xhosa.974.yourlifeguide_talk
Isiqalekiso seKrismesi!!
USis Angie usicebisa indlela yokubuyisa ulonwabo lweKrismesi
BHOTA Sis Angie: Ndilibhinqa elinama-39 elisoloko lixhalabile xa kusiza iKrismesi. Abantu bathi bonwabile kuba beza kugoduka, mna ndibe ndingonwabanga tu.
Ndinabantwana basekhaya abasibhozo noomakazi abane abafuna le naleya kum xa ndigodukile. Balindela ukuba ndibaphe izipho nemali, ukanti balindela nokuba ndibase apho bafuna ukuya khona ngemoto yam - nkqu nakwiindawo ezinjengaseLusuthu. Khona ke kuhanjwa nasezintabeni, ngoko ndiba nexhala lokonakala kwemoto yam.
Ndiyabathanda bona kodwa nam ndiyalifuna ixesha lokuphumla ekhaya. Bendicinga ukungagoduki kule Krismesi ukuze ndisinde kwistresi abandenzela sona.
nguLesedi, eRivonia
Bhota Lesedi: IKrismesi lixesha loxinzelelo emalini nasemphefumlweni.
Ngelishwa ukuphangela eRhawutini kunezinto ezintle nezimbi.
Okubi kukuba iintsapho ezisemakhaya zisibona siphila ubomi obumnandi. Wakuba nemoto ke bacinga ukuba unemali eninzi.
Uxinzelelo oluvayo ke lwenziwa kukufuna ukuvuyisa usapho lwakowenu nokufuna ukwamkeleka kusapho lwakowenu. Ngokutsho komcebisi ngobomi, uDixon Hammer okwenza umntu afune kakhulu ukwanelisa abantu ngexesha leKrismesi kukuba eli xesha lithatyathwa njengexesha lokupha. Ngaphezulu usenokuba ukhuliswe uxelelwa ukuba usapho lubalulekile, ngoko ungafumana kunzima ukwala kulo.
Nazi iimpawu ezikulumkisa ngokuba ulutefisa kakhulu usapho lwakowenu.
Uyayivuma into ecelwa lusapho ube ngaphakathi ungathandi
Awukwazi ukuma kwinto ogqibe kuyo
Uyavuma ukubenzela abakufunayo kuba ungafuni nixabane
Wenzela abantu izinto ezinkulu kuba ufuna bakuthande
Wenza into ungayithandi ukuze wonwabise abantu.
Unako ukuyilungisa ingxaki yakho kuba uyazi ukuba yintoni ekwenza wenze izinto ozenzayo. Kufuneka utshintshe indlela ocinga ngayo nendlela ozibona ngayo.
Ukhumbule ukuba umdala ngoku kowenu, bangakuphathi njengomntwana ke. Oko kukunika ilungelo lokwenza izigqibo ngobomi bakho nelungelo lokuthetha ngemiba yobomi ekuchaphazelayo.
Kwibhokisi engezantsi yimizekelo ongayeka ngayo iinkolelo ezindala uze usebenzise ezintsha. Ngale ndlela uza kukwazi ukwenza okufanelekileyo uze uyeke ukufekethwa ngabantu.
ICEBISO: Bhala phantsi iKrismesi onqwenela ukuba nayo. Kungaba yiKrismesi ofuna ukusebenzisa imali oyiqingqileyo kuyo, apho amalungu osapho anegalelo kwiziyunguma zayo, okanye kubelapho uqalisa khona amasiko akho amatsha.
Njengokuba ngoku usazi ukuba ufuna iKrismesi enjani, ndikukhuthaza ukuba ulubalisele ngayo usapho lwakho. Nabo mabatsho ukuba bafun' iKrismesi enjani nokuba baceba ukuyenza kanjani. [x]
INKOLELO ENDALA
INKOLELO ENTSHA
Njengebhinqa usapho lwam luxhomekeke kum.
Ndiza kucela usapho lwam lwenze izinto eziza kuluxhobisa ngolwazi.
Ndixabiseke kuphela xa ndisenzela abanye okuhle.
Ukutsho endingakwenza nendingenako ukukwenza kwenza ndizibone ndixabisekile kufundisa nabantu indlela yokundiphatha.
Ndifanele ndikuthobele okutshiwo ngabantu abadala.
Ukuzibekela imida kwenza usapho lwasekhaya lundithembe yaye lundihloniphe. Kuya kundifundisa nokuba ukuthandwa ngabantu akubalulekanga njengokuhlonitshwa.
Ndikulungele ukunceda abanye abantu, ndizityeshele ezam iimfuno.
Ukuxelela abantu basekhaya ukuba ubomi bam buziindleko ezingakanani kuya kubenza babone ukuba andisosityebi. Oko kungenza bandincede, umzekelo bangazihlamba iindonga endaweni yokuba balindele ukuba ndithenge ipeyinti entsha.
Andicwangcisi, ndithenga okufike engqondweni.
Ukucebela iiholide zokuphela konyaka ozayo singakuqalisa ngoku sisendawonye. Singadibanisa imali sithenge iivawutsha okanye songe imali rhoqo ngenyanga.
MASITHETHE
