xhosa.154.yourlifeguide_motivation
ZIMBINI iintlobo zabantu - kukho abantu ababuthandayo ubomi nabonwabileyo, kubekho nabo babucekisayo obabo ubomi, abanyamezeleyo. Abokuqala bonwabile, kodwa abesibini abonwabanga. Yintoni le abanayo esingenayo thina? Ithini imfihlelo yabo?
Akunakuba yimali kuba zininzi izityebi ezingonwabanga. Ingenakuba lulo nodumo, kuba kaloku iindumasi ezininzi zizibulele.
Abanye babantu abonwabileyo ehlabathini zizityebi, abanye abazizo. Abanye ziindumasi kanti abanye abadumanga.
Yintoni kanti imfihlelo?
Kusenokuba akuyo mfihlelo inye, kodwa ke mna ndiza kuthetha ngenye namhlanje.
Ilula kangangokuba abantu abaninzi abayiqapheli.
Kukukwazi ukukhumbula.
Kwinyanga ephelileyo, ndithethe ngokukwazi ukulibala ukuze wonwabe uphile ubomi obuzinzileyo. Kubalulekile oko kodwa kumel' ukuhambisana nokukhumbula.
Ukulahlekelwa ziinkumbulo yintlungu. Kusohlukanisa noThixo, izihlobo nemvelaphi yethu.
Imvelaphi yethu ixela ikamva lethu. Ukuba asiyikhumbuli imvelaphi yethu, asinakuzazi ukuba singoobani. Ukuba asizazi siyalahleka, singalawuleki.
Ukukhumbula sisiphiwo esivela kuThixo ekufuneka sisisebenzise ngobulumko ebomini bethu.
Esinye sezizathu esenza iinkumbulo zibaluleke kukuba zisenza sibenombulelo.
Abantu abanombulelo nangezinto ezincinane ebomini ngabona bakwaziyo ukuphila.
Ubukhulu becala singabantu sizijongela phantsi, yiyo loo nto singenambulelo. Sinomvandedwa, isithukuthezi, ixhala noloyiko kwaye asonwabanga kuba sikulibele okuhle ngobomi bethu.
Iingqondo zethu zizele ziingcinga ezimbi.
Sinamathelisa iinkumbulo zethu kwabo basivise ubuhlungu, basiphoxa sibalibale abasincedileyo.
Siyakoyika ukoyisakala kuba silulibele uloyiso lwayizolo.
Isenzo sikaKumkani uDavide eBhayibhileni sokuma phambi kwengxilimbela yendoda yomFilisti kwakuyinto entsha. Kaloku nkqu namajoni amakhulu ayengcangcazela phambi kukaGoliyathi, andithethi ke ngokulwa naye.
Okunye kukuba wayeyincutshe ekulweni ngelixa uDavide yena wayeyinkwenkwana engumalusi. Kodwa uDavide wakhumbula iziganeko ezibini ebomini bakhe. Ngenye imini wabulala ingonyama ngezandla waphinda wabulala nebhere. Ezo nkumbulo zamenza wazithemba kangangokuba nomFilisti lowo wabanesiphelo esifanayo nesengonyama nebhere.
Uza kuba namandla okujongana nemiceli-mingeni yanamhlanje kwaye uyoyise ukuba ukhumbula uloyiso lwakho lwayizolo.
Ubomi bethu buzele zizinto ezohlukeneyo: amahla ndinyuka, okuhle nokubi, inzuzo nelahleko, njalo-njalo.
Yicinge le nto: nokuba unezinto ezingakanani, awunakuba nento yonke. Kwaye nokuba sele unokuncinane kangakanani unako okuncinane onokuthi enkosi ngako.
Ndikhumbula ukuphulukana kwam nodadewethu. Kwakukubi kubuhlungu, kodwa ndisenazo iinkumbulo ezimnandi ngaye, yiyo loo nto ndinombulelo kuThixo ukuba ndiye ndakunye naye iminyaka engama-40 phambi kokuba asishiye.
Bala iintsikelelo zakho, zibize ngamagama nganye, uya kumangaliswa zizinto uThixo akwenzele zona.
Ebomini bam babucala zininzi izinto endisafuna ukuzenza nendifuna ukuba nazo, kodwa andizilibali ezi ndinazo.
Usenokuba awusiso isityebi, kodwa andiqondi ukuba ulelona hlwempu liwadlula onke.
Mhlawumbi awukabi kwindawo oyifunayo, kodwa zijongisise - awusekho kwindawo owawukuyo.
Usenokuba ulahlekelwe yeyona nto ibalulekileyo kuwe, kodwa - awulahlekelwanga yinto yonke.
Mus' ukuthi xa ujonga emva ekukhuleni kwakho ubone okubi kuphela. Khumbula, amaxesha olonwabo.
Khumbula ukuba nombulelo ngeentsikelelo ozifumeneyo. [x]
UMfundisi George
Ukuli-bala kuso-hluka-nisa noThixo iintsa-pho zethu, kunye nemve-laphi yethu
Funda ukuba nombulelo
Zimbini iintlobo zabantu - kukho abo babuthandayo ubomi babo nabonwabilayo kunye nabo babucekisayo ubomi abanyamezeleyo. Wena ungowuphi?
INKUTHAZO
