nemirhumo; okanye 
(d)	kokugunyazisa iintlawulo ezitsalwa kwiNgxowa yemali yePhondo eyiProvincial Revenue Fund.
(3)	Kufuneka kubekho uMthetho wePhondo omisela  umgaqo-nkqubo wokutshintsha uMthetho oYilwayo zemali ePalamente.
[Icandelo 120 lithathelwa indawo licandelo 3 loMthetho Wesixhenxe  Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001]
121 Ukuvunywa kweMithetho eYilwayo
INkulumbuso yephondo kufuneka iyamkele, iwusayine uMthetho oYilwayo ophunyezwe yindlu yowiso-mthetho yephondo ngokwesi Sahluko okanye, ukuba iNkulumbuso inamathandabuzo malunga nokungqinelana koMthetho oYilwayo noMgaqo-siseko, iwuthumele uMthetho oYilwayo lowo kwindlu yowiso-mthetho yephondo ukuba iyokuqwalaselwa kwakhona.
Ukuba, emva kokuqwalaselwa kwakhona, uMthetho oYilwayo uyawasusa ngokupheleleyo amathandabuzo eNkulumbuso, iNkulumbuso kufuneka iwamkele ize iwusayine uMthetho oYilwayo; ukuba awuwasusi ngokupheleleyo amathandabuzo eNkulumbuso, iNkulumbuso ingathi-
iwamkele iwusayine uMthetho oYilwayo; okanye
iwuthumele uMthetho oYilwayo kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuze kuthatyathwe isigqibo malunga nokungqinelana kwawo noMgaqo-siseko.
Ukuba iNkundla yezoMgaqo-siseko igqiba kwelokuba uMthetho oYilwayo uyangqinelana noMgaqo-siseko iNkulumbuso kufuneka iwamkele ize iwusayine.
122.	Ukwenziwa kwesicelo ngamalungu kwiNkundla yezoMgaqo-siseko
Amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo angenza isicelo kwiNkundla yezoMgaqo-siseko somyalelo othi umthetho uwonke, okanye inxalenye yawo umthetho othile wephondo awungqinelani noMgaqo-siseko.
Isicelo –
kufuneka sixhaswe, ubuncinane, ngama-20 epesenti yamalungu endlu 	yowiso-mthetho; kananjalo
kufuneka senziwe zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela ngomhla iNkulumbuso eyawamkela yaze yawusayina ngawo umthetho.
INkundla yezoMgaqo-siseko ingathi wonke umthetho, okanye inxalenye  yawo, ophantsi  kwesicelo ngokwecandelwana (1), awunamandla okusebenza ide ibe iNkundla iye yenza isigqibo ngesicelo, ukuba –
iinjongo zobulungisa zifuna oku; kwaye
kukho ithemba lokuba isicelo singaphumelela.
Ukuba isicelo asiphumelelanga, kwaye kwakungekho themba licacileyo lokubasingaphumelela, iNkundla yezoMgaqo-siseko ingayalela abo bafake isicelo ukuba bahlawule iindleko.
123.	Ukupapashwa kweMithetho yephondo
Umthetho oYilwayo owamkelweyo waze wasayinwa yiNkulumbuso yephondo iba ngumMthetho wephondo; kufuneka upapashwe ngoko nangoko kwaye uqalisa ukusebenza wakupapashwa okanye kumhla omiselwe ngoMthetho lowo.
124.	Ukugcinwa kakuhle kweMithetho yePalamente
Ikopi esayiniweyo yoMthetho wephondo ibubungqina obupheleleyo bemimiselo yaloo Mthetho kwaye, emva kokupapashwa, kufuneka unikwe iNkundla yoMgaqo-siseko ukuze iwugcine kakuhle.
Izigqeba eziLawulayo zaMaphondo
125.	Igunya lolawulo lamaphondo
Igunya lolawulo oluphezulu lephondo liphathiswe iNkulumbuso yelo phondo.
INkulumbuso iwasebenzisa amandla ayo olawulo oluphezulu ikunye  namanye amalungu eSigqeba esiLawulayo –
ngokuwenza usebenze uMthetho wephondo kwelo phondo;
ngokuyenza isebenze yonke imithetho yesizwe ekwiindawo zemisebenzi  ezidweliswe kwiShedyuli 4 okanye 5 ngaphandle kwalapho uMgaqo-siseko  okanye uMthetho wePalamente unammiselo wumbi;
ngokuwenza usebenze kwiphondo elo umthetho wesizwe ongaphandle kweendawo zemisebenzi ezidweliswe kwiShedyuli 4 kunye neyesi-5, ophathiswe isigqeba sephondo esilawulayo, ngokoMthetho wePalamente;
ngokuyiphuhlisa nokuyenza isebenze inkqubo-sikhokelo yephondo;
ngokulungelelanisa imisebenzi yamasebe ephondo namaziko alo olawulo;
ngokulungisa nokuqalisa umThetho wephondo;
nangokwenza nawuphi na omnye umsebenzi ophathiswe isigqeba sephondo elo  ngokoMgaqo-siseko okanye umThetho othile wePalamente.
Igunya lolawulo oluphezulu elinalo iphondo nokwecandelwana (2)(b) likangangokuba elo phondo linawo amandla olawulo okuthwala uxanduva ngokufezekileyo. Urhulumente wesizwe, ngenyathelo lezowiso-mthetho kunye namanye amanyathelo, kufuneka ancedise amaphondo ukuphuhlisa amandla olawulo afunekayo ukuze akwazi ukuwasebenzisa ngokufezekileyo amagunya awo, nokwenza ngokufezekileyo imisebenzi yawo exelwe kwicandelwana (2).
Nayiphi na imbambano emalunga namandla olawulo ephondo elithile,  okwenza nawuphi na umsebenzi kufuneka ibhekiswe kwiBhunga leSizwe  laMaphondo ukuze kuthatyathwe isigqibo ngayo ngeentsuku ezingama-30  ukususela kumhla wokubhekiswa kwayo kwiBhunga elo.
Ukwenziwa komthetho wephondo usebenze kwiphondo ngalinye, ligunya lolawulo oluphezulu lelo phondo lodwa, kodwa elo gunya lilawulwa licandelo 100.
Isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu kufuneka sisebenze  ngokungqinelana –
noMgaqo-siseko; kunye
noMgaqo-siseko wephondo ukuba uMgaqo-siseko sele upasisiwe kwiphondo elo.
126.	Ulwabiwo lwemisebenzi
Ilungu leSigqeba esiLawulayo sephondo kufuneka linike naliphi na  igunya ekufuneka lisetyenziswe okanye umsebenzi ekufuneka wenziwe  ngokoMthetho wePalamente, okanye uMthetho wePhondo, kwiBhunga  likaMasipala. Ulwabiwo –
kufuneka lulandele imvumelwano phakathi kwelungu elo leSigqeba  siLawulayo kunye neBhunga likaMasipala;
kufuneka lungqinelane noMthetho lowo lisetyenziswa ngokwemigaqo yawo  elo gunya okanye wenziwa ngokwemigaqo yawo umsebenzi ochaphazelekayo; kwaye
luqalisa ukusebenza emva kwesihlokomiso esenziwe yiNkulumbuso.
127.	Amagunya nemisebenzi yeeNkulumbuso
INkulumbuso yephondo inamagunya nemisebenzi ephathiswe eso sikhundla nguMgaqo-siseko kunye nawuphi na umthetho.
INkulumbuso yephondo inoxanduva lokuba –
yamkele isayine uMthetho oYilwayo;
ibuyisele uMthetho oYilwayo othile kwindlu yowiso-mthetho ukuze uMthetho oYilwayo lowo iqwalaselwe kwakhona malunga nokungqinelana kwayo noMgaqo-siseko;
ithumele uMthetho oYilwayo othile kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuze kuthatyathwe isigqibo malunga nokungqinelana kwawo noMgaqo-siseko;
ibizele indlu yowiso-mthetho kwindibano engeyoyesiqhelo ukuza kuqwalasela imicimbi eyodwa;
ityumbe iikhomishini zophando; ize kananjalo
ibize uvavanyo-zimvo kwiphondo ngokungqinelana nomthetho wesizwe.
128.	Ukunyulwa kweeNkulumbuso
Kwindibano yayo yokuqala emva konyulo lwayo, nangalo naliphi na ixesha ekufuneka ukuba kuvalwe isithuba, indlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye kufuneka ukuba inyule owasetyhini okanye indoda phakathi kwamalungu ayo ukuba ibe yiNkulumbuso yephondo elo.
Ijaji etyunjwe yiJaji eyiNtloko kufuneka ukuba ichophele unyulo lweNkulumbuso. Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli  3 nguwo osebenzayo ekunyulweni kweNkulumbuso.
[Icandelwana (2) lithathelwa indawo licandelo 10 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
Unyulo lokuvala isithuba esikhundleni seNkulumbuso kufuneka lubanjwe  ngexesha nangomhla omiselwe yiJaji eyiNtloko, kodwa kungadlulanga  iintsuku ezingama-30 emva kokuvela kwesithuba eso.
[Icandelwana (3) lithathelwa indawo licandelo 10 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001]
129.	Ukungena kweeNkulumbuso kwizikhundla
Umntu oza kuba yiNkulumbuso kufuneka angene kwisikhundla sobuNkulumbuso,zingaphelanga iintsuku ezintlanu enyuliwe, ngokufunga okanye ukuvuma ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
.
130 	Ithuba lokubamba isikhundla leeNkulumbuso nokususwa kwazo
Ixesha leNkulumbuso lokuba sesikhundleni liqala yakungena iNkulumbuso esikhundleni eso, liphele xa kuvele isithuba okanye xa umntu olandelayo  onyulwe njengeNkulumbuso ethabatha isikhundla.
Akukho mntu omakabambe isikhundla sobuNkulumbuso izihlandlo ezingaphezu kwezibini; kodwa, xa umntu enyulelwe ukuvala isithuba esikhundleni seNkulumbuso, ithuba eliphakathi kolo nyulo, nonyulo olulandelayo lweNkulumbuso alithathwa njengethuba lokuba sesikhundleni.
Indlu yowiso-mthetho yephondo inganako ukuthi, ngesigqibo esithatyathwe ngokuxhaswe yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinci, iyisuse iNkulumbuso esikhundleni, iyenza loo nto ngenxa yezi zizathu zilandelayo kuphela –
ukwaphulwa koMgaqo-siseko okanye komthetho okuxhomis’ amehlo;
ukuziphatha kakubi okuxhomis’ amehlo; okanye
ukungabi nakho ukwenza imisebenzi yesikhundla eso.
Nabani na othe wasuswa esikhundleni sobuNkulumbuso ngokwecandelwana (3)(a) okanye (b) akamele kufumana naziphi na iimfanelo zeso sikhundla, futhi akamele kusebenza nakwesiphi na isikhundla sikarhulumente.
131.	IiNkulumbuso eziBambeleyo
Xa iNkulumbuso ingekho okanye ingakwazi, ngasizathu simbi, ukwenza  imisebenzi ekwisikhundla sobuNkulumbuso, okanye xa kukho isithuba kwisikhundla sokuba yiNkulumbuso, omnye umbambi-sikhundla, usebenza njengeNkulumbuso, angene ngokolu landelelwano lungezantsi:
Ilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu elityunjwe yiNkulumbuso;
Ilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu elityunjwe ngamanye amalungu eBhunga elo;
USomlomo, ide indlu yowiso-mthetho ityumbe omnye wamanye amalungu ayo.
INkulumbuso eBambeleyo inoxanduva, amagunya, nemisebenzi  yeNkulumbuso.
Phambi kokuthabatha uxanduva, amagunya nemisebenzi yeNkulumbuso, iBambela leNkulumbuso kufuneka lifunge okanye livume ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela uMgaqo-siseko ngokungqinelana neShedyuli 2.
132.	IZigqeba eziLawulayo
ISigqeba sePhondo esiLawulayo sakhiwe yiNkulumbuso, njengentloko yeBhunga, kunye namalungu angekho nganeno kwesihlanu  nangekho ngaphezulu kweshumi atyunjwe yiNkulumbuso phakathi  kwamalungu endlu yowiso-mthetho yephondo.
INkulumbuso yephondo ityumba amalungu eSigqeba esiLawulayo,  inike amagunya nemisebenzi yawo, kanti inakho ukuwagxotha.
133.	Uxanduva lokuphendula nezinto eziluxanduva
Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu athwele imisebenziyolawulo anikwe yona yiNkulumbuso.
Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu kufuneka athi ngokuhlangeneyo, nangokomntu ngamnye, athembeke kwindlu yowiso-mthetho malunga nokusetyenziswa kwamagunya nokwenziwa kwemisebenzi yawo.
Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu kufuneka –
enze ngokungqinelana noMgaqo-siseko; kanjalo, ukuba uMgaqo- siseko wephondo elo sele upasisiwe, ngokungqinelana nawo nalowo uMgaqo-siseko; aze
anike indlu yowiso-mthetho iingxelo ezizeleyo nezithe gqolo malunga nemicimbi ephantsikolawulo lwawo.
134.	Ukuqhuba kwaZigqeba eziLawulayo oluPhezulu emva konyulo
Xa kubanjwe unyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo, iSigqeba esiLawulayo namalungu aso bahlala bekufanele ukusebenza de umntu onyulwe ukuba abe
yiNkulumbuso yindlu yowiso-mthetho elandelayo athabathe isikhundla.
Isifungo okanye isingqiniso
.
135.	Isifungo noqinisekiso
 Phambi kokuba amalungu eSigqeba sePhondo esiLawulayo aqale ukwenza imisebenzi yawo, kufuneka afungele okanye avume ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
136.	Ukuziphatha kwamalungu eZigqeba eziLawulayo
Amalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu ephondo kufuneka aziphathe ngokokwendlela yokuziphatha emiselwe ngumThetho wesizwe.
Amalungu eSigqeba sePhondo esiLawulayo akuvumelekanga ukuba –
enze namnye omnye umsebenzi owahlawulayo;
enze nangayiphi na indlela engangqinelaniyo nezikhundla zawo, okanye  azibeke esichengeni sayo nayiphi na imeko engathi ibangele umngcipheko wokungquzulana phakathi koxanduva lwawo lwaseburhulumenteni neemfuno  zawo zabucala; okanye
asebenzise izikhundla zawo okanye naluphi na ulwazi olusezandleni zawo ukuba azityebise okanye alungiselele ngendlela engeyiyo nawuphi na omnye umntu.
137.	Udluliselo lwemisebenzi
INkulumbuso ingathi ngesihlokomiso idlulisele kwilungu elithile leSigqeba esiLawulayo –
ukwenziwa kwawo nawuphi na umthetho usebenze, okungumsebenzi welinye ilungu; okanye
naliphi na igunya okanye nawuphi na umsebenzi onikwe elinye ilungu  ngokomthetho.
138.	Ukuphathiswa imisebenzi okwethutyana
INkulumbuso yephondo ingabela ilungu elithile leSigqeba esiLawulayo naliphi na igunya okanye nawuphi na umsebenzi welinye ilungu elingekhoyo kwisikhundla salo okanye elingakwaziyo ukulisebenzisa elo gunya okanye ukuwenza loo msebenzi.
139.	Ukungenelela kukarhulumente wephondo kulawulo lweedolophu
Xa umasipala engakwazi okanye engawufezekisi umsebenzi wezolawulo ngokwemigaqo yoMgaqo-siseko okanye yomthetho, isigqeba esilawulayo sephondo esichaphazelekayo  singangenelela  ngokuthabatha nawaphi na amanyathelo afanelekileyo, ukuqinisekisa ukufezekiswa kwaloo msebenzi kubandakanywa –
ukukhupha umyalelo uye kwiKhansile kaMasipala, ochaza ubungakanani bokusilela ukufezekisa imisebenzi yayo, okwachaza nawaphi na amanyathelo afunekayo ukuze ikwazi  ukuba iwufezekise loo  msebenzi walo;
nokuthabatha uxanduva lwaloo msebenzi kuloo masipala kangangoko kukho imfuneko –
yokugcina imigangatho yesizwe efunekayo okanye yokuhlangabezana nemigangatho ekubuncinane esekiweyo yokwenziwa komsebenzi;
yokuthintela elo phondo ekuthabatheni inyathelo elingafanelekanga elinokudlelelela amathuba okulungelwa kwelinye iphondo okanye kwelizwe ngokubanzi;
yokugcina umanyano lwezoqoqosho
nokuyitshitshisa loo Khansile kaMasipala, lize ke libe linyula umlawuli kude kufike elo xesha kuya kuba kunyulwe iKHansile kaMasipala entsha, xa ngaba iimeko ezimandundu kakhulu zifane inyathelo elinjalo.
Ukuba ngaba isigqeba sephondo esilawulayo siyangenelela kumasipala  ngokwecandelwana (1)(b)-
kufuneka singenise isaziso esibhaliweyo ngolo ngenelelo esiya-
kwilungu leKhabhinethi elisingathe imicimbi yolawulo lweedolophu; kananjalo 
nakwindlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo nakwiBhunga laMaphondo leSizwe, zingaphelanga iintsuku ezili-14 zokuhlala  emva kokuba  ungenelelo olo luqalisile;
olo ngenelelo kufuneka lupheliswe 
ukuba ngaba ilungu leKhabhinethi elisingathe ulawulo ulawulo lweedolophu liyalukhaba olo ngenelelo zingadlulanga iintsuku ezingama-28 emva kokuba luqalile, okanye ukuba ukuphela kweso sithuba, alilwamkelanga olo ngenelelo; okanye
iKhansile iyalukhaba, zingadlulanga iintsuku ezili-180 emva kokuba luqalile okanye ukuphela kweso sithuba, alilwamkelanga olo ngenelelo; kananjalo
kufuneka ukuba iKhansile, njengokuba luqhuba nje olo ngenelelo, imana ukuluvandlakanya rhoqo, kwaye ke ingenza naziphi na izindululo ezifanelekileyo kwisigqeba sephondo esilawulayo,.
Ukuba ngaba iKhansile kaMasipala iyatshitshiswa ngokwecandelwana (1)(c)-
kufuneka ukuba isigqeba sephondo esilawulayo sikhawuleze singenise isaziso esibhaliweyo ngoko kutshitshiswa -
kwilungu leKhabhinethi elisingathe imicimbi yolawulo lweedolophu; and
kwindlu yowiso-mthethoyephondo echaphazelekayo nakwiBhunga laMaphondo leSizwe; kananjalo
utshitshiso lwenzeka kwisithuba seentsulu ezili-14 ukusuka kulaa mhla wokufunyanwa kwesaziso yiKhansile, ngaphandle kokuba siye sabekelwa bucala lilungu leKhabhinethi okanye yiKhansile phambi kokuphela kweziya ntsuku zili-14,.
Ukuba ngaba umasipala akanakho okanye akakwazi ukufezekisa imfuno ethile ngokwemiqathango yoMgaqo-siseko okanye yomthetho yokwankela uhlahlo-mali okanye naliphi na elinye inyathelo lokunyusa ingxowa ngenjongo yokuphumeza iinjong zohlahlo-mali, isigqeba sephondo esilawulayo esichaphazelekayo kufuneka ukuba singenelele ngokuthatha nawaphi na amanyathelo okuqinisekisa ukuba uhlahlo-mali okanye amanyathelo  afanelekileyo okuqinisekisa ukuba uhlahlo-mali okanye loo manyathelo okunyusa ingxowa ayamkelwa, kubandakanywa  nokutshitshiswa kweKhansile kaMasipala kananjalo-
nokunyulwa komlawuli kude kufike elo xesha kuya kuba kunyulwe iKhansile kaMasipala entsha,  
nokwamkelwa kwamanyathelo okunyuswa kwengxowa ukugcina umasipala lowo eqhuba.
Ukuba ngaba umasipala, ngenxa yengxaki enkulu kwimeko yakhe yezemali, ufumaneka ezityeshele kakhulu izinto eziluxanduva lwakhe lokunika iinkonzo eziphambili okanye lokufezekisa uxanduva lweembopheleleko zakhe zezemali, eso sigqeba sephondo silawulayo kufuneka -
senze icebo lokuba umasipala lowo akwazi ukukhawulelana noxanduva lwakhe lokunika iinkonzo eziphambili okanye lokufezekisa iimbopheleleko zakhe zezemali, icebo elo -
eliya kuqulunqwa ngendlela ehambelanayo nemithetho yesizwe; kananjalo
neliya kuthi limbophelele umasipala lowo ekufezekiseni uxanduva lwakhe olubekwe ziziphathamandla eziwisa umthetho nezo zilawulayo, kodwa ke ngokwaloo ndlela iyimfuneko ekusonjululweni kweengxaki zakhe zezemali; kananjalo
elimtshitshisayo umasipala lowo, ukuba ngaba umasipala lowo akakwazi okanye akawamkeli amanyathelo omthetho, kubandakanywa nohlahlo-mali okanye nawo nawaphi na amanye amanyathelo okufezekisa eli cebo lokulungisa lo monakalo, kananjalo-
nokunyulwa komlawuli kude kufike elo xesha kuya kuba kunyulwe iKhansile kaMasipala entsha; kananjalo 
nokwamkelwa kohlahlomali lwewexeshana okanye kwamanyathelo okunyuswa kwengxowa okanye okuphunyezwa kwelo cebo ukugcina umasipala lowo eqhuba.; okanye
ukuba ngaba iKhansile kaMasipala ayitshitshiswanga ngokomhlathi (b), siluthathele kulo uxanduva lokusetyenziswa kwelo cebo lokulungisa loo monakalo, apho umasipala lowo engakwazi okanye engade alisebenzise icebo elo.
Ukuba ngaba isigqeba sephondo esilawulayo siyangenelela kumasipala  ngokwecandelwana(4) okanye (5), kufuneka singenise isaziso esibhaliweyo  ngongenelelo olo –
kwilungu leKhabhinethi elisingathe imicimbi yolawulo lweedolophu; kananjalo
nakwindlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo nakwiBhunga laMaphondo leSizwe,
zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe emva kokuba luqalile ungenelelo olo.
Ukuba ngaba isigqeba sephondo esilawulayo asikwazi okanye aside siwasebenzise amagunya aso okanye siwenze lo msebenzi ukhankanywe kwicandelwana (4)	okanye (5), isigqeba seziphathamandla ezilawulayo sesizwe kufuneka singenelele ngokwecandelwana (4) okanye (5) endaweni yeso sigqeba sephondo silawulayo sichaphazelekayo.
Umthetho wesizwe ungayilawula le nkqubo imiselwe leli candelo, ubandakanya neenkqubo ezisekwe leli candelo.
[Icandelo 139 lenziwe izilungiso ngecandelo 4 loMthetho 3 ka-2003.]
140.	Izigqibo zeSigqeba esiLawulayo
Isigqibo seNkulumbuso yephondo kufuneka sibe sesibhaliweyo ukuba –
isigqibo eso senziwe ngokomthetho; okanye
sinemiphumela ngokwasemthethweni.
Isigqibo esibhaliweyo seNkulumbuso kufuneka sisayinwe kwakhona lelinye  ilingu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu ukuba eso sigqibo siphathelele  kumsebenzi othile ophathiswe elo lungu lilelinye.
Izihlokomiso, imigaqo, namanye amaxwebhu omthetho owayamileyo  wephondo kufuneka zifikeleleke kubantu/zifunyanwe lula ngabantu.
Umthetho wephondo ungacacisa ukuba la maxwebhu akhankanywe kwicandelwana (3) kufuneka kwenziwe njani, ukuya kuthi ga phi –
ukuziswa kwawo kwindlu yowiso-mthetho yephondo; kunye
nokwamkelwa kwawo yindlu yowiso-mthetho yephondo.
         [Icandelo 139 lithathelwa indawo licandelo 4 loMthetho Weshumi Elinanye Wokutshintshwa  KoMgaqo-siseko ka-2003]
141.	Izindululo zokuphela kokuthenjwa
Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, iphumeza isindululo sokuphela kokuthenjwa kweBhunga lePhondo elinoLawulo oluPhezulu, kungabandakanywa iNkulumbuso, iNkulumbuso kufuneka yakhe iBhunga ngokutsha.
Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu  ayo, iphumeza isindululo sokuphela kokuthenjwa kweNkulumbuso,  iNkulumbuso namanye amalungu la eSigqeba esiLawulayo kufuneka bazibeke phantsi iintambo.
Imigaqo-siseko yaMaphondo (amacand. 142-145)
142.	Ukwamkelwa kwemigaqo-siseko yamaphondo
 Indlu yowiso-mthetho yephondo ingaphumeza  umgaqo-siseko wephondo okanye, apho kufunekayo, ingawutshintsha umgaqo-siseko wayo, ukuba, ubuncinane, isibini kwisithathu samalungu ayo avotela ukuwuvuma uMthetho oYilwayo wokwenjenjalo.
143.	Iziqulatho zemigaqo-siseko yamaphondo
Umgaqo-siseko wephondo, okanye utshintsho lwawo umgaqo-siseko, akufuneki lungangqinelani nalo mGaqo-siseko (wesizwe), kodwa unokumisela/lunokumisela 	–
amaziko nemigaqo-nkqubo yezowiso-mthetho neyolawulo yephondo  eyahlukileyo kuleyo imiselwe kwesi Sahluko; okanye
iziko, indima, igunya newonga lokumkani wemveli, apho kufanele ukuba  kwenjwenjalo.
Imimiselo equlethwe kumgaqo-siseko wephondo okanye kwisilungiso sawo
ngokwemihlathi (a) okanye (b) yecandelwana (1)–
kufuneka ingqinelane nezithethe zexabiso ezikwicandelo 1 kunye neSahluko 3; kwaye
ayinakunika iphondo naliphi na igunya okanye umsebenzi –
ongaphandle kwendawo yamandla ephondo ngokweShedyuli 4 neyesi-5; okanye
ongaphandle kwamagunya nemisebenzi ephathiswe iphondo ngamanye amacandelo oMgaqo-siseko lo.
144.	Uqinisekiso lwemigaqo-siseko yamaphondo
Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo iye yaphumeza okanye ya  tshintsha umgaqo-siseko, uSomlomo wendlu yowiso-mthetho leyo kufuneka athumele itekisi yomgaqo-siseko okanye yotshintsho lomgaqo-  iseko kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuze iqiniselwe.
Akukho tekisi yomgaqo-siseko wephondo okanye yotshintsho lomgaqo-siseko iba ngumthetho ide iNkundla yezoMgaqo-siseko ibe iqinisele  ukuba –
itekisi le ipasiswe ngokungqinelana necandelo 142; nokuthi
itekisi iphela ithobela icandelo 143.
145.	Ukusayinwa, ukubhengezwa nokugcinwa ngokukhuselekileyo kwemigaqo-siseko yamaphondo
INkulumbuso yephondo kufuneka iyivume kwaye iyisayine itekisi yomgaqo-siseko wephondo okanye yotshintsho lomgaqo-siseko eye yaqiniselwa yiNkundla yezoMgaqo-siseko.
Itekisi evunywe yaze yasayinwa yiNkulumbuso kufuneka ipapashwe kwiGazethi kaRhulumente yesizwe kwaye iqalisa ukusebenza ngomhla wokupapashwa okanye ngomnye umhla ozayo, obekwe ngokwaloo mgaqo-siseko okanye utshintsho olo lwawo.
Itekisi esayiniweyo yomgaqo-siseko wephondo okanye wotshintsho lomgaqo-siseko ibubungqina obupheleleyo bemimiselo yawo kwaye, emva kokuba ipapashiwe, kufuneka inikelwe kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuze yona iyigcine ngokukhuselekileyo.
Imithetho ePhikisanayo/eNgquzulanayo (amacand. 146-150)
146.	Ukungangqinelani phakathi komthetho wesizwe nowephondo
Eli candelo libhekisa kwimeko yokungangqinelani phakathi komthetho wesizwenomthetho wephondo okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4.
Umthetho wesizwe osebenza ngokufanayo ngokubhekisele kweli lizwe lilonke uyawongamela umthetho wephondo ukuba omnye wale miqathango ilandelayo uzalisekisiwe:
Umthetho wesizwe ujongene nomcimbi ongenakulawulwa ngokufezekileyo ngumthetho owenziwe kwiphondo ngalinye, lilodwa.
Umthetho lowo wesizwe ujongene nomcimbi othi, ukuze uphathwe ngokufezekileyo, ufune ukuphathwa ngokufanayo kwisizwe siphela, waye umthetho wesizwe lowo usenza kubekho oko kufana ngokuthi umisele –
izithethe nemigangatho;
izikhokelo; okanye
iinkqubo-sikhokelo zesizwe.
Umthetho wesizwe uyimfuneko ukuze –
kugcinwe ukhuseleko lwesizwe;
kugcinwe umanyano lwezoqoqosho;
kukhuselwe imarike yomntu wonke ngokuphathelele ekuhanjisweni kwempahla, kwiinkonzo, kwimali nakubasebenzi;
kukhuthazwe imisebenzi yezoqoqosho ukusuka kwiphondo ukuya kwelinye;
kukhuthazwe amathuba alinganayo okanye ukufikelela ngokulinganayo kwiinkonzo zikarhulumente; okanye
kukhuselwe indalo esingqongileyo.
Umthetho wesizwe uyawongamela umthetho wephondo ukuba umthetho wesizwe lowo wenzelwe ukuthintela inyathelo elingafanelekanga lephondo elithile, nyathelo elo –
lidlelelela ukulungelwa kwelinye iphondo okanye kwelizwe eli liphela malunga nezoqoqosho, nezempilo okanye nokhuseleko; okanye
livalela ukwenziwa kwenkqubo-sikhokelo yesizwe yezoqoqosho isebenze.
Xa kukho imbambano malunga nokuthi kufuneka umthetho wesizwe na ukuze kwenzeke into echazwe kwicandelwana (2)(c), ize loo mbambano iziswe enkundleni ukuza kusonjululwa, inkundla leyo kufuneka ikuhloniphe ukuvunywa okanye ukwaliwa komthetho lowo liBhungaleSizwe laMaphondo.
Umthetho wephondo uyawongamela umthetho wesizwe ukuba icandelwana (2) okanye (3) alisebenzi.
Umthetho owenziwe ngokoMthetho wePalamente okanye ngokomthetho wamaphondo unokongamela kuphela ukuba loo mthetho wamkelwe liBhunga leSizwe laMaphondo.
Ukuba iBhunga leSizwe laMaphondo alifikeleli sigqibeni kwisithuba seentsuku ezingama-30 lihlangene okokuqala emva kokuba umthetho othile wawusiwe kulo, loo mthetho mawuthathwe, ngokweenjongo zawo zonke, njengothe wamkelwa liBhunga eli.
Ukuba iBhunga leSizwe laMaphondo aliwamkeli umthetho ekuthethwa ngawo kwicandelwana (6), kufuneka, ngeentsuku ezingama-30 lisenzile isigqibo salo, lixele izizathu zokungawamkeli loo mthetho, lizixele kwelo gunya beliwuthumele kulo umthetho lowo.
147.	Olunye ungquzulwano
Ukuba kukho ungquzulwano phakathi komthetho wesizwe kunye nommiselo womgaqo-siseko wephondo malunga –
nomcimbi ekufuneka okanye ekujongwe ngokukodwa, ngokwalo Mgaqo-siseko, ukuba wenzelwe okanye ujonge umthetho wesizwe, umhetho wesizwe lowo uyawongamela loo mmiselo uchaphazelekayo womgaqo-siseko wephondo;
nokungenelela komthetho wesizwe ngokwecandelo 44(2), loo mthetho wesizwe uyawongamela loo mmiselo womgaqo-siseko wephondo; okanye
umcimbi okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, icandelo 146 liyasebenza njengokungathi lo mmiselo uchaphazelekayo woMgaqo-siseko wephondo ungumthetho wephondo ekubhekiselwe kuwo kwelo candelo.
Umthetho wesizwe oxelwa kwicandelo 44 (2) uyawongamela umthetho wephondo ngokumayela nemicimbi ekwiindawo zemisebenzi ezidweliswe kwiShedyuli 5.
148.	Ungquzulwano olungenakusombululeka
Ukuba ukungavisisani okuzalwa lungquzulwano akunakusonjululwa yinkundla, umthetho wesizwe uyawongamela umthetho wephondo okanye umgaqo-siseko wephondo.
149.	Inqanaba lomthetho ongongameliyo
Isigqibo senkundla sokokuba umthetho othile uwongamele omnye umthetho asiwenzi ubeyinto engekhoyo loo mthetho wonganyelweyo, koko loo mthetho wona uba ngongasebenziyo logama ungquzulwano lusekhoyo.
150.	Ukuchazwa kweempikiswano / kongquzulwano
Xa kuqwalaselwa ungquzulwano olungathi lukho phakathi komthetho wesizwe nowephondo, okanye phakathi komthetho wesizwe nomgaqo-siseko wephondo, zonke iinkundla kufuneka zikhethe naluphi na uchazo olufanelekileyo lomthetho lowo okanye lomgaqo-siseko lowo, chazo olo luluphephayo ungquzulwano, endaweni yochazo olulolunye olubangela ungquzulwano.
ISAHLUKO 7
ULAWULO LWEEDOLOPHU (amacand. 151-164)
151.	Inqanaba loomasipala
Isigaba seengingqi sikarhulumente sakhiwe ngoomasipala, ekufuneka basekwe kummandla wonke weRiphablikhi.
Igunya lolawulo nelowiso-mthetho likamasipala liphathiswe iBhunga likaMasipala lowo.
Umasipala unelungelo lokulawula, ngokuzibonela, imicimbi yoburhulumente beengingqi yabantu bakhe, kodwa ephantsi komthetho wesizwe nowephondo, njengoko kumiselweyo kumGaqo-siseko.
Urhulumente wesizwe okanye owephondo abasayi kuchitha okanye bathintele amandla okanye ilungelo likamasipala lokusebenzisa amagunya akhe okanye lokwenza imisebenzi yakhe.
152.	Iinjongo zolawulo lweedolophu neengingqi
Iinjongo zorhulumente weengingqi zezi-
ukwenzela abantu kwiindawo abahlala kuzo urhulumente weengingqi onedemokhrasi nothembekileyo;
ukuqinisekisa ubukho beenkonzo ebantwini kwiindawo-ndawo abahlala kuzo ngendlela ethe gqolo;
ukukhuthaza uphuhliso lwezentlalo nezoqoqosho;
ukukhuthaza imo ekhuselekileyo nenempilo yendawo nendalo esingqongileyo;
ukukhuthaza kuthatha inxaxheba koluntu kunye nemibutho yoluntu kwimicimbi yorhulumente weengingqi.
Umasipala kufuneka azame, ngokwamandla akhe ezemali nawolawulo, ukufezekisa iinjongo ezicaciswe kwicandelwana (1)
153.	Imisebenzi yophuhliso yoomasipala
UMasipala kufuneka –
abumbe aze ongamele ulawulo lwakhe, neenkqubo zolwabiwo-mali nezocwangciso ukwenzela ukuba abeke phambili iimfuno ezisisiseko zabantu, nokuba akhuthaze uphuhliso lwabantu lwezentlalo nolwezoqoqosho; kanjalo
athathe inxaxheba kwiiprogramu zophuhliso zesizwe nezephondo.
154.	Oomasipala kurhulumente wentsebenziswano
Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo kufuneka bathi, ngamanyathelo owiso-mthetho kunye nangamanye, kufuneka baxhase, baqinise amandla oomasipala okuziphathela imicimbi yabo, nawokusebenzisa amagunya abo, nokwenza imisebenzi yabo.
UmThetho osaqulunqwayo worhulumente wesizwe okanye wephondo ochaphazela inqanaba, amaziko, amagunya okanye imisebenzi yorhulumente weengingqi kufuneka upapashwe ukuze uhlalutywe ngokuphandle, phambi kokuba usiwe ePalamente okanye kwindlu yowiso-mthetho yephondo, loo nto (yokupapashwa) yenziwe ngendlela eya kwenza ukuba urhulumente weengingqi oqingqekileyo, oomasipala, nabanye abantu abafunayo, babe nethuba lokuya kuzithethela malunga naloo mthetho usaqulunqwayo.
