xhosa.98.learning
Ezobuzali
Ngaba umntwana wakho ufunda nzima"
Iingxaki zokufunda azithethi kuthi umntwana wakho akanakufunda - koko ufun' uncedo nokukhuthazwa...
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
BONA XHOSA - March 2006
ABANTWANA baba neengxaki esikolweni. Abanye banengxaki yezifundo ezithile lo gama abanye bona benengxaki ngendlela abafundiswa ngayo. Xa umntwana wakho enothotho lweengxaki kungenzeka ukuba unengxaki yokufunda.
Yintoni leyo"
Ingxaki yokufunda ichaphazela indlela umntwana ophakathi ngokuba krele-krele alufumana, alwetyise aze alusebenzise ngayo ulwazi. Ukuba nengxaki yokufunda akuthethi kuthi umntwana "usisiyatha." Kuthetha ukuthi naye unengqondo njengabany' abantu kodwa unengxaki ezithile zokufunda.
Ezi ngxaki zokufunda azifani neengxaki zokufunda ezenziwa kukuphazamiseka kwengqondo, ubuthulu okanye ubumfama.
Zenziwa yintoni"
Unobangela weengxaki zokufunda untsokothile yaye awufumaneki lula. Iingcali zophando ziveze ezinye zezinto ezingunobangela:
uUfuzo - iingxaki zokufunda ziba yinto eyenzeka elusatsheni ngoko xa umntwana enezi ngxaki kuyenzeka ukuba abazali okanye izalamane zakhe nazo zinazo ezi ngxaki.
uIingxaki zokukhulelwa nokubeleka - iingxaki zokufunda ziyenziwa kukugula okanye umonzakalo ngethuba okanye ngaphambi kokubeleka. Ziyenziwa ziziyobisi, utywala, ukutshaya xa ukhulelwe, ukubeleka usana olubhityileyo, ukunqongophala kwe-oksijini nokubeleka ngaphambi kwexesha nokulunywa ixesha elide.
uIingozi emva kokuzalwa - Iingozi zentloko, indlala, ukuxhatshazwa, nokungakhathalelwa kosana.
uIingxaki zempilo - Isifo seswekile, umbefu, ukuhlaselwa zizifo usandul' ukukhulelwa nosuleleko lwemithambo-luvo.
Kubalulekile ukuba ungabe ufuna unobangela wengxaki yokufunda yomntwana xa efunyaniswe ukuba unayo koko funa uncedo.
Ziziphi iingxaki zokufunda ezixhaphakileyo"
Iingxaki zokufunda zichaphazela ezi zinto zilandelayo:
mUlwimi olubhaliweyo: Iingxaki zokuthetha. Angathetha akhawulezise okanye angakwazi ukubiza amagama athile.
mUlwimi olubhaliweyo: Angakwazi ukubhala nokupel' amagama.
mUkufunda: Ubunzima bokufunda amagama okanye ukwazi intsingiselo yawo.
mIzibalo: Ukungakwazi ukubala nezibalo ngokubanzi.
mUkungamiliseli ingqondo: Ukungakwazi ukucingisisa.
mInkumbulo: Ukulibala imiyalelo nezinto ezibalulekileyo.
mUkuziphatha: Ukungakwazi ukumelana nokubhideka nokwenza abahlobo.
mUkulungelelanisa: Ukungakwazi ukulungelelanis' ixesha. Abany' abantwana abanengxaki yokufunda abakwazi ukuzinza, baphazamiseka lula yaye abayimiliseli ingqondo.
Ndiqwalasele ntoni"
Ngabazali ababona kuqala xa kukho undonakele. Xa umntwana wakho enezi mpawu qonda ukuba unengxaki yokufunda...
