xhosa.998.colds
Zigcine usempilweni
Yilwa nomkhuhlane nefiva kobu busika
Incinane into ongayenza ukuze ungangenwa ngumkhuhlane ebusika ngaphandle kwaxa uhlala wedwa ungadibani tu nabany' abantu.
Apho kukho abantu zikho neentsholo-ngwane...
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote abeGALLO IMAGES/GETTY IMAGES
YINTONI IFIVA NOMKHUHLANE"
Abantu abaninzi bathi xa benefiva nje eqhelekileyo bathi banomkhuhlane.
Iimpawu zefiva ziquka umqala obuhlungu nomkhunyu ongamanzi oqengqelekayo uze uvaleke impumlo.
Umkhuhlane uthatyathwa njengesigulo esinzulu kunefiva. Abanye abantu bagula kakhulu xa bephethwe yifiva yaza ayanyangwa kwangoko. Iintsana ziba sesichengeni kakhulu xa zinefiva kuba amalungu emizimba yazo asebuthathaka.
Umkhuhlane nefiva zibangelwa ziintsholongwane kwaye umahluko phakathi kwazo kukuba ifiva ihlala kwintunja yokuphefumla ephezulu lo gama umkhuhlane wona usasazeka nakwamany' amalungu omzimba.
Ifiva "ayinyangeki" yaye kukholelwa ekubeni yenziwa ziintsholongwane ezihlala kwiinwebu ezisempumlweni nasemqaleni. Iimpawu zomkhuhlane nefiva ziphantse zifane kumntu wonke.
Umkhuhlane uneempawu ezininzi.
IIMPAWU ZEFIVA
Ziquka:
n Umqala obuhlungu.
n Umkhunyu omanzi, uze uvaleke ngci impumlo.
n Ukhohlo-khohlo (maxa wambi) ube nesifuba esibuhlungu.
n Ukudinwa - okwenziwa kukungalali ngenxa yokuvaleka kwempumlo!
Ixesha: Iba bhetele emva kweentsuku ezimbini ukusa kwezine ize iphele tu emva kweentsuku ezili-10.
IIMPAWU ZOMKHUHLANE
Ezi mpawu zikuphatha ngaxeshanye ngokukhawuleza yaye ziquka ezinye zezi:
n Ifiva.
n Intloko ebuhlungu.
n Ukuqaqanjelwa zizihlunu.
n Umqala obuhlungu.
n Amehlo abuhlungu.
n Ukugodola nokuva ubushushu obumandla (uze kamva ubile okanye uqhaqhazele).
n Ukudinwa kakhulu.
n Ukucatshuzelelwa nesiyezi.
Ixesha: Iimpawu ezifana nokuqaqamba kwezihlunu nefiva iyaphela kwiintsuku ezine ukusa kwezisixhenxe. Ukudinwa nokukhohlela kungathatha iiveki ezintathu.
ULUFUNA NINI UNYANGO
Khumbula ukuba ii-antibiotics zinikwa abantu abanosuleleko lweentsholongwne kuphela ngoko kubhetele uzinyange ezi mpawu zokugula.
Maxa wambi umkhuhlane nefiva zingenza usuleleko lweentsholongwane kwiintsana nakubantu abanamajoni omzimba abuthathaka kwaye xa kunjalo oogqirha bayabanika ii-antibiotics.
Lumkela ezi zinto zilandelayo:
Ukukhohlela ngamandla - ingakumbi kwiintsana kluba kungabangela ukukrala koqhoqhoqho.
Ukuphefumla nzima.
Ukhohlo-khohlo olungapheliyo (oluthatha ngaphaya kweentsuku ezili-10) oluhambisana nezikhohlela ezinegazi.
Ifiva engapheliyo.
Indlebe okanye umqala obuhlungu de kuphele iintsuku ezine
UKUWUTHINTELA
Gcin' izandla zicocekile:
Kubalulekile ukugcina imithetho yococeko xa kukho ophethwe ngumkhuhlane ingakumbi xa nihlala nibaninzi ekhayeni.
Sihlikihla iimpumlo nemilomo yethu nto leyo ibangela ukosuleleka kwakhona size sosulele nabanye.
Umkhuhlane unikezela ngokuxhawula umntu onawo okanye ukubamba umnxeba kwanangokuthimla.
Kufuneka abantu bahlambe izandla ngamanzi ashushu nesephu rhoqo.
Iphepha lokufinya malilahlwe emgqomeni wenkunkuma okanye ligutyulwe kwindlu yangasese.
Yitya ukutya okunempilo:
Yomeleza amajoni omzimba ngokutya ukutya okunempilo.
Yitya kakhulu iziqhamo nemifuno. Igarlic iyathintela kwaye iyanyanga ngoko kubalulekile ukuba uyigalele ekutyeni. Xa usonqena ivumba layo hlafuna iparsley emva kokuyitya.
Izongezi zeevithamin nazo ziyanceda ukulwa neentsholongwane. Ziyafumaneka kwiikhemisti yaye ezinye zezokomeleza amajoni omzimba. Buza ekhemisti ngazo.
Zigcine udlamkile:
Ungawuvumeli umkhuhlane ukucinezele. Hamba-hamba. Dlala imidlalo. Xa usenza imithambo nokuba yeyaluphi na uhlobo aza komelela amajoni akho omzimba.
ISITOFU SOMKHUHLANE
Oogqirha bacebis aukuba abantwana nabantu abadala abanamajoni omzimba abuthathaka nabantu abanesifo ezibaphetheyo basifumane isitofu somkhuhlane. Siyafumaneka simahla kwiikliniki ezininzi nasezibhedlele. [x]
BONA XHOSA - July 2007
BONA XHOSA - July 2007
Zinyange
Xa unempumlo evalekileyo sebenzisa iFriars Balsam okanye i-eucalyptus oil, efumaneka ekhemisti ngexabiso eliphantsi. Galela amaqabaza ayo emanzini oza kufutha ngawo (ungazitshisi yaye ucimele) uphefumle xa ufutha.
Xa unomqala obuhlungu, rharhaza ngamanzi anetyuwa ukubulala iintsholongwane nokuphelis' iintlungu (galela isiqingatha setispuni yetyuwa ekomityini yamanzi ashushu).
Ukuvaleka kwempumlo kuyancedwa yimenthol rub (njengeVicks).
Sela izinto ezingamanzi kakhulu ukuze ungaphelelwa ngamanzi emzimbeni. Sela isuphu yenkuku kuba inesondlo kwaye iingcali zithi inamafutha nezpayisi eziphelisa ukuvaleka kwempumlo.
Maninzi amayeza athengiswayo awenza ube bhetele umkhuhlane nefiva nangona engawunyangi kwaphela. Buza ekhemisti ukuze unikwe iyeza elilungele iimpawu zokugula kwakho.