155.	Ukusekwa koomasipala
(1)	Kukho ezi ndidi zilandelayo zoomasipala:
(a)	uDidi A: Umasipala onegunya elilelakhe yedwa lolawulo oluphezulu nelowiso-mthetho kwingingqi yakhe;
(b)	uDidi B: Umasipala obambisene ngegunya lakhe lolawulo oluphezulu nelowiso-mthetho kwingingqi yakhe nomasipala woDidi C ekuthi kwingingqi yakhe kungene nale kamasipala woDidi B;
(c)	uDidi C: Umasipala onegunya elilelakhe yedwa lolawulo oluphezulu nelowiso-mthetho kwingingqi ebandakanya omnye umasipala okanye abanye oomasipala.
(2)	Kufuneka umThetho wesizwe uchaze iintlobo zoomasipala ezinokumiselwa phakathi kodidi ngalunye.
(3)	UmThetho wesizwe kufuneka –
(a)	wenze kube kho iimpawu ekuya kubonwa ngazo xa ingingqi ifanele ukuba nomasipala omnye ongowoDidi A okanye xa ifanelwe ngoomasipala bazo zombini uDidi B noDidi C;
(b)	wenze kube kho iimpawu nemigaqo-nkqubo yokumisela imida yoomasipala, imiselwa ligunya elizimeleyo; kananjalo
(c)	uthi uthobela icandelo 229, wenze indlela yokwahlula-hlulwa okufanelekileyo kwamagunya nemisebenzi phakathi koomasipala apho ingingqi inoomasipala bazo zombini uDidi B noDidi C. Ulwahlula-hlulo lwamagunya nemisebenzi phakathi komasipala woDidi B nomasipala woDidi C lusenokungafani nolo luphakathi komnye umasipala woDidi B nalo masipala woDidi C mnye.
(4)	Lo mthetho kubhekiswa kuwo kwicandelwana (3) kufuneka uyithathele ingqalelo imfuneko yokuba kubonelelwe ngeenkonzo zikamasipala ngendlela elinganayo.
(5)	Umthetho wephondo kufuneka uqondisise iintlobo ezahlukileyo zoomasipala emazimiselwe kwiphondo elo.
(6)	Urhulumente wephondo ngamnye kufuneka amisele oomasipala kwiphondo lakhe ngendlela engqinelanayo nomthetho owenziwe ngokwecandelwana (2) nelesi-(3) aze, esebenzisa iindlela zowiso-mthetho nezinye iindlela –
(a)	enze kube kho ukugadwa nokuxhaswa korhulumente weengingqi kwiphondo elo; kananjalo
(b)	akhuthaze ukuphuhliswa kwamandla karhulumente weengingqi ukwenzela ukuba oomasipala bakwazi ukwenza imisebenzi yabo nokuphatha imicimbi yabo.
(6A) Ukuba ngaba le miqathango ikhankanywe kwicandelwana (3)	(b)	ayikwazi ukufezekiseka umda kamasipala ungakhange utsibele kumda wephondo -
 (a)	loo mda kamasipala ungabekwa ngaphaya kwalo wephondo, kodwa ke kuphela -
 (i)	libe iphondo elo lichaphazelekayo liyavumelana noko; kananjalo
 (ii)	nasemva kokuba izigqeba ezilawulayo zaloo maphondo ziye zagunyaziswa ngumthetho wesizwe ukuba maziseke umasipala kuloo ngingqi kamasipala; kwaye ke
 (b)	umthetho wesizwe -
 (i)	kuthathelwe ingqalelo yecandelwana (5),  usenogunyazisa ukuba kuloo ngingqi kamasipala makusekwe umasipala wohlobo oluthile ekuvunyelweneyo ngalo ngaloo maphondo achaphazelekayo;
 (ii)	ubeke isikhokelo sokuqhutywa kolawulo lweziphathamandla zephondo ezilawulayo kuloo ngingqi kamasipala nangokuphathelele kuloo masipala; kananjalo
 (iii)	ulungiselele nokubekwa ngokutsha kwemida kamasipala apho elinye iphondo kula maphondo achaphazelekayo liyirhoxisa inkxaso yalo yomda obekwe ngokomhlathi (a)	.
[Icandelwana (6A) lifakelwe ngcandelo 1 loMthetho Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998.]
(7)	Urhulumente wesizwe, elawulwa licandelo 44, noorhulumente bamaphondo banegunyalowiso-mthetho nelolawulo oluphezulu lokwenza ukuba oomasipala bayenze ngokufezikileyo imisebenzi yabo mayela nemicimbi edweliswe kwiShedyuli 4 neyesi-5, ngokuthi balawule ukusebenzisa koomasipala elabo igunya lolawulo oluphezulu elixelwe kwicandelo 156 (1).
156.	Amagunya nemisebenzi yoomasipala
Umasipala unegunya lolawulo oluphezulu malunga, nelungelo lokulawula –
imicimbi yorhulumente weengingqi edweliswe kwiSahlulo B seShedyuli 4 neSahlulo B seShedyuli 5; kunye
nawo nawuphi na omnye umcimbi owabelwe okanye othunywe yena ngumthetho wesizwe okanye wephondo.
Umasipala angenza, aze asebenzise izinxuluma-mthetho ukuze kube kho ulawulo olunemfezeko lwemicimbi anelungelo lokuyilawula.
Phantsi kwemimiselo yecandelo 151(4), isinxuluma-mthetho esiphikisanayo nomthetho wesizwe okanye wephondo asinamandla okusebenza. Ukuba kukho ungquzulwano phakathi kwesinxuluma-mthetho nomthetho wesizwe okanye wephondo ongasebenziyo ngenxa yokuba kukho ungquzulwano oluchazwe kwicandelo 149, isinxuluma-mthetho kufuneka sithatyathwe njengesisebenzayo ngelo thuba umthetho lowo ungasebenziyo ngalo.
Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo kufuneka babele okanye bathume umasipala, ngesivumelwano naphantsi kwayo nayiphi na imiqathango, ulawulo lomcimbi odweliswe kwiSahlulo A seShedyuli 4 okanye iSahlulo A seShedyuli 5 eziphathelele kurhulumente weengingqi ngokwemfuneko, ukuba –
loo mcimbi unokwenziwa ngokufezekileyo kwingingqi; futhi
umasipala lowo unawo amandla okuwenza.
Umasipala unelungelo lokusebenzisa naliphi na igunya mayela nawo nawuphi na umbandela oyimfuneko okanye ozalwa koko kwenziwa ngokunemfezeko kwemisebenzi yakhe.
157.	Ukuma nokunyulwa kweeKhansile zooMasipala
Kuthathelwe ingqalelo iShedyuli 6A, iKhansile likaMasipala ime ngolu hlobo lulandelayo – 
inamalungu anyulwe ngokwamacandelwana (2) nele-(3); okanye
ukuba ilungiselelwe njalo ngumthetho wesizwe – 
amalungu anyulwe zezinye iiKhansile zooMasipala ukuba amele ezo Khansile; okanye 
amalungu anyulwe ngokomhlathi (a) kunye namalungu anyulwe ngokomhlathana (i) walo mhlathi.
[Icandelwana (1) lenziwe izilungiso ngecandelo 1 (a) loMthetho  Wesibhozo Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002.]
Unyulo lwamalungu eKhansile kaMasipala oluxelwa kwicandelwana (1)(a)kufuneka  lungqinelane nomthetho wesizwe, ekufuneka wona umisele inkqubo –
yokumelwa ngokolungelelwano okusekwe kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe, kwicandelo lolu luhlu olunamagama abantu baloo masipala; le nkqubo kufuneka ibe yekwanika indlela yokunyulwa kwamalungu kwizicwangciso-ludwe zabavotelwa bamaqela ezopolitiko, abadweliswe ngokolandelelwano olukhethwa liqela ngalinye; okanye
yokumelwa ngokolungelelwano njengoko kuchazwe kumhlathi (a), nkqubo leyo idityaniswe nenkqubo yokumelwa ngokweengingqana/ngokweewadi, esekwe kuluhlu lwabavoti kwiwadi nganye, abakhoyo, kwicandelo laloo masipala, kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe.
Inkqubo yonyulo elandelwe ngokwecandelwana (2) kufuneka, isikakhulu, ibe neziphumo ezibonisa umelo ngokwenani leevoti.
[Icandelwana (3) lithathelwa indawo licandelo 1 (b) loMthetho Wesibhozo Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002.]
(a)	Ukuba inkqubo yonyulo ibandakanya umelo ngokokweewadi, ukwahlulwa-hlulwa kweewadi kufuneka kwenziwe ligunya elizimeleyo elityunjwe, futhi lisebenza ngokwemigaqo-nkqubo neempawu ezibekwe ngumthetho wesizwe.
 (b)	apho umda kamasipala ubekwe ngokwecandelo 155. (6A), iwadi ebekwe ngaphakathi kwaloo mda kamasipala akufanelekanga  ukuba mayinabele nangaphaya komda wephondo elichaphazelekayo.
[Icandelwana (4) lithathelwa indawo licandelo 2 loMthetho Wesithathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998.]
[Isiqendu (b) sicinywe licandelo 3 loMthetho Weshumi Elinambini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003]
Umntu angavota kumasipala kuphela ukuba loo mntu ubhaliswe kwicandelo laloo masipala  kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe.
Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1) (b)	kufuneka useke inkqubo eyenza ukuba amaqela neemeko zokulungelwa kwawo ezikhoyo kuloo Khansile kaMasipala ityumbela amalungu ayo kwenye, amelwe, neemeko ezo zimelwe, ngokungenasheyi kuloo Khansile kaMasipala kutyunjelwa kuyo amalungu.
158.	Ubulungu kwiiKhansile zooMasipala
Wonke ummi ofanelekileyo ukuvotela iKhansile kaMasipala ukufanele ukuba lilungu laloo Khansile, ngaphandle –
kwakhe nabani na oqeshwe, okanye okwinkonzo ethile kamasipala kwaye efumana intlawulo ngoko kuqeshwa okanye ngaloo nkonzo, kube oku kungafaneleki kwakhe kungayekiswanga ngokomthetho wesizwe;
kwakhe nabani na oqeshwe, okanye okwinkonzo kaRhulumente, kwesinye isigaba, esamkela intlawulo ngokokuqeshwa okanye ngaloo nkonzo, abe kanjalo enziwe akafaneleka kubulungu beKhansile kaMasipala ngomthetho wesizwe;
kwakhe nawuphi na umntu ongakufanelanga ukuvotela iNdlu yoWiso-mthetho okanye ongafanelekanga ngokwecandelo 47 (1)(c), (d)okanye (e) ukuba abe lilungu leNdlu;
kwelungu leNdlu yoWiso-mthetho, komthunywa kwiBhunga leSizwe laMaphondo okanye kwelungu lendlu yowiso-mthetho yephondo; kodwa oku kungafaneleki akusebenzi kwilungu leKhansile kaMasipala emele urhulumente weengingqi kwiBhunga leSizwe; okanye ngaphandle
kwelungu lelinye iKhansile kaMasipala; kodwa oku kungafaneleki akusebenzi kwilungu leKhansile kaMasipala emele loo Khansile kwenye iKhansile kaMasipala yodidi olwahlukileyo.
Umntu ongafanelekanga ukuba abe lilungu leKhansile kaMasipala ngokwamacandelwana (1) (a) (b), (d) okanye (e) angangumvotelwa weKhansile leyo, phantsi kwalo naluphi na usikelo-mda okanye kwayo nayiphi na imiqathango emiselwe ngumthetho wesizwe.
Izithuba zomsebenzi ezikhoyo kwiBhunga likaMasipala mazivalwe ngokwemithetho yepalamente yelizwe.
[Icandelwana (3) longezwe licandelo 4 loMthetho Weshumi Elinesihlanu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008]
159.	Ubude bethuba lokusebenza kweeKhansile zooMasipala
Ithuba lokuqhuba ukusebenza kweBhunga likaMasipala alingebi ngaphezulu kweminyaka emihlanu, njengoko kumiselwe ngumThetho wesizwe.
Ukuba ngaba iKhansile kaMasipala itshitshisiwe ngokomthetho wesizwe, okanye xa ixesha layo lifike esiphelweni, kufuneka kubanjwe unyulo zingadlulanga iintsuku ezingama-90 ukusukela kulaa mhla wokutshitshiswa kwayo iKhansile leyo okanye ukusukela kulowa wokuphela kwexesha layo.
Ikhansile kaMasipala, engeyiyo iKhansile eye yatshitshiswa emva kongenelelo ngokwecandelo le-139, ihlala inalo igunya lokwenza umsebenzi wayo ukusukela kwixesha lokutshitshiswa kwayo okanye kwixesha lokuphelelwa kwayo, kude kube kunyulwe iKhansile entsha, yaziswa njengebekiweyo.
[Icandelo 159 lithathelwa indawo licandelo 1 loMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-1998.]
160.	Iinkqubo zangaphakathi
Ikhansile kaMasipala –
lenza izigqibo malunga nokusetyenziswa kwawo onke amagunya nokwenziwa kwayo yonke imisebenzi kamasipala;
kufuneka linyule usihlalo walo; 
[Umhla wokuqalisa komhlathi (b) : 30 Juni 1997.]
linganyula ikomiti enolawulo oluphezulu nezinye iikomiti, lithobela umthetho wesizwe; kanjalo (d) lingaqesha abasebenzi abafunekayo ukuze imisebenzi yalo yenziwe ngokufezekileyo.
Le misebenzi ilandelayo akufuneki ithunywe abanye abantu yiKhansile kaMasipala –
ukupasiswa kwezinxuluma-mthetho;
ukuvunywa kolwabiwo-mali;
umiselo lwerhafu yepropati nezinye iirhafu, neentlawuliso, neentlawulelo-zinto;
kwanokwenziwa kweemboleko-mali.
(3)	
Kufuneka kube kho uninzi lwamalungu eKhansile kaMasipala phambi kokuba kuvotelwe nawuphi na umcimbi.
Yonke imiba emalunga nemicimbi ekhankanywe kwicandelwana (2) iqondisiswa ngesigqibo esithathwe yiKhansile kaMasipala esixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo.
Yonke eminye imiba ephambi kweKhansile kaMasipala yenzelwa izigqibo ngesininzi seevoti ezivotiweyo.
Makungaphunyezwa sinxuluma-mthetho yiKhansile kaMasipala ngaphandle kokuba –
onke amalungu eKhansile leyo ayinikiwe inothisi ebhadlileyo; kwaye
eso sinxuluma-mthetho sipoposhwayo siye sapapashwa ukuze sihlalutywe (/sicikidwe) ngokuphandle.
Umthetho wesizwe ungazinika iimpawu zokwenza isigqibo malunga –
nobungakanani beKhansile kaMasipala;
nokuthi iiKhansile zooMasipala zingayinyula na ikomiti enolawulo oluphezulu okanye nayiphi na ikomiti; okanye
nobungakanani bekomiti enolawulo oluphezulu okanye nobayiphi na enye ikomiti yeKhansile kaMasipala ethile.
IKhansileikaMasipala ingazenza izinxuluma-mthetho ezimisela imigaqo nemiyalelo eyenzelwa –
amalungiselelo alo angaphakathi;
imicimbi yalo nokuxoxwa kwayo;
nokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zalo, kwakunye nemigaqo-nkqubo, amagunya nemisebenzi yezi komiti.
Ikhansile kaMasipala kufuneka liqhube imicimbi yalo ngendlela engafihli nto, lize lizivale iintlanganiso zalo, okanye ezo zeekomiti zalo, kuphela xa kufanelekileyo ukuba kwenjwenjalo, xa kuthathelwa ingqalelo uhlobo lwengxaki leyo kuhlangenwe ngayo.
Amalungu eKhansile kaMasipala anelungelo lokuthatha inxaxheba kwiingxoxo zalonakwezo zeekomiti zayo ngendlela ethi –
ivumele ukuba amaqela neemeko zokulungelwa ezikhoyo kwiKhansile  leyo zibe nokumelwa ngokungenasheyi;
ingqinelane nedemokhrasi; futhi
ibe nokulawulwa ngumthetho wesizwe.
161.	Inyhweba
Umthetho wephondo osebenza ngokwesikhokelo somthetho wesizwe ungamisela iinyhweba nokuvikeleka kwamaBhunga ooMasipala kunye namalungu awo.
162.	Ukupapashwa kwezinxuluma-mthetho zoomasipala
Isinxuluma-mthetho sikamasipala singasetyenziswa kuphela emva kokuba sipapashiwe kwigazethi yaseburhulumenteni yelo phondo akulo umasipala lowo.
Igazethi karhulumente yephondo kufuneka ipapashe isinxuluma-mthetho sikamasipala ngesicelo sikamasipala.
Izinxuluma-mthetho zikamasipala kufuneka zifikeleleke kuluntu.
163.	Imibutho yoomasipala (yolawulo lweengingqi)
UMthetho wePalamente owenziwe ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo osekwe licandelo 76 kufuneka –
umisele indlela yokuhoywa kwamaziko esizwe nawephondo amele oomasipala; kanjalo
umisele imigaqo-nkqubo angathi ngayo urhulumente weengingqi –
adlane indlebe norhulumente wesizwe okanye owephondo elithile;
atyumbe abameli abaza kuthabatha inxaxheba kwiBhunga leSizwe laMaphondo; kanjalo
 nanokuthatha ngazo inxaxheba kule nkqubo ibekwa ngumthetho wesizwe njengoko kuchazwa kwicandelo 221 (1)(c).
[Icandelo 163(b)  lithathelwa indawo licandelo 4 loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
164.	Eminye imicimbi
Nawuphi na umcimbi omalunga norhulumente weengingqi ongaqwalaselwanga kuMgaqo-siseko ungamiselwa ngumthetho wesizwe okanye ngumthetho wephondo phantsi kwesikhokelo somthetho wesizwe.
ISAHLUKO 8
IINKUNDLA NOSETYENZISO LOBULUNGISA (amacand. 165-180)
165.	Igunya lokugweba
Igunya lezomthetho kwiRiphablikhi liphathiswe iinkundla zomthetho.
Iinkundla zizimele, zilawulwa kuphela ngumGaqo-siseko nomthetho, ekufuneka ziwusebenzisile ngokungakhethi cala, nangaphandle koloyiko, nokuba nedolo, okanye nokudlel’indlala.
Akukho mntu okanye ziko loburhulumente livumelekileyo ukuphazamisana nokusebenza kweenkundla.
Amaziko karhulumente, ngamanyathelo ezowiso-mthetho kwakunye namanye amanyathelo, kufuneka azincedise, azikhusele iinkundla, ukuqinisekisa ukuzimela, ukungakhethi cala, isidima, ukufikeleleka, nokusebenza ngokufezekileyo kweenkundla.
Umyalelo okanye isigqibo esikhutshwe yinkundla sibophelela bonke abantu kunye namaziko karhulumente obhekisa/ esibhekisa kubo/kuwo.
166.	Inkqubo yeenkundla
Iinkundla zezi –
INkundla yezoMgaqo-siseko;
INkundla ePhakamileyo yeziBheno;
IiNkundla eziPhezulu, kubandakanywa nayo nayiphi na inkundla ephezulu yezibheno engathi isekwe nguMthetho wePalamente ukuze imamele izibheno ezivela kwiiNkundla eziPhezulu.;
IiNkundla zooMantyi; kunye
nayiphi na enye inkundla esekwe okanye evunywe ngokoMthetho wePalamente, kubandakanywa nayiphi na inkundla ekwinqanaba elifanayo neleeNkundla eziPhezulu okanye eleeNkundla zooMantyi.
167.	Inkundla yezoMgaqo-siseko
INkundla yezoMgaqo-siseko ineJaji eyiNtloko, iJaji eliSekela-Ntloko kunye nezinye iijaji ezilithoba.
[Icandelwana (1) lithathelwa indawo licandelo 11 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
Umcimbi ophambi kweNkundla yezoMgaqo-siseko kufuneka umanyelwe ziijaji ezisibhozo ubuncinane.
INkundla yezoMgaqo-siseko –
yeyona nkundla iphezulu kuyo yonke imicimbi yezoMgaqo-siseko;
ingathatha izigqibo ngemicimbi yezoMgaqo-siseko kuphela nangemibandela edibene nezigqibo ezingemicimbi yezoMgaqo-siseko; kanjalo
yenza isigqibo ekungadlulwayo kuso malunga nokuthi umcimbi othile ngowoMgaqo-siseko kusini na, okanye nokuthi umbandela othile udibene na nesigqibo esimalunga nomcimbi woMgaqo-siseko.
YiNkundla yezoMgaqo-siseko kuphela engathi –
ithathe isigqibo ngeembambano eziphakathi kwamaziko karhulumente kwisigaba sesizwe okanye samaphondo malunga nenqanaba ngokoMgaqo-siseko, namagunya, okanye nemisebenzi yawo nawaphi na loo maziko karhulumente;
igqibe ngemo engokoMgaqo-siseko yayo nayiphi na iBhili yepalamente okanye yephondo, kodwa ingakwenza oko kuphela kwiimeko ezithelekelelwe kwicandelo 79 okanye ele-121;
igqibe malunga nezicelo ekuthethwa ngazo kwicandelo 80 okanye elama-22;
yenze isigqibo malunga nemo-Mgaqo-siseko yalo naluphi na utshintsho loMgaqo-siseko lo;
yenze isigqibo sokuba iPalamente okanye uMongameli uye wasilela ukuzalisekisa imfanelo ethile yezoMgaqo-siseko; okanye
iqinisele uMgaqo-siseko wephondo ngokwecandelo 144.
INkundla yezoMgaqo-siseko yenza isigqibo ekungenakudlulwa kuso malunga nokuthi umthetho othile wePalamente, okanye uMhetho wePhondo okanye isenzo sikaMongameli singokoMgaqo-siseko, yaye kufuneka iqinisekise nawuphi na umyalelo wokungabi nakusebenza owenziwe yiNkundla ePhakamileyo yeziBheno, iNkundla ePhezulu okanye inkundla ekwinqanaba elifana nelezi nkundla, phambi kokuba loo myalelo ube unawo nawaphi na amandla okusebenza.
Umthetho wesizwe okanye imigaqo yeNkundla yezoMgaqo-siseko kufuneka ivumele umntu, xa oko kulungileyo ngokwezobulungisa futhi nangemvume yeNkundla yezoMgaqo-siseko, ukuba –
awuzise umcimbi ngqo eNkundleni yezoMgaqo-siseko; okanye
abe nokubhenela ngqo kwiNkundla yezoMgaqo-siseko, ukusuka kuyo nayiphi na inkundla.
Umcimbi wezoMgaqo-siseko ubandakanya nawuphi na umbandela odibanisa ukutolikwa, ukukhuselwa, okanye ukwenziwa usebenze koMgaqo-siseko.
168.	INkundla ePhakamileyo yeziBheno
INkundla ePhakamileyo yeziBheno inoMongameli, iSekela-Mongameli, kwakunye nenani leejaji zezibheno elimiselwe ngokoMthetho wePalamente
[Icandelwana (1) lithathelwa indawo licandelo 12 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
 Umcimbi ophambi kweNkundla ePhakamileyo yeZibheno kufuneka ugqitywe ziijaji ezilinani elimiselwe ngokoMthetho wePalamente.
[Icandelwana (2) lithathelwa indawo licandelo  12 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
INkundla ePhakamileyo yeziBheno ingenza izigqibo ngezibheno kuwo nawuphi na umcimbi. Yeyona nkundla iphezulu yezibheno, ngaphandle kwakwimibandela yezoMgaqo-siseko; kwaye ingenza izigqibo kuphela malunga –
nezibheno;
nemibandela enxulumene nezibheno; kunye
nawuphi na omnye umbandela ongathi uthunyelwe kuyo phantsi kweemeko ezichazwe nguMthetho wePalamente.
169 IiNkundla eziPhezulu
 INkundla ePhezulu ingagqiba –
(a)	ngawo nawuphi na umbandela woMgaqo-siseko, ngaphandle kwalowo –
(i)	iyiNkundla yezoMgaqo-siseko kuphela engathabatha isigqibo ngawo; okanye
(ii)	uphathiswe enye inkundla ekwinqanaba elifanayo neleNkundla ePhezulu ngoMthetho wePalamente;
(b)	nangawo nawuphi na umbandela ongaphathiswanga enye inkundla nguMthetho wePalamente.
170 IiNkundla zooMantyi nezinye iinkundla
 IiNkundla zooMantyi nazo zonke ezinye iinkundla zingagqiba ngawo nawuphi na umbandela omiselwe nguMthetho wePalamente, kodwa inkundla enqanaba layo lingaphantsi kweleNkundla ePhezulu ayinakho ukuphanda okanye igwebe ngokungqinelana noMgaqo-siseko kwawo nawuphi na umthetho okanye nasiphi na isenzo sikaMongameli.
171 Iinkqubo zeenkundla
Zonke iinkundla zisebenza ngokomthetho wesizwe, kwaye imigaqo neenkqubo zazo kufuneka zimiselwe ngokomthetho wesizwe.
172.	Amagunya eenkundla kwimicimbi yezoMgaqo-siseko
(1)	Xa isenza isigqibo ngomcimbi wezoMgaqo-siseko osemandleni ayo, inkundla –
(a)	kufuneka ivakalise ukuba nawuphi na umthetho okanye isenzo esingangqinelaniyo noMgaqo-siseko unokungasebenzi okungangokungangqinelani kwawo noMgaqo-siseko; kanjalo
(b)	ingenza nawuphi na umyalelo onobulungisa nongenasheyi, kubandakanywa –
(i)	umyalelo osikela umda isiphumo sokusebenza kususelwa emva kokuvakaliswa kokungabi nakusebenza;
(ii)	nomyalelo onqumamisa ukuvakaliswa kokungabi nakusebenza ngalo naliphi na ithuba, naphantsi kwayo nayiphi na imiqathango, ukuvumela elo gunya lifanelekileyo ukuba lilungise eso siphene.
(2)	(a)	INkundla ePhakamileyo yeziBheno, iNkundla ePhezulu okanye inkundla
ekwinqanaba elinye nezi inganika umyalelo malunga nokuba nokusebenza, ngokoMgaqo-siseko, koMthetho othile wePalamente, uMthetho wePhondo okanye nasiphi na isenzo sikaMongameli, kodwa umyalelo wokungabi nakusebenza ngokoMgaqo-siseko awunamandla ngaphandle kokuba
uqinisekiswe yiNkundla yezoMgaqo-siseko.
(b)	Inkundla eyenza umyalelo wokungabi nakusebenza ngokoMgaqo-siseko inganika umyalelo onqandayo wexeshana okanye olunye uphumzo lwexeshana kwiqela elithile, okanye ingamisa ukuxoxwa kwetyala, lo gama kusajongwe isigqibo seNkundla yezoMgaqo-siseko malunga nokungabi nakusebenza kwaloo mthetho okanye kweso senzo.
(c)	Umthetho wesizwe kufuneka umisele indlela yokubhekiswa kwiNkundla yezoMgaqo-siseko, komyalelo wokungabi nakusebenza ngokoMgaqo-siseko.
(d)	Nawuphi na umntu, okanye naliphi na iziko likarhulumente, onomdla ngokwaneleyo angafaka isibheno, okanye enze isicelo, kwiNkundla yoMgaqo-siseko, ngqo ukuqinisekisa, okanye ukuphikisa, umyalelo wokungabi nakusebenza ngokoMgaqo-siseko, owenziwe yinkundla ngokweli candelwana.
173.	Igunya lemvelo
INkundla yezoMgaqo-siseko, iNkundla ePhakamileyo yeziBheno, kunye neeNkundla eziPhezulu, zinamagunya emvelo okukhusela nokuzilawulela inkqubo yazo, nokuphuhlisa umthetho woluntu, kuthathelwa ingqalelo iinjongo zobulungisa.
174.	Ukutyunjwa kwamagosa ezeejaji
(1)	Nawuphi na umntu wasetyhini okanye oyindoda onemfundo efanelekileyo
ongumntu okulungeleyo nogqibeleleyo angatyunjwa abe ligosa lezeejaji. Nawuphi na umntu oza kutyunjelwa kwiNkundla yezoMgaqo-siseko kufuneka abe ngummi woMzantsi Afrika.
(2)	Imfuneko yokuba kwezeejaji kubonakaliswe ngokubanzi ubukho babantu abahlukileyo ngokweentlanga ngeentlanga, nangokwesini, apha eMzantsi Afrika, kufuneka iqwalaselwe xa kutyunjwa amagosa ezeejaji.
(3)	UMongameli, njengentloko yesigqeba esilawulayo sesizwe, emva kokucebisana neKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, kunye neenkokeli zamaqela amelweyo kwiNdlu yoWiso-mthetho, utyumba iJaji eyiNtloko neJaji eliSekela-Ntloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko; aze, emva kokucebisana neKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, atyumbe uMongameli noSekela-Mongameli weNkundla ePhakamileyo yeZibheno
[Icandelo (3)	lithathelwa indawo licandelo 13 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-sisekoka-2001.]
(4)	Ezinye iijaji zeNkundla yezoMgaqo-siseko, zityunjwa nguMongameli njengentloko yesigqeba solawulo oluphezulu sesizwe, emva kokucebisana neJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko kunye neenkokeli zamaqela amelweyo kwiNdlu yoWiso- mthetho, ngokungqinelana nalo mgaqo-nkqubo ulandelayo:
(a)	IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji kufuneka ilungise uludwe lwabantu abakhethiweyo, oludlule ngamagama amathathu kwinani labantu abaza kutyunjelwa izikhundla, ize ilunike uMongameli uludwe olo.
(b)	UMongameli angatyumba abantu abakolu ludwe; kufuneka ke ayazise iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, enika izizathu, ukuba kukho abantu abakolo ludwe, abangamkelekiyo, nokuba ingaba kusafuneka kutyunjiwe.
(c)	IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji kufuneka yongeze amanye amagama abantu abakhethiweyo kolu ludwe, aze ke uMongameli enze utyumbo olusaseleyo, esebenzisa olo ludwe longeziweyo.
 [Icandelwana (4) lithathelwa indawo licandelo 13 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(5)	Ngalo lonke ixesha amalungu eNkundla yezoMgaqo-siseko amane, ubuncinane, kufuneka ibe ngabantu ababeziijaji ngexesha lokutyunjelwa kwabo kwiNkundla yezoMgaqo-siseko.
(6)	UMongameli kufuneka atyumbe iijaji zazo zonke ezinye iinkundla, ngokucetyiswa yiKhomishini yeNkonzo yezeeJaji.
(7)	Amanye amagosa ezeeJaji kufuneka atyunjwe ngokwemigaqo yoMthetho wePalamente, omawuqinisekise ukuba utyumbo, unyuselo, ukutshintshwa, nokugxothwa kwala magosa ezeeJaji, namanyathelo esohlwayo athathwayo ngakuwo, kwenzeka ngokungenamkhethe nangokungawadleli ndlala.
(8) Phambi kokuba amagosa ezeeJaji aqalise ukwenza umsebenzi wawo, kufuneka ukuba afunge, okanye angqinise ngokungqinelana noShedyuli 2 ukuba aya kuwugcina, awukhusele uMgaqo-siseko.
175.	Iijaji ezibambeleyo
(1)	UMongameli angatyumba umntu wasetyhini okanye oyindoda ukuba abe libambela lejaji kwiNkundla yezoMgaqo-siseko ukuba kukho isikhewu, okanye ukuba kukho ijaji engekhoyo. Olo tyumbo kufuneka lwenziwe ngengcebiso yelungu leKhabhinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa, likwenza oko ngokuvumelana neJaji eyiNtloko.
[Icandelwana (1)	lithathelwa indawo licandelo 14 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(2)	Ilungu leKhabhinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa kufuneka lityumbele iijaji ezibambeleyo kwezinye iinkundla emva kokucebisana nejaji enkulu yaloo nkundla ibambela lejaji liya kusebenza kuyo.
176.	Ubude bamaxesha okubamba isikhundla nentlawulo
(1)	Ijaji yeNkundla yoMgaqo-siseko ityunjelwa ithuba elingahlaziywayo leminyaka eli-12, okanye xa iye kufika kwiminyaka engama-70 ubudala, ngokwaleyo ifike kuqala, ngaphandle kwalapho kukho uMthetho wePalamente olandisayo ixesha lokubamba isikhundla kwiNkundla yezoMgaqo-siseko.
[Icandelwana (1)	lithathelwa indawo licandelo 15 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(2)	Ezinye iijaji zibamba isikhundla de zikhutshwe ekusebenzeni ngokoMthetho wePalamente.
(3)	Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezifunyanwa ziijaji azinakuncitshiswa.
177.	Ukususwa esikhundleni
(1)	Ijaji ingasuswa esikhundleni kuphela ukuba –
(a)	iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji ifumanisa ukuba ijaji leyo ayinakho ukusebenza, iyoyiswa ngumsebenzi ngendlela engathethekiyo okanye inetyala lentswela-kuziphatha ngokugqithisileyo; nokuba
(b)	iNdlu yoWiso-mthetho ithi ijaji leyo mayisuswe, ngesigqibo esixhaswa, ubuncinane, sisibini esithathwini senani lawo onke amalungu ayo.
(2)	UMongameli kufuneka ayisuse ijaji esikhundleni emva kokuthathwa kwesigqibo sokuba loo jaji mayisuswe.
(3)	UMongameli, ngokucetyiswa yiKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, angayinqumamisa ijaji  ekwimeko yomgaqo-nkqubo ongokwecandelwana (1)
178.	IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji
(1)	 Kukho iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji enala malungu –
(a)	iJaji eyiNtloko, echophela iintlanganiso zeKhomishini;;
(b)	uMongameli weNkundla ePhakamileyo yeZibheno;
[Isiqendu (b)	sithathelwa indawo licandelo 16 (a)	loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(c)	uMongameli-Jaji omnye otyunjwe ngaBongameli-Jaji;
(d)	ilungu elinye leKhabhinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa, okanye omnye umntu otyunjwe lelo lungu leKhabhinethi;
(e)	abathetheli ababini abasebenzayo abatyunjwe kumbutho wabathetheli ukumela abathetheli bebonke, kwaye atyunjwa nguMongameli;
(f)	amagqwetha amabini asebenzayo atyunjwe kumbutho wamagqwetha ukumela amagqwetha ewonke, kwaye atyunjwa nguMongameli;
(g)	ititshala enye yezomthetho etyunjwe ziititshala zomthetho kwiiyunivesithi zaseMzantsi Afrika;
(h)	abantu abathandathu abatyunjwe yiNdibano yesiZwe kumalungu ayo, abathathu kubo, ubuncinane, babe ngamalungu amaqela aphikisayo amelweyo kwiNdibano;
(i)	abathunywa abasisigxina abane abakwiBhunga leSizwe laMaphondo, abatyunjwe kunye liBhunga, abaxhaswe yivoti yamaphondo amathandathu, ubuncinane;
(j)	abantu abane abatyunjwe nguMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esilawulayo, emva kokucebisana neenkokeli zawo onke amaqela akwiNdlu yoWiso-mthetho; kunye,
(k) xa kujongwa imiba ephathelele ngqo kwicandelo lephondo okanye leengingqi leNkundla  ePhezulu, neJaji enguMongameli yelo candelo, neNkulumbuso okanye omnye otyunjwe ngabo bobabini
 [Isiqendu (k) sithatyathelwa indawo licandelo 2(a) loMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-1998 nalicandelo 16(b) loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(2)	Ukuba inani labantu abakhethwe phakathi kwabathetheli okanye kwamagqwetha ngokwecandelwana (1)	(e)	okanye (f)	lilingana nenani lezithuba emazizaliswe, uMongameli kufuneka atyumbe bona. Ukuba inani labantu abakhethiweyo liyalidlula inani lezithuba emazizaliswe, uMongameli, emva kokucebisana naloo mbutho wobungcali-mfundo, kufuneka atyumbe abakhethiweyo abaneleyo ukuba bazalise izithuba ezo, kuthathelwa ingqalelo imfuneko yokuqinisekisa ukuba abo batyunjiweyo bamele elo khondo lobungcali-mfundo lilonke.