EKHRESHI
uUmntwana wakho uthetha mva kunabany' abantwana.
uAkakwazi ukubiz' amagama.
uUnengxaki yokufund' amanani, oonobumba, iintsuku zeveki, imibala nokumila kwezinto.
uAkazoli yaye uphazanyiswa nayinto engekhoyo.
uAkadibani neentanga zakhe.
uAkakwazi ukulandel' imiyalelo.
uAkakwazi ukubamba ipensile okanye ikrayoni.
KU-GRADE 1-4
uUfunda kade ukudibanis' izandi namagama.
uAkakwazi ukufunda, ukupel' amagama, ukubhala nokwenz' izibalo.
uAkakwazi ukwahlula ikhohlo nekunene lakhe; akakwazi ukufunda amagama namanani kungenjalo uyawagqwetha (umzekelo, ubhidanisa u-25 no-52, athi u'b' ngu'd' njalo-njalo').
uUzikhumbula kade izinto ezibalulekileyo.
uUfunda kade.
uAkakwazi ukunxulumanis' izinto, akaziqwalaseli izinto ezimngqongileyo, uhlala esonzakala.
KU-GRADE 5-8
uAkafuni ukufunda avakale.
uAyamxaka amagama akwizibalo.
uAkakwazi kubhala.
uUyibamba kakubi ipeni.
uAkafuni kubhal' izincoko.
uUyalibala.
uAkakwazi ukwenz' abahlobo.
Omawukwenze
Kubalulekile ukuba umbone kwangoko umntwana wakho xa eneengxaki zokufunda khon' ukuze umncede aphumelele. Nokuba umbone emva kwexesha ungalufuna uncedo. Xa urhana ngathi umntwana wakho unengxaki yokufunda mfunel' uncedo. Nguwe omaziyo umntwana wakho, asoze wenz' impazamo.
Kufuneka ugqirha amxilonge umntwana wakho yaye nawe kufuneka udibane neetitshala zakhe nibonisane ngemanikwenze ukuze nimncede. Kulula ukumnceda kwangoko ngaphambi kokuba ezi ngxaki zimongamele aze angazithembi.
Xa ezi ngxaki zingabonwanga kusekwangoko ziyalitshabalalis' ikamva lomntwana.
Umzekelo xa umntwana engakwazi ukudibanisa amanani esekumabanga aphantsi asoze azazi izibalo xa sele ekumabanga aphakamileyo. Uyakhathazeka aze abe nodandatheko. Abany' abantwana abaneengxaki zokufunda bayahlupha esikolweni kuba bebona kubhetele kuthiwe "bayahlupha" kunokuba kuthiwe "bazizidenge."
Xa befuman' inkxaso kubazali bayaphumelela aba bantwana esikolweni nasebomini ngokubanzi baze bafuman' imisebenzi ebafaneleyo. [x]
Ininzi into ongayenza ukunceda umntwana wakho xa eneengxaki zokufunda.
BONA XHOSA - March 2006
Ndingamnceda njani esakufunyaniswa ukuba unezi ngxaki..."
NANGONA kuwukhathaza umphefumlo ukufunyaniswa komntwana ukuba uneengxaki zokufunda, kulinyathelo lokuqala lokuzinyanga.
mFunda banzi ngeengxaki zokufunda ukuze ukwazi ukumnced' umntwana wakho.
mThetha naye ngokukhululekileyo ngeengxaki zakhe umkhumbuze nokuba naye ukrele-krele yaye ufunda ngendlela yakhe.
mZazi iziphiwo zakhe umkhuthaze ukuba aziphuhlise.
mBek' iinjongo nezinto ozilindeleyo.
mMncedise kwizinto eziza kumnceda akwazi ukufunda.
mMxhase kwiinzame zakhe zokuphumelela, umncome xa ephumelele.
mMncedise xa esenza umsebenzi wesikolo ekhaya.
mSebenzisana nesikolo sakhe uyijonge ngeliso elibukhali inkqubo yakhe ukuqinisekis' ukuba siyahlangabezana neemfuno zakhe. Xa engenankqubela thethana nesikolo nisebenzisane ukuze nenze iinguqu ezifunekayo.