(3)	Amalungu eKhomishini atyunjwe liBhunga leSizwe laMaphondo asebenza kude kufakwe amanye kunye endaweni yawo okanye kude kuvele nasiphi na isithuba phakathi kwawo. Amanye amalungu awaye alathethwe okanye awayetyunjelwe kwiKhomishini asebenza ade asuswe ngabobabewatyumbile, kufakwe amanye endaweni yawo.
(4)	IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji inamagunya nemisebenzi abelwe yona kuMgaqo-siseko nakumthetho wesizwe.
(5)	IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji ingamcebisa urhulumente wesizwe ngawo nawuphi na umcimbi ophathelele kwiijaji okanye usetyenziso lwezobulungisa; kodwa xa iqwalasela nawuphi na umcimbi, ngaphandle kokutyunjwa kwejaji, kufuneka ihlale engekho laa malungu atyunjwe ngokokwecandelwana (1)	(h)	no (i).
(6)	IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji ingamisela umgaqo-nkqubo wayo, kodwa izigqibo zeKhomishini kufuneka zixhaswe luninzi lwamalungu ayo.
Ukuba ngaba iJaji eyiNtloko okanye uMongameli weNkundla ePhakamileyo yeZibheno unexeshana angakwaziyo ngalo ukusebenza kwiKhomishini le, iJaji enguSekela-Ntloko okanye uSekela-Mongameli weNkundla ePhakamileyo yeZibheno,  ungena kuloo indawo  njengelalela. 
[Icandelwana. (7)	longezelelwe ngecandelo. 2 (b)	loMthetho Wesibini  Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-1998  nangecandelo 16 (c)	loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(8) UMongameli kunye nabantu abanyula, okanye abatyumba okanye ababeka amalungu eKhomishini ngokwecandelwana (1)	(c)	, (e)	, (f)	nele-(g)	, basenokuthi, kwangolu hlobo lunye, banyule okanye batyumbe ookanye babeke ilalela lelungu ngalinye kuloo malungu, ukuba lisebenze apha kwiKhomishini ixeshana, xa ilungu elo linexeshana elingakwaziyo ngalo ukusebenza kwiKhomishini le ngenxa yempilo okanye ukungabikho apha kwiRiphalikhi, okanye ngenxa yaso nasiphi na isizathu esivakalayo.
[Icandelwana (8) longezelelwe ngecandelo 2(b)	loMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998.]
179 UGunyaziwe  woTshutshiso
(1)	Kukho uGunyaziwe woTshutshiso wesizwe omnye kwiRiphablikhi, omiswe ngokoMthetho wePalamente waye unaba bantu –
(a)	UMlawuli weSizwe kwezoTshuthiso lwabaNtu, oyintloko yegunya elitshutshisayo, kwaye utyunjwa nguMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu;
(b)	naBalawuli kwezoTshutshiso lwabaNtu kunye nabatshutshisi njengoko kumiselwe nguMthetho wePalamente.
(2)	Igunya elitshutshisayo linamandla okumisela ukuba kutshutshiswe, egameni
likarhulumente, kwanawokuqhuba nayiphi na imisebenzi eyimfuneko ezalwa kukumisela utshutshiso lo.
(3)	Umthetho wesizwe kufuneka uqinisekise ukuba abaLawuli kwezoTshutshiso lwabaNtu–
(a)	banemfundo efanelekileyo; kwaye
(b)	bajongene nokutshutshisa kwimiba ethe ngqo yokuxoxwa kwamatyala, ngokwecandelwana (5).
(4)	Umthetho wesizwe kufuneka uqinisekise ukuba igunya elitshutshisayo lenza imisebenzi  yalo ngaphandle koloyiko, ukwenza idolo, okanye ukudlela indlala.
(5)	UMlawuli weSizwe kwezoTshutshiso lwabaNtu –
(a)	kufuneka amisele inkqubo-sikhokelo yokutshutshisa ekufuneka ilandelwe kwinkqubeko yokutshutshisa; kufuneka akwenze oku ngemvumelwano nelungu leKhabhinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa, nasemva kokucebisana naBalawuli boTshutshiso lwabaNtu.
(b)	kufuneka akhuphe imiyalelo yenkqubo-sikhokelo ekufuneka ilandelwe kwinkqubeko yokutshutshisa;
(c)	angangenelela kwinkqubeko yokutshutshisa xa ngaba imiyalelo yenkqubo-sikhokelo ayithotyelwa; kanjalo
(d)	angasiqwalasela isigqibo sokutshutshisa okanye sokungatshutshisi, emva kokucebisana naloo Mlawuli weSizwe wezoTshutshiso lwabaNtu nasemva kokumamela imibiko yemicimbi, ngethuba eliqingqiweyo nguMlawuli weSizwe kwezoTshutshiso lwabaNtu, evela kwaba bantu:
(i)	Umntu omangalelweyo.
(ii)	Ummangali
(iii)	Nawuphi na omnye umntu okanye iqela uMlawuli weSizwe wezoTshutshiso acinga ukuba ufanelekile.
(6)	Ilungu leKhabinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa kufuneka libe nelizwi eligqibelayo phezu kwegunya elitshutshisayo.
(7)	Yonke eminye imicimbi malunga negunya elitshutshisayo kufuneka imiselwe ngomthetho wesizwe.
180 Eminye imiba mayela nolawulo lobulungisa
Umthetho wesizwe ungalungiselela nawuphi na umbandela omalunga nosetyenziso lwezobulungisa olungaphathwanga kuMgaqo-siseko, kwakunye –
(a)	namaphulo oqeqesho lwamagosa ezeeJaji;
(b)	nemigaqo-nkqubo yokujongana nezikhalazo ngamagosa ezeeJaji; kunye
(c)	nokuthabatha inxaxheba kwabantu abangengawo amagosa ezeeJaji, kwizigqibo zenkundla
ISAHLUKO 9
AMAZIKO KARHULUMENTE AXHASA IDEMOKHRASI ENGOKOMGAQO-SISEKO (amacand. 181-194)
181 Ukusekwa kwawo, nemigqalisela alawulwa yiyo
  (1)	 La maziko karhulumente alandelayo aqinisa idemokhrasi engoMgaqo- siseko kwiRiphablikhi:
 (a)	UMkhuseli woLuntu.
 (b)	Ikhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika.
[Umhlathi (b)	wenziwe izilungiso ngecandelo 4 loMthetho 65 ka-1998.]
 (c)	IKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo abaNtu ngokwamaSiko neziThethe zabo, ngokwezeNkolo nangokweeLwimi.
(d)	IKhomishini yoLingano ngokwesiNi (phakathi kwabantu basetyhini nabangamadoda).
(e)	UMphicothizincwadi-Jikelele
(f)	IKhomishini yoNyulo.
(2)	La maziko azimele, alawulwa kuphela nguMgaqo-siseko nangumthetho; kufuneka angakhethi cala, asebenzise amagunya awo enze nemisebenzi yawo ngaphandle koloyiko, ukwenza idolo, okanye ukudlel’indlala.
(3)	Amanye amaziko karhulumente kufuneka athi, ngamanyathelo omthetho namanye amanyathelo, ancedise akhusele la maziko ukuqinisekisa ukuzimela, ukungakhethi cala, isidima, nokusebenza ngokufezekileyo kwala maziko.
(4)	Akukho mntu naziko likarhulumente emaliphazamisane nokusebenza kwala maziko.
(5)	La maziko athembeke kwiNdlu yoWiso-mthetho, kwaye kufuneka enze ingxelo ngezenzo zawo nokwenza kwawo imisebenzi yawo kwiNdibano, ubuncinane kanye ngonyaka.
Imkhuseli woLuntu (amacand. 182-183)
182.	IMisebenzi yoMkhyseli woLuntuFunctions of Public Protector 
(1)	UMkhuseli woLuntu unegunya, elilawulwa ngumthetho wesizwe –
(a)	ukuphanda ngaso nasiphi na isenzo kwimicimbi karhulumente, okanye kulawulo loluntu
kuso nasiphi na isigaba sikarhulumente, ekuthiwa, okanye ekurhanelwa ukuba, aluhambi ngendlela eyiyo, okanye olungathi lube neziphumo ezingezizo, okanye udlelo-ndlala.
(b)	ukwenza ingxelo ngeso senzo;
(c)	nokuthatha amanyathelo afanelekileyo okulungisa eso senzo.
(2)	UMkhuseli woLuntu unamagunya athe chatha nemisebenzi emiselwe ngumthetho wesizwe.
(3)	UMkhuseli woLuntu akanakho ukuphanda izigqibo zenkundla.
(4)	UMkhuseli woLuntu kufuneka afikeleleke kuye wonke umntu ngamnye, nakubo bonke abantu ngokwamaqela oluntu.
(5)	Nayiphi na ingxelo ekhutshwe nguMkhuseli woLuntu kufuneka ibe selubala
kuwonke-wonke, ngaphandle kokuba iimeko ezizodwa, eziya kumiselwa ngumthetho wesizwe, zifuna ukuba ingxelo ethile ibe semfihlakalweni.
183.	Ubude bexesha lokubamba isikhundla
UMkhuseli woLuntu utyunjelwa esikhundleni ithuba leminyaka esixhenxe elingahlaziywayo.
IKhomishini yamaLungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika 
184.	Imisebenzi yeKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika
(1)	IKhomishini yaMalungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika kufuneka –
(a)	ikhuthaze ukuhlonitshwa kwamalungelo oluntu kunye nokuphila ngokwamalungelo oluntu;
(b)	ikhuthaze ukukhuselwa, ukuphuhliswa nokufumaneka kwamalungelo oluntu; ize kanjalo
(c)	ijonge, ivavanye ukukhathalelwa nokulandelwa kwamalungelo oluntu kwiRiphablikhi.
(2)	IKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika inamagunya, ngokokulawulwa ngumthetho wesizwe, ayimfuneko ekwenzeni imisebenzi yayo, kubandakanywa negunya –
(a)	lokuphanda nokwenza ingxelo ngokukhathalelwa nokulandelwa kwamalungelo oluntu;
(b)	lokuthatha amanyathelo okulungiswa ngokufanelekileyo apho amalungelo oluntu aye aphulwa khona;
(c)	lokwenza uphando; kunye
(d)	nokufundisa.
(3)	Kunyaka ngamnye iKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika kufuneka ifune ukuba amazikokarhulumente achaphazelekayo anike iKhomishini le ulwazi ngamanyathelo awathabathileyo ukuzama ukufezekisa amalungelo akwiBhili yamaLungelo amalunga nezindlu, ulondolozo lwempilo, ukutya, amanzi, ukhuseleko lwezentlalo, imfundo kunye nendalo esingqongileyo.
(4)	IKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika inamanye amandla kunye neminye imisebenzi emiselwe ngumthetho wesizwe.
IKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo abaNtu ngokwamaSiko neziThethe  zabo, nezeNkolo, nezeeLwimi 
185.	Imisebenzi yeKhomishini
(1)	Iinjongo eziphambili zeKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo abaNtu ngokwamaSiko neziThethe zabo, nezeNkolo nezeeLwimi, zezi zilandelayo –
(a)	ukukhuthaza intlonelo yamalungelo abantu ngokwamasiko nezithethe zabo, ngokwenkolo yabo, nangokweelwimi zabo;
(b)	ukukhuthaza nokuphuhlisa uxolo, ubuhlobo, ubuntu, ukunyamezelana, nobunye ngokwesizwe, phakathi kwabantu abanamasiko nezithethe zabo, iinkolo zabo, neelwimi zabo isiseko solu khuthazo nolu phuhliso ikukuphathana njengabalinganayo, ukungacalu-calulani nokuzibandakanya ngokukhululekileyo;
(c)	nokwenza ingcebiso malunga nokusekwa, ngokungqinelana nomthetho wesizwe, kwebhunga lezamasiko nezithethe, okanye elinye ibhunga okanye amanye amabhunga eqela loluntu okanye amaqela oluntu eMzantsi Afrika.
(2)	IKhomishini inalo igunya, njengoko limiselwe ngumthetho wesizwe, eliyimfuneko ukuze ifezekise iinjongo zayo eziphambili, kubandakanywa igunya lokugada, lokuhlola, lokuphanda, lokufundisa, lokutsala umdla wabenzi-mthetho, lokucebisa nokunika ingxelo ngemiba emayela namalungelo abantu ngokokwamasiko nezithethe zabo, ezenkolo nezeelwimi zabo.
(3)	IKhomishini inganika ingxelo nangawuphi na umcimbi osemagunyeni ayo, nongumsebenzi wayo, kwiKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika ukuze yona yenze uphando.
[Icandelwana (3)	lenziwe izilungiso ngecandelo 4 loMthetho 65 ka-1998.]
(4)	IKhomishini inamagunya nemisebenzi eyeminye emiselwe ngumThetho wesizwe.
186  Ukuma kweKhomishini
(1)	Inani lamalungu eKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo
abaNtu ngokwamaSiko neziThethe zabo, ezeNkolo nezeeLwimi, nokutyunjwa kwawo kunye  nethuba lawo lokubamba izikhundla kufuneka zimiselwe ngumthetho wesizwe.
(2)	Ukwakhiwa kwayo iKhomishini le kufuneka –
(a)	kubandakanye ngokubanzi amaqela aphambili abantu ngokokwamasiko nezithethe zabo, ezenkolo nezeelwimi, emZantsi Afrika; kanjalo
(b)	kubonise ngokubanzi umahluko ngokwesini kubantu boMzantsi Afrika.
IKhomishini yokuLingana ngokweSini 
187.	Imisebenzi yeKhomishini yokuLingana ngokweSini
(1)	IKhomishini yokuLingana kwabaseTyhini naMadoda (yokuLingana ngokweSini) kufuneka ikhuthaze ukuhlonitshwa kokulingana ngokwesini, nokuphuhliswa, nokukhuselwa, nokufumaneka kwako oku kulingana phakathi kwababhinqileyo namadoda.
(2)	IKhomishini yokuLingana ngokweSini, inamandla, ngokokulawulwa ngumthetho wesizwe, ayimfuneko ekwenzeni imisebenzi yayo, kubandakanywa negunya lokugada, ukuhlola, ukuphanda, ukufundisa, ukutsala umdla wabenzi-mthetho, ukucebisa, nokwenza ingxelo ngemiba ephathelelene nokulingana phakathi kwabasetyhini namadoda.
(3)	IKhomishini yokuLingana ngokweSini inamagunya athe chatha nemisebenzi eyeminye emiselwe ngumthetho wesizwe.
UMphicothizincwadi-Jikelele 
188.	Imisebenzi yoMphicothizincwadi-Jikelele
(1)	UMphicothizincwadi-Jikelele kufuneka aphicothe aze anike ingxelo
ngee-akhawunti, ngeengcaciso-zimali, kwakunye nokuphathwa kwezeemali –
(a)	zawo onke amasebe karhulumente wesizwe nowamaphondo kwakunye namaziko olawulo;
(b)	zabo bonke oomasipala; kunye
(c)	nezalo naliphi na elinye iziko locwangciso-mali othi umthetho wesizwe okanye wephondo ufune ukuba kuphichothwe iincwadi zalo zemali nguMphicothizincwadi-Jikelele.
(2)	Ukongeza kwimisebenzi emiselwe kwicandelwana (1), naphantsi kolawulo lawo nawuphi na umthetho, uMphicothizincwadi-Jikelele usenokuphicotha enze ingxelo ngee-akhawunti, ngeengcaciso-zimali nangokuphathwa kwezemali –
(a)	zalo naliphi na iziko elifumana imali kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe, iNgxowa-mali yeNgeniso yephondo okanye umasipala; okanye
(b)	zalo naliphi na iziko eligunyazisiweyo ngokwemigaqo yawo nawuphi na umthetho ukuba lamkele imali lisenzela urhulumente.
(3)	UMphicothizincwadi-Jikelele kufuneka angenise iingxelo zophicotho-zimali kuyo nayiphi na indlu yowiso-mthetho ebandakanyeka ngqo ekuphicothweni kweencwadi zemali, nakuliphi na igunya elimiselwe ngumthetho wesizwe. Zonke iingxelo kufuneka zifumaneke eluntwini.
(4)	UMphicothizincwadi-Jikelele unamagunya athe chatha nemisebenzi emiselwe ngumthetho wesizwe.
189 Ubude bexesha lokubamba isikhundla
UMphicothizincwadi-Jikelele kufuneka alathelwe ithuba elisisigxina elingahlaziywayo eliphakathi kweminyaka emihlanu nelishumi.
IKhomishini yoNyulo 
190  Imisebenzi yeKhomishini yoNyulo
(1)	IKhomishini yoNyulo kufuneka –
(a)	ilawule unyulo lwamaziko owiso-mthetho esizwe, awamaphondo, kunye nawoomasipala ngokungqinelana nomthetho wesizwe;
(b)	iqinisekise ukuba unyulo lukhululekile kwaye alunasheyi; ize
(c)	ibhengeze iziphumo zolo nyulo ngexesha ekufuneka limiselwe ngumthetho wesizwe nelifutshane kangangoko kunokwenzeka ngokwamkelekileyo.
(2)	IKhomishini yoNyulo inamagunya ongezelelweyo nemisebenzi emiselwe ngumthetho wesizwe.
191 Ukuma kweKhomishini yoNyulo
 IKhomishini yoNyulo kufuneka ukuba ibe nabantu abathathu ubuncinane. Inani lamalungu nethuba lokubamba kwabo izikhundla kufuneka lichazwe ngumthetho wesizwe.
UGunyaziwe oziMeleyo wokuLawula ezoSasazo  
192  UGunya wezoSasazo
Umthetho wesizwe kufuneka useke igunya elizimeleyo lokulawula ezosasazo ukuze kulungelwe uluntu, nokuqinisekisa ukungabi nasheyi kunye nokuvezwa kwezimvo ezahlukeneyo ngokubanzi ezimele uluntu loMzantsi Afrika.
IMimiselo ngokubanzi 
193.	Ukutyunjwa
(1)	UMkhuseli woLuntu namalungu ayo nayiphi na iKhomishini esekwe sesi Sahluko, kufuneka ibe ngabasetyhini okanye amadoda –
(a)	angabemi basemZantsi Afrika;
(b)	abangabantu abalungele nabafanele ukubamba eso sikhundla;
(c)	nabalungelelene nazo naziphi na ezinye iimfuno ezimiselwe ngumthetho wesizwe.
(2)	Imfuneko yokuba iKhomishini esekwe sesi Sahluko mayibonakalise ngokubanzi ubukho babantu abahluka-hlukeneyo ngokweentlanga nangokwesini emZantsi-Afrika, kufuneka iqwalaselwe xa kutyunjwa amalungu ayo.
(3)	UmPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka ibe ngowasetyhini okanye indoda engummi waseMzantsi Afrika, ibe ngumntu okulungeleyo, nokufaneleyo ukubamba eso sikhundla. Ulwazi olulodwa okanye amava okuphicotha iincwadi zemali, okuphatha iimali zoburhulumente, nawolawulo loluntu kufuneka ibe ziimpawu ezijongwayo xa kutyunjwa uMphicothizincwadi-Jikelele.
(4)	UMongameli, ngengcebiso yeNdlu yoWiso-mthetho, kufuneka atyumbe uMkhuseli woLuntu, uMphicothizincwadi-Jikelele, namalungu –
(a)	eKhomishini yamaLungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika;
[Umhlathi (a)	wenziwe izilungiso ngecandelo 4 loMthetho 65 ka-1998.]
(b)	eKhomishini yokuLingana ngokweSini; kunye
(c)	naweKhomishini yoNyulo.
(5)	INdlu yoWiso-mthetho kufuneka inike ilizwi lokuthethelela abantu –
(a)	abakhethwe yikomiti yeNdlu emiswe ngokobungaphi bamalungu awo onke amaqela amelweyo kwiNdibano: baze
(b)	bavunywa yiNdlu ngesigqibo esixhaswe yivoti –
(i)	yama-60 epesenti yamalungu eNdlu, ubuncinci, ukuba uthethelelo olo lumalunga nokutyunjwa komKhuseli woluNtu okanye uMphicothizincwali – jikelele; okanye
(ii)	yoninzi lwamalungu eNdlu, ukuba uthethelelo olo lumalunga nokutyunjwa kwelungu leKhomishini.
(6)	Ukuthath’inxaxheba kwabantu kwinkqubo yothethelelo kungalungiselelwa ngendlela ekuthethwa ngayo kwicandelo 59 (1)	(a).
194.	Ukususwa esikhundleni
(1)	UMkhuseli woLuntu, uMphicothizincwadi-Jikelele, okanye ilungu leKhomishini, abantu abo bamiselwe sesi Sahluko, bangasuswa elowo esikhundleni kuphela ngenxa –
(a)	yentswela-kuziphatha, yokungabi nakho ukusebenza, okanye ngenxa yokungasebenzi kakuhle;
(b)	yokuba ikomiti ethile yeNdlu yowiso-mthetho imfumanise ekwenye yezi meko ziku (a)	apha ngentla;
(c)	yokuba iNdlu yenze isigqibo esithi loo mntu makasuswe esikhundleni.
(2)	Isigqibo seNdlu yoWiso-mthetho malunga nokususwa esikhundleni –
(a)	komKhuseli woluNtu okanye umPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka sithatyathwe ngokuxhaswa yivoti yesibini esithathwini samalungu eNdibano, ubuncinci; okanye
(b)	kwelungu leKhomishini kufuneka sithatyathwe ngokuxhaswa yivoti yoninzi lwamalungu eNdlu.
(3)	UMongameli –
(a)	angamnqumamisa umntu esikhundleni nanini na emva kokuqalisa kweengxoxo zekomiti ethile yeNdlu yoWiso-mthetho zokuba asuswe loo mntu; kwaye
(b)	kufuneka amsuse umntu kwisikhundla yakuba iNdlu yoWiso-mthetho  yenze isigqibo sokuba loo mntu makasuswe.
ISAHLUKO 10
ULAWULO LUKARHULUMENTE (amacand. 195-197)
195.	Izithethe ezixabisekileyo nemigqalisela esisiseko ekhokela ulawulo lukarhulumente
(1)	Ulawulo lukarhulumente kufuneka lulandele isikhokelo esizizithethe ezixabisekileyo kwanemigqalisela yedemokhrasi, nto ezo zikokosiweyo kuMgaqo-siseko, ekukho kuzo le migqalisela ilandelayo:
(a)	Kufuneka kukhuthazwe, kuze kugcinwe umgangatho ophezulu wesimilo sokusebenza esinoqeqesheko.
(b)	Kufuneka kukhuthazwe ukusetyenziswa kwezixhaso ngokufezekileyo, ngokunoqoqosho nangempumelelo.
(c)	Ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente kufuneka lube neenjongo zophuhliso.
(d)	Iinkonzo kufuneka zenziwe ngokungenamkhethe nasheyi, ngokobulungisa, nangaphandle kokudlela indlala.
(e)	Iimfuno zabantu kufuneka zisatyelwe, kwaye uluntu kufuneka lukhuthazwe ukuba luthabathe inxaxheba ekwenziweni kwenkqubo-sikhokelo.
(f)	Ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente kufuneka lwenzeke ngendlela enokuthembeka.
(g)	Makuphenjelelwe ubeko-lubala lwezinto ngokuthi uluntu lunikwe kwangexesha ulwazi oluchanekileyo, nolufikelelekayo.
(h)	Kufuneka kukhuthazwe uphatho olufanelekileyo lwesixhaso esingabantu kunye nezenzo zophuhliso lwekhondo lomsebenzi, ukuze kwandiswe isakhono sabantu.
(i)	Xa kuqeshwayo kwarhulumente kufuneka kukhethwe phakathi kwabo bonke abantu baseMzantsi Afrika ngokubanzi, izenzo zokuqesha nezophatho-basebenzi zisekelwe ekukwazini (komntu) ukuwenza umsebenzi, ekungakhethini icala elithile, ekungabini nasheyi, nakwimfuneko yokulungisa intswela-kulingana yamaxesha adlulileyo, ukuze kufezekiswe ukumelwa/umelongokubanzi.
(2)	Le migqalisela ilapha ngentla isebenza –
(a)	kulawulo kuzo zonke izigaba zikarhulumente;
(b)	kumaziko karhulumente;
(c)	nakumashishini karhulumente.
(3)	Umthetho wesizwe kufuneka uqinisekise ukukhuthazwa kwezi zithethe zixabisekileyo nale migqalisela idweliswe kwicandelwana (1).
(4)	Ukuqeshwa kulawulo lukarhulumente kwabantu abaliqela, befakwe ngendlela elandela inkqubo-sikhokelo, akunqandwa, kodwa kufuneka umthetho wesizwe ukulungelelanise oku kuqeshwa kwinkonzo yoburhulumente.
(5)	Umthetho olungelelanisa ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente ungacacisa umahluko phakathi kwamacandelo ngamacandelo, kweenkonzo ngeenkonzo zolawulo okanye kwamaziko ngamaziko.
(6)	Umthetho olungelelanisa ulawulo lukarhulumente umelwe kukuba uthathele ingqalelo ezi meko zilandelayo zingqameneyo nawo: uhlobo nemisebenzi yamacandelo ngamacandelo, eyeenkonzo ngeenkonzo zolawulo, okanye eyamaziko ngamaziko olawulo lukarhulumente.
196.	IKhomishini yeNkonzo yakwaRhulumente
(1)	Kukho iKhomishini yeNkonzo yakwaRhulumente enye apha kwiRiphablikhi.
(2)	IKhomishini le izimele kwaye kufuneka ingakhethi cala, kukwafuneka isebenzise amagunya ayo yenze nemisebenzi yayo ngaphandle koloyiko, kokwenza idolo okanye kokuba nesheyi, ukuze igcine ulawulo iwabasebenzi lusebenza ngokuneziqhamo nangokufezekileyo, igcine nomgangatho ophezulu womoya omhle wokusebenza kubasebenzi bakarhulumente. IKhomishini le kufuneka ilawulwe ngumthetho wesizwe.
(3)	Amanye amaziko karhulumente kufuneka athi, ngamanyathelo owiso-mthetho namanye, ayincedise kanjalo ayikhusele iKhomishini, ukwenzela ukuqinisekisa ukuzimela, ukungakhethi cala, isidima nokusebenza ngokuneziqhamo kwayo iKhomishini le. Makungabikho mntu okanye ziko likarhulumente liphazamisana nokusebenza kwale Khomishini.
(4)	Amagunya nemisebenzi yeKhomishini le nanga –
(a)	ukukhuthaza izithethe ezixabisekileyo kunye nemigqalisela ecaciswe kwicandelo 195, kwinkonzo karhulumente iphela;
(b)	ukuphanda, ukugada nokuphonononga imo yokuqingqeka nokulawuleka, izenzo ezimalunga nabasebenzi kubasebenzi bakarhulumente;
(c)	ukupoposha amanyathelo okuqinisekisa ukusebenza ngokuneziqhamo nangokufezekileyo kubasebenzi bakarhulumente;
(d)	ukunika izikhokelo ezinjongo ikukuqinisekisa ukuba imigaqo-nkqubo yobusebenzi ephathelele kugayo, kutshintsho, kunyuselo nakudendo lwabasebenzi, iyangqinelana nezithethe ezixabisekileyo ezicaciswe kwicandelo 195;
(e)	ukunika ingxelo malunga nezenzo zayo nokwenza kwayo imisebenzi yayo, kubandakanywa nazo naziphi na izinto enokuthi izibhaqe kwanezikhokelo neengcebiso enokuthi izinike, kwanokwenza kufumaneke uphononongo olubonisa ukuba izithethe ezixabisekileyo nemigqalisela ecaciswe kwicandelo 195 ilandelwe kangakanani na; kwaneli (lilandelayo igunya)
(f)	ukuthi izenzela ngokwayo okanye isuswe sisikhalazo esifumeneyo –
(i)	ixilonge, iphonononge ukusetyenziswa kweendlela zolawulo lwabasebenzi nolweeofisi zikarhulumente, ize inike ingxelo kwelo gunya lifanelekileyo linolawulo oluphezulu okanye kuloo ndlu yowiso-mthetho ifanelekileyo;
(ii)	ixilonge izikhalazo zabasebenzi abakwinkonzo karhulumente ezimalunga nezenzo okanye ushiyelelo, nto ezo zenziwe ngabasemagunyeni, ize icebise malunga neendlela ezifanelekileyo zokulungisa ezo meko zikhalazisayo;
(iii)	igade kanjalo ixilonge ukulandelwa kwemigaqo-nkqubo esebenza kwinkonzo karhulumente; kanjalo
(iv)	yazise amaziko karhulumente esigaba sesizwe nesamaphondo malunga nezenzo ezimalunga nabasebenzi kwinkonzo karhulumente, kubandakanywa nezo ziphathelele kugayo, ingqesho, utshintsho, ukuphelelwa ngumsebenzi kwanezinye iindawana zempangelo zabaqeshwa abakwinkonzo karhulumente.
 (g)	 ukusebenzisa amagunya ongezelelweyo abekwe nguMthetho wePalamente.
[Umhlathi (g )wongezelelwe  ngecandelo. 3 loMthetho 65 ka-1998.]
(5)	IKhomishini le kufuneka ithembeke kwiNdlu yoWiso-mthetho
(6)	IKhomishini kufuneka inike ingxelo kube kanye ngonyaka, ubuncinci ngokwecandelwana (4)	(e)	–
(a)	kwiNdlu yoWiso-mthetho;
(b)	nakwindlu yowiso-mthetho yephondo elithile, malunga nezenzo zayo kwelo phondo.
(7)	IKhomishini le inaba mkhomishinari balandelayo bali-14 batyunjwe nguMongameli:
(a)	oomkhomishinari abahlanu abavunywe yiNdlu yoWiso-mthetho ngokwecandelwana (8) (a);
(b)	nomkhomishinari omnye wephondo ngalinye okhethwe yiNkulumbuso yelo phondo ngokwecandelwana (8) (b).
(8) (a)	Umkhomishinari otyunjwe ngokwecandelwana (7)	(a)
kufuneka –
(i)	athethelelwe yikomiti yeNdlu yoWiso-mthetho eyakhiwe ngokulungeleleneyo, ngamalungu awo onke amaqela amelweyo kwiNdibano; kananjalo
(ii)	avunywe yiNdlu ngesigqibo esixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo.
(b)	Umkhomishinari otyunjwe yiNkulumbuso yephondo kufuneka –
(i)	athethelelwe yikomiti yendlu yowiso-mthetho yephondo eyakhiwe ngokulungeleleneyo ngamalungu awo onke amaqela amelweyo kwindlu yowiso-mthetho leyo; kanjalo
(ii)	avunywe yindlu yowiso-mthetho ngesigqibo esixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo.
(9) Kufuneka kubekho uMthetho wePalamente olawula uMgaqo-nkqubo wotyumbo loomkhomishinari.
(10) Umkhomishinari utyunjelwa ithuba leminyaka emihlanu, elinokuphindwa kube kanye kuphela, yaye kufuneka abe ngowasetyhini okanye indoda –
(a)	engummi waseMzantsi Afrika;
(b)	ekwangumntu olungeleyo nofaneleyo, onolwazi nonamava ngolawulo, ngokuphathwa okanye ngokwenziwa kwemisebenzi yakwarhulumente.
(11) Umkhomishinari angasuswa esikhundleni kuphela ngenxa –
(a)	yokungaziphathi kakuhle, ukungakwazi ukusebenza okanye ukungawenzi kakuhle umsebenzi;
(b)	yokufunyaniswa kwezi meko ziku (a)	yikomiti yeNdlu yoWiso-mthetho okanye, kwimeko yomkhomishinari owayekhethwe yiNkulumbuso yephondo, yikomiti yendlu yowiso-mthetho yelo phondo;
(c)	nangexa yokuthatyathwa kwesigqibo yiNdlu okanye yindlu yowiso-mthetho yephondo elichaphazelekayo, sigqibo eso sixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo, sisithi makasuswe loo mkhomishinari esikhundleni.
(12) UMongameli kufuneka amsuse esikhundleni loo mkhomishinari uchaphazelekayo kusakuba –
(a)	kuthatyathwe isigqibo yiNdlu esithi makasuswe loo mkhomishinari; okanye
(b)	kukho isaziso esibhaliweyo yiNkulumbuso esixela ukuba indlu yowiso-mthetho ithabathe isigqibo esithi makasuswe loo mkhomishinari.
(13) Oomkhomishinari ekubhekiselwe kubo kwicandelwana (7)	(b)	bangawasebenzisa amagunya benze nemisebenzi yeKhomishini le kumaphondo abo ngokokumiselwe ngumthetho wesizwe.
197.	INkonzo yakwaRhulumente
(1)	Apha kulawulo lwabasebenzeli-rhulumente kukho inkonzo yabasebenzi-rhulumente yeRiphablikhi, ekufuneka isebenze, kanjalo yakhiwe, ngokomthetho wesizwe, ekufuneka kanjalo iphumeze ngokuthembekileyo iinkqubo-sikhokelo ezisemthethweni zikarhulumente ophetheyo.
(2)	Imimiselo nemiqathango yengqesho kwinkonzo karhulumente kufuneka ilungelelaniswe ngumthetho wesizwe. Abaqeshwa banelungelo lokufumana umhlala-phantsi ongenasheyi njengoko kumiselwe ngumthetho wesizwe.
(3)	Akukho mqeshwa wenkonzo yabasebenzeli-rhulumente uya kwenzelwa idolo okanye adlelwe indlala kuphela nje ngenxa yokuba loo mntu exhasa iqela elithile lezopolitiko okanye iinjongo ezithile zopolitiko.
(4)	Luxanduva loorhulumente bamaphondo ukufuna, ukuqesha, ukunyusela, ukutshintsha nokuyekisa emsebenzini abasebenzeli-rhulumente bolawulo lwabo, beyenza yonke le nto ngokwemo-sikhokelo yezithethe nemigangatho efanayo, ekusetyenziswa yona kwinkonzo yabasebenzeli rhulumente.
ISAHLUKO 11
IINKONZO ZOKHUSELEKO (amacand. 198-210)
198.	Imigqalisela elawulayo
Le migqalisela ilandelayo ilawula ukhuseleko lwesizwe apha kwiRiphablikhi:
(a)	Ukhuseleko lwesizwe kufuneka lubonakalise ukuzimisela kwabantu baseMzantsi Afrika, ngokomntu ngamnye nangokwesizwe, ukuhlala njengabantu abalinganayo, ukuhlala ngoxolo nemvisiswano, ukukhululeka kuloyiko nakwintswelo, nokuzamela ubomi obubhetele.
(b)	Oku kuzimisela ukuhlala ngoxolo nemvisiswano kuthintela wonke ummi woMzantsi Afrika ekuthabatheni inxaxheba kungquzulwano ngezixhobo, esizweni okanye phakathi kwamazwe ngamazwe, ngaphandle kwakwiimeko ezimiselwe nguMgaqo-siseko okanye ngumthetho wesizwe.
(c)	Ukhuseleko lwesizwe kufuneka luqhutywe ngokuhambisana nomthetho kubandakanywa nomthetho wamazwe.
(d)	Ukhuseleko lwesizwe luphantsi kwegunya lePalamente kunye nesigqeba esilawulayo sesizwe.
199 Ukumiselwa, ukubunjwa nokuziphatha kweenkonzo zokhuseleko
(1)	Iinkonzo zokhuseleko zeRiphablikhi zezi: umkhosi omnye wokhuselo, inkonzo enye yamapolisa kunye nazo naziphi na iinkonzo zobuntlola ezimiselwe ngokoMgaqo-siseko.
(2)	Umkhosi wokhuselo nguwo kuphela umkhosi wamajoni osemthethweni kwiRiphablikhi.
(3)	Ngaphandle kweenkonzo zokhuseleko ezimiselwe ngokoMgaqo-siseko, imibutho yezixhobo okanye iinkonzo zosetyenziso-zixhobo zingasekwa kuphela ngokomthetho wesizwe.
(4)	Iinkonzo zokhuseleko kufuneka zibunjwe, zilawulwe ngokomthetho wesizwe.
(5)	Iinkonzo zokhuseleko kufuneka zenze, zifundise, ziyalele namalungu azo ukuba enze, ngokungqinelana noMgaqo-siseko kunye nomthetho, kubandakanywa umthetho wesiqhelo wamazwe ngamazwe kunye nezivumelwano zamazwe ngamazwe ezibophelelayo kwiRiphablikhi.
(6)	Akukho lungu layo nayiphi na inkonzo yezokhuseleko elimele ukuba lithobele umyalelo ocacileyo ukuba awukho mthethweni.
(7)	Iinkonzo zokhuseleko, ndawonye namalungu onke azo, azivumelekanga ukuba zithi ekwenzeni imisebenzi yazo –
(a)	zibeke engozini izinto ezikukulungelwa kweqela elithile lezopolitiko elisemthethweni ngokoMgaqo-siseko, okanye
(b)	ziqhubele phambili, ngokunomkhethe, nakuphi na ukulungelwa kweqela elithile lezopolitiko.
(8) Ukwenzela ukuba imigqalisela yobeko-lubala neyokuthembeka iphumelele, kufuneka iikomiti zepalamente zamaqela ngamaqela zongamele zonke iinkonzo zokhuseleko ngendlela eqingqwe ngumthetho wesizwe okanye yimithetho nemimiselo yePalamente.
Ukhuselo (amacand. 200-204)
200 UMkhosi wokhuselo
(1)	Umkhosi wokhuselo kufuneka ubunjwe uze ubuye uphathwe njengomkhosi wezixhobo zokulwa oqeqeshekileyo.
(2)	Injongo ephambili yomkhosi wokhuselo kukukhusela nokuvikela iRiphablikhi, isidima sayo sobummandla kunye nabantu bayo, uyenza loo nto ngokungqinelana noMgaqo-siseko kwakunye nemigqalisela yomthetho wamazwe ngamazwe olawula ukusetyenziswa komkhosi.
201 Uxanduva lwezopolitiko
(1)	Kufuneka kube kho ilungu leKhabinethi elijongene nezokhuselo.
(2)	NguMongameli kuphela onokuthi, njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo  oluphezulu, agunyazise ukusetyenziswa komkhosi wezokhuselo –
(a)	ngentsebenziswano nenkonzo yezobupolisa;
(b)	ukukhusela iRiphablikhi; okanye
(c)	ukuzalisekisa izimiselo zamazwe ngamazwe ehlabathi.
(3)	Xa umkhosi wokhuselo usetyenziselwa nayiphi na injongo exelwe kwicandelwana (2), kufuneka uMongameli ayazise iPalamente, ngoko nangoko, enika iinkcukacha ezifanelekileyo –
(a)	zezizathu zokuba kusetyenziswe umkhosi wokhuselo;
(b)	ngayo nayiphi na indawo apho umkhosi lo usetyenziswa khona;
(c)	ngenani labantu ababandakanyekayo;
(d)	nangethuba ekuthelekelelwa ukuba uya kusetyenziswa ngalo umkhosi lo.
(4)	Ukuba iPalamente ayihlali kwiintsuku ezisixhenxe zokuqala emva kokusetyenziswa komkhosi wokhuselo ekuthethwa ngako kwicandelwana (2)	kufuneka uMongameli anike ikomiti ekuyiyo eyongameleyo iinkcukacha ezifunekayo ezixelwe kwicandelwana (3).
202.	Ukuphathwa komkhosi wokhuselo
(1)	UMongameli, njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu,
yiKhomanda eyiNtloko yomkhosi wokhuselo, kufuneka atyumbe iKhomanda yezobuJoni yomkhosi wokhuselo lo.
(2)	Ukuphathwa komkhosi wokhuselo kufuneka kwenziwe ngokungqinelana nemiyalelo yelungu leKhabinethi elijongene nezokhuselo, phantsi kwegunya likaMongameli
203.	Imo yoKhuselo lweSizwe
(1)	UMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu angayimisela imo yokhuselo lwesizwe, kuze kufuneke eyazisile iPalamente ngoko nangoko, anike iinkcukacha ezifanelekileyo –
(a)	zezizathu zolo miselo;
(b)	ngayo nayiphi na indawo apho kusetyenziswa khona umkhosi wokhuselo lowo;
(c)	nangenani labantu ababandakanyekayo.
(2)	Ukuba iPalamente ayihlali ngexesha ekumiselwa ngalo imo yokhuselo lwesizwe, kufuneka uMongameli abizele iPalamente kwindibano ekuhlaleni okungesosiqhelo kwakwiintsuku ezisisixhenxe zomiselo olo.
(3)	Umiselo lwemo yokhuselo lwesizwe luyaphelelwa, ngaphandle kokuba luyamkelwa yiPalamente kwakwiintsuku ezisixhenxe zomiselo olo.
204.	I-Ofisi yoonobhala bezokhuselo abangengomalungu omkhosi
 I-ofisi yoonobhala bezokhuselo abangengomalungu omkhosi kufuneka isekwe ngomthetho wesizwe, isebenze phantsi kwenkokelo yelungu leKhabinethi elijongene nezokhuselo.
Amapolisa (amacand. 205-208)
205.	Inkonzo yamapolisa
(1)	Inkonzo yamapolisa yesizwe kufuneka ibunjwe ngendlela eyenza ukuba isebenze kwisigaba sorhulumente sesizwe nakwesamaphondo, kanti nakweseengingqi, apho kufanelekileyo.
(2)	Umthetho wesizwe kufuneka useke amagunya nemisebenzi yenkonzo yamapolisa, kwaye kufuneka wenze ukuba inkonzo yamapolisa ibe nakho ukuyenza imisebenzi yayo ngokuphumeleleyo, kuthathelwa ingqalelo iimfuno zamaphondo.
(3)	Iinjongo zenkonzo yamapolisa kukuthintela ukulwa nokuphanda ulwaphulo-mthetho; ukugcina ucwangco loluntu, ukuvikela nokwenza kukhuseleke abemi beRiphablikhi nepropati yabo nokugcina umthetho kwanokuwenza usebenze
206.	Uxanduva lwabezopolitiko
(1)	Kufuneka kube kho ilungu leKhabinethi elijongene nemicimbi yezamapolisa,
ekufuneka liqingqe inkqubo-sikhokelo yezamapolisa yesizwe, emva kokubonisana noorhulumente bamaphondo, futhi lithathela ingqalelo iimfuno nemicimbi ephambili kwezobupolisa zamaphondo eziqiqwe zizigqeba zamaphondo ezinolawulo oluphezulu.
(2)	Inkqubo-sikhokelo yesizwe yezobupolisa ingavula amathuba eenkqubo-zikhokelo ezahlukeneyo zamaphondo ahlukeneyo emva kokuthathela ingqalelo iimfuno nemicimbi ephambili yezobupolisa yala maphondo.
(3)	Iphondo ngalinye linelungelo –
(a)	lokugada izenzo zamapolisa;
(b)	lokongamela ukusebenza ngokuneziqhamo nangokufezekileyo kwenkonzo yamapolisa, kubandakanywa nokufumana iingxelo ngenkonzo yamapolisa;
(c)	lokukhuthaza ubudlelane obuhle phakathi kwamapolisa noluntu;
(d)	lokuvavanya ukuba neziqhamo kokusebenza kwamapolisa ebonakala;
(e)	nokunxibelelana nelungu leKhabhinethi elijongene nezamapolisa, mayela nolwaphulo-mthetho nomsebenzi wamapolisa kwelo phondo.
(4)	Isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu sinoxanduva lwale misebenzi ilandelayo yezobupolisa –
(a)	ephathiswe sona sesi Sahluko;
(b)	eyabelwe sona ngokomthetho wesizwe;
(c)	nenikwe sona kwinkqubo-sikhokelo yesizwe yezobupolisa.
(5)	Ukuze lenze laa misebenzi icaciswe kwicandelwana (3)	iphondo –
(a)	lingenza uphando, okanye lityumbe ikhomishini yophando, ukuze liqwalasele naziphi na izikhalazo ezingokungasebenzi kakuhle kwamapolisa okanye ezingokuchitheka kobudlelwane phakathi kwamapolisa nalo naluphi na uluntu; yaye
(b)	kufuneka linike iingcebiso kwelo lungu leKhabhinethi liphathiswe ezobupolisa.
(6)	Kwakufika isikhalazo sifakwe sisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu sephondo makube kho iqumrhu elizimeleyo lezikhalazo ngamapolisa elisekwe ngomthetho wesizwe emaliphande nakuphi na ukungaziphathi kakuhle okubikwayo okanye nakuphi na ukwaphulwa komthetho okwenziwe lilungu lenkonzo yezobupolisa kwiphondo.
(7)	Umthetho wesizwe kufuneka wenze kube kho imo-sikhokelo yokusekwa kweenkonzo zamapolisa zoomasipala, nezamagunya, nemisebenzi nokulawulwa kwazo.
(8) Kufuneka kusekwe ikomiti eyakhiwe lilungu leKhabhinethi kunye namalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu anoxanduva lwezobupolisa ukuze kuqinisekiswe ulungelelwaniso lwenkonzo yezobupolisa oluneziqhamo nentsebenziswano eneziqhamo phakathi kwezigaba zikarhulumente.
(9) Indlu yowiso-mthetho yephondo isenokuthi umkhomishinala wephondo elo makeze kuvela phambi kwayo okanye phambi kwayo nayiphi na enye yeekomiti zayo aze kuphendula imibuzo.
207.	Ukulawulwa kwenkonzo yamapolisa
(1)	UMongameli, njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, kufuneka atyumbe umntu wasetyhini okanye oyindoda njengoKhomishinala weSizwe wenkonzo yamapolisa, ukuze alawule, aphathe inkonzo yamapolisa.
(2)	UKhomishinala weSizwe kufuneka alawule, aphathe inkonzo yamapolisa ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo le yesizwe yezobupolisa kwanemiyalelo yelungu leKhabinethi elijongene nezobupolisa.
(3)	UKhomishinala weSizwe, ngokuvunyelwa sisigqeba solawulo oluphezulu sephondo elo, kufuneka atyumbe umntu wasetyhini okanye oyindoda njengoKhomishinala wephondo kwelo iphondo, kodwa ukuba UKhomishinala weSizwe nesigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu abade bavumelane ngotyumbo olo, ilungu leKhabhinethi elijongene nezobupolisa kufuneka lilamle phakathi kwaba babini.
(4)	OoKhomishinala bamaphondo bajongene nezobupolisa elowo kwiphondo lakhe –
(a)	ngokwendlela emiselwe ngumthetho wesizwe; kanjalo
(b)	bephantsi kwegunya likaKhomishinala weSizwe lokulawula nokuphatha inkonzo yamapolisa ngokwecandelwana (2).
(5)	UKhomishinala wephondo kufuneka anike ingxelo kwindlu yowiso-mthetho yephondo lakhe qho ngonyaka, malunga nezobupolisa kwelo phondo, aze athumele ikopi yaloo ngxelo kuKhomishinala weSizwe.
(6)	Ukuba uKhomishinala wephondo uphelelwe kukuthenjwa sisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu, eso sigqeba singathatha amanyathelo afanelekileyo okumsusa okanye okumtshintshela kwenye indawo, okanye awokumohlwaya loo Khomishinala, ngokungqinelana nomthetho wesizwe.
208.	Iofisi yoonobhala bamapolisa abangengomalungu amapolisa
Iofisi yoonobhala bamapolisa abangemapolisa kufuneka isekwe ngomthetho wesizwe ukuze isebenze phantsi kwesikhokelo selungu leKhabhinethi elijongene nezobupolisa.
Ezobuntlola (amacand
209 Ukusekwa nokulawulwa kweenkonzo zobuntlola
(1)	Nayiphi na inkonzo yezobuntlola, engelilo naliphi na icandelo lezobuntlola
lomkhosi wokhuselo okanye lenkonzo yamapolisa, ingasekwa nguMongameli kuphela,njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, kube kuphela ngokomthetho wesizwe.
(2)	UMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu kufuneka atyumbe umntu wasetyhini okanye oyindoda njengentloko yenkonzo nganye yezobuntlola esekwe ngokwecandelwana (1), kwaye kufuneka athathe uxanduva lwezopolitiko lokulawula nokukhokela naziphi na kwezo nkonzo, okanye atyumbe ilungu elithile leKhabinethi ukuba lithabathe olo xanduva..
210 Amagunya, imisebenzi nokubeka iliso
Umthetho wesizwe kufuneka ulungelelanise/ulawule iinjongo, amagunya nemisebenzi yeenkonzo zobuntlola, kubandakanywa naliphi na icandelo lezobuntlola lomkhosi wokhuselo okanye lenkonzo yamapolisa; kufuneka kanjalo umisele –
(a)	unxibelelwaniso lwazo zonke iinkonzo zobuntlola;
(b)	nokugadwa luluntu kokwenziwa kwezo nkonzo ngumhloli otyunjwe nguMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, nothe wavunywa ngesigqibo esithatyathwe yiNdibano yesiZwe sona sixhaswe yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinane.
ISAHLUKO 12
 IINKOKELI ZEMVELI (amacand. 211-212)
211 Ukuvunywa 
 (1)	Ukumiselwa, inqanaba kunye nenxaxheba yobunkokeli bemveli, ngokomthetho wemveli, zivunyiwe ngokulawulwa nguMgaqo-siseko.
(2)	Igunya lemveli elisebenza ngokwenkqubo yomthetho wemveli lingasebenza ngokulawulwa nanguwuphi na umthetho osebenzisekayo kwanamasiko asebenzisekayo, kusebenza oko kubandakanya izilungiso kuwo okanye ukutshitshiswa kwawo loo mthetho okanye loo masiko.
(3)	Iinkundla kufuneka ziwusebenzise umthetho wemveli xa loo mthetho usebenziseka,ngokokulawula koMgaqo-siseko kunye nawo nawuphi na umthetho ojongene kanye/ncakasana nomthetho wemveli. 
212.	Inxaxheba yeenkokeli zemveli
(1)	Umthetho wesizwe ungayimisela inxaxheba yeenkokeli zemveli njengeziko elikwisigaba sasekuhlaleni, lemicimbi echaphazela abantu kwiindawo ezo bahlala kuzo.
(2)	Ukujongana nemicimbi ephathelele kubunkokeli bemveli, kwindima yeenkokeli zemveli, kumthetho wezithethe nakumasiko abantu abalandela inkqubo ethile yomthetho wezithethe –
(a)	umthetho wesizwe okanye owephondo ungamisela indlela yokusekwa kwezindlu zeenkokeli zemveli; kanjalo
(b)	umthetho wesizwe ungaseka ibhunga leenkokeli zemveli.
ISAHLUKO 13
EZEMALI (amacand. 213-230A)
IMibandela yezeMali ngokuBanzi 
213.	INgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe
(1)	Kukho iNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe, apho kufuneka kufakwe khona yonke imali ethe yafikela urhulumente wesizwe, ngaphandle kwemali ekucacileyo ukuba  ayibandakanywanga nguMthetho wePalamente.
(2)	Imali inokukhutshwa kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe, kuphela –
(a)	ngokwemigaqo yohlahlo-lwabiwo-mali, nguMthetho wePalamente; okanye
(b)	njengeendleko eziphuma ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe, xa ukwenjenjalo kumiselweyo kuMgaqo-siseko okanye kuMthetho othile wePalamente.
(3)	Isabelo esingeyonkqatho samaphondo esisuka kwingeniso eqokelelwe kwisigaba sesizwe siziindleko ezikhutshwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe. Izabelo ezingeyonkqatho nezahlulo zengeniso
[Umhla wokuqalisa kwecandelo  213: 1 Januwari 1998.]
214.	Izabelo ezilinganayo nezahlulo zengeniso
(1)	Kufuneka kube kho UMthetho wePalamente omisela indlela –
(a)	yokwahlulwa ngokulinganayo kwengeniso eqokelelwe kwisigaba sesizwe, isahlulelwa kwisigaba sikarhulumente sesizwe esamaphondo, neseengingqi;
(b)	yokuqingqwa kwesabelo esilinganayo sephondo ngalinye esisuka kwisabelo samaphondo esisuka kwingeniso leyo;
(c)	neyazo naziphi na ezinye izahlulelo eziya kumaphondo, kurhulumente weengingqi okanye koomasipala eziphuma kwisabelo sikarhulumente wesizwe saloo ngeniso, kunye nayo nayiphi na imiqathango ezithi zenziwe phantsi kwayo ezo zahlulo.
(2)	UMthetho ekubhekiswa kuwo kwicandelwana (1)	ungenziwa kuphela emva kokuba kuboniswene noorhulumente bamaphondo, urhulumente weengingqi omiswe ngendlela, kunye neKhomishini yezeMali neRhafu, nasemva kokuba kugqalwe zonke iingcebiso zekhomishini; kanjalo kufuneka loo mthetho uthathele ingqalelo –
(a)	izinto ezikukulungelwa kwesizwe;
(b)	nawuphi na ummiselo ofanele ukwenziwa ngokuphathelele kwityala lemali lesizwe nezinye izimiselo zesizwe;
(c)	iimfuno nezinto ezikukulungelwa korhulumente wesizwe eziqingqwe ngokweempawu zokungakhethi cala elithile;
(d)	imfuneko yokuqinisekisa ukuba amaphondo noomasipala banakho ukubonelela ngeenkonzo ezisisiseko nokwenza imisebenzi abayabelweyo;
(e)	isakhono nengqibelelo yamaphondo noomasipala kwimicimbi yezerhafu;
(f)	iimfuno ezimalunga nophuhliso, kwanezinye iimfuno, zamaphondo, ezolawulo lweengingqi nezoomasipala;
(g)	ukungalingani kwezoqoqosho ngaphakathi kumaphondo, naphakathi kwamaphondo lawo;
(h)	izimiselo zamaphondo noomasipala ngokomthetho wesizwe;
(i)	ukunqweneleka kwezahlulo zengeniso-mali ezizinzileyo nezinokuqikelelwa
(kwangaphambili)/nezinokuthelekelelwa;
(j)	imfuneko yokuguquka lula ekusabeleni iimeko neengxaki okanye ezinye iimfuno zexeshana kwanezinye iimeko ezifanayo nezokungakhethi cala.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo  214: 1 Januwari 1998.]
215.	Uhlahlo-lwabiwo-mali lwesizwe, olwamaphondo noloomasipala
(1)	Ulwabiwo-mali lwesizwe, olwamaphondo noloomasipala, kunye neenkqubo
zolwabiwo-mali zizizigaba zikarhulumente, kufuneka zikhuthaze ubeko-lubala lwezinto, ukuthembeka kunye nophatho lwezemali olunempumelelo kwezoqoqosho, ityala kunye necandelo likarhulumente.
(2)	Umthetho wesizwe kufuneka umisele –
(a)	indlela yolwabiwo-mali lwesizwe, neyolwamaphondo, neyoloomasipala;
(b)	ixesha lokungeniswa kolwabiwo-mali lwesizwe nolwamaphondo;
(c)	nokuthi ulwabiwo-mali lwesigaba ngasinye sikarhulumente kufuneka lubonise imvelaphi yengeniso nendlela inkcitho-mali ecetywayo eya kungqinelana ngayo nomthetho wesizwe.
(3)	Ulwabiwo-mali kwisigaba ngasinye sikarhulumente kufuneka luqulathe –
(a)	intelekelelo yengeniso neyenkcitho-mali, kwenziwe umahluko phakathi kwenkcitho-mali ngemisebenzi emikhulu kunye nenkcitho-mali ngemisebenzi eqhubayo;
(b)	imipoposho yokuhlangabezana ngezemali nako nakuphi na ukusilela ngemali ngokwelo xesha ifanelene nalo;
(c)	nokuxelwa kweenjongo zokuboleka kunye nezinye iintlobo zobutyala bukarhulumente obuya kwandisa ityala likarhulumente ngaloo nyaka uza kulandela.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo . 215: 1 Januwari 1998.]
216.	Ukulawulwa koVimba kaRhulumente
(1)	Umthetho wesizwe kufuneka useke uvimba wesizwe, kanjalo umisele amanyathelo okuqinisekisa ubeko-lubala lwezinto nolawulo lwenkcitho-mali kwisigaba ngasinye sikarhulumente, ngokwenza kube kho –
(a)	inkqubo eyamkelekileyo ngokubanzi yocwangciso-mali;
(b)	ukuhlelwa kwenkcitho-mali ngokufanayo; kunye
(c)	nezithethe nomgangatho ofanayo woovimba.
(2)	 Uvimba wesizwe, angakuphezisa ukuthunyelwa kwemali kwiziko loburhulumente ukuba ngaba elo ziko liwatyeshela ngokuxhomisa amehlo okanye okuthe gqolo amanyathelo asekwe ngokwecandelwana (1).
[Icandelwana (2)	lithathelwa indawo licandelo 5 (a)	loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(3)	 Isigqibo sokunqanda ukuthunyelwa kwemali kwiphondo  ngokwecandelo 214(1)(b)	singathatyathwa kuphela ngokwecandelwana (2), kwaye –
(a)	asingekunqandi ukuthunyelwa kwemali ithuba elingaphezu kweentsuku ezili-120; kanjalo
(b)	sinokusetyenziswa ngoko nangoko, kodwa siya kuphelelwa ukususela kwithuba eselidlule ngaphandle kokuba iPalamente iyasivumela emva kokulandela inkqubo efana ngokukhulu naleyo isekwe ngokwecandelo 76 (1)	nemiselwe yimigaqo nemiyalelo yePalamente ekudityenweyo ngayo. Le nkqubo kufuneka igqitywe kwangeentsuku ezingama-30 senziwe nguvimba wesizwe isigqibo.
[Icandelwana  (3)	lenziwe izilungiso ngecandelo. 5 (b)	loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(4)	IPalamente ingasihlaziya isigqibo sokunqanda ukuthunyelwa kwemali, ithuba elingekho ngaphezulu kweentsuku ezili-120 ngexesha, kulandelwa inkqubo esekwe ngokwecandelwana (3).
(5)	Phambi kokuba iPalamente isivume okanye isihlaziye isigqibo sokunqanda ukuthunyelwa kwemali kwiphondo –
(a)	uMphicothizincwadi-Jikelele kufuneka anike ingxelo ePalamente; kanjalo
(b)	iphondo elo kufuneka linikwe ithuba lokuphendula izityholo elibekwa zona, liyibeke imeko yalo phambi kwekomiti ethile.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo 216: 1 January 1998.]
217.	Inkqubo yeentengo
(1)	Xa iziko likarhulumente, kwisigaba sikarhulumente sesizwe, esamaphondo okanye eseengingqi, okanye naliphi na elinye iziko elichazwe kumthetho wesizwe, lisenza izivumelwano malunga neempahla okanye neenkonzo, kufuneka likwenze oko ngokungqinelana nenkqubo engenasheyi, engenankqatho, eselubala, enokhuphiswano nengenazindleko.
(2)	Icandelwana (1)	aliwathinteli amaziko karhulumente okanye amaziko axelwe kweli candelwana ekusebenziseni inkqubo-sikhokelo yeentengo zeempahla neenkonzo, enika indlela –
(a)	yokukhethwa ngendlela yokuhlelwa xa kusabelwa iikhontrakthi
(b)	yokukhuselwa okanye yokuphuhliswa kwabantu, okanye okweendidi ezithile zabantu, abadlelwe indlala calu-calulo olunesheyi.
(3)	Umthetho wesizwe kufuneka umisele indlela ekufuneka  isetyenziswe ngayo inkqubo-sikhokelo ecaciswe kwicandelwana (2).
[Icandelwana (3)	lithathelwa indawo  licandelo 6 loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
218.	Umelo-malini nguRhulumente
(1)	Urhulumente wesizwe, okanye owephondo, okanye umasipala angalwenza umelo malunga nemali-mboleko kuphela xa ngaba olo melo luyahambisana nayo nayiphi na imiqathango emiselwe kumthetho wesizwe.
(2)	Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1)	ungenziwa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe naziphi na iingcebiso ezivela kwiKhomishini yezeMali neRhafu.
(3)	Kunyaka ngamnye urhulumente ngamnye kufuneka apapashe ingxelo ngomelo-malini athe  walwenza.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo 218: 1 Januwari 1998.]
219 Ukuhlawulwa kwabantu ababambe izikhundla zaseburhulumenteni
(1)	Kufuneka kube kho uMthetho wePalamente omisela isikhokelo  sokuqingqa –
(a)	imivuzo, izibonelelo kunye neemfanelo zamalungu eNdlu yoWiso-mthetho, nezabathunywa abasisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo, nezamalungu eKhabhinethi, nezooSekela-baPhathiswa, nezeenkokeli zemveli nezamalungu azo naziphi na izigqeba zeenkokeli zemveli;
(b)	nelona qondo liphezulu lemivuzo, izibonelelo okanye iimfanelo zamalungu ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo, nezamalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu kunye nezamalungu amaBhunga ooMasipala beendidi ezingafaniyo.
(2)	Umthetho wesizwe kufuneka useke ikhomishini ezimeleyo ukuba inike iingcebiso malunga nemivuzo, nezibonelelo, neemfanelo ekuthethwa ngazo kwicandelwana (1).
(3)	Ipalamente ingawupasisa umthetho ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1)	kuphela emva kokuqwalasela naziphi na iingcebiso zekhomishini esekwe ngokwecandelwana (2).
(4)	Isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, isigqeba sephondo elithile esinolawulo oluphezulu, umasipala othile okanye nasiphi na esinye isiphatha-mandla esifanelekileyo singawusebenzisa lo mthetho wesizwe kuthethwa ngawo kwicandelwana (1)	kuphela emva kokuqwalasela naziphi na iingcebiso zekhomishini esekwe ngokwecandelwana (2).
(5)	Umthetho wesizwe kufuneka umisele izikhokelo zokuqingqa imivuzo, izibonelelo kwaneemfanelo zeejaji, zoMkhuseli woLuntu, zoMphicothizincwadi-Jikelele, kunye nezamalungu ayo nayiphi na ikhomishini exeliweyo kuMgaqo-siseko lo, ndawonye negunya lezosasazo elixelwe kwicandelo 192.
IKhomishini yezeMali neRhafu 
220 Ukusekwa nemisebenzi
(1)	Kukho iKhomishini yezeMali neRhafu yeRiphablikhi enika iingcebiso ekuthethwa ngazo kwesi Sahluko, okanye kumthetho wesizwe, izinika iPalamente, izindlu zowiso-mthetho zamaphondo kunye nawo nawaphi na amanye amagunya amiselwe ngumthetho wesizwe.
(2)	IKhomishini le izimele, ilawulwa kuphela nguMgaqo-siseko kunye nomthetho, kwaye kufuneka ingakhethi cala.
(3)	IKhomishini kufuneka isebenze ngokwemigaqo yoMthetho othile wePalamente, kanjalo, xa isenza imisebenzi yayo, kufuneka ithathele ingqalelo yonke imiba echaphazelekayo, ndawonye naleyo idweliswe kwicandelo 214 (2).
221 Ukubekwa nobude bexesha lokusebenza kwamalungu
(1)	IKhomishini le inaba bantu balandelayo basetyhini nabangamadoda batyunjwe nguMongameli njengentloko yesigqeba esinolawulo oluphezulu sesizwe:
(a)	usihlalo nosekela-sihlalo;
(b)	abantu abathathu abakhethwe kuluhlu oluqulunqwe ngokwenkqubo ebekwe ngumthetho wesizwe, emva kokuthethana  neeNkulumbuso;
(c)	abantu ababini abakhethwe kuluhlu oluqulunqwe ngokwenkqubo ebekwe ngumthetho wesizwe emva kokuthethana nemibutho yoomasipala; kunye
 (d)	nabanye abantu ababini.
[Icandelwana (1) lithathelwa indawo  licandelo 2 loMthetho Wesihlanu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1999] lize lithathelwe indawo licandelo 7 (a)	loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(1A) Umthetho wesizwe okhankanywe kwicandelwana (1)	kufuneka ulungiselele inxaxheba -
 (a)	iiNkulumbuso xa kusenziwa oluya luhlu lukhankanywe kwicandelwana (1)	(b)	; kunye
 (b)	 nemibutho yoomasipala xa kusenziwa oluya luhlu lukhankanywe kwicandelwana (1)	(c)	.
[Icandelwana (1A) lifakelwe ngo-7 (b)	woMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo ka-2001.]
(2)	Amalungu eKhomishini le kufuneka abe nabo ubuchwepheshe obufunekayo.
(3)	Amalungu asebenza ithuba elimiselwe ngokomthetho wesizwe. UMongameli angalisusa ilungu esikhundleni ngezizathu zentswela-kuziphatha, ukungabi nakho ukusebenza okanye ukungakwazi ukusebenza.
222.	Iingxelo
IKhomishini kufuneka inike ingxelo rhoqo kwiPalamente kanti nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.
IBhanki eYongameleyo (amacand. 223-225)
223.	Ukusekwa
IBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika yibhanki eyongameleyo yeRiphablikhi kwaye ilawulwa nguMthetho othile wePalamente.
224.	Injongo engundoqo
(1)	Injongo engundoqo yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika kukukhusela ixabiso lohlobo lwemali yeli lizwe, kujongwe ukukhula kwezoqoqosho okuzinzileyo nokungatshitshiyo kwiRiphablikhi.
(2)	IBhanki enguVimba yoMzantsi  Afrika, xa izama ukufezekisa injongo yayo engundoqo, kufuneka yenze imisebenzi yayo ngokuzimeleyo nangaphandle koloyiko, nokwenza idolo okanye ukudlela indlala; kodwa, kufuneka kube kho ukubonisana okuthe rhoqo phakathi kwale Bhanki nelungu leKhabinethi elijongene nemibandela yesizwe yezemali.
225.	Amagunya nemisebenzi
Amagunya nemisebenzi yeBhanki enguVimba yoMzantsi-Afrika ngalawo esiqhelo asetyenziswa, nemisebenzi yayo yileyo yesiqhelo yenziwa, ziibhanki ezongameleyo, magunya lawo, nemisebenzi leyo ekufuneka eqingqwe nguMthetho wePalamente; ukusetyenziswa kwala magunya, nokwenziwa kwale misebenzi kufuneka kulawulwe yimiqathango emiselwe ngokoMthetho lowo.
Imicimbi yezeMali yaMaphondo neyeeNgingqi (amacand. 226-230A)
226.	IiNgxowa-mali zeNgeniso zamaPhondo
(1)	Kukho iNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo eyeyephondo ngalinye apho kufakwa khona yonke imali efikele urhulumente wephondo elo, ngaphandle kwemali ekucacileyo ukuba ayibandakanywanga nguMthetho wePalamente.
(2)	Imali ingatsalwa kwiNgxowa-mali yePhondo kuphela –
(a)	ngokwemigaqo yohlahlo-lwabiwo-mali nguMthetho wephondo elo; okanye
(b)	njengeendleko ngqo ezikhutshwa kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo xa ixeliweyo kuMgaqo-siseko okanye kuMthetho wephondo.
(3)	Imali eyabelwe ulawulo lwasekuhlaleni elikwiphondo elithile, isiza ngephondo elo ngokwecandelo 214 (1), iziindleko ngqo eziphuma kwiNgxowa-mali yeNgeniso yelo phondo.
 (4)	Umthetho wesizwe ungabeka isikhokelo -
(a)	onokuthi ngaso uMthetho wephondo, ngokwecandelwana (2)	(b), ugunyazise ukukhutshwa kwemali ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo; and
(b)	nekufuneka ukuba bayihlawulwe ngaso oomasipala belo phondo imali  abayabelwe ngayo ngephondo elo ngokwecandelwana (3).
[Icandelwana  (4)	longezelelwe ngecandelo 8 loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
[Umhla wokuqalisa kwecandelo 226: 1 Januwari 1998.]
227.	Iindawo evela kuzo imali enikwa oorhulumente bamaphondo nabeengingqi ngurhulumente wesizwe
(1)	Urhulumente weengingqi kunye nephondo ngalinye –
(a)	linelungelo kwisabelo esingenankqatho sengeniso eqokelelwe ngurhulumente wesizwe ukulinceda ukuba libe nakho ukubonelela ngeenkonzo ezisisiseko kwanokwenza imisebenzi eyabelwe lona; kanjalo.
(b)	lingafumana ezinye izahlulelo ezivela kwingxowa-mali yesizwe, ezibekelwe imiqathango okanye ezingabekelwanga miqathango.
(2)	Enye ingeniso ekhoyo eqokelelwe ngamaphondo okanye oomasipala ayinakutsalwa kwisabelo sawo/sabo semali eqokelelwe kwisigaba sesizwe sikarhulumente okanye kwezinye izahlulelo ezinikwe wona/bona zivela kwingeniso karhulumente wesizwe. Kwangokunjalo, akanyanzelekanga urhulumente wesizwe ukuba abuyekeze amaphondo okanye oomasipala abangaqokeleli mali ifanelene namandla awo/abo ezemali kwanomthombo wawo/wabo kwezerhafu.
(3)	Isabelo esingenankqatho sephondo esivela kwingeniso eqokelelwe ngurhulumente wesizwe kufuneka sithunyelwe kwiphondo elo ngoko nangoko, kungatsalwanga mali kuso, ngaphandle kwaxa oko kuthunyelwa kuye kwanqandwa ngokwecandelo 216.
(4)	Iphondo kufuneka lizibonelele ngazo naziphi na izixhaso elizifunayo, ngokommiselo okhoyo kuMgaqo-siseko walo, ezingaphezu kweemfuno zalo eziqikelelwe kulo Mgaqo-siseko.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo 227: 1 Januwari 1998.]
228.	Iirhafu zamaphondo
(1)	Indlu yowiso-mthetho yephondo ingamisela –
(a)	iirhafu, iintlawuliso okanye iintlawulelo-zinto, ingeyiyo irhafu yengeniso, irhafu
eyongezelelwe kwixabiso, irhafu yentengo, irhafu yepropati okanye intlawulelo-mpahla;
(b)	neentlawulo ezongezelelwe ngokomlinganiselo ofanayo, zibizwa kuyo nayiphi na irhafu, intlawuliso okanye intlawulelo-zinto emiselwe ngumthetho wesizwe, ingeyiyo imithombo-rhafu yerhafu yengeniso yamashishini, okanye irhafu eyongezelelwe kwixabiso, okanye  irhafu yepropati, okanye iintlawulelo-mpahla.
[Isiqendu (b)	sithathelwa indawo licandelo 9 loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
(2)	Igunya lendlu yowiso-mthetho yephondo lokumisela iirhafu, iintlawuliso, iintlawulelo-zinto, kwaneentlawulo ezongezelelweyo –
(a)	malingasetyenziswa ngendlela efaka engozini, ngokuphathekayo nangokugaqiqiyo iinkqubo-zikhokelo zoqoqosho zesizwe, okanye iintshukumo zezoqoqosho ezidibanisa onke amaphondo, okanye uhambiseko-zimpahla kwisigaba sesizwe, okanye iinkonzo, okanye izithuthi nezinto zokusebenza ezinkulu, okanye abasebenzi; kanjalo
(b)	kufuneka lilawulwe ngokoMthetho wePalamente, onokwenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa kwazo naziphi na iingcebiso zeKhomishini yezeMali neRhafu.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo 228: 1 Januwari 1998.]
229 Amagunya nemisebenzi kaMasipala kwezemali
(1)	Ethobela amacandelwana (2), (3)	nelesi –(4), umasipala
angamisela –
(a)	iirhafu kwipropati, kwanemali emayongezwe kwiintlawulo zeenkonzo ezenziwa nguye okanye ezenzelwa yena; kunye
(b)	nezinye iirhafu, iintlawuliso neentlawulelo-zinto ezifanele urhulumente weengingqi okanye ezifanele olo didi lorhulumente weengingqi akulo loo masipala, ukuba ugunyazisiwe ukuba enjenjalo ngumthetho wesizwe; kodwa akukho masipala uvumelekileyo ukuba abize irhafu yengeniso, ivethi, irhafu-ntengiso okanye intlawulelo-zinto.
(2)	Igunya likamasipala lokumisela irhafu yepropati, isongezo-ntlawulo kwimali ehlawulelwa iinkonzo ezenziwa ngumasipala lowo okanye ezenziwa egameni lakhe, okanye ezinye iirhafu, iintlawuliso neentlawulelo-zinto –
(a)	malingasetyenziswa ngendlela eya kubeka ebubini, ngokuphathekayo nangokungaqiqiyo iinkqubo-zikhokelo zezoqoqosho zesizwe, imigudu yezoqoqosho ukusuka komnye umasipala ukuya kutsho komnye, ukuhambiseka kweempahla kuMzantsi Afrika uphela, amancedo/iinkonzo, imali okanye abasebenzi; kanjalo
(b)	linakho ukulawulwa ngumthetho wesizwe.
(3)	Xa oomasipala ababini benamagunya nemisebenzi efanayo yezemali phezu kwendawo enye, loo magunya naloo misebenzi mayahlulwe ngokufanelekileyo, ngokomthetho wesizwe. Olo lwahlulo kufuneka lwenziwe kuphela emva kokuthathela ingqalelo, ubuncinci, ezi mpawu zilandelayo:
(a)	Imfuneko yokungqinelana nemigqalisela yorhafiso enentelekelelo;
(b)	amagunya nemisebenzi eyenziwa ngumasipala ngamnye kwaba,
(c)	isakhono sezemali sikamasipala ngamnye kwaba;
(d)	impumelelo nokwenzeka ngokufezekileyo kokunyuswa kweerhafu, kweentlawuliso nokweentlawulelo-zinto
(e)	kwanokulungelelana.
(4)	Akukho nto, kweli candelo, ithintela ukwahlulelana ngeemali ezenziwe ngokweli candelo, phakathi koomasipala abanamandla nemisebenzi yezemali kwindawo enye.
(5)	Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kweli candelo ungawiswa kuphela emva kokuba kuthe kwaboniswana norhulumente weengingqi oqingqiweyo kunye neKhomishini yezeMali, kwaza kwathathelwa ingqalelo nazo naziphi na iingcebiso zale khomishini.
[Umhla wokuqalisa kwecandelo 229: 1 Januwari 1998.]
230 Iimali-mboleko zamaphondo 
(1)	Iphondo lingathatha iimali-mboleko zokuzisebenzisa ekuthengeni/ekuhlawuleleni izinto ezinkulu okanye kwimisebenzi yemihla ngemihla, ezo mali-mboleko zithathwe ngokungqinelana nemiqathango evakalayo eqingqwe ngumthetho wesizwe, kodwa iimali-mboleko zokuhlawulela imisebenzi yemihla ngemihla mazithathwe kuphela xa kufuneka kukhawulelwe imeko ngethuba laloo nyaka-mali;
(2)	Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1)	ungenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa kwazo naziphi na iingcebiso zeKhomishini yezeMali neRhafu.
[Icandelo 230 lenziwe izilungiso ngecandelo 10 loMthetho 61 ka-2001.]
[Icandelo 230 lithathelwa indawo licandelo 10 loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgawo-siseko ka-2001]
230A Iimali-mbolekozoomasipala 
(1)	IKhansile kaMasipala ingathi, ihamba ngokomthetho wesizwe -
 (a)	ifune iimali-mboleko zokuthenga izinto ezinkulu okanye kwimisebenzi yemihla ngemihla,  kodwa iimali-mboleko zokuhlawulela iintengo zomhla nezolo mazithathwe kuphela xa kufuneka kukhawulelwe imeko ngethuba laloo nyaka-mali; kananjalo.
 (b)	azibophelele yena kwakunye neKhansile esezayo xa esebenzisa igunya lakhe alinikwa ngumthetho. 
(2)	Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1)	ungenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa kwazo naziphi na iingcebiso zeKhomishini yezeMali neRhafu. 
[Icandelo 230A lifakelwe licandelo 17 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
ISAHLUKO 14
IMIMISELO NGOKUBANZI 
Umthetho wamazwe ngamazwe 
231 Izivumelwano zamazwe ngamazwe
(1)	Uthethwano nokusayinwa kwazo zonke iimvumelwano zamazwe ngamazwe
ngumsebenzi wesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu.
(2)	Isivumelwano samazwe ngamazwe siyibophelela iRiphablikhi kuphela emva kokuba sivunyiwe ngesigqibo esenziwe kwiNdlu yoWiso-mthetho nakwiBhunga leSizwe laMaphondo, ngaphandle kokuba sisivumelwano ekuthethwa ngaso kwicandelwana (3).
(3)	Isivumelwano samazwe ngamazwe esinobugoci-goci, okanye esisesolawulo, okanye esinegunya eliphezulu, okanye isivumelwano esingafuni kuqinisekiswa okanye kuvunywa, esenziwe sisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, siyayibophelela iRiphablikhi kungafunwanga mvume yeNdlu yoWiso-mthetho neyeBhunga leSizwe laMaphondo, kodwa kufuneka sixelwe kwiNdibano nakwiBhunga kwangethuba elifanelekileyo.
(4)	Nasiphi na isivumelwano samazwe ngamazwe siba ngumthetho kwiRiphablikhi sakuba senziwe umthetho ngumthetho wesizwe; kodwa ummiselo ozisebenzelayo wesivumelwano esithile, ovunyiweyo yiPalamente, ungumthetho kwiRiphablikhi ngaphandle kokuba awungqinelani noMgaqo-siseko okanye noMthetho othile wePalamente.
(5)	IRiphablikhi ke ibophelelekile kwizivumelwano zamazwe ngamazwe ezaziyibophelela iRiphablikhi le mhla uMgaqo-siseko waqalisa ukusebenza.
232.	Umthetho oqhelekileyo wamazwe ngamazwe
Umthetho wesithethe wamazwe ngamazwe ungumthetho apha kwiRiphablikhi ngaphandle kokuba awungqinelani noMgaqo-siseko okanye uMthetho wePalamente othile.
233.	Umthetho oqhelekileyo wamazwe ngamazwe
Umthetho wesithethe wamazwe ngamazwe ungumthetho apha kwiRiphablikhi ngaphandle kokuba awungqinelani noMgaqo-siseko okanye uMthetho wePalamente othile.
Eminye imicimbi
234.	IMiqulu yaMalungelo
Ukuze kube nokungenwa nzulu kwintlalo yedemokhrasi esekwe nguMgaqo-siseko lo, iPalamente ingamkela iMiqulu yaMalungelo engqinelanayo nemimiselo yoMgaqo-siseko lo.
235.	Ukuzimela
Ilungelo labantu boMzantsi Afrika bebonke lokuzimela elibonakalisiweyo kulo Mgaqo-siseko, alikuthinteli, ngokwesikhokelo salo eli lungelo, ukuthathelwa ingqalelo kwelungelo lokuzimela lalo naliphi na iqela loluntu elinamasiko nezithethe, neelwimi ezifanayo kummandla othile okwiRiphablikhi okanye elineli lungelo nangayiphi na enye indlela, eqingqwe ngumthetho wesizwe.
236.	Ukunikwa imali kwamaqela ezopolitiko
Ukuqinisa idemokhrasi yamaqela ngamaqela, umthetho wesizwe kufuneka umisele indlela yokunika imali amaqela ezopolitiko athabatha inxaxheba kwizindlu zowiso-mthetho, eyesizwe nezamaphondo ngendlela engenankqatho nenokulungelelana.
237.	Ukwenziwa kwezimiselo ngenkuthalo 
Zonke izimiselo zoMgaqo-siseko kufuneka zenziwe ngenkuthalo nangaphandle kokulibazisa.
238.	Ubugunyaziswa nonikezelo loxanduva
Igunya elilawulayo likarhulumente kuso nasiphi na isigaba sikarhulumente lingathi –
(a)	liphathise naliphi na igunya emalisetyenziswe okanye nawuphi na umsebenzi omawenziwe ngokomthetho, liwuphathisa naliphi na elinye iziko likarhulumente elinolawulo oluphezulu, ukuba ngaba olo phathiso luyangqinelana nomthetho elisetyenziswa ngokwawo elo gunya okanye owenziwa ngokwawo loo msebenzi; okanye
(b)	lisebenzise naliphi na igunya okanye lenze nawuphi na umsebenzi lisenzela naliphi na elinye iziko likarhulumente elinolawulo oluphezulu ngokwearhente okanye ngokokuphathiswa.
239 Iinkcazo-ntsingiselo
KuMgaqo-siseko, ngaphandle kokuba usetyenziso lunika ntsingiselo yimbi, ukuthi – 
“umthetho wesizwe” kuquka–
(a)	umthetho owayamileyo owenziwe ngokoMthetho wePalamente;
(b)	kwanomthetho owawusele usebenza xa wawuqalisa ukusebenza uMgaqo-siseko nothi ulawulwe ngurhulumente wesizwe; 
ukuthi “iziko likarhulumente” kuthetha –
(a)	naliphi na isebe likarhulumente okanye lolawulo kwisigaba sikarhulumente sesizwe, samaphondo okanye seengingqi; okanye
(b)	naliphi na elinye igosa okanye iziko –
(i)	elisebenzisa igunya okanye elenza umsebenzi ngokoMgaqo-siseko okanye
ngokoMgaqo-siseko wephondo; okanye
(ii)	elisebenzisa igunya likarhulumente okanye elenza umsebenzi karhulumente ngokwawo nawuphi na umthetho, kodwa akuquki inkundla okanye igosa lenkundla; 
ukuthi “umthetho wemaphondo” kuquka –
(a)	umthetho owayamileyo owenziwe ngokomthetho wephondo;
(b)	kwanomthetho owawusele usebenza ukuqalisa komGago-siseko lo ukusebenza, nolawulwa ngurhulumente wephondo.
240 Ukungangqinelani kweetekisi ezahlukeneyo
Xa kuthe kwakho ukungangqinelani phakathi kweetekisi ezahlukeneyo zoMgaqo-siseko, itekisi yesiNgesi yiyo ekuya kuhanjwa ngayo.
241 Amalungiselelo exesha lenguqu
IShedyuli 6 isebenza kwinguqu esa kwindlela entsha yezoMgaqo-siseko esekwe ngulo Mgaqo-siseko, nakuyo nayiphi na into ezalwa yiloo nguqu.
242.	Ukurhoxiswa kwemithetho
Imithetho ekhankanywe kwiShedyuli 7 iyarhoxiswa, phantsi kwecandelo 243 neShedyuli 6.
243.	Itayitile emfutshane nokuqalisa
(1)	Lo Mthetho ubizwa ngokuba nguMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996, kwaye uqalisa ukusebenza kwamsinya, ngomhla obekwe nguMongameli ngesihlokomiso, kodwa ungadlulanga umhla woku-1 kuJulayi 1997.
(2)	UMongameli angabeka eminye imihla eyahlukileyo ephambi komhla oxelwe kwicandelwana (1), eyibekela imimiselo eyahlukeneyo yoMgaqo-siseko lo.
(3)	Ngaphandle kokuba usetyenziso lunika ntsingiselo yimbi, ukuba kummiselo othile woMgaqo-siseko lo kuthethwa ngexesha owaqala ngalo uMgaqo-siseko ukusebenza, kufuneka oko kuthatyathwe ngokuthi kuthethwa ngexesha owaqala ngalo loo mmiselo ukusebenza.
(4)	Ukuba kubekwe umhla ongomnye, ubekelwa nawo nawuphi na ummiselo othile woMgaqo-siseko ngokwecandelwana (2), nawuphi na ummiselo ofana nawo woMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1993 (UMthetho 200 ka-1993), okhankanyiweyo kwisihlokomiso, uyarhoxiswa ukususela ngalo mhla mnye.
(5)	Amacandelo angala 213, 214, 215, 216, 218, 226, 227, 228, 229 nelama-230 aya kuqalisa ukusebenza ngomhla woku-1 kuJanuwari 1998, kodwa loo nto ayikuthinteli ukwenziwa, ngokwalo Mgaqo-siseko, komthetho ekuthethwa ngawo kuwo nawuphi na kule mimiselo, phambi kwalaa mhla. De ufike laa mhla nayiphi na imimiselo engqinelana nawo okanye ezalwa nguwo uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ihlala isebenza.
ISHEDYULI 1
IFLEGI YESIZWE
(1)	Iflegi yesizwe inamacala amane oku koxande; ubude bayo bungangobubanzi bayo obunesiqingatha.
(2)	Inombala omnyama, omthubi , oluhlaza, omhlophe, obomvu okwetshilisi, noblowu.
(3)	Inebhanti eluhlaza emise oku kuka-Y ebubanzi bayo busisihlanu sobubanzi beflegi le.
Imigca esembindini yebhanti le isuka kwikona ephezulu nakwesezantsi kufutshane nepali yeflegi, idibane embindini weflegi, ize inqamleze ukuya kumbindi weli cala libhabhayo.
(4)	Ibhanti eluhlaza inomqukumbelo omhlophe, ngasentla nangezantsi, nomthubi kweli cala lingakwipali yeflegi. Umqukumbelo ngamnye unobubanzi obusisinye kwishumi elinesihlanu lobubanzi beflegi.
(5)	Unxantathu ongakwicala lepali yeflegi umnyama.
(6)	Ibhanti engasentla enqamlezileyo ibomvu okwetshilisi, lize icala elingezantsi lebhanti enqamlezileyo libe blowu. Iyileyo kwezi bhanti inobubanzi obusisinye kwisithathu sobubanzi beflegi.
Black =  Mnyama
Gold = Mthubi
White  = Mhlophe
Green  = Luhlaza
Red  = Bomvu
Blue = Blowu
Ishedyuli 1A
IMIMANDLA YAMAPHONDO
[Ishedyuli 1A ifakelwe licandelo 4 loMthetho Weshumi Elinesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2005 laza lathathelwa indawo licandelo 1 loMthetho Weshumi Elinesithathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2007 nanguMthetho Weshumi Elinesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2009]
IPhondo laseMpuma-Koloni
[Ukucandwa kwemida yePhondo laseMpuma-Koloni kuthathelwe indawo nguMthetho Weshumi Elinesithathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2007]
Imaphu 3 yeShedyuli 1 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 6 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 7 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 8 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 9 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 11 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Iphondo laseFreyistata
Imaphu 12 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 13 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 14 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 15 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 16 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
IPhondo laseRhawutini
[Ukucandwa kwemida yePhondo laseRhawutini kutshintshwe nguMthetho Weshumi Elinesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2009]
Imaphu 4 kwiSaziso 1490 sika-2008
Ukwalatha kwimaphu 4 kuthathelwe indawo licandelo 1(a) loMthetho Weshumi Elinesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2009]
Imaphu 17 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 18 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 19 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 20 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 21 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
IPhondo laKwaZulu-Natal
[Ukucandwa kwemida yePhondo laKwaZulu-Natal kuthathelwe indawo nguMthetho Weshumi Elinesithathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2007]
Imaphu 22 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 23 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 24 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 25 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 26 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 26 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 27 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 28 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 29 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 30 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 31 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 32 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
IPhondo laseLimpopo
Imaphu 33 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 34 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 35 yeShedyuli 2 kwiSaziso sika-2005
Imaphu 36 yeShedyuli 2 kwiSaziso sika-2005
Imaphu 37 yeShedyuli 2 kwiSaziso sika-2005
IPhondo laseMpumalanga
Imaphu 38 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 39 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 40 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
IPhondo laseMntla-Koloni
Imaphu 41 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
Imaphu 42 yeShedyuli 2 kwiSaziso 1998 sika-2005
IShedyuli 2
IZIFUNGO NOQINISEKISO  OLUNYANISEKILEYO
[IShedyuli 2 yenziwe izilungiso ngecandelo 2 loMthetho Wokuqala Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko (kwisiNgesi kuphela) ka-1997 yaza yathathelwa indawo licandelo 18 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
1 Isifungo okanye uqinisekiso olunyanisekileyo lukaMongameli neBambela-Mongameli
UMongameli okanye uSekela-Mongameli kufuneka athi, ephambi kweJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko, afunge ngale ndlela ilandelayo:
Phambi kwakhe wonke ubani olapha, futhi ndiluqonda ngokupheleleyo ubizo
oluphakamileyo endingena kulo njengoMongameli/ njengeBambela-Mongameli weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyaqinisekisa ngokunyanisekileyo ndithi ndiya kuthembeka kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwulandele, ndiwuxhase, kanjalo ndiwulondoloze uMgaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphablikhi; kanjalo ndiyathembisa ngokunyanisekileyo nangokuthembekileyo ukuba ndiya  kusoloko –
 ndikukhuthaza konke oko kuya kuyiqhubela phambili iRiphablikhi, ndikuchase konke oko kunokuthi kuyonakalise;
 ndiwakhusela, ndiwakhuthaza amalungelo abo bonke abemi boMzantsi Afrika.
 ndiyenza imisebenzi yam ngamandla am onke neetalente zam zonke kangangoko ndikwaziyo nakangangoko ndinakho  nangokunyanisekileyo kwisikhokelo sesazela sam;
 ndisenza ubulungisa kumntu wonke; kanjalo
 ndizinikela kwintlalo-ntle yeRiphablikhi nabo bonke abantu bayo.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo.)
2.	Isifungo okanye uqinisekiso olunyanisekileyo  lukaSekela-Mongameli
USekela-Mongameli, ephambi kweJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko, kufuneka afunge/enze isingqiniso ngolu hlobo lulandelayo:
Phambi wakhe wonke ubani olapha, futhi ndiluqonda ngokupheleleyo ubizo
oluphakamileyo endingena kulo njengoSekela-Mongameli weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyaqinisekisa ngokunyanisekileyo ndithi ndiya kuthembeka kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwulandele, ndiwuxhase, kanjalo ndiwulondoloze uMgaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphablikhi; kanjalo ndiyathembisa ngokunyanisekileyo nangokunthembekileyo ukuba ndiya kusoloko –
 ndikukhuthaza konke oko kuya kuyiqhubela phambili iRiphablikhi, ndikuchase konke oko kunokuthi kuyonakalise;
 ndingumcebisi onyanisekileyo nothembekileyo;
 ndiyenza imisebenzi yam ngamandla am onke neetalente zam zonke kangangoko ndikwaziyo nakangangoko ndinakho nangokunyanisekileyo kwisikhokelo sesazela sam;
 ndisenza ubulungisa kumntu wonke; kanjalo
 ndizinikela kwintlalo-ntle yeRiphablikhi nabo bonke abantu bayo.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo.)
3.	Isifungo okanye uqinisekiso olunyanisekileyo lwabaPhathiswa kunye nooSekela-baPhathiswa
UMphathiswa ngamnye noSekela-Mphathiswa, ephambi kweJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko okanye kwenye ijaji etyunjwe yiJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko, kufuneka afunge/angqinise ngolu hlobo lulandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyaqinisekisa ngokunyanisekileyo okokuba ndiya kuthembeka kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwuhlonele, kanjalo ndiwuxhase uMgaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphablikhi; kanjalo ndiyathembisa ukusibamba isikhundla sam njengoMphathiswa/uSekela-Mphathiswa ngesihomo nesithozela; ndibe ngumcebisi onyanisekileyo nothembekileyo; ndingawudizi, nokuba kungokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo, nawuphi na umcimbi olihlebo ophathiswe mna; ndize ndiyenze nemisebenzi yesikhundla sam ngenkathalo nakangangoko ndinakho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
4.	Isifungo okanye uqinisekiso olunyanisekileyo lwaMalungu eNdlu yoWiso-mthetho, aBathunywa abasiSigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo kunye namalungu ezindlu ezo zowiso-mthetho zamaphondo.
(1)	Amalungu eNdlu yoWiso-mthetho, abathunywa abasisigxina kwiBhunga leSizwe lamaPhondo kunye namalungu ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo, bephambi kweJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko okanye kwejaji etyunjwe yiJaji eyiNtloko yeNkundla yezoMgaqo-siseko, kufuneka bafunge okanye baqinisekise ngolu hlobo lulandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo okokuba ndiya kunyaniseka kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwuhlonele, kanjalo ndiwuxhase uMgaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphablikhi, kanjalo ndiyathembisa ngokunyanisekileyo ukuyenza imisebenzi yam njengelungu leNdlu yoWiso-mthetho /njengomthunywa osisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo/njengelendlu yowiso-mthetho yephondo lase C.D. kangangoko ndinakho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
(2)	Abantu abavala isithuba kwiNdlu yoWiso-mthetho, okanye kwigqiza labathunywa abasisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo okanye kwindlu yowiso-mthetho yephondo bangafunga okanye baqinisekise ngokwemigaqo yombandelana (1)	phambi kwegosa elongameleyo leNdlu, okanye
leBhunga okanye lendlu yowiso-mthetho, ngokwemeko leyo.
5 Isifungo okanye uqinisekiso olunyanisekileyo lweeNkulumbuso zaMaphondo, aMabambela-ziNkulumbuso namalungu eZigqeba eZilawulayo (iiKhabhinethi) zaMaphondo 
INkulumbuso okanye iBambela-Nkulumbuso yephondo, kwanelungu ngalinye leBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu, iphambi koMongameli weNkundla yezoMgaqo-siseko okanye
kwenye ijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezoMgaqo-siseko, kufuneka ifunge/ingqinise
ngale ndlela ilandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyaqinisekisa ngokunyanisekileyo ukuba ndiya kunyaniseka kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwuhlonele, ndiwuxhase uMgaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphablikhi; kanjalo ndiyathembisa ukuba ndiya kusibamba isikhundla sam njengeNkulumbuso/njengeBambela-Nkulumbuso/njengelungu leSigqeba esiLawulayo sePhondo laseC.D. ngembeko nesidima; ndibe ngumcebisi onyanisekileyo, nothembekileyo; ndingawudizi, ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo, nawuphi na umcimbi olihlebo ophathiswe mna; kanjalo ndiyenze imisebenzi yesikhundla sam ngenkathalo nakangangoko ndinakho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
6.	Isifungo okanye uqinisekiso olunyanisekileyo lwaMagosa ezeeJaji
(1)	Ijaji nganye okanye ijaji ebambeleyo nganye, iphambi kweJaji eyiNtloko okanye kwenye ijaji etyunjwe yiJaji eyiNtloko, kufuneka ifunge okanye iqinisekisa ngale ndlela ilandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo okokuba ndiya kuthi, njengeJaji yeNkundla yezoMgaqo-siseko/yeNkundla ePhakamileyo yeziBheno/yeNkundla ePhezulu/yeNkundla ye-E.F. ndithembeke kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ndiwuxhase, kanjalo ndiwukhusele uMgaqo-siseko namalungelo oluntu akhuselweyo kuwo, ndaye ndiya kwenza ubulungisa busebenze ngokufanayo kubo bonke abantu ngaphandle koloyiko, okanye ukwenza idolo okanye ukudlela indlala, ngokungqinelana noMgaqo-siseko kunye nomthetho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
(2)	 Umntu otyunjelwe kwisikhundla seJaji eyiNtloko  ongekabi yiyo ijaji ngexesha loko kutyunjwa kufuneka afunge okanye aqinisekise phambi kweSekela-Jaji eyiNtloko, okanye ke ingeyiyo loo jaji,  kube phambi kwenye ijaji yeNkundla yezoMgaqo-siseko efumanekayo, nekwinqanaba elilelona liphezulu ezantisi kweli.
(3)	Amagosa ezeejaji kunye namagosa abambeleyo ezeejaji, ngaphandle kweejaji, kufuneka afunge/aqinisekise ngokomthetho wesizwe.
IShedyuli 3
IINKQUBO ZONYULO
[IShedyuli 3 yenziwe izilungiso ngecandelo 2 loMthetho Wesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1999
nangecandelo 19 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001
nalicandelo 3 loMthetho Wethoba Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002 nalicandelo 1 loMthetho Weshmi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008.]
ISigaba A - Iinkqubo zoNyulo lwabaBambi-ziKhundla kwezoMgaqo-siseko
1 Ukusebenza
Le nkqubo ichazwe kule Shedyuli isebenza nanini na –
(a)	iNdlu yoWiso-mthetho idibanela ukunyula uMongameli, okanye uSomlomo okanye uSekela-Somlomo.
(b)	iBhunga leSizwe laMaphondo lidibanela ukunyula uSomlomo walo okanye
uSekela-Somlomo walo; okanye
(c)	indlu yowiso-mthetho yephondo idibanela ukunyula iNkulumbuso yephondo elo, okanye uSomlomo okanye uSekela-Somlomo wendlu yowiso-mthetho yephondo elo.
2.	Ukutyunjwa
Umntu ochophele intlanganiso ekusebenza kuyo le Shedyuli kufuneka athi makuphakanyiswe amagama abazigqatsileyo kuloo ntlanganiso.
3 Iimfuneko ezimiselweyo
(1)	Isiphakamiso-gama kufuneka senziwe kwifomu emiselweyo yimigaqo ekhankanywe kumbandela 9.
(2)	Ifomu ekwenziwe kuyo isiphakamiso-gama kufuneka isayinwe –
(a)	ngamalungu amabini eNdlu yoWiso-mthetho, ukuba kufuneka kunyulwe uMongameli okanye uSomlomo okanye uSekela-Somlomo;
(b)	egameni lamagqiza amabini amaphondo, ukuba kufuneka kunyulwe uSomlomo okanye uSekela-Somlomo weBhunga leSizwe laMaphondo;
(c)	ngamalungu amabini endlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo, ukuba kufuneka kunyulwe iNkulumbuso yephondo okanye uSomlomo okanye uSekela-Somlomo wendlu yowiso-mthetho leyo.
(3)	Umntu ogama liphakanyisiweyo kufuneka abonise ukusamkela kwakhe eso siphakamiso ngokuthi asayine ifomu yesiphakamiso okanye nangalo naluphi na olunye uhlobo lwesiqinisekiso  esibhaliweyo.
4.	Ukwaziswa kwamagama abavotelwa
Kwintlanganiso esebenzayo kuyo le Shedyuli, umntu ochopheleyo kufuneka azise amagama abantu abathe baphakanyiswa njengabavotelwa kodwa angavumeli ingxoxo kwaphela.
5.	Umvotelwa omnye
Ukuba mnye kuphela umvotelwa ophakanyisiweyo, umntu ochopheleyo kufuneka azise ukuba umvotelwa lowo unyuliwe
6.	Inkqubo yonyulo
Ukuba bangaphezulu komntu omnye abavotelwa abaphakanyisiweyo –
(a)	kufuneka kuvotwe apho entlanganisweni ngendlela efihlakeleyo yebhalothi;
(b)	ilungu ngalinye elikhoyo, okanye ukuba yintlanganiso yeBhunga lesiZwe lamaPhondo, iphondo ngalinye elimelweyo, entlanganisweni, lingavota kanye;
(c)	umntu ochopheleyo kufuneka azise ukuba loo mvotelwa ufumene isininzi seevoti unyuliwe.
7. Umgaqo-nkqubo wokukhutshwa eluhlwini
(1)	Ukuba akukho mvotelwa ufumana uninzi lweevoti, umvotelwa ofumana elona nani leevoti liphantsi kufuneka akhutshwe eluhlwini ukuze kuvotwe kwakhona, kuvotelwa abavotelwa abaseleyo ngokungqinelana nombandela 6. Le nkqubo kufuneka iphindwe kude kube kho umvotelwa ofumana uninzi lweevoti.
(2)	Xa kusetyenziswa umbandelana (1), ukuba abavotelwa ababini nangaphezulu banelona nani leevoti ziphantsi emnye, kufuneka kwenziwe ivoti eyahlukileyo yabo bavotelwa, ize iphindwe kangangoko kuyimfuneko ukuze kube nokugqitywa ngaloo mvotelwa makakhutshwe eluhlwini.
8. Ezinye iintlanganiso
(1)	Ukuba babini kuphela abavotelwa abaphakanyisiweyo, okanye ukuba babini kuphela abavotelwa abasalayo emva kokusetyenziswa komgaqo-nkqubo wokukhutshwa eluhlwini, baze abo bavotelwa babini bafumane inani elilinganayo leevoti, kufuneka kube kho enye intlanganiso ngethuba leentsuku ezisixhenxe, ngelo xesha kugqitywe ngalo ngumntu ochopheleyo.
(2)	Ukuba kube kho enye intlanganiso ngokombandelana (1), lo Mgaqo-nkqubo umiselwekule Shedyuli kufuneka usetyenziswe kuloo ntlanganiso ngokungathi yintlanganiso yokuqala yolo nyulo.
9 Imigaqo
(1)	IJaji eyiNtloko kufuneka yenze imigaqo emisela –
(a)	umgaqo-nkqubo weentlanganiso esebenza kuzo le Shedyuli;
(b)	imisebenzi yakhe nawuphi na umntu ochophela intlanganiso, naye nawuphi na umntu oncedisana nalowo uchopheleyo;
(c)	ifomu emakubhalwe kuyo iziphakamiso-magama; kunye
(d)	nendlela emaluqhutywe ngayo uvoto.
(2)	Le migaqo kufuneka yaziswe ngendlela egqiba ngayo iJaji eyiNtloko.
[Intlokwana 9 yenziwe izilungiso ngecandelo 19 loMthetho 34 ka-2001.]
Isigaba B - Indlela yokuqingqa ukuthabatha inxaxheba kweqela kubathunywa bampPhondo akwiBhunga leSizwe laMaphondo
1. Inani labathunywa abakwigqiza lephondo elikwiBhunga leSizwe laMaphondo, gqiza elo linelungelo kulo iqela elithile, kufuneka liqingqwe ngokuphinda-phinda inani lezihlalo elinazo iqela elo kwindlu yowiso-mthetho yephondo ngeshumi kuze kwahlulwe isiphumo soko ngenani lezihlalo kuloo ndlu yowiso-mthetho, kongezwe umvo.
2. Ukuba ubalo ngokwemigaqo yombandela 1 lukhupha inani elithe kratya kwelifunekayo, babe abathunywa abahlulelwe elo qela ngokwaloo mbandela bengaphantsi kweli nani, loo kratya kufuneka akhuphisane nookratya abalolu hlobo balo naliphi na elinye iqela okanye bawo nawaphi na amanye amaqela, ukuze nabaphi na abathunywa abangabelwanga kwigqiza babelwe iqela okanye amaqela ngokulandelelana ngokoyena kratya uphezulu.
3.  Ukuba ngaba aba kratya bakhankanywe ku-2 ngentla apha bayalingana, aba bathunywa bangahlelwanga kwigqiza eli kufuneka ukuba babelwe iqela okanye amaqela,anokratya olinganyo ngokolandelelwano ukusuka kwelona nani leevoti liphezulu ukuya kwelona lisezantsi eliye labhalwa lalo maqela ngexesha lonyulo olugqithileyo lwendlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo.
[Isiqendu 3 songezwe sisiqendy 2 soMthetho Wesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-1999 saza sathathelwa indawo licandelo 3 soMthetho Wethoba Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2002 nalicandelo 5(a) loMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008]
4. Ukuba aliqela amaqela anenani elithe kratya elibhaliweyo  elifanayo ngexesha lonyulo lokugqibela lendlu yowiso-mthetho yephondo elichaphazelekayo, iphondo elichaphazelekayo malabele abo bathunywa abangabiwanga libabele kwiqela elinenani elithe kratya elifanayo ngendlela evisisana nedemokrasi.
[Isiqendu 4 songezwe licandelo 5(b) soMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008]
(a)	liye labakho ngenxa yeenguqulelo kumalungu eqela okanye ngenxa yokwahlulwa-hlulwa kwamaqela kuloo ndlu yowiso-mthetho, ngokolu hlobo luchazwe kwicandelo 61 (2)	(b)	; kananjalo
(b)	 lalingazange lithathe inxaxheba kunyulo oludlulileyo lwelo phondo lichaphazelekayo,  indlu yowiso-mthetho kufuneka ukuba abo bathunywa bangahlulwanga  kwigqiza elo ibabele iqela okanye amaqela anokratya olinganayo ngendlela engangquzulaniyo nedemokhrasi.
[Intlokwana 3 yongezelelwe ngecandelo 2 loMthetho 3 ka-1999 yaza yenziwa izilungiso ngecandelo  3 loMthetho  21 ka-2002.]
ISHEDYULI 4
IINDAWO ZEMISEBENZI EYENZEKA PHANTSI KOWISO-MTHETHO OLUFANAYO LWESIZWE NOLWAMAPHONDO
ISIGABA A
Ulawulo lwamahlathi emveli
Ezolimo
Izikhululo zeenqwelo-moya, ezingezizo izikhululo zamazwe ngamazwe nezesizwe
Ukulawulwa kwezilwanyana nezifo
Iikhasino, imidyarho, ukugembula nokubheja, kungabandakanywa iilothari kunye neendawo zemidlalo equkanisiweyo
Ukukhuselwa kwabasebenzisi-zinto
Imicimbi yezamasiko nezithethe
Indlela yokumelana nezehlo ezibuhlungu
Imfundo kuwo onke amanqanaba, ngaphandle kwemfundo engaphaya kwematriki
Indalo esingqongileyo
Iinkonzo zempilo
Ubonelelo ngezindlu
Umthetho wemveli nomthetho wesithethe ephantsi kweSahluko 12 soMgaqo-siseko
Ukukhuthazwa kwamashishini
Inkqubo-sikhokelo yeelwimi kunye neelwimi zaseburhulumenteni kangangoko ithi imimiselo yecandelo 6 lalo Mgaqo-siseko inike ngokucacileyo indlu yowiso-mthetho yephondo amandla owiso-mthetho (malunga neelwimi)
Inkonzo yezeendaba ezilawulwa ngqo okanye ezinikwa ngurhulumente wephondo, phantsi kwecandelo 192
Ulondolozo lwendalo, kungabandakanywa iindawo zesizwe zogcino-zilwanyana, izitiya zesizwe zezityalo kunye neendawo eziluncedo zaselwandle
Amapolisa kangangoko ithi imimiselo yeSahluko 11 soMgaqo-siseko inike indlu yowiso-mthetho yephondo amagunya owiso-mthetho (malunga namapolisa)
Ulawulo longcoliseko lomoya
Uphuhliso lwabantu
Imirhumo yokutshintshelwa kwepropati
Amashishini karhulumente ephondo ngokumalunga nezi ndawo zemisebenzi zikule Shedyuli nakuShedyuli 5
Ezothutho lukawonke-wonke
Ezemisebenzi karhulumente ezijongene kuphela neemfuno zamasebe karhulumente ekuthwaleni
uxanduva lwawo lokwenza imisebenzi enikwe wona ncakasana ngokwalo Mgaqo-siseko okanye ngokwawo nawuphi na omnye umthetho
Ucwangciso nophuhliso lweenqila
Ukulawulwa kosetyenziso lweendlela
Ulondolozo lomhlaba
Ukhenketho
Urhwebo
Iinkokeli zemveli, phantsi kweSahluko 12 soMgaqo-siseko
Uphuhliso lweelali kunye needolophu
Ukunikezelwa kweelayisensi zezithuthi
Iinkonzo zentlalo-ntle
ISIGABA  B
Le micimbi ilandelayo karhulumente weengingqi kangangoko kucaciswe kwicandelo 155 (6)(a)	nelesi- (7):
Ungcoliseko lomoya
Imigaqo yokwakha
Izinto zolondolozo lwabantwana
Ufakelo lombane nokuhanjiswa kwegesi
Iinkonzo zocimo-mlilo
Ukhenketho lwaloo ndawo
Izikhululo zeenqwelo-moya zikamasipala
Ucwangciso lukamasipala
Iinkonzo zempilo zikamasipala
Uthutho lukawonke-wonke lukamasipala
Ezemisebenzi karhulumente zikamasipala ezijongene kuphela neemfuno zoomasipala ekuthwaleni uxanduva lwabo lokwenza imisebenzi enikwe bona ncakasana phantsi kwalo Mgaqo-siseko okanye kwawo nawuphi na omnye umthetho
Izikhitshane ezithe tyaba ngaphantsi, izikhitshane, iiblorho ezingena elwandle namazibuko, ngaphandle kolawulo lwezeenqanawa zamazwe ngamazwe nezesizwe nemicimbi enxulumene nalo
Iindlela zokulawula amanzi emvula kwiindawo ekwakhiweyo kuzo
Imigaqo yorhwebo
Iinkonzo zamanzi nogutyulo, kuphelelwe nje kwiindlela zokubonelela ngamanzi aselwayo kunye neendlela zokulahlwa kwamanzi amdaka asemakhaya nokwesureji
ISHEDYULI 5
IINDAWO ZEMISEBENZI EZIPHANTSI KOWISO-MTHETHO LWAMAPHONDO ODWA
ISIGABA  A
Iindawo zokuxhelela
Iinkonzo zeenqwelo-zigulana
Iindawo zokugcina iimbalo nezinto, ingezizo iindawo zesizwe zokugcina iimbalo nezinto
Amathala eencwadi, ingengawo amathala eencwadi esizwe
Iilayisensi zotywala
Iimyuziyam, ingezizo iimyuziyam zesizwe
Ucwangciso lwephondo
Imicimbi yephondo yezithethe namasiko
Izinto zephondo zolonwabo
Ezemidlalo zephondo
Iindlela nosetyenziso-zindlela kwiphondo
Iinkonzo zonyango-zilwanyana, ngaphandle kolawulo lwalo msebenzi
ISIGABA  B
Le micimbi ilandelayo karhulumente weengingqi kangangoko kucaciswe kwicandelo 155 (6)(a)
nelesi – (7):
Amanxweme olwandle/iibhitshi nezinto zokonwabisa
IiBhodi kunye nokuxhonywa kwezaziso kwiindawo zikawonke-wonke
Iindawo zokungcwabela, imizi yabangcwabi, neendawo zokutshiswa kwezidumbu
Ukucocwa
Ulawulo lwabakhathaza uluntu
Ulawulo lweendawo ezithengisa utywala kuwonke-wonke
Amalungiselelo okugcinwa, olondolozo nokungcwatywa kwezilwanyana
Ubiyelo neengcingo
Ukukhutshwa kweelayisensi zezinja
Ukukhutshelwa iilayisensi nokulawulwa kweendawo ezithengisa ukutya kuwonke-wonke
Amalungiselelo aluncedo endawo
Izinto ezingamalungiselelo aluncedo kwezemidlalo
Iimarike
Iindawo zokuxhelela zikamasipala
Iipaka neendawo zolonwabo zikamasipala
Iindlela zikamasipala
Ingxolo
Izikiti
Iindawo zikawonke-wonke
Ukususwa kwenkunkuma, iindawo zokulahla inkunkuma (iitipu) kunye nokulahlwa kwezibi eziqinileyo
Urhwebo lwasezitalatweni
Ukukhanyiswa kwezitalato
Usetyenziso-ndlela neendawo zokumisa izithuthi
ISHEDYULI 6
AMALUNGISELELO EXESHA LENGUQU
[IShedyuli 6 yenziwe izilungiso ngecandelo ngecandelo 3 loMthetho Wokuqala Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1997,
ngecandelo 5 loMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998,
nangecandelo 20 loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001]
1 Iinkcazo-ntsingiselo
Kule Shedyuli, ngaphandle kokuba igama lisetyenziswe ngendlela elininika enye intsingiselo –
igama elithi, “iphandle” lithetha inxalenye yeRiphablikhi eyaye ithathwa njengommandla ozimeleyo okanye ozilawulayo, ngokomthetho woMzantsi Afrika, ngaphambi kokuba uMgaqo-siseko owandulela lo usebenze;
ukuthi, “uMgaqo-siseko omtsha” kuthetha uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996;
ukuthi, “umthetho wenkqubo endala” kuthetha umthetho owenziwa phambi kokuba uMgaqo-siseko owandulela lo usebenze;
ukuthi “uMgaqo-siseko owandulela lo” kuthetha uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1993, (uMthetho 200 ka-1993).
2.	Ukuqhuba kwemithetho eyayisele ikho
(1)	Wonke umthetho owawusebenza mhla waqalisa ukusebenza uMgaqo-siseko omtsha, uyaqhuba usebenza, phantsi komqathango –
(a)	wokwenzeka kwako nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa;
(b)	nowokungqinelana noMgaqo-siseko omtsha.
(2)	Umthetho wenkqubo endala oqhubayo ukusebenza ngokombandelana (1)	–
(a)	awunako ukusetyenziswa ngokugqithileyo kwindlela owawusetyenziswa ngayo, kwimimandla okanye kwezinye izinto, phambi kokusebenza koMgaqo-siseko owandulela lo, ngaphandle kokuba watshintshwa emva koko ukuze ube nokusetyenziswa banzana kunangaphambili; kanjalo
(b)	uyaqhuba ukusetyenziswa ngaloo magunya ayewusebenzisa ukuqala kokusebenza koMgaqo-siseko omtsha, phantsi kolawulo loMgaqo-siseko omtsha lo.
3.	Ukucaciswa kwemithetho ekhoyo
(1)	Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo, okanye ukungafaneleki okucacileyo, ukuthi kuwo nawuphi na umthetho obukhona ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, kukhankanywe –
(a)	iRiphablikhi yoMzantsi Afrika okanye iphandle, (ngaphandle kwaxa kubhekiswa kummandla kagunyaziwe), kufuneka kuthathwe ngokuthi kubhekisa kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika phantsi koMgaqo-siseko omtsha;
(b)	iPalamente, iNdlu yoWiso-mthetho, okanye iNdlu yeeNgwevu makuthathwe njengokubhekisa kwiPalamente, kwiNdlu yoWiso-mthetho, okanye kwiBhunga leSizwe laMaphondo phantsi koMgaqo-siseko omtsha;
(c)	uMongameli, uSekela-Mongameli oLawulayo, uMphathiswa, uSekela Mphathiswa, okanye iKhabinethi kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kuMongameli, kuSekela-Mongameli, uMphathiswa, kuSekela-Mphathiswa okanye kwiKhabhinethi phantsi koMgaqo-siseko omtsha, ngokokulawulwa ngumbandela 9 wale Shedyuli;
(d)	uMongameli weNdlu yeeNgwevu, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kuSomlomo weBhunga leSizwe laMaphondo;
(e)	indlu yowiso-mthetho yephondo, iNkulumbuso, iSigqeba esiLawulayo okanye ilungu leSigqeba esiLawulayo sephondo, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kwindlu yowiso-mthetho yephondo, kwiNkulumbuso, kwiSigqeba eSilawulayo okanye kwilungu leSigqeba esiLawulayo sephondo phantsi koMgaqo-siseko omtsha, ngokokulawulwa ngumbandela 12 wale Shedyuli; okanye
(f)	ulwimi okanye iilwimi zoburhulumente, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kulo naluphi na ulwimi kwezi zoburhulumente phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
(2)	Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo, okanye ukungafaneleki okucacileyo, ukuthi kuwo nawuphi na umthetho oseleyo wenkqubo endala, kukhankanywe –
(a)	iPalamente, iNdlu yePalamente, okanye indlu yowiso-mthetho, okanye iziko leRiphablikhi, okanye lephandle, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa –
(i)	kwiPalamente phantsi koMgaqo-siseko omtsha, ukuba usetyenziso lwaloo mthetho lwahlulelwe, okanye lunikwe isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu ngokoMgaqo-siseko owandulela lo, okanye ngokwale Shedyuli; okanye
(ii)	kwindlu yowiso-mthetho yephondo, ukuba usetyenziso lwaloo mthetho lwahlulelwe, okanye lunikwe isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu, ngokoMgaqo-siseko owandulela lo okanye ngokwale Shedyuli; okanye
(b)	uMongameli weliZwe, iNkulu-baPhathiswa, uMlawuli, okanye elinye igosa elilawulayo eliyintloko, iKhabhinethi, iBhunga labaPhathiswa okanye ibhunga lokulawula leRiphablikhi, okanye lephandle, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa –
(i)	kuMongameli phantsi koMgaqo-siseko omtsha, ukuba ulawulo lwaloo mthetho lwahlulelwe, okanye lunikwe isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, ngokoMgaqo-siseko owandulela lo, okanye ngokwale Shedyuli; okanye
(ii)	kwiNkulumbuso yephondo phantsi koMgaqo-siseko omtsha, ukuba usetyenziso lwaloo mthetho lwahlulelwe, okanye lunikwe, isigqeba solawulo sephondo, ngokoMgaqo-siseko owandulela lo, okanye ngokwale Shedyuli.
4.	INdlu yoWiso-mthetho
(1)	Nabani na obelilungu okanye ebambe isikhundla kwiNdlu yoWiso-mthetho, ukuqalisa kokusebenza koMgaqo-siseko omtsha, uba lilungu, okanye ngumbambi-sikhundla weNdlu yoWiso-mthetho phantsi koMgaqo-siseko omtsha, kwaye uba sesikhundleni njengelungu okanye njengombambi-sikhundla ngokwemigaqo yoMgaqo-siseko omtsha.
(2)	INdlu yoWiso-mthetho njengoko inala malungu achazwe ngokombandelana (1)	kufuneka ithathwe njengokuba inyulwe phantsi koMgaqo-siseko omtsha, inyulelwa ithuba lokusebenza eliphela ngomhla wama-30 ku-Epreli 1999.
(3)	INdlu yoWiso-mthetho inamalungu angama-400 ngethuba layo lokusebenza, eliphela ngowama-30 ku-Epreli 1999, ngokokulawulwa licandelo 49(4)	loMgaqo-siseko omtsha.
(4)	Imigaqo nemiyalelo yeNdlu yoWiso-mthetho ebisebenza ukuqalisa kokusebenza koMgaqo-siseko omtsha, iyaqhuba ukusebenza ngokokulawulwa kuko nakuphi na ukutshintshwa, okanye ukurhoxiswa.
5 Imicimbi engagqitywanga ephambi kwePalamente
(1)	Nayiphi na imicimbi engagqitywanga ephambi kweNdibano yesiZwe ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha kufuneka iqhutywe ngokwalo Mgaqo-siseko mtsha.
(2)	Nayiphi na imicimbi engagqitywanga ephambi kweNdlu yeeNgwevu ukuqalisa ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha kufuneka ibhekiswe kwiBhunga leSizwe laMaphondo; iBhunga kufuneka liyiqhube loo micimbi ngokoMgaqo- siseko omtsha.
6.	Unyulo lweNdlu yoWiso-mthetho
(1)	Akukho nyulo lweNdlu yoWiso-mthetho lunokwenziwa phambi komhla wama-30 ku-Epreli 1999, ngaphandle kokuba iNdlu ichithiwe ngokwemigaqo yecandelo 50 (2)	emva kwesindululo sokuphela kokuthenjwa kukaMongameli ngokwemigaqo yecandelo 102 (2)	loMgaqo-siseko omtsha.
(2)	Icandelo 50(1)	loMgaqo-siseko omtsha liyanqunyanyiswa kude kube ngumhla wama-30 ku-Epreli 1999.
(3)	Nangani uMgaqo-siseko owandulela lo urhoxisiwe, uShedyuli 2 waloo Mgaqo-siseko, njengoko atshintshiweyo sisiHlomelo A sale Shedyuli, uyasebenza –
(a)	kunyulo lokuqala lweNdlu yoWiso-mthetho  phantsi koMgaqo-siseko omtsha;
(b)	ekulahlekelweni komntu kukuba lilungu leNdlu kwiimeko ezingezizo ezo zixelwe kwicandelo 47 (3)	loMgaqo-siseko omtsha;
(c)	nasekuvalweni kwezithuba kwiNdlu, kunye nokufakelelwa, ukuqwalaselwa kwakhona, nokusetyenziswa kwezintlu zamaqela opolitiko ekuvalweni kwezithuba, kude kube lunyulo lwesibini lweNdlu phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
(4)	Icandelo 47(4)	loMgaqo-siseko omtsha liyanqunyanyiswa kude kube lunyulo lwesibini  lweNdlu yoWiso-mthetho phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
7.	IBhunga leSizwe laMaphondo
(1)	Kwithuba eliphela kanye phambi kokudibana okokuqala kwendlu yowiso-mthetho yephondo emva konyulo lwayo lokuqala phantsi koMgaqo-siseko omtsha –
(a)	umndilili womelo lweqela kwigqiza lephondo kwiBhunga leSizwe laMaphondo kufuneka ufane nomndilili apho amalungu eNdlu yeeNgwevu alishumi ephondo ayenyulwe ngokwemigaqo yecandelo 48 loMgaqo-siseko wangaphambili; kwaye
(b)	inani labathunywa abasisigxina nelabathunywa ababodwa elifanele iqela ngalinye lopolitiko elinabameli kwindlu yowiso-mthetho yephondo labelwe iqela elo ngolu hlobo lulandelayo:
IPHONDO
ABAMELI
 ABASISIGXINA
ABAMELI ABABODWA
1. iMpuma-KoloniEastern Cape
ANC 5
NP 1
ANC 4
2. iFreyistati
ANC 4
FF1
NP 1
ANC 4
3. iGauteng
ANC 3
DP 1
FF 1
NP 1
ANC 3
NP 1
4. iKwaZulu-Natala
ANC 1
DP 1
IFP 3
NP 1
ANC 2
IFP 2
5. iMpumalanga
ANC 4
FF 1
NP 1
ANC 4
6. uMntla-Koloni
ANC 3
FF 1
NP 2
ANC 2
NP 2
7. iPhondo laseMntla
ANC 6
ANC 4
8. uMntla-Ntshona
ANC 4
FF 1
NP 1
ANC 4
9. iNtshona-Koloni
ANC 2
DP 1
NP 3
ANC 1
NP 3
(2)	Iqela elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo –
(a)	kufuneka likhethe abathunywa balo abasisigxina phakathi kwabantu ababengamalungu eNdlu yeeNgwevu ukuqala koMgaqo-siseko omtsha ukusebenza kwaye bevuma ukusebenza njengabathunywa abasisigxina; ke
(b)	lingakhetha abanye abantu babe ngabathunywa abasisigxina kuphela ukuba akakho okanye angaphantsi kwenani elifunekayo akhoyo amalungu alo angaphambili eNdlu yeeNgwevu.
(3)	Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka ityumbe abathunywa bayo abasisigxina ngokungqinelana nokutyunjwa neziphakamiso-magama zamaqela.
(4)	Umbandelana (2)	nowesi-(3)	isebenza kuphela ekutyunjweni kokuqala kwabathunywa abasisigxina kwiBhunga leSizwe.
(5)	ICandelo 62 (1)	loMgaqo-siseko omtsha alisebenzi ekukhethweni nasekutyunjweni kwamalungu eNdlu yeeNgwevu angaphambili njengabathunywa abasisigxina ngokwalo mbandela.
(6)	Imigaqo nemiyalelo yeNdlu yeeNgwevu ebisebenza ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, kufuneka isebenze kwimicimbi yeBhunga leSizwe kangangoko inokusebenziseka, ngokokwako nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa.
8.	Amalungu eNdlu yeeNgwevu angaphambili
(1)	Umntu olilungu langaphambili leNdlu yeeNgwevu elingatyunjwanga
njengomthunywa osisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo unelungelo lokuba lilungu elizeleyo elinokuvota lendlu yowiso-mthetho yephondo awayekhethwe kuyo njengelungu leNdlu yeeNgwevu ngokwecandelo 48 loMgaqo-siseko owandulela lo.
(2)	Ukuba owayelilungu leNdlu yeeNgwevu ukhetha ukungabi lilo ilungu lendlu
yowiso-mthetho yephondo loo mntu uthatyathwa njengorhoxileyo njengelungu leNdlu yeeNgwevu ngomhla ophambi kokuba uMgaqo-siseko omtsha uqalise ukusebenza.
(3)	Umvuzo, izibonelelo neemfanelo zelungu langaphambili leNdlu yeeNgwevu elityunjwe njengomthunywa osisigxina okanye njengelungu lendlu yowiso- mthetho yephondo akufuneki zithotywe ngenxa yoko kutyunjwa kuphela.
9 Isigqeba esiLawulayo seSizwe
(1)	Nabani na owayenguMongameli, uSekela-Mongameli oLawulayo, uMphathiswa okanye uSekela-Mphathiswa phantsi koMgaqo-siseko owandulela lo, ukuqalisa ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, uyaqhuba abambe isikhundla eso ngokoMgaqo-siseko omtsha, kodwa ngokokulawulwa ngumbandelana (2).
(2)	Kude kube ngumhla wama-30 ku-Epreli 1999, amacandelo 84, 89, 90, 91, 93 nelama-96, oMgaqo-siseko omtsha kufuneka athatyathwe njengafundeka ngendlela ekucaciswe ngayo kwisiHlomelo B sale Shedyuli.
(3)	Umbandelana (2)	awumthinteli uMphathiswa owayelilungu leNdlu yeeNgwevu ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, ukuba aqhube ukuba nguMphathiswa ekubhekiselwe kuye kwicandelo 91(1)(a)	loMgaqo-siseko omtsha, ngokwendlela elifundeka ngayo elo candelo kwisiHlomelo B.
10 Izindlu zowiso-mthetho zamaphondo
(1)	Nabani na owayelilungu okanye ebambe isikhundla sendlu yowiso-mthetho
yephondo ukuqalisa ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, uba lilungu okanye umbambi-sikhundla wendlu yowiso-mthetho yelo phondo phantsi koMgaqo-siseko omtsha, abambe isikhundla njengelungu okanye umbambi-sikhundla ngokoMgaqo-siseko omtsha nangokwawo nawuphi na uMgaqo-siseko wephondo onokuthi wenziwe.
(2)	Indlu yowiso-mthetho yephondo njengoko imiselwe ngokombandelana (1)	kufuneka ithatyathwe njengenyuliweyo phantsi koMgaqo-siseko omtsha, inyulelwe ithuba eliphelelwa ngomhla wama-30 ku-Epreli 1999.
(3)	Ngethuba eqhuba ngalo ukusebenza, eliphelelwa ngomhla wama-30 ku-Epreli nangokokulawulwa licandelo 108 (4), indlu yowiso-mthetho yephondo inenani lamalungu ayeqingqelwe loo ndlu yowiso-mthetho phantsi komGaqo- siseko owandulela lo, kunye nenani lamalungu eNdlu yeeNgwevu awaba ngamalungu endlu yowiso-mthetho leyo ngokombandela 8 wale Shedyuli.
(4)	Imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho ebisebenza ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, ihlala isebenza, kodwa isengatshintshwa okanye irhoxiswe.
11 Unyulo lwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo 
(1)	Nangani urhoxisiwe uMgaqo-siseko owandulela lo, iShedyuli 2 yaloo
Mgaqo-siseko, etshintshiweyo sisiHlomelo A esikule Shedyuli, iyasebenza –
(a)	kunyulo lokuqala lwendlu yowiso-mthetho yamaphondo phantsi koMgaqo-siseko omtsha;
(b)	ekuthini umntu alahlekelwe bubulungu bakhe bendlu yowiso-mthetho leyo kwiimeko ezingezizo ezo kuthethwa ngazo kwicandelo 106 (3)	loMgaqo-siseko omtsha;
(c)	nasekuvalweni kwezithuba kwindlu yowiso-mthetho, naxa kufakelelwa, kuqwalaselwa kwakhona kuze kusetyenziswe izintlu zamaqela ukuvala izithuba, kude kube lunyulo lwesibini lwendlu yowiso-mthetho phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
(2)	Icandelo 106 (4)	loMgaqo-siseko omtsha liyanqunyanyiswa mayela nendlu
yowiso-mthetho yephondo ide ibe lunyulo lwesibini lwendlu yowiso-mthetho phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
12.	Izigqeba ezilawulayo zamaphondo
(1)	Nabani na owayeyiNkulumbuso okanye ilungu leSigqeba esiLawulayo sephondo ukuqalisa koMgaqo-siseko omtsha ukusebenza, uyaqhuba kweso sikhundla ngokoMgaqo-siseko omtsha nawo nawuphi na uMgaqo-siseko wephondo onokuthi wenziwe, kodwa ngokokulawulwa ngumbandelana (2).
(2)	Ide ibe iNkulumbuso enyulwe emva konyulo lokuqala lwendlu yowiso-mthetho yephondo phantsi koMgaqo-siseko omtsha ingenile esikhundleni, okanye iphondo elo lenza uMgaqo-siseko walo ube ngumthetho, nokuba yeyiphi na eyenzeka kuqala, icandelo 129 nele-132 oMgaqo-siseko omtsha kufuneka athatyathwe njengafundeka ngokwendlela ekuthethwa ngayo kwisiHlomelo C sale Shedyuli:
13.	Imigaqo-siseko yamaphondo
UMgaqo-siseko wephondo ophunyezwe phambi kokusebenza kwalo Mgaqo-siseko mtsha kufuneka ungqinelane necandelo 143 loMgaqo-siseko omtsha.
14.	Ukunikwa kwamaphondo ilungelo lokwenza imithetho
(1)	Umthetho omalunga nomcimbi okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4 okanye 5, yoMgaqo-siseko omtsha, owawulawulwa sisiphatha-mandla esikwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, ukuqalisa koMgaqo-siseko omtsha ukusebenza, unganikezelwa nguMongameli ngesihlokomiso, kwisiphatha-mandla esikwisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu esityunjwe siSigqeba esiLawulayo  sephondo elo.
(2)	Ukuba kukho imfuneko yokuba unikezelo lomthetho phantsi kombandelana (1)	lwenziwe ngokukuko, uMongameli angathi, ngesihlokomiso –
(a)	awuguqule okanye awulungelelanise umthetho lowo ukwenzela ukulawula ukuchazwa okanye ukusetyenziwa kwawo;
(b)	apho unikezelo olo lungasebenzi kuwo wonke umthetho othile, ayirhoxise abuye ayenze ngokutsha loo mimiselo lusebenzayo kuyo olu nikezelo, okanye kangangokuba olu nikezelo lusebenza kuyo loo mimiselo, ekwenza okanye engakwenzi nakuphi na ukutshintshwa okanye ukulungelelaniswa okuxelwe kumhlathi (a); okanye
(c)	alungelelanise nawuphi na omnye umcimbi oyimfuneko ngenxa yonikezelo olo, kubandakanywa ukutshintshwa, okanye ukubolekaniswa kwabasebenzi, okanye ukugqithiselwa kwezinto eziyinzuzo, kwamatyala, kwamalungelo nezimiselo, zisiwe okanye zimkiswe kwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu okanye esephondo elithile; okanye kulo naliphi na isebe likarhulumente, ulawulo, inkonzo yokhuselo, okanye elinye iziko.
(3)	(a)	Ikopi yesihlokomiso ngasinye esikhutshwe ngokombandelana (1)	okanye (2)	kufuneka ithunyelwe kwiNdlu yoWiso-mthetho nakwiBhunga leSizwe laMaphondo ngeentsuku ezili-10 sipapashiwe isihlokomiso.
(b)	Ukuba iNdlu yoWiso-mthetho kanti neBhunga leSizwe zithe, ngesigqibo, azasivuma isihlokomiso okanye nawuphi na ummiselo waso, isihlokomiso eso okanye ummiselo lowo uyaphelelwa, kodwa ezi zinto zilandelayo zingachaphazeleki –
(i)	ukusebenza kwayo nayiphi na into eyenziwe ngokwesihlokomiso eso okanye
ngokommiselo waso lowo phambi kokuphelelwa; okanye
(ii)	ilungelo okanye inyhweba ethe yafumaneka okanye isimiselo okanye ubutyala ekungenwe kubo phambi kokuba siphelelwe/uphelelwe.
(4)	Wakuba umthetho unikezelwa phantsi kombandelana (1), nakuphi na ukukhankwanywa, emthethweni lowo, kwesiphatha-mandla esiwusebenzisayo, kufuneka kuthatyathwe njengokubhekisa kwisiphatha-mandla esinikezelwe wona.
(5)	Nakuphi na ukunikezelwa komthetho phantsi kwecandelo 235(8) loMgaqo-siseko owandulela lo, kubandakanywa nakuphi na ukutshintshwa, ukulungelelaniswa, okanye ukurhoxiswa nokwenziwa ngokutsha kwawo nawuphi na umthetho kanjalo naliphi na inyathelo elithatyathwe phantsi kwelo candelo, lithatyathwa ngokuba lenziwe phantsi kwalo mbandela.
15.	Umthetho okhoyo ongaphandle kwegunya lowiso-mthetho lePalamente
(1)	Isiphatha-mandla esikwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu esithi xa uMgaqo-siseko omtsha uqala ukusebenza, sibe sisebenzisa nawuphi na umthetho owela ngaphandle kwegunya lowiso-mthetho lePalamente, sihlala sigunyazisiwe ukuwusebenzisa loo mthetho ude ube unikezelwe kwigunya elikwisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu ngokombandela 14 wale Shedyuli.
(2)	Umbandelana (1)	uyaphelelwa emva kweminyaka emibini emva kokuba uMgaqo-siseko omtsha uqalisile ukusebenza.
16.	Iinkundla
(1)	Yonke inkundla yomthetho ekhoyo ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, kubandakanywa iinkundla zeenkokeli zemveli, iyaqhuba ukusebenza nokusebenzisa amagunya ayo ngokomthetho osebenza kuyo, naye nabani na obambe isikhundla njengegosa lezeejaji uyaqhuba ukubamba isikhundla ngokomthetho osebenza kweso sikhundla, kulawula –
(a)	naluphi na utshintsho okanye urhoxiso lwaloo mthetho;
(b)	nokungqinelana noMgaqo-siseko omtsha.
(2)	 (a)	INkundla yoMgaqo-siseko eyasekwa nguMgaqo-siseko owandulela lo iba yiNkundla yoMgaqo-siseko phantsi kwalo Mgaqo-siseko omtsha.
 (b)	......
[Isiqendwana  16(2) (b)	sicinywe ngecandelo 20 (a)	loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(3)	(a)	ICandelo leziBheno leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika liba yiNkundla ePhakamileyo yeziBheno phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
(b)	......
[Isiqendwana 16(3) (b)	sicinywe ngecandelo 20 	loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2001.]
(4)	 (a)	Icandelo lephondo okanye leengingqi leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika okanye inkundla ephakamileyo yephandle okanye icandelo ngokubanzi laloo nkundla, liba yiNkundla ePhezulu phantsi koMgaqo-siseko omtsha kungabikho nakuphi na ukuguqulwa kwindawo yayo yokusebenza, ngokokulawulwa kuko nakuphi na ukuhlenga-hlengisa okuthelekelelwa kumbandelana (6).
(b)	Nabani na obambe isikhundla okanye othatyathwa njengobambe isikhundla njengoMongameli-Jaji, uSekela-Mongameli-Jaji okanye ijaji yenkundla exelwa kumhlathi (a), ukuqalisa kokusebenza koMgaqo-siseko omtsha, uba nguMongameli-Jaji, uSekela-Mongameli-Jaji okanye ijaji yaloo nkundla phantsi koMgaqo-siseko omtsha, ngokokulawulwa lulo naluphi na uhlenga-hlengiso oluthelekelelwe kumbandelana (6).
(5)	Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo okanye ukungafaneleki okucacileyo, ukuthi, kuwo nawuphi na umThetho okanye inkqubeko, kukhankanywe –
(a)	iNkundla yoMgaqo-siseko phantsi koMgaqo-siseko owandulela lo, kufuneka kuthatyathwe njengokubhekisa kwiNkundla yoMgaqo-siseko phantsi koMgaqo-siseko omtsha;
(b)	iCandelo leZibheno leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kufuneka kuthatyathwe njengokubhekisa kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno;
(c)	necandelo lephondo okanye leengingqi leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika okanye inkundla ephakamileyo yephandle okanye icandelo ngokubanzi laloo nkundla, kufuneka kuthatyathwe njengokubhekisa kwiNkundla ePhakamileyo.
(6)	 (a)	Ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva kokuba uMgaqo-siseko omtsha uqalisile ukusebenza, zonke iinkundla, kubandakanywa ukwakheka, amalungu azo, ukusebenza nolawulo lwazo, kunye nayo yonke imithetho enxulumene nazo, kufunekazihlenga-hlengiswe ngeenjongo zokuseka inkqubo yezeejaji efanele iimfuno zoMgaqo-siseko omtsha.
(b)	Ilungu leKhabinethi elijongene nolawulo lobulungisa, lisebenza emva kokubonisana neKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, kufuneka lisingathe olo hlenga-hlengiso luthelekelelwa kumhlathi (a).
(7)	(a)	Nabani na onesikhundla asibambileyo, ukuqalisa kokusebenza  koMthetho  weRiphablikhi yoMzantsi Afrika oyiConstitution of the Republic of South Africa Amendment Act, ka-2001-
(i)	enguMongameli weNkundla yezoMgaqo-siseko uba yiJaji eyiNtloko, njengoko kuchazwa kwicandelo 167 (1)	loMgaqo-siseko omtsha;
(ii)	enguSekela-Mongameli weNkundla yezoMgaqo-siseko uba nguSekela-Jaji eyiNtloko, njengoko kuchazwa kwicandelo 167 (1)	loMgaqo-siseko omtsha;
(iii)	njengeJaji eyiNtloko uba nguMongameli weNkundla ePhakamileyo yeZibheno, njengoko kuchazwa kwicandelo 168 (1)	loMgaqo-siseko omtsha; kananjalo
(iv)	nobebambe isikhundla njengeSekela-Jaji eyiNtloko uba nguSekela-Mongameli weNkundla ePhakamileyo yeZibheno, njengoko kuchazwa kwicandelo 168 (1)	loMgaqo-siseko omtsha.
(b)	Yonke imithetho, imigaqo nezikhokelo ezenziwe nguMongameli weNKundla yezoMgaqo-siseko okanye yiJaji eyiNtloko ebisebenza kutsha nje phambi kokuba uqalise ukusebenza uMthetho oyiConstitution of the Republic of South Africa Amendment Act ka-2001, ziyaqhuba ukusebenza de zibe zitshitshisiwe okanye zenziwe izilungiso.
(c)	Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo, okanye ukungafaneleki okucacileyo, xa, kuwo nawuphi na umthetho okanye inkqubeko, kubhekiswa kwiJaji eyiNtloko okanye kuMongameli weNKundla yezoMgaqo-siseko, kufuneka kuthathwe ukuba kubhekiswa kwiJaji eyiNtloko njengoko ichazwa kwicandelo 167 (1)	loMgaqo-siseko omtsha.
[Isiqendwana (7)	songezelelwe ngecandelo 20 (b)	loMthetho Wesithandathu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2001.]
17.	Amatyala angekagqitywa aphambi kweenkundla
Onke amatyala awaye engekagqitywa phambi kwenkundla ukuqalisa koMgaqo-siseko omtsha ukusebenza, kufuneka agqitywe njengokungathi uMgaqo-siseko omtsha awukhange wenziwe umthetho, ngaphandle kokuba iimfuno zobulungisa zifuna kwenziwe ngandlela yimbi.
18.	Igunya elitshutshisayo
(1)	Icandelo 108 loMgaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba ukusebenza ude uMthetho wePalamente othelekelelwa kwicandelo 179 loMgaqo-siseko omtsha uqalise ukusebenza. Lo  mbandelana awukuchaphazeli ukutyunjwa koMlawuli weSizwe wezokuTshutshisa ngokwecandelo 179.
(2)	UMtshutshisi-Jikelele obambe isikhundla ukuqala koMgaqo-siseko omtsha ukusebenza, uyaqhuba ukusebenza ngokomthetho osebenzayo kweso sikhundla, ngokokulawulwa ngumbandelana (1).
19 Izifungo noqinisekiso
Umntu oqhubayo ukuba sesikhundleni ngokweShedyuli le nothe wathabatha isifungosesikhundla eso okanye wenza isingqiniso esinyanisekileyo phantsi koMgaqo-siseko owandulela lo, akanyanzelekanga ukuba aphinde asithabathe isifungo sesikhundla okanye isingqiniso esinyanisekileyo phantsi koMgaqo-siseko omtsha.
20 Amanye amaziko ezoMgaqo-siseko
(1)	Kweli candelo ukuthi “iziko lezoMgaqo-siseko” kuthetha –
(a)	uMkhuseli woLuntu;
(b)	iKhomishini yamaLungelo oluNtu yaseMzantsi Afrika;
[Isiqendu (b) sitshintshwe licandelo 4  soMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998]
 (c)	iKhomishini yoLingano ngokwesiNi;
(d)	uMphicothi-zincwadi Jikelele;
(e)	iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika;
(f)	iKhomishini yezeMali nezeRhafu;
(g)	iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji; okanye
(h)	iBhodi yeeLwimi zoNke zoMzantsi Afrika (Pan South African Language Board).
(2)	Iziko lezoMgaqo-siseko elisekwe ngokoMgaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba ukusebenza ngokomthetho osebenza kulo, kwaye nawuphi na umntu obambe isikhundla njengelungu lekhomishini, ilungu lebhodi yeBhanki enguVimba okanye iBhodi yeeLwimi zoNke zaseMzantsi Afrika, uMkhuseli woLuntu okanye uMphicothi-ziNcwadi-Jikelele ukuqalisa koMgaqo-siseko omtsha ukusebenza, uyaqhuba ebambe isikhundla eso ngokomthetho osebenza kweso sikhundla, ngokokulawulwa –
(a)	kuko nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa kwaloo mthetho; kunye
(b)	nokuhambelana noMgaqo-siseko omtsha.
(3)	Amacandelo 199( 1), 200 (1), (3)	nelesi-(5)	ukuya kwele-(11) nelama-201 ukuya kwelama-206 oMgaqo-siseko owandulela lo ayaqhuba esebenza ade arhoxiswe nguMthetho wePalamente opasiswe ngokwecandelo 75, loMgaqo-siseko omtsha.
(4)	Amalungu eKhomishini yeeNkonzo zobuLungisa ekhankanywe kwicandelo 105 (1)	(h)	loMgaqo-siseko owandulela lo ayayeka ukuba ngamalungu eKhomishini akuthi amalungu akhankanywe kwicandelo 178 (1)	(i)	loMgaqo-siseko omtsha etyunjiwe.
(5)	(a)	IBhunga leVolkstaat elasekwa ngokoMgaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba ukusebenza ngokomthetho osebenza kulo, kwaye nabani na obambe isikhundla njengelungu leBhunga ukuqala ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, uyaqhuba ukubamba eso sikhundla ngokomthetho osebenza kweso sikhundla, ngoko ngokokulawulwa –
(i)	kuko nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa kwaloo mthetho;
(ii)	nakukungqinelana noMgaqo-siseko omtsha.
(b)	Icandelo 184 A nele-184 (b)	(1)	(a), (b)	no (d)	oMgaqo-siseko owandulela lo ayaqhuba esebenza ade arhoxiswe nguMthetho wePalamente opasiswe ngokwecandelo 75 loMgaqo-siseko omtsha.
21.	Ukwenziwa komthetho ofunwa nguMgaqo-siseko omtsha
Apho uMgaqo-siseko omtsha ufuna ukwenziwa komthetho wesizwe okanye
wephondo, loo mthetho kufuneka wenziwe ligunya elifanele ukuwenza ngexesha elililo wakuba uMgaqo-siseko omtsha uqalile ukusebenza.
Icandelo 198 (b) loMgaqo-siseko omtsha alinakusetyenziswa ude umthetho ekuthethwa ngawo kwelo candelo ube wenziwe.
Icandelo 199 (3)(a) loMgaqo-siseko omtsha alinakusetyenziswa phambi kokuba kuphele iinyanga ezintathu emva kokuba umthetho ekuthethwa ngawo kwelo candelo ube wenziwe.
Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelo 217 (3) loMgaqo-siseko omtsha kufuneka wenziwe ngethuba leminyaka emithathu ukususela kumhla owaqala ngawo ukusebenza uMgaqo-siseko omtsha, kodwa ukungabi kho kwalo mthetho ngeli thuba akukuthinteli ukusebenziseka kwenkqubo-sikhokelo ekuthethwa ngayo kwicandelo 217 (2).
De ube wenziwe uMthetho wePalamente ekubhekiswa kuwo kwicandelo 65 (2) lalo Mgaqo-siseko mtsha, indlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye ingazigqibela ngoMgaqo-nkqubo wokunika igunya kwiqela labathunywa balo ukuze bavote egameni lephondo elo kwiBhunga leSizwe laMaphondo.
Ude ube wenziwe umthetho ekuthethwa ngawo kwicandelo 229 (1)(b) lalo Mgaqo-siseko mtsha, umasipala usenakho ukumisela irhafu, intlawuliso okanye intlawulelo-zinto awayenikwe igunya lokuzimisela ukuqalisa kokusebenza koMgaqo-siseko lo.
22.	Umanyano lwesizwe noxolelwaniso
Nangona ikho eminye imimiselo yoMgaqo-siseko omtsha, futhi nangona urhoxisiwe uMgaqo-siseko owandulela lo, yonke imimiselo ephathelele kuxolelo equlethwe kuMgaqo-siseko owandulela lo phantsi kwesihloko esithi, “UManyano lweSizwe noXolelwaniso ithatyathwa njengenxalenye yalo Mgaqo-siseko mtsha ngeenjongo zoMthetho oyiPromotion of National Unity and Reconciliation  ka-1995 (uMthetho 34 ka-1995), njengoko utshintshiweyo, kubandakanywa neenjongo zokuthi ube ngumthetho osebenzayo.
Ngokwakumbandelana (1), umhla '6 Disemba 1993' apho uvela kwimiqathango yoMgaqo-siseko owandulela lo, phantsi kwesihloko esithi 'UManyano lweSizwe noXolelwaniso',  kufuneka ufundwe '11 Meyi 1994'.
[Isiqendwana 22(2) songezelelwe ngecandelo 3 loMthetho Wokuqala Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1997.]
23.	UXwebhu lwaMalungelo
Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kumacandelo 9(4), 32(2) nelama-33(3) oMgaqo-siseko omtsha kufuneka wenziwe ngethuba leminyaka emithathu ukususela kumhla owathi uMgaqo-siseko omtsha waqalisa ngawo ukusebenza.
Ude ube umthetho ekuthethwe ngawo kwicandelo 32(2) nelama-33(3) loMgaqo-siseko omtsha wenziwe –
icandelo 32(1) kufuneka lithatyathwe njengelifundeka ngolu hlobo:
‘(1) Wonke ubani unelungelo lokufikelela kulo lonke ulwazi olusezandleni zikarhulumente okanye nawaphi na amaziko akhe kuso nasiphi na isigaba sikarhulumente xa olo lwazi lufunelwa ukusetyenziswa okanye ukukhuselwa kwawo nawaphi na amalungelo akhe.’; kanjalo
icandelo 33(1) nele-(2) kufuneka athatyathwe njengokuba afundeka ngolu hlobo:
‘Wonke umntu unelungelo –
Kwinyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elisemthethweni xa kukho nawaphi na amalungelo akhe okanye izinto ezikukulungelwa kwakhe ezichukunyisiweyo okanye ezisengozini;
kwinyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elingenasheyi ngokomgaqo-nkqubo, xa kukho nawaphi na amalungelo akhe okanye nayiphi na into ayilindele ngokufanelekileyo echatshazelweyo okanye esengozini;
lokufumana izizathu ezibhaliweyo ngenyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elichaphazela nawaphi na amalungelo akhe okanye ukulungelwa kwakhe, ngaphandle kokuba izizathu zelo nyathelo ziye zaxelwa ngokuphandle;
nakwinyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elifanelekileyo ngokuphathelele kwizizathu ezinikiweyo zokuthathwa kwalo xa kukho nawaphi na kumalungelo akhe achatshazelweyo okanye asengozini.”
Icandelo 32(2) nelama-33(3) oMgaqo-siseko omtsha ayaphelelwa ukuba umthetho ekuthethwa ngawo kuloo macandelo, ngokulandelana, awenziwanga ngethuba leminyaka emithathu ukususela ngomhla othe uMgaqo-siseko waqalisa ngawo ukusebenza.
24.	Ulawulo lukarhulumente neenkonzo zokhuseleko
Amacandelo 82 (4)(b), 215, 218 (1), 219 (1), 224 ukuya kuma-nelama 228, 236 (1), (2), (3)(b), (7)(b) no (8), 237 (1) no (2)(a), nelesi-239 (4) no (5) oMgaqo-siseko owandulela lo ayaqhuba ukusebenza ngokungathi uMgaqo-siseko owandulela lo awurhoxiswanga, ngokokulawulwa –
kukwenzeka kotshintsho kuloo macandelo acaciswe kwisiHlomelo D;
kukwenzeka kwalo naluphi na olunye utshintsho okanye nakuphi na ukurhoxiswa kwaloo macandelo nguMthetho wePalamente opasiswe ngokwemigaqo yecandelo lama-75 loMgaqo-siseko omtsha; kunye
nokungqinelana noMgaqo-siseko omtsha.
IKhomishini yeNkonzo yakwaRhulumente kunye neekhomishini zeenkonzo zamaphondo ekuthethwa ngazo kwiSahluko 13 soMgaqo-siseko owandulela lo ziyaqhuba ukusebenza ngokweso Sahluko kunye nomthetho osebenza kuso ngokungathi eso Sahluko zange sirhoxiswe, ide iKhomishini kunye neekhomishini zeenkonzo zamaphondo zichithwe nguMthetho wePalamente opasiswe ngokwecandelo 75 loMgaqo-siseko omtsha.
Ukurhoxiswa koMgaqo-siseko owandulela lo akusichaphazeli nasiphi na isihlokomiso esikhutshwe phantsi kwecandelo 237 (3) loMgaqo-siseko owandulela lo, kwaye nasiphi na isihlokomiso esinjalo siyaqhuba ukusebenza, ngokokulawulwa –
kuko nakuphi na ukutshitshiswa okanye ukurhoxiswa;
nakukungqinelana noMgaqo-siseko omtsha.
25.	Okunye ukungazifaneli izindlu zowiso-mthetho
Nabani na owathi xa uMgaqo-siseko omtsha uqalisa ukusebenza wabe ebhantinta, egwetywe apha kwiRiphablikhi isigwebo sokuvalelwa ithuba elingaphezu kweenyanga ezili-12 kungekho fayini, akakulungelanga ukuba lilungu leNdlu yoWiso-mthetho okanye lendlu yowiso-mthetho yephondo.
Ukungafaneleki komntu ngokombandelana (1) –
kuyaphelelwa ukuba ubutyala bakhe buthe bacinywa ngesibheno, okanye isigwebo sincitshisiwe ngesibheno saba sisigwebo esingamenzi angafaneleki loo mntu; kanjalo
kuyaphela emva kweminyaka emihlanu emva kokuba isigwebo sigqityiwe.
26.	ULawulo lweeDolophu neeNgingqi
Nakuba ikho imimiselo yamacandelo 151, 155, 156 kunye nowe-157 yoMgaqo-siseko omtsha –
imimiselo yoMthetho oyiLocal Government Transition Act  ka-1993 (uMthetho 209 ka1993), enokutshintshwa kumaxesha ngamaxesha ngumthetho wesizwe ngokungqinelana nalo Mgaqo-siseko mtsha, iya kuhlala isebenza ngokuphathelele kwiKhansile kaMasipala de ibekwe njengenyuliweyo iKhansile kaMasipala ethatha indawo yaloo Khansile, ngenxa yonyulo llikawonke-wonke lokuqala lweeKhansile zooMasipala emva koMgaqo-siseko omtsha; kananjalo.
[Isiqendwana 26(1)(a) sithathelwa indawo  licandelo 5 (a) loMthetho Wesixhenxe Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-1998.]
inkokeli yemveli yoluntu oluhleli ngokwenkqubo yomthetho wesintu kwaye luhlala kumhlaba okwingingqi yekhansile yengingqi yexeshana, okanye wekhansile yexeshana yasemaphandleni okanye wekhansile yabameli yexeshana, ekuthethwa ngazo kuMthetho oyiLocal Government Transition Act ka-1993, notyunjwe ngokoluya hlobo luchazwe kwicandelo 182 loMgaqo-siseko owandulela lo, ulilungu laloo khansile ngokwesikhundla sakhe de ibe  ibekwe njengenyuliweyo iKhansile kaMasipala ethatha indawo yaloo khansile, ngenxa yonyulo llikawonke-wonke lokuqala lweeKhansile zooMasipala emva kokuba uqalisile ukusebenza uMgaqo-siseko omtsha.
[Isiqendwana 26 (b)  sithathelwa indawo licandelo 5(a) loMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-1998.]
Icandelo lama-245 (4) loMgaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba ukusebenza kude ukusetyenziswa kwalo eli candelo kuphelelwe. Icandelo 16 (5) nele (6) loMthetho oyiLocal Government Transition Act  ka-1993, alinakurhoxiswa phambi komhla wama-30 ku-Epreli 2000.
[Isiqendwana 26(2) senziwe izilungiso ngecandelo 5 (b) loMthetho Wesibini Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-1998.]
27.	Ukugcinwa ngokukhuselekileyo kweMithetho yePalamente neyaMaphondo
Icandelo 82 nele-124 oMgaqo-siseko omtsha awakuchaphazeli ukugcinwa khuselekileyo kweMithetho yePalamente okanye iMithetho yamaphondo ehunyezwe phambi kokuba uMgaqo-siseko omtsha uqalise ukusebenza.
28 UBhaliso lwepropati engenakususwa eyekaRhulumente
Xa lithe igunya elithile elinelungelo laveza isetifikethi esibonisa ukuba ipropati ethile engenakususwa eyekaRhulumente iphantsi kolawulo lwesigaba esithile sikarhulumente ngokwecandelo lama – 239 loMgaqo-siseko owandulela lo, kufuneka umbhalisi weziqinisekiso-bunini asibhale eso setifikethi okanye isiqinisekiso kwirejista okanye kwisiqinisekiso-mhlaba okanye kolunye uxwebhu, ngokwenjenjalo abe ubhalisa loo propati ingenakususwa egameni laloo rhulumente.
Akukho ntlawulelo-zinto, namali okanye nakuphi na ukuhlawuliswa okubizwayo malunga nokubhaliswa ngokwecandelwana (1).
ISIHLOMELELO A
UTSHINTSHO KWISHEDYULI 2 YOMGAQO-SISEKO OWANDULELA LO
1.	Ukufakwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 1:
‘1	Amaqela abhaliswe ngokomthetho wesizwe angenele ugqatso lonyulo lweNdlu yowWiso-mthetho, aya kuphakamisa amagama abavotelwa bolo nyulo kwizintlu zabavotelwa ezilungisiweyo ngokungqinelana nale Shedyuli kunye nomthetho wesizwe.’
2.	Ukufakwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 2:
‘2	Izihlalo kwiNdlu yoWiso-mthetho njengoko ziqingqwe ngokwecandelo 46 loMgaqo-sisekoomtsha, ziya kuzaliswa ngale ndlela ilandelayo:
Isiqingatha sezihlalo siya kuzaliswa ngokwezintlu zemimandla ezingeniswe ngamaqela azo, kukho inani eliqingqiweyo lezihlalo ezibekelwe ummandla ngamnye njengoko kumiselweyo yiKhomishini yonyulo olulandelayo lweNdlu, kuthathelwe ingqalelo iinkcukacha ezisekelwe kwezobunzululwazi ezikhoyo ngokumayela nabavoti, kunye nokumelwa ngamaqela anomdla.
Esinye isiqingatha sezihlalo siya kuzaliswa ngokwezintlu ezikwisigaba sesizwe ezingeniswe ngamaqela azo, okanye kwizintlu zemimandla apho izintlu ezikwisigaba sesizwe zingazange zingeniswe.’
3.	Ukufakwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 3:
‘3	Izintlu zabavotelwa ezingeniswe liqela ziya kuthi xa zizonke ziqulathe amagama angekhongaphezulu kwenani labavotelwa elilingana nenani lezihlalo kwiNdlu yeSizwe, kwaye uluhlu ngalunye kuzo luya kubonisa loo magama ngaloo ndlela iqingqekileyo yokulandelelana ikhethwe liqela elo.’
4.	Ukutshintshwa kombandela 5 ngokufakela la magama alandelayo endaweni yamagama andulela umhlathi (a):
‘5	Izihlalo ezikhankanywe kumbandela 2 (a) ziya kuthi kummandla ngamnye zabelwe amaqela akhuphisana kunyulo, ngolu hlobo lulandelayo’
5.	Ukutshintshwa kombandela 6 –
ngokufakela la magama alandelayo endaweni yamagama andulela umhlathi (a):
‘6	Izihlalo ezikhankanywe kumbandela 2 (b) ziya kwabelwa amaqela akhuphisana kunyulo ngolu hlobo lulandelayo:’
nangokufakela lo mhlathi ulandelayo endaweni yomhlathi (a):
‘(a)	Isabelo seevoti kwisihlalo ngasinye siya kuqingqwa ngokwahlula inani leevoti zizonke ezifakiweyo kwisigaba sesizwe ngenani lezihlalo ezikwiNdlu yowiso-nthetho, kudityaniswe nomvo, ukuze isiphumo esidityaniswe nomvo, elahliwe amaqhezu, sibe sisabelo seevoti sesihlalo ngasinye.’
6.	Ukutshintshwa kombandela 7(3) ngokufakela lo mhlathi ulandelayo endaweni yomhlathi (b):
‘(b)	Isabelo esihlonyelweyo seevoti zesihlalo ngasinye siya kuqingqwa ngokwahlula inani lilonke
leevoti ezifakiweyo kwisigaba sesizwe, selisusiwe inani leevoti ezifakwe kwisigaba sesizwe, zizeloo qela  likhankanyiweyo kumhlathi (a), ngenani lezihlalo ezikwiNdlu, kudityaniswe nomvo, kususwe inani lezihlalo ezabelwe, ekugqibeleni, iqela elixeliweyo ngokomhlathi (a).’
7.	Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 10:
‘10	Inani lezihlalo kwindlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye liya kuba njengoko kumiselwe ngokwecandelo 105 loMgaqo-siseko omtsha.’
8.	Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 11: 
‘(11)	Amaqela abhalisiweyo ngokomthetho wesizwe, angenele unyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo, aya kuphakamisa amagama abavotelwa awase kuloo ndlu yowiso-mthetho yephondo êkwizintlu zephondo ezilungiswe ngokungqinelana nale Shedyuli kunye nomthetho wesizwe.’
9.	Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 16:
'(16)	Ukutyunjwa kwabathunywa
Emva kokuba ukubalwa kweevoti kugqityiwe, inani labathunywa beqela ngalinye liqondiwe, nesiphumo sonyulo sibhengeziwe ngokwecandelo 190 loMgaqo-siseko omtsha, iKhomishini iya kuthi, kwiintsuku ezimbini emva kweso sibhengezo, ityumbe kuluhlu ngalunye lwabavotelwa, olupapashiweyo ngokomthetho wesizwe, abathunywa beqela ngalinye kwindlu yowiso-mthetho.
Emva kokutyunjwa ngokombandelana (1), ukuba igama lomvotelwa livela kwizintlu ezimbini nangaphezulu zeNdlu yoWiso-mthetho okanye kuluhlu lweNdlu yoWiso-mthetho nakolwendlu yowiso-mthetho yephondo (ukuba unyulo lweNdibano nolwendlu yowiso-mthetho yephondo lubanjwe ngexesha elinye) abe lo mvotelwa eza kutyunjwa njengomthunywa kwiindawo ezimbini nangaphezulu, eli qela layingenise ezo zintlu liya kuthi, ngethuba leentsuku ezimbini emva kweso sibhengezo, lixele kwiKhomishini ukuba loo mvotelwa uya kutyunjwa koluphi uluhlu okanye loo mvotelwa uya kusebenza kweyiphi indlu yowiso-mthetho, ngokwemeko leyo, lize ke igama laloo mvotelwa lisuswe kwezinye izintlu.
IKhomishini iya kuthi ngoko nangoko ilupapashe uluhlu lwamagama abathunywa kwindlu  yowiso-mthetho okanye kwizindlu zowiso-mthetho.’
10.	Ukutshintshwa kombandela 18 ngokufakela lo mhlathi ulandelayo endaweni yomhlathi (b):
‘(b)	umthunywa utyunjwa njengomthunywa osisigxina kwiBhunga leSizwe laMaphondo.’
11. Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 19: 
‘19	Izintlu zabavotelwa zeqela ezikhankanywe kumbandela 16 (1) zingahlonyelelwa kube kanye kuphela nangaliphi na ixesha ngethuba leenyanga ezili-12 zokuqala emva komhla okugqitywe ngawo ukutyunjwa kwabathunywa ngokombandela 16, kuhlonyelelwe ukuze kuvalwe izithuba: Phantsi komqathango othi oko kuhlonyelwa kuya kwenziwa ekupheleni koluhlu’.
12.	Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 23 :
'23	Izithuba ezingenabantu
Xa kukho isithuba kwindlu yowiso-mthetho apho le Shedyuli isebenza khona, iqela elaye lilikhethile elo lungu liphumayo liya kusivala isithuba eso ngokukhetha umntu –
ogama lakhe livelayo kuluhlu lwabavotelwa elalikhethwe kulo ilungu eliphumayo; kanjalo
inguye olandelayo kwabafanele ukukhethwa, kuluhlu olo, evuma nokuvuma.
Igama elikhethiweyo ukuvala isithuba liya kuthunyelwa kuSomlomo weNdlu ngokubhaliweyo.
Ukuba iqela elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho liyachithakala okanye liyayeka ukubakho aze amalungu amele lona azishiye izikhundla zawo ngombandela 23 A (1), izihlalo abekuzo ziya kulungelelaniswa apho kufunekayo, zize zabelwe amaqela aseleyo njengokungathi ezo zihlalo zizihlalo ezinikezelweyo ngokombandela 7 okanye 14, ngokwemeko leyo.’
13. Ukuhlonyelwa kwalo mbandela ulandelayo emva kombandela 23:
'23A	Ezinye izizathu zokulahlekelwa bubulungu bezindlu zowiso-mthetho
Umntu uyalahlekelwa bubulungu bendlu yowiso-mthetho ekusebenza kuyo le Shedyuli ukuba loo mntu uyayeka ukuba lilungu leqela elalimkhethile njengelungu lendlu yowiso-mthetho.
Nangona ukho umbandelana (1) naliphi na iqela lezopolitiko elikhoyo lingathi nangaliphi na ixesha lilitshintshe igama lalo.
UMthetho wePalamente ungathi, ngethuba elifanelekileyo, emva kokuqalisa ukusebenza koMgaqo-siseko omtsha, uphunyezwe ngokungqinelana necandelo 76 (1) loMgaqo-siseko omtsha ukuze kutshintshwe lo mbandela kwanombandela 23 ukuze kumiswe indlela ekunokwenzeka ngayo ukuba ilungu lendlu yowiso-mthetho elithi liyeke ukuba lilungu leqela elaye lilityumbile lingalahlekelwa bubulungu baloo ndlu yowiso-mthetho.
UMthetho wePalamente ekuthethwa ngawo kumbandelana (3) ungamisa nendlela yokuba –
naliphi na iqela elikhoyo lidibane nelinye iqela; okanye ukuba
naliphi na iqela lizahlula-hlule libe ngamaqela amabini nangaphezulu.’
14. Ukuguzulwa kombandela 24.
15.Ukutshintshwa kombandela 25 –
ngokufakelwa endaweni yochazo lwegama “iKhomishini” olu chazo-magama lulandelayo:
‘iKhomishini’ ithetha iKhomishini yoNyulo ekuthethwa ngayo kwicandelo 190 loMgaqo-siseko omtsha’.
nangokufakela olu chazo-magama lulandelayo emva kochazo luka-‘uluhlu lwesizwe’:
‘uMgaqo-siseko omtsha’ uthetha uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996’.
16.Ukuguzulwa kombandela 26.
ISIHLOMELELO B
URHULUMENTE WOMANYANO LWESIZWE:
ISIGABA SESIZWE
1.Icandelo 84 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe kwaneli candelwana lilelinye lilandelayo:
‘(3)	UMongameli kufuneka abonisane nooSekela-Mongameli abaLawulayo –
ekuphuhlisweni nasekusetyenzisweni kweenkqubo-sikhokelo zorhulumente wesizwe;
kuyo yonke imibandela emayela nokuphathwa kweKhabhinethi nokwenziwa kwemicimbi yeKhabhinethi;
ekwabeleni ooSekela-Mongameli abaLawulayo imisebenzi;
phambi kokwenza naluphi na utyumbo phantsi koMgaqo-siseko okanye kwawo nawuphi na umthetho, kubandakanywa ukutyunjwa koonozakuzaku okanye abanye abameli bozakuzo;
phambi kokutyumba iikhomishini zophando;
phambi kokubiza uvavanyo-zimvo;
naphambi kokuxolela okanye ukunqumamisa isigwebo sabo nabaphi na abaphuli-mthetho.
2.	Icandelo 89 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe neli candelwana lilelinye lilandelayo:
‘(3)	Icandelwana (1) nelesi-(2) asebenza nakuSekela-Mongameli oLawulayo.’
3. Umhlathi (a) wecandelo 90 (1) loMgaqo-siseko omtsha uthatyathwa njengofundeka ngolu hlobo lulandelayo:
‘(a)	uSekela-Mongameli oLawulayo otyunjwe nguMongameli.’
4.	Icandelo 91 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengelifundeka ngolu hlobo lulandelayo:
‘91 IKhabinethi
IKhabhinethi inala malungu: uMongameli, ooSekela-Mongameli abanoLawulo kunye –
nabaPhathiswa abangekho ngaphezulu kwama-27 abangamalungu eNdlu yoWiso-mthetho, abatyunjwe ngokwecandelwana (8) ukuya kwele-(12);
kwanaye abe mnye kuphela uMphathiswa ongelolungu leNdlu yoWiso-mthetho, otyunjwe ngokwecandelwana (13), ukuba ngaba uMongameli, esebenza ngokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela anenxaxheba, ukubona ukutyunjwa kwaloo Mphathiswa kuluncedo.
Iqela ngalinye  elinezihlalo ezingama-80 ubuncinane kwiNdlu yoWiso-mthethlo linelungelo lokutyumba uSekela-Mongameli oLawulayo phakathi kwamalungu eNdlu.
Ukuba akukho qela  linazo, okanye linye kuphela iqela elinazo izihlalo ezingama-80 nangaphezulu kwiNdlu, iqela elinelona nani likhulu lezihlalo neqela lesibini ukuba nelona nani likhulu lezihlalo, ilelo linelungelo lokutyumba uSekela-Mongameli oLawulayo abe mnye phakathi kwamalungu eNdlu.
Esakuba etyunjiwe, uSekela-Mongameli oLawulayo lowo angakhetha ukuhlala elilungu leNdlu okanye ayeke ukuba lilo.
USekela-Mongameli oLawulayo angawasebenzisa loo magunya kwaye kufuneka enze naloo misebenzi, amiselwe/imiselwe nguMgaqo-siseko kwisikhundla sikaSekela-Mongameli oLawulayo nalawo magunya, naleyo misebenzi yabelwe eso sikhundla nguMongameli.
USekela Mongameli oLawulayo usibamba isikhundla –
kude kube ngumhla wama-30 ku-Epreli 1999 ngaphandle kokuba kungene umntu endaweni yakhe okanye ubiziwe liqela enelungelo lokutyumba ngokwecandelwana (2) nelesi-(3); okanye
ade umntu onyulelwe ukuba nguMongameli emva kwalo naluphi na unyulo lweNdlu yo/wiso-mthetho olubanjwe phambi kowama-30 ku-Epreli 1999, angene esikhundleni.
Isithuba kwisikhundla sikaSekela-Mongameli oLawulayo singavalwa liqela ebelityumbe loo Sekela-Mongameli.
Iqela elinezihlalo ezingama-20 ubuncinane kwiNdlu yoWiso-mthetho, neligqibe ekubeni lithabathe inxaxheba kurhulumente womanyano lwesizwe, linelungelo lokwabelwa isikhundla seKhabinethi sibe sinye okanye zibe ngaphezulu ekuthi abaPhathiswa ekuthethwa ngabo kwicandelwana (1)(a) batyunjelwe zona, ngokobungaphi bezihlalo elinazo kwiNdlu yoWiso-mthetho, nangokungqinelana nenani lezihlalo anazo amanye amaqela athabatha inxaxheba.
Izikhundla zeKhabinethi kufuneka zabelwe amaqela athabatha inxaxheba ngokokwale ndlela imiselweyo ilandelayo:
Isabelo sezihlalo kwisikhundla ngasinye kufuneka siqingqwe ngokwahlula-hlula inani lilonke lezihlalo ezikwiNdlu yoWiso-mthetho zamaqela onke athabatha inxaxheba sezidibene, ngenani lezikhundla abaza kutyunjelwa zona abaPhathiswa ekuthethwa ngabo kwicandelwana (1) (a), kudityaniswe umvo.
Isiphumo, xa sekulahlwe idesimali yesithathu nezilandelayo, ukuba zikho, siso ke esisisabelo sezihlalo zesikhundla ngasinye.
Inani lezikhundla ezabelwa iqela elithabatha inxaxheba liqingqwa ngokwahlula-hlula inani lilonke lezihlalo zelo qela kwiNdlu yoWiso-mthetho ngesabelo ekuthethwa ngaso kumhlathi (b).
Ngokokulawulwa ngumhlathi (e), isiphumo sinika inani lezikhundla emazabelwe elo qela.
Apho ukusetyenziswa kwale ndlela ingasentla kukhupha inani elithe chatha, eligqithayo kwinani lezihlalo ezabelwe iqela, elo nani lithe chatha likhuphisana namanye amanani athe chatha avelele elinye iqela okanye amanye amaqela, ukuze isikhundla okanye izikhundla ezingenamntu zabelwe iqela elinochatha, okanye amaqela anoochatha, ngokokulandelelana, kuqalwe ngelona linochatha omkhulu.
UMongameli, emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba, kufuneka –
aqingqe ukuba zeziphi na kanye izikhundla emazabelwe loo maqela athabatha inxaxheba ngokungqinelana nenani lezikhundla ezabelwe lona ngokwecandelwana (9);
athi kwisikhundla ngasinye kwezi atyumbele ilungu leNdlu yoWiso-mthetho elililungu lelo qela sabelwe lona isikhundla eso, phantsi komhlathi (a) libe nguMphathiswa ojongene neso sikhundla;
athi ukuba kukho imfuneko ngokweenjongo zoMgaqo-siseko okanye ukuze urhulumente asebenze kakuhle, atshintsha-tshintshe naluphi na uqingqo phantsi komhlathi (a), ngokokulawulwa licandelwana (9);
asuse esikhundleni nabani na obethe watyunjwa ngokomhlathi (b)–
ukuba uMongameli uyacelwa ukuba ayenze le nto yinkokeli yeqela alilungu lalo loo Mphathiswa uchaphazelekayo; okanye
ukuba ukwenjenjalo kuba yimfuneko ngokweenjongo zoMgaqo-siseko okanye ukuze urhulumente asebenze kakuhle; okanye
athi xa kuyimfuneko, avale isithuba kwisikhundla soMphathiswa, ngokokulawulwa ngumhlathi (b).
Icandelwana (10) kufuneka lisetyenziswe ngendlela ebonakalisa ukubuqonda ubuntoni borhulumente womanyano lwesizwe: ke uMongameli nabanye abaphetheyo abachaphazelekayo kufuneka xa belisebenzisa eli candelwana bazame ukufikelela kwimvumelwano ngawo onke amaxesha: Kùxhomekeke ekuthini ukuba akukho mvumelwano malunga –
nokusetyenziswa kwegunya elikhankanywe kumhlathi (a), (c) kanye (d)(ii) welo candelwana, isigqibo sikaMongameli siya kuma;
nokusetyenziswa kwegunya elikhankanywe kumhlathi (b), (d)(i) okanye (e) welo candelwana, gunya elo lichaphazela umntu ongelolungu lepati kaMongameli, isigqibo senkokeli yeqela alilungu lalo loo mntu siyema;
nokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (b) okanye (e) welo candelwana, gunya elo lichaphazela umntu olilungu leqela likaMongameli, isigqibo sikaMongameli siyema.
Ukuba ukuqingqwa okuthile kolwabelo lwezikhundla kuyatshintsha-tshintshwa phantsi kwecandelwana (10)(c), abaPhathiswa abachaphazelekayo kufuneka bazishiye izikhundla zabo, kodwa bafanelekile ukuba, apho kunokwenzeka, bangaphinda batyunjelwe kwizikhundla ezizezinye ezabelwe amaqela abo ngokuqingqwa oko kutshintsha-tshintshiweyo.
UMongameli –
ebonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba, kufuneka–
aqingqe isikhundla esithile soMphathiswa ekuthethwa ngaye kwicandelwana (1)(b) ukuba oko kuyimfuneko emva kwesigqibo sikaMongameli esenziwe phantsi kwelo candelwana;
atyumbele kweso sikhundla umntu ongelolungu leNdlu yoWiso-mthetho, abe enguMphathiswa ojongene neso sikhundla;
avale, ukuba kuyimfuneko, isithuba esikweso sikhundla; okanye
emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba, kufuneka alunqumamise naluphi na utyumbo olwenziwe phantsi komhlathi (a) ukuba kuba yimfuneko ngokweenjongo zoMgaqo-siseko okanye ukuze urhulumente asebenze kakuhle.
Iintlanganiso zeKhabhinethi kufuneka zonganyelwe nguMongameli, okanye, ngokomyalelo kaMongameli, nguSekela-Mongameli oLawulayo: Kukhunjulelwe ukuba ooSekela-Mongameli abaLawulayo bongamela iintlanganiso zeKhabhinethi ngokubolekisana ngaphandle kokuba iimeko nemibandela karhulumente kwanomoya wokuqonda ubuntoni borhulumente womanyano lwesizwe ufuna kwenziwe ngenye indlela.
IKhabhinethi kufuneka isebenze ngendlela ewukhathaleleyo umoya wokufuna imvumelwano oqulethwe kukuqondwa kobuntoni borhulumente womanyano wesizwe nekhathalele imfuneko yokusebenza kukarhulumente ngokunemfezeko.”
5.	Icandelo 93 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengelifundeka ngolu hlobo:
'93 Ukutyunjwa kooSekela-baPhathiswa
UMongameli angathi, emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba kwiKhabinethi, aseke izikhundla zamasekela abaphathiswa.
Iqela elinelungelo lokwabelwa isikhundla esinye okanye nangaphezulu zamasekela abaphathiswa ngomlinganiselo ofanayo nangendlela efanayo neyokwabiwa kwezikhundla zeKhabhinethi.
Imimiselo yecandelo 91 (10) ukuya kwele-(12) iyasebenza ineenguqulelo eziyimfuneko ngokumayela nooSekela-baPhathiswa; ke koko kusetyenziswa kwale mimiselo ukukhankanya uMphathiswa okanye isikhundla, kwelo candelo, kufuneka kufundwe njengokuba kukhankanya uSekela-Mphathiswa okanye isikhundla sosekela-Mphathiswa ngokulandelelana.
Ukuba umntu utyunjwe njengoSekela-Mphathiswa waso nasiphi na isikhundla esiphathiswe uMphathiswa –
loo Sekela-Mphathiswa kufuneka athi, egameni laloo Mphathiswa uchaphazelekayo, asebenzise onke amagunya, enze nayo yonke imisebenzi enikwe loo Mphathiswa ngokwemigaqo yawo nawuphi na umthetho okanye enye indlela enokuthi, phantsi kwemiyalelo kaMongameli, inikwe loo Sekela-Mphathiswa nguloo Mphathiswa;
nakuphi na ukukhankanywa kwaloo Mphathiswa kuwo nawuphi na umthetho, kufuneka kuthatyathwe njengokubandakanya ukukhankanywa koSekela-Mphathiswa osebenza ngokolwabelo oluphantsi komhlathi (a) olwenziwe nguMphathiswa asebenza egameni lakhe uSekela-Mphathiswa lowo.
Nanini na uSekela-Mphathiswa engekho okanye ngaso nasiphi na isizathu engenakho ukusebenzisa nawaphi na kamagunya okanye ukwenza nayiphi na imisebenzi yesikhundla, uMongameli angatyumba nawuphi na omnye uSekela-Mphathiswa okanye nawuphi na omnye umntu ukuba asebenze endaweni yaloo Sekela-Mphathiswa kuthethwa ngaye, ngokubanzi okanye ekusebenziseni naliphi na igunya elixeliweyo okanye ekwenzeni nawuphi na umsebenzi oxeliweyo.’
6.	Icandelo 96 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe la macandelwana alandelayo angamanye:
‘(3)	AbaPhathiswa bajongwe ingulowo nguMongameli nayiNdlu yoWiso-mthetho ekuphatheni izikhundla zabo, aye onke amalungu eKhabhinethi nawo ngokwawo kufuneka athembeke ngokudibeneyo kubaPhathiswa ekwenzeni imisebenzi karhulumente wesizwe nasekugcineni iinkqubo-zikhokelo zakhe.
AbaPhathiswa kufuneka baziphathe izikhundla zabo ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo eqingqwe yiKhabhinethi.
Ukuba uMphathiswa uyasilela ukusiphatha isikhundla ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo yeKhabhinethi, uMongameli angayalela ukuba athi uMphathiswa lowo enze ukuba uphatho lweso sikhundla lungqinelane naloo nkqubo-sikhokelo.
Ukuba uMphathiswa lowo uyasilela ukuhamba ngokomyalelo kaMongameli phantsi kwecandelwana (5), uMongameli angamsusa uMphathiswa lowo esikhundleni –
Ukuba unguMphathiswa okhankanywe kwicandelo 91 (1)(a), emva kokubonisana noMphathiswa lowo, kwanenkokeli yeqela laloo Mphathiswa ukuba uMphathiswa lowo akalilo ilungu leqela likaMongameli okanye akayiyo inkokeli yeqela elithabatha inxaxheba: okanye
ukuba nguMphathiswa okhankanywe kwicandelo 91 (1)(b), emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba.’.
ISIHLOMELELO C
URHULUMENTE WOMANYANO LWESIZWE:
ISIGABA SEPHONDO
1. Icandelo 132 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengelifundeka ngolu hlobo lulandelayo:
'132.	IZigqeba eziLawulayo
Isogqeba esiLawulayo sephondo sinala malungu: iNkulumbuso, kunye namalungu angekho ngaphezulu kwe-10 atyunjwe yiNkulumbuso ngokungqinelana neli candelo.
Iqela elinezihlalo ezili-10 lepesenti ubuncinane kwindlu yowiso-mthetho yephondo nelithe lagqiba ekubeni lithabathe inxaxheba kurhulumente womanyano lwesizwe, linelungelo lokwabelwa isikhundla esinye okanye ezingaphezulu zeSigqeba esiLawulayo  ngokobungaphi benani lezihlalo elinazo kwindlu yowiso-mthetho, ngokulungelelene nenani lezihlalo anazo amanye amaqela athabatha inxaxheba.
Izikhundla zeSigqeba esiLawulayo kufuneka zabelwe amaqela athabatha inxaxheba ngokwalaa ndlela inye ichazwe kwicandelo 91 (9), ke ekusebenziseni loo ndlela ukuthi, kwelo candelo, kukhankanywe –
iKhabhinethi, kufuneka kufundwe njengokuthi kukhankanywa iSigqeba esiLawulayo;
uMphathiswa, kufuneka kufundwe njengokuthi kukhankanywa ilungu leSigqeba esiLawulayo;
iNdlu yoWiso-mthetho, kufuneka kufundwe njengokuthi kukhankanywa indlu yowiso-mthetho yephondo.
INkulumbuso yephondo emva kokubonisana neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba kufuneka –
iqingqe ezona zikhundla kanye emazabelwe loo maqela athabatha inxaxheba ngokungqinelana nenani lezikhundla ezabelwe wona ngokwecandelwana (3);
ityumbele kwisikhundla ngasinye ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo elililungu leqela esabelwe lona eso sikhundla phantsi komhlathi (a), ukuba libe lilungu leSigqeba esiLawulayo elijongene neso sikhundla;
ithi, ukuba kuba yimfuneko ngokweenjongo zoMgaqo-siseko okanye ukuze urhulumente asebenze kakuhle, itshintsha-tshintshe nakuphi na ukuqingqwa okwenziwe phantsi komhlathi (a), ngokokulawulwa licandelwana (3);
isuse nawuphi na umntu obetyunjwe phantsi komhlathi (b)–
ukuba iNkulumbuso icelwe ukuba yenjenjalo yinkokeli yeqela alilungu lalo loo mntu uchaphazelekayo, ukwalilungu leSigqeba esiLawulayo; okanye
ukuba oko kuba yimfuneko ngokweenjongo zoMgaqo-siseko okanye ukuze urhulumente asebenze kakuhle; okanye
athi, xa kuyimfuneko, avale isithuba kwisikhundla selungu leSigqeba esiLawulayo, ngokokulawulwa ngumhlathi (b).
Icandelwana (4) kufuneka lisetyenziswe ngendlela ebonakalisa ukubuqonda ubuntoni borhulumente womanyano lwesizwe; ke iNkulumbuso nabanye abaphetheyo abachaphazelekayo kufuneka ekusetyenzisweni kwelaa candelwana bazame ukufikelela kwimvumelwano ngawo onke amaxesha: Kuhlalwe kukhunjulelwa ukuthi ukuba akukho mvumelwano malunga –
nokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (a), (c) okanye (d)(ii) welaa candelwana, isigqibo seNkulumbuso siya kuma;
nokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (b), (d)(i) okanye (e) welaa candelwana, gunya elo lichaphazela umntu ongelolungu leqela leNkulumbuso, isigqibo senkokeli leqela alilungu lalo loo mntu siyema;
kwanokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (b) okanye (e) welaa candelwana, gunya elo lichaphazela umntu olilungu leqela leNkulumbuso, isigqibo seNkulumbuso siyema.
Ukuba ukuqingqwa okuthile kolwabelo lwezikhundla kuyatshintsha-tshintshwa phantsi kwecandelwana (4)(c), la malungu achaphazelekayo kufuneka azishiye izikhundla zawo, kodwa afanelekile ukuba, apho kunokwenzeka, angaphinda atyunjelwe kwizikhundla ezizezinye ezabelwe amaqela awo ngokokuqingqwa oko kutshintsha-tshintshiweyo.
Iintlanganiso zeSigqeba esiLawulayo kufuneka zonganyelwe yiNkulumbuso yephondo.
ISigqeba esiLawulayo kufuneka sisebenze ngendlela ekhathalela umoya wokufuna imvumelwano oqulethwe kukuqondwa kobuntoni borhulumente womanyano lwesizwe, nekhathalela imfuneko yokusebenza kukarhulumente ngemfezeko.’
2.	Icandelo 136 loMgaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe la macandelwana angamanye alandelayo:
‘(3)	Amalungu eZigqeba eziLawulayo ajongwe, lilelo ubuqu, yiNkulumbuso nayindlu yoWiso-mthetho yephondo ekuphatheni izikhundla zawo, aye onke amalungu eSigqeba esiLawulayo nawo ngokwawo athembeke ngokukwanjalo, ngokudibeneyo, malunga nokuqhutywa kwemisebenzi karhulumente wephondo kwaneenkqubo-sikhokelo zakhe.
Amalungu eSigqeba esiLawulayo kufuneka aziphathe izikhundla zawo ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo eqingqwe siSigqeba eso.
Ukuba ilungu leSigqeba esiLawulayo liyasilela ukusiphatha isikhundla ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo yeSigqeba, iNkulumbuso ingayalela ilungu elo ukuba liphathe isikhundla eso salo ngendlela efana naloo nkqubo-sikhokelo.
Ukuba ilungu elichaphazelekayo liyasilela ukuhamba ngokomyalelo weNkulumbuso phantsi kwecandelwana (5), iNkulumbuso ingalisusa ilungu elo esikhundleni, emva kokubonisana  nalo nasemva kokubonisana nenkokeli yeqela lelo lungu, ukuba ilungu elo ayilolungu leqela leNkulumbuso okanye aliyiyo inkokeli yeqela elithabatha inxaxheba.’
ISIHLOMELELO D
ULAWULO LUKARHULUMENTE NEENKONZO ZOKHUSELEKO: IZILUNGISO KUMACANDELO ATHILE OMGAQO-SISEKO OWANDULELA LO 
1.	Ukutshintshwa kwecandelo 218 loMgaqo-siseko owandulela lo–
(a)	ngokufakela la magama alandelayo kwicandelwana (1) endaweni yamagama andulela umhlathi (a):
‘(1)	Kulawulwa yimiyalelo yoMphathiswa wezoKhuselo, uKhomishinala weSizwe uya kujongana ne –;‘
(b)	ngokufakela endaweni yomhlathi (b) wecandelwana (1) lo mhlathi ulandelayo:
‘(b)	ukutyunjwa kookhomishinala bephondo;’
(c)	ngokufakela endaweni yomhlathi (d) wecandelwana (1) lo mhlathi ulandelayo:
‘(d)	uphando nothintelo lolwaphulo-mthetho oluqulunqiweyo okanye ulwaphulo-mthetho olufuna uphando nothintelo kwisigaba sesizwe okanye ubunkunkqele obubodwa.’
(d)	ngokufakela endaweni yomhlathi (k) wecandelwana (1) lo mhlathi ulandelayo:
‘(k) ukusekwa nokugcinwa kwebutho lesizwe lobupolisa logcino-cwangco eluntwini eliya kuthunyelwa ukuya kuxhasa uMkhomishinala wePhondo, xa liceliweyo nguye.’
.
2. Ukutshintshwa kwecandelo 219 loMgaqo-siseko owandulela lo ngokufakela kwicandelwana (1) endaweni yamagama akhokela umhlathi (a) la magama alandelayo:
‘(1)	elawulwa licandelo 218(1), uMkhomishinala wePhondo uya kujongana ne –.‘
3. Ukutshintshwa kwecandelo 224 loMgaqo-siseko owandulela lo ngokufakela endaweni yomqathango wecandelwana (2) lo mqathango ulandelayo:
‘Zekuqondakale ukuba eli candelwana liya kusebenza kumalungu awo nawuphi na umkhosi wezixhobo owathi wangenisa uluhlu lwamalungu awo emva kokuqalisa ukusebenza koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1993 (uMthetho 200 ko-1993), kodwa phambi kokwamkelwa kwetekisi entsha yoMgaqo-siseko ekuthethwa ngayo kwicandelo 73 laloo Mgaqo-siseko, ukuba umbutho wezopolitiko ophantsi kwegunya nolawulo lwawo okanye ozibandakanya nawo noxhasa iinjongo zawo wawuyithathile inxaxheba kwiSigqeba esiLawulayo seXesha leNguqu, wathabatha inxaxheba nakunyulo lokuqala lweNdlu yoWiso-mthetho kunye nezindlu zowiso-mthetho zamaphondo phantsi kwalo Mgaqo-siseko ukhankanyiweyo.’
4.	Ukutshintshwa kwecandelo 227 loMgaqo-siseko owandulela lo ngokufakela endaweni yecandelwana (2) eli candelwana lilandelayo:
‘(2)	UMkhosi wezoKhuselo weSizwe uya kusebenzisa amagunya awo wenze nemisebenzi yawo kuphela xa oko kusebenzela ukulungelwa kwesizwe ngokweSahluko 11 soMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika 1996.’
5. Ukutshintshwa kwecandelo 236 loMgaqo-siseko owandulela lo –
ngokufakela, endaweni yecandelwana (1), eli candelwana lilandelayo:
‘(1)	Inkonzo karhulumente, isebe likarhulumente, ulawulo okanye inkonzo yezokhuseleko eyaye, kanye phambi kokuqalisa ukusebenza koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996 (othi apha, emva kwangoku, ubizwe ngokuthi “uMgaqo-siseko omtsha”), isenza imisebenzi yoburhulumente, iyaqhuba ukusebenza ngokomthetho osebenzayo kuyo ide itshitshiswe okanye ifakelwe kulo, okanye idityaniswe nalo naliphi na iziko elifanelekileyo okanye ihlenga-hlengiswe okanye yenziwe-nye nalo naliphi na elinye iziko.’;
ngokufakela endaweni yecandelwana (6) eli candelwana lilandelayo:
‘(6)
UMongameli angatyumba ikhomishini ukuba ihlole ukwenziwa okanye ukutshintshwa kwekhontrakthi, ukutyunjwa okanye ukunyuselwa, okanye ukumisewa kwexesha okanye komqathango wempangelo okanye kwenye imfanelo, izinto ezo ezenzeka phakathi komhla wama-27 ku-Epreli 1993 nowama-30 kuSeptemba 1994, zisenzelwa naye nawuphi na umntu ekuthethwa ngaye kwicandelwana (2) okanye naliphi na iqela labantu ekuthethwa ngabo apho.
IKhomishini ingayijikisa okanye iyitshintshe into nganye kwezi: ikhontrakthi, ukutyunjelwa esikhundleni, ukunyuselwa okanye umvuzo, ukuba ayifanelekanga okanye akukho sizathu sokwenzeka kwayo xa kuqwalaselwa iimeko zayo.
Ngokuthi naphi na apho kuvela khona amagama athi “lo Mgaqo-siseko”, kwicandelo 236, kufakelwe la amagama, “uMgaqo-siseko omtsha.”
6.	Ukutshintshwa kwecandelo 237 loMgaqo-siseko owandulela lo –
(a)	ngokufakela, endaweni yomhlathi (a) wecandelwana (1), lo mhlathi ulandelayo:
‘(a)	uhlenga-hlengiso lwawo onke amaziko akhankanywe kwicandelo 236 (1), ngaphandle kwemikhosi yamajoni ekhankanywe kwicandelo 224 (2)	luya kuthi emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996, luqhube, ngenjongo yokuseka –
(i)	ulawulo olunemfezeko kwisigaba sesizwe sikarhulumente oluya kujongana nemicimbi ephantsi kolawulo lwesigaba sesizwe;
(ii)	nolawulo olunemfezeko kwiphondo ngalinye ukwenzela ukujongana nemibandela ephantsi kolawulo lukarhulumente ngamnye wephondo.’
(b)	nangokufakela, endaweni yomhlathana (i) wecandelwana (2)(a), lo mhlathana ulandelayo:
‘(i)	amaziko akhankanywe kwicandelo 236 (1), ngaphandle kwemikhosi yamajoni, aya kuba phantsi korhulumente wesizwe, oya kuluthwala olu xanduva ngokusebenzisana noorhulumente bamaphondo;’.
7. Ukutshintshwa kwecandelo 239 loMgaqo-siseko owandulela lo ngokufakela, endaweni yecandelwana (4)	eli candelwana lilandelayo:
‘(4)	Ngokokulawula kwawo, nangokungqinelana nawo, umthetho osebenzayo, zonke ezi zinto: ii-asethi, amalungelo, imisebenzi namatyala ayo yonke imikhosi ekhankanywe kwicandelo 224 (2) ziya kuwela kuMkhosi wezoKhuselo weSizwe ngokungqinelana nemiyalelo yoMphathiswa wezoKhuselo.’.
ISHEDYULI 6A
[IShedyuli 6A ifakelwe licandelo 6 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 yaza yatshitshiswa licandelo 6 loMthetho Weshumi Elinesine Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2008]
UKUGCINA UBULUNGU KWINDLU YOWISO-MTHETHO OKANYE KWINDLU YOWISO-MTHETHO YEPHONDO, EMVA KOKUTSHINTSHA UBULUNGU KWIQELA ELITHILE, NASEMVA KOKUDITYANISWA KWAMAQELA, NASEMVA KOKWAHLULWA-HLULWA KWAMAQELA  NASEMVA KOKWAHLULWA-HLULWA NOKUDITYANISWA KWAMAQELA
[IShedyuli 6A ifakelwe ngecandelo 6 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2003.]
1	Inkcazo-ntsingiselo
 Kule Shedyuli 'indlu yowiso-mthetho' ithetha iNdlu yoWiso-mthetho okanye nayo nayiphi na indlu yowiso-mthetho yephondo.
2.	Ukugcinwa kobulungu kwindlu yowiso-mthetho xa kuthe kwatshintshwa ubulungu kwiqela
Kuthathelwe ingqalelo umbandela 4, ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo elithi libe lilungu lelinye iqela (iqela elitsha) elingelilo eli qela lalithe latyumba loo mntu ukuba abe lilungu (iqela elityumbayo), nokuba eli qela litsha laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithanga, lihlala lililungu lendlu yowiso-mthetho yephondo, ukuba ngaba elo lungu lithe, lilodwa nje okanye likunye nelinye okanye amanye amalungu athe ngesi sithuba sikhankanywe kumbandela 4 (1)(a) okanye (b), ayeka ukuba ngamalungu eli qela lityumbayo, alabi ngaphantsi kwe-10% yenani lezihlalo zeqela elityumbayo zizonke kuloo ndlu yowiso-mthetho yephondo.
Esi sihlalo sithathwe leli lungu likhankanywe kumbandelana (1) sithathwa ngokuba sinikezelwe kweli qela litsha limele lona eli lungu.
3.	Ukugcinwa kobulungu kwindlu yowiso-mthetho yephondo xa kuthe kwadityaniswa amaqela, kwahlulwa-hlulwa amaqela naxa kuthe kwahlulwa-hlulwa kwadityaniswa amaqela
Kuthathelwe ingqalelo umbandela  4, naliphi na iqela (iqela latanci) elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo linakho ukuba -
lingadibana nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga; okanye
lingahlulwa-hlulwa libe ngamaqela angaphezulu kweqela elinye okanye lahlula-hlulwe , kwaye naliphi na kuloo maqelana athe avela koko kwahlulwa-hlulwa lingaya kudibana nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga, ukuba ngaba amalungu elo qelana limkayo kwiqela latanci akakho ngaphantsi kwe-10% yenani lezihlalo zeqela latanci zizonke kuloo ndlu yowiso-mthetho yephondo.
Ukuba ngaba iqela lidibana nelinye okanye liyahlulwa-hlulwa libe ngamaqela angaphezulu kweqela elinye lize ke naliphi na kuloo maqelana athe avela koko kwahlulwa-hlulwa lidibane nelinye iqela ngokwakumbandelana (1), loo malungu achaphazelekayo ahlala engamalungu aloo ndlu yowiso-mthetho yephondo.
4.	Isithuba sokusetyenziswa kwemibandela 2 no-3 nezinye iimfuneko ezizezinye
Le miqathango yemibandela 2 no-3 isebenza kuphela-
isithuba seentsuku ezili-15 ukusukela kumhla wokuqala ukuya kutsho koweshumi elinesihlanu kuSeptemba kunyaka wesibini olandela umhla wonyulo lwaloo ndlu yowiso-mthetho yephondo; kananjalo
isithuba seentsuku ezili-15 ukusuka kumhla wokuqala ukuya koweshumi elinesihlanu kaSeptemba kunyaka wesine emva komhla wonyulo lwaloo ndlu yowiso-mthetho yephondo.
Ngokwakumbandelana (1) 'unyaka' ubhekisele kwisithuba seentsuku ezingama-365.
Kuso nasiphi na isithuba esikhankanywe kumbandelana (1) (a) no-(b)-
ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo lingabutshintsha ubulungu  kwiqela kube kanye nje kuphela, ngokwazisa uSomlomo wendlu yowiso-mthetho yephondo ngento ebhaliweyo nangokungenisa ubungqina obubhaliweyo obuvela kwelinye iqela elo obuqinisekisayo ukuba ngenene liye lamkelwa njengelungu lelo qela; kananjalo
iqela linokuthi nje kube kanye -
lidibane nelinye iqela;
lahlula-hlulwe libe ngamaqelana angaphezulu kuneqela elinye; okanye
lahlula-hlulwe lize ke naliphi na iqelana eliye lavela koko kwahlulwa-hlulwa lidibane nelinye iqela, ngokuthi lazise uSomlomo wendlu yowiso-mthetho ngaloo nto ngento ebhaliweyo nangokungenisa ubungqina obubhaliweyo kuSomlomo obuvela  kwelinye iqela elo bamagama awo onke amalungu achaphazelekayo koko kudityaniswa okanye kolo lwahlulwa-hlulo nobuqinisekisa ukuba iqela elo liye lakwamkela oko kudityaniswa; kananjalo
akukho qela limelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo  linokuthi -
libumise okwexeshana okanye libutshitshise kwelo ubulungu belungu elimele elo qela kuloo ndlu yowiso-mthetho yephondo; okanye
lenze nantoni na enokuthi yenze elo lungu ukuba lingafaneleki ukuba libambe isikhundla njengelungu elo, Lingakhange lifumane imvume ebhaliweyo kwelo lungu.
Ngokwalapha kule Shedyuli iqela elingabhaliswanga phantsi kwawo nawuphi na umthetho ophathelele kubhaliso lwamaqela ezopolitiko, lithathwa ngokuba liqela, kodwa ke elo qela kufuneka ukuba lifake isicelo sokubhaliswa njengeqela ngokomthetho ochaphazelekayo singaphelanga esiya sithuba sikhankanywe kumbandelana (1)(a) okanye (b) Ukuba ngaba iqela elo lithe alabhaliswa kwada kwaphela iinyanga ezine emva kokuphela kweso sithuba, lithathwa ngokuba alisekho, kwaye ke izihlalo ezo zalo kufuneka ukuba zinikezelwe kula maqela aseleyo ngokomthetho ochaphazelekayo.
5.	Ukuma kwendlu yowiso-mthetho yephondo kuhlala kuhleli kude kufike unyulo okanye ide imiswe ngokutsha ngokwale Shedyuli
Emva kokuphela kwesi sithuba sikhankanywe kumbandela 4 (1) (a) okanye (b), ukuma kwendlu yowiso-mthetho yephondo eye yamiswa ngokutsha ngenxa yayo nayiphi na imeko phantsi kombandela 2 okanye 3 kuhlala kuhleli kude kube lunyulo olulandelayo okanye kude ukuma kwaloo ndlu yowiso-mthetho yephondo kumiswe ngokutsha ngokombandela 2 okanye 3.
Kufuneka ukuba zithi zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe emva kokuphela kwesi sithuba sikhankanywe kumbandela 4 (1)(a) okanye (b), iqela ngalinye elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo ekuthethwa ngayo kumbandelana (1) lingenise uluhlu lwabatyunjwa balo abatyunjelwe isikhundla sikaNobhala wendlu yowiso-mthetho yephondo.
USomlomo wendlu yowiso-mthetho yephondo ekuthethwa ngaye kumbandelana (1) kufuneka ukuba, zithi zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe emva kokuphela kwesiya sithuba sikhankanywe kumbandela 4 (1)(a) okanye (b), apapashe isaziso kwiGazethi ekufuneka sibonise -
inani lezihlalo ezabelwe iqela ngalinye elimelweyo kuloo ndlu yowiso-mthetho yephondo; kananjalo
negama lelungu ngalinye kunye neqela elilimeleyo ilungu elo.
6.	Izicwangciso zexeshana lenguqu ngokuphathelele ekugcinweni kobulungu bendlu yowiso-mthetho yephondo xa kuthe kwatshintshwa ubulungu beqela, xa kudityaniswe amaqela, xa kwahlulwa-hlulwe amaqela naxa kwahlulwa-hlulwe kwaza kwadityaniswa amaqela
Kwiintsuku zokuqala ezili-15 ezilandela kwangoko emva kokuqalisa kwale Shedyuli ukusebenza -
ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo lingaba lilungu lelinye iqela (iqela elitsha), nokuba elo qela litsha laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga na, ngelixa lihlala lililungu laloo ndlu yowiso-mthetho yephondo ichaphazelekayo, kwaye ke isihlalo ebelikuso elo lungu kufuneka ukuba sithathwe ngokuba sinikezelwe kweli qela litsha libe lilungu lalo ngoku elo lungu; kananjalo
naliphi na iqela elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo lingathi -
lidibane nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga; okanye
lingahlulwa-hlulwa libe ngamaqela angaphezulu kweqela elinye okanye lahlula-hlulwe, lize ke naliphi na iqela eliye lavela koko kwahlulwa-hlulwa lidibane nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga, ngelixa amalungu lawo achaphazelekayo ahlala engamalungu aloo ndlu yowiso-mthetho yephondo, kwaye nezihlalo zawo  kufuneka zithathwe ukuba zinikezelwe kwelo qela alimeleyo ngoku emva koko kudityaniswa okanye kwahlulwa-hlulwa okanye kwahlulwa-hlulwa nokudityaniswa kwamaqela kukhankanywe kulo mhlathi.
Imiqathango yemibandela 4 (3) no-(4), nowe-5 ikwasebenza nakumbandelana (1), kwaye ke xa phaya kukhankanywa isithuba esikhankanywe kumbandela 4 (1)(a) okanye (b) kufuneka ukuba kuthathwe ukuba kubhekiswa kwisithuba esikhankanywe kumbandelana (1).
ISHEDYULI 6B
UKUPHELELWA OKANYE UKUGCINWA KOBULUNGU BEEKHANSILE ZOOMASIPALA XA KUTHE KWATSHINTSHWA UBULUNGU BEQELA, XA KUDITYANISWE AMAQELA, XA KWAHLULWA-HLULWE AMAQELA NAXA KWAHLULWA-HLULWE KWAZA KWADITYANISWA AMAQELA, NOKUVALWA KWEZITHUBA EZINGENABANTU
[IShedyuli 6B, eyayifudula inguShedyuli 6A, ifakelwe ngecandelo 2 loMthetho Wesibhozo Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko  ka-2002 yaza yenziwa izilungiso  ngecandelo 5 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003 yaza yatshitshiswa licandelo 5 loMthetho Weshumi Elinesihlanu Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko]]
2.	Ukugcinwa kobulungu beekhansile zoomasipala xa kuthe kwatshintshwa ubulungu beqela
Kuthathelwe ingqalelo umbandela  4, uceba -
ongamelanga qela kwiwadi ethile, nolilungu leqela elimelweyo kuloo Khansile kaMasipala (iqela latanci) nothi abe lilungu lelinye iqela (iqela elitsha), nokuba elo qela litsha laliyithabathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithabathanga na, uhlala enguceba waloo Khansile; okanye
omele iwadi ethile kuloo Khansile, uhlala enguceba waloo wadi, ukuba loo ceba -
wayetyunjwe liqela elithile (iqela latanci) njengomtyunjwa kunyulo lweewadi, aze ke-
(aa)	ayeke ukuba lilungu leqela latanci  aye kuba lilungu kwelinye iqela (iqela elitsha), nokuba elo qela litsha laliyithabathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithabathanga na; okanye
ayeke ukuba lilungu leqela latanci, angabi lilungu lelinye iqela; okanye 
(ii)	wayengatyunjwanga liqela elithile njengomtyunjwa kunyulo lweewadi, aze abe lilungu leqela elithile, nokuba elo qela litsha laliyithabathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithabathanga na, ukuba ngaba lo ceba kuthethwa ngaye kwimihlathi (a) no-(b)(i), eyedwa nje okanye ekunye nomnye okanye abanye ooceba abathe ngesi sithuba sikhankanywe kumbandela 4 (1)(a)(i) okanye (ii) bayeka ukuba ngamalungu eli qela latanci, ababi ngaphantsi kwe-10% yenani lezihlalo zeqela latanci zizonke kuloo Khansile.
Esi sihlalo sithathwe ngulo ceba ukhankanywe kumbandelana (1)(a) kufuneka sithathwe ngokuba sinikezelwe kweli qela litsha abe lilungu lalo loo ceba.
Le wadiimelwe ngulo ceba ukhankanywe kumbandelana (1)(b) kufuneka kuthathwe ukuba -
inikezelwe kwelo qela athe waba lilungu lalo loo ceba; okanye
ifunyenwe nguloo ceba, ukuba ngaba loo ceba akabanga lilungu lelinye iqela.
3.	Ukugcinwa kobulungu kwiKhansile xa kuthe kwadityaniswa amaqela, kwahlulwa-hlulwa amaqela naxa kuthe kwahlulwa-hlulwa kwadityaniswa amaqela
Kuthathelwe ingqalelo umbandela  4, naliphi na iqela (iqela latanci) elimelweyo kwiKhansile kaMasipala linakho ukuba -
lingadibana nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga na; okanye
lingahlulwa-hlulwa libe ngamaqela angaphezulu kweqela elinye okanye lahlula-hlulwe, kwaye naliphi na kuloo maqelana athe avela koko kwahlulwa-hlulwa lingaya kudibana nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga na, ukuba ngaba amalungu elo qelana limkayo kwiqela latanci akakho ngaphantsi kwe-10% yenani lezihlalo zeqela latanci zizonke kuloo Khansile.
Ukuba ngaba naliphi na iqela lidibana nelinye okanye liyahlulwa-hlulwa libe ngamaqela angaphezulu kweqela elinye okanye liyahlulwa-hlulwa lidibane nelinye iqela ngokwakumbandelana (1), abo ceba baachaphazelekayo bahlala bengamalungu aloo Khansile, kwaye ke izihlalo zabo kufuneka kuthathwe ukuba zinikezelwe kwelo qela balimeleyo emva koko kudityaniswa okanye kwahlulwa-hlulwa okanye koko kwahlulwa-hlulwa nokudityaniswa kuthethwa ngako kumbandelana (1).
4.	Isithuba sokusetyenziswa kwemibandela 2 no-3 nezinye iimfuneko ezizezinye
Le miqathango yemibandela 2 no-3 isebenza kuphela-
isithuba seentsuku ezili-15 ukusukela kumhla wokuqala ukuya kutsho koweshumi elinesihlanu kuSeptemba kunyaka wesibini olandela umhla wonyulo lwazonke iiKhansile zooMasipala; kananjalo
isithuba seentsuku ezili-15 ukusuka kumhla wokuqala ukuya koweshumi elinesihlanu kaSeptemba kunyaka wesine emva komhla wonyulo lwazo zonke iiKhansile zooMasipala.kodwa  ke ayisebenzi kunyaka ophela ngomhla wama-31 Disemba 2002.
Ngokwakumbandelana (1) 'unyaka' ubhekisele kwisithuba seentsuku ezingama-365.
Kuso nasiphi na isithuba esikhankanywe kumbandelana (1)(a)(i) okanye (ii)-
uceba angathi kube kanye nje kuphela -
abutshintshe ubulungu  kwiqela;
abe lilungu lelinye iqela; okanye
ayeke ukuba lilungu leqela,
ngokwazisa igosa elibekwe yiKhomishini yoNyulo ngaloo nto ngento ebhaliweyo nangokuthi, ukuba ngaba loo ceba utshintshe ubulungu beqela okanye ube lilungu  lelinye iqela, angenise kwelo gosa ubungqina obubhaliweyo obuvela kwelinye iqela elo obuqinisekisayo ukuba ngenene uye wamkelwa njengelungu lelo qela; kananjalo
iqela linokuthi nje kube kanye -
lidibane nelinye iqela;
lahlula-hlulwe libe ngamaqelana angaphezulu kuneqela elinye; okanye
lahlula-hlulwe lize ke naliphi na iqelana eliye lavela koko kwahlulwa-hlulwa lidibane nelinye iqela, 
ngokuthi lazise igosa elibekwe yiKhomishini yoNyulo ngaloo nto ngento ebhaliweyo nangokungenisa ubungqina obubhaliweyo kwelo obuvela  kwelinye iqela elo -
bamagama abo bonke ooceba abachaphazelekayo koko kudityaniswa okanye kolo lwahlulwa-hlulo 
 nobuqinisekisa ukuba iqela elo liye lakwamkela oko kudityaniswa; kananjalo
akukho qela limelweyo kwiKhansile kaMasipala linokuthi -
libumise okwexeshana okanye libutshitshise kwelo ubulungu bukaceba omele elo qela kuloo Khansile; okanye
lenze nantoni na enokuthi yenze loo ceba ukuba angafaneleki ukuba abambe isikhundla njengoceba lowo kuloo Khansile, lingakhange lifumane imvume ebhaliweyo kuloo ceba uchaphazelekayo.
5.	Ukuma kweKhansile kude kufike unyulo okanye unyulo lovalo-sikhewu okanye ukumiswa ngokutsha ngokweShedyuli 
Emva kokuphela kwesi sithuba kuthethwa ngaso kumbandela 4 (1)(a), ukuma kweKhansile kaMasipala, ethe yamiswa ngokutsha ngenxa yayo nayiphi na imeko phantsi kombandela 2 okanye 3 kuhlala kuhleli kude kube lunyulo olulandelayo lwazo zonke iiKhansile zooMasipala okanye kude ukuma kwaloo Khansile kaMasipala kumiswe ngokutsha ngokombandela 2 okanye 3 okanye kude kuqhutywe unyulo lovalo-sikhewu kuloo Khansile kaMasipala.
Ukumiswa ngokutsha kweeKhansile zooMasipala 
IKhansile kaMasipala ekhankanywe kumbandela 5 ethi ibeke amalungu enye iKhansile kaMasipala, ngokoluya hlobo lukhankanywe kwicandelo 157 (1)b), kufuneka ukuba zithi zingaphelanga iintsuku ezili-15 emva kokuphela kwesiya sithuba kuthethwa ngaso kumbandela 4 (1)(a)(i) okanye (ii), iphinde kwakhona isebenzise inkqubo elungiselelwe ngumthetho wesizwe ukubekwa kwaloo malungu ukuba amele loo Khansile iwabekayo.
Zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokuphela kwesiya sithuba kuthethwa ngaso kumbandela 4 (1)(a)(i) okanye (ii), zonke izigqeba neekomiti -
zoomasipala boDidi A noDidi B ekuthethwa ngabo kumbandela 5 kufuneka zimiswe ngokutsha ngokomthetho ofanelekileyo; kananjalo
umasipala woDidi C ekuthethwa ngaye kumbandela 5 kufuneka amiswe ngokutsha ngokomthetho ofanelekileyo emva kokuba ethe abekwa onke laa malungu akhankanywe kumhlathi (a) nbgokuphathelele kumasipala woDidi C.
7.	Izicwangciso zexeshana lenguqu ngokuphathelele ekugcinweni kobulungu beeKhansile zooMasipala xa kuthe kwatshintshwa ubulungu beqela, xa kudityaniswe amaqela, xa kwahlulwa-hlulwe amaqela naxa kwahlulwa-hlulwe kwaza kwadityaniswa amaqela
Kwiintsuku zokuqala ezili-15 ezilandela kwangoko emva kokuqalisa kwale Shedyuli ukusebenza -
uceba owayenyulwe kuluhlu lweqela elimelweyo kwiKhansile kaMasipala (iqela latanci) angaba lilungu lelinye iqela (iqela elitsha), nokuba elo qela litsha laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga na, ngelixa ahlala elilungu laloo Khansile kaMasipala ichaphazelekayo, kwaye ke isihlalo ebekuso loo ceba kufuneka ukuba sithathwe ngokuba sinikezelwe kweli qela litsha abe lilungu lalo ngoku loo ceba; (b) uceba owayenyulelwe ukuba amele iwadi ethile kwiKhansile kaMasipala nowayethe -
watyunjwa liqela njengomtyunjwa kunyulo lwewadi, angayeka ukuba lilungu leliya qela latanci abe lilungu leli qela litsha, nokuba elo qela litsha laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga na, okanye ayeke ukuba lilungu leliya qela latanci, angabi lolungu lelinye iqela; okanye
akatyunjwa qela njengomtyunjwa kunyulo lwewadi, angaba lilungu leqela elithile, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga na, kwaye ke iwadi emelwe nguloo ceba kufuneka ukuba ithathwe  ngokuba -
(aa)	inikezelwe kweli qela litsha abe lilungu lalo loo ceba; okanye
(bb)	ifunyenwe nguloo ceba, ukuba ngaba loo ceba akabanga lilungu laqela; kananjalo 
(c)	naliphi na iqela elimelweyo kwiKhansile kaMasipala lingathi -
lidibane nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga; okanye
lingahlulwa-hlulwa libe ngamaqela angaphezulu kweqela elinye okanye lahlula-hlulwe, lize ke naliphi na iqela eliye lavela koko kwahlulwa-hlulwa lidibane nelinye iqela, nokuba elo qela laliyithathile inxaxheba kunyulo okanye lalingayithathanga, ngelixa ooceba abo bachaphazelekayo bahlala bengamalungu aloo  Khansile kaMasipala, kwaye nezihlalo zabo  kufuneka zithathwe ukuba zinikezelwe kwelo qela balimeleyo ngoku emva koko kudityaniswa okanye kwahlulwa-hlulwa okanye kwahlulwa-hlulwa nokudityaniswa kwamaqela kukhankanywe kulo mhlathi.
Imiqathango yemibandela 4 (2), 5 no-6 ikwasebenza nakumbandelana (1), kwaye ke xa phaya kukhankanywa isithuba esikhankanywe kumbandela 4 (1)(a)(i) okanye (ii) kufuneka ukuba kuthathwe ukuba kubhekiswa kwisithuba esikhankanywe kumbandelana (1).
8.	Ukuvalwa kwezithuba
Izithuba ezingenabantu kwiKhansile kaMasipala kufuneka zivalwe ngokwemithetho yesizwe.
9 ......
[Isiqendwana 9 ucinywe ngecandelo  5 loMthetho Weshumi Wokutshintshwa KoMgaqo-siseko ka-2003.]
ISHEDYULI 7
IMITHETHO ETSHITSHISIWEYO
INombolo yoMthetho noNyaka Wawo
ISihloko
uMthetho 200 ka-1993
uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1993
uMthetho 2 ka-1994
uMthetho oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1994
uMthetho 3 ka-1994
uMthetho weSibini oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1994
uMthetho 13 ka-1994
uMthetho weSithathu oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1994
uMthetho 14 ka-1994
 uMthetho weSine oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1994
uMthetho 24 ka-1994
 uMthetho weSithandathu oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1994
uMthetho 29 ka-1994
 uMthetho weSihlanu oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1994
uMthetho 20 ka-1995
 uMthetho oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1995
uMthetho 44 ka-1995
 uMthetho weSibini oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1995
uMthetho 7 ka-1996
 uMthetho oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika  , 1996
Act 26 ka-1996
 uMthetho weSithathu oWenza iZilungiso kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996
