xhosa.971.career
BONA XHOSA - November 2005
Ezemisebenzi
Ulungiso lweenwele - lutshintsha imbonakalo
Kule mihla ukulungiswa kweenwele ayisekokuzicheba nje kuphela. Ukuzikama ngendlel' ethile, ukuzirileksa, ukuzifak' umbala, ukuzibreyida nokuzifakela zezinye zezinto ozenzayo xa ungumlungisi weenwele
KWIMINYAKA edlulileyo utshintshe kakhulu umsebenzi wokuba ngumlungisi weenwele ngenxa yokuvela kobuchule obutsha nokuveliswa kweemveliso ezintsha zokwenza lo msebenzi. Ngoku nkqu namaqothololo eenwele angajikwa abe ziinwele ezintle ezithambileyo ezingakanywa ngeendlela ezininzi, ukanti ezimfutshane zingafakelwa ezinye ukuze zibende.
"Kwiminyaka engaphambili bekuba ngamanenekazi amadala naphangelayo ebekwazi ukuya rhoqo esaluni ukuyolungis' iinwele, ukanti amadoda wona ebesiya kwiindawo zokucheba. Kule mihla ufika esaluni kukho amadoda namabhinqa afuna ukulungisa iinwele ngeendlela ezahlukeneyo.
"Lwalungekho uqeqesho lokulungis' iinwele zomthonyama, kwaye abalungisi beenwele babexhomekeke kulwazi abalufumana kwabanye," utsho uPamela Galwas, oyi-arhente yeHairdressing And Cosmetology Bargaining Council. "Ngoku kukho inkqubo yoqeqesho ekulungiseni iinwele elawulwa yiSSETA (Services Sector Education And Training Authority). Ukuze ube ngumlungisi weenwele ovunyiweyo kufuneka uphumelele uqeqesho lokulungisa iinwele zomthonyama okanye iinwele ezinde njengezabelungu. Oko kuwunyusile umgangatho wokulungiswa kweenwele yaye abantu abaninzi baqalise ukukubona njengomsebenzi umntu angawufundela."
Eseyintwazana eselula uZaba Mvelase ongumlungisi weenwele wayekuthanda ukudlala ngeenwele zabantu. Wafumanisa ukuba unesiphiwo seminwe ekhawulezayo xa esoluka abantu bakowabo. Waqal' ishishini lokoluka abantu eneminyaka eli- 12 ukuze azifumanele ubugcwabalalana bemali.
Wawenza lo msebenzi iminyak' esibhozo, wazifundisa ukuphungul' iinwele, ukuzifak' umbala nokuzolula de kwangunyak' ophelileyo apho afumene umsebenzi kwisaluni entsha eKwaZulu-Natal.
Abaxumi bakaZaba baquka amadoda, amabhinqa nabantwana bazo zonk' iintlanga abeza bazophungula iinwele, abazokomisa iinwele, bazofak' umbala, bazophema, bazokoluka bazokufakela neenwele ezinde. "Baninzi abantu abafuna ndibafakele iinwele nabafuna ukoluka kuba zezona zinto zithandwa kakhulu ngoku ezo. Kubalulekile ukuba abalungisi beenwele banike abaxumi babo inkonzo eyodwa nesemgangathweni," utsho uZaba.
"Kufuneka ukwazi nokuma ixesha elide. Mhla ndixakekileyo ndima imini yonke ndize ndigoduke ndidinwe ndiyimfe. Kulucelo-mngeni ukulungisa iindidi ngeendidi zeenwele kwaye kufuneka ube nobuchule.
"Kuyenzeka umntu afike ephethe ifoto yokuba ufuna iinwele ezinjani, zibe mhlawumbi iinwele zakhe zingenakulungiseka ngolo hlobo! Kukho nabantu abafika beneenwele ezonakaliswe ziimveliso ezingekho mgangathweni.
"Bonke abalungisi beenwele, nokuba basebenzel' ekhaya okanye esaluni, kufuneka basebenzise iimveliso ezisemgangathweni nokuba zixhomile ngexabiso."
UZaba akakafumani qeqesho ekulungiseni iinwele, usathembele kwisiphiwo nobuchule bakhe abufumene kumava akhe eminyaka. Kodwa uzimisele ukufumana uqeqesho olululo ekulungiseni iinwele.
"Ndiyakuthand' ukulungis' iinwele kwaye andiziboni ndisenza msebenzi wumbi. Ndinqwenela ukuba neyam isaluni yobuhle ngeny' imini, apho kuya kulungiswa iinwele nobuso babantu."
Amathuba omsebenzi
Maninzi amathuba omsebenzi kubalungisi beenwele abaqeqeshiweyo. Aquka:
Iisaluni zobuhle nezokulungiswa kweenwele.
Kwiihotele.
Kwiinqanawa zabakhenkethi.
Kwiztudiyo zeTV nezeefilim.
Kwiinkampani zeemveliso zeenwele.
Ukufundisa ngokulungisa iinwele. (Kufuneka ufunde ngokuthe kratya ukuze ufundise ngokulungis' iinwele.)
Ungazivulela eyakho isaluni okanye usebenzel' ekhaya.
Imali onokuyamkela
Uphantsi umvuzo womlungisi zinwele osaqalayo kuneminye imisebenzi. Iyashiyana ngokwamaphondo, kodwa umvuzo omiselweyo uqalela kwi- R1 100 ngenyanga unyuke uye kutsho kwi- R2 600 kumlungisi-nwele oqeqeshiweyo. Phofu ke abalungisi beenwele abaqeqeshiweyo abaxhomekeki emivuzweni yabo, koko baxhomekeka kwikhomishini abayifumanayo. Owamkela umvuzo nekhomishini angafumana phakathi kwe-R10 000 ne-R15 000 ngenyanga.
Izinto ekufuneka ubenazo
Zezi:
Isiphiwo sokuyila - kaloku abalungisi beenwele ngamagcisa;
Kufuneka womelele emzimbeni - ngeemini ezixakekileyo uya kuma imini yonke;
Yiba nobubele, ubathande abantu yaye ukwazi ukuphulaphula!
Yiba nengqiqo. (Uninzi lwabalungisi beenwele nabaxumi babo baba ngabahlobo kwaye umxumi angamxelela umlungisi-nwele iimfihlelo zakhe. Kufuneka ke yena abe nesifuba.)
"Kufuneka ube nomfanekiso ngqondweni wokuba iinwele ziya kubanjani zakulungiswa, ukanti kufuneka ube nobuchule bokuthetha xa umxumi efuna istayile esingenakuzifanela iinwele zakhe," ucebisa njalo uPamela Galwas.
Iimfuneko zemfundo
Abenza izicelo zokufundela lo msebenzi kufuneka babe neminyaka eli-16 yaye babe bapase uGrade 10.
Uqeqesho
Inkoliso yeetechnical colleges namaziko oqeqesho neekholeji zabucala zinika izifundo ezivunyiweyo zokulungisa iinwele ezimfutshane nezinde.
Uqeqesho luquka ukufunda unyaka eklasini nokusebenza uqeqeshwa iinyanga ezili-12 esaluni emva koko ubhale uvavanyo.
Uqeqesho luneeUnit Based Modules okwaziyo ukuzitsiba uzenze ngelinye ixesha xa usaxakekile.
Ezo Module ziquka: iShampooing and Conditioning, iPerming and Relaxing, iColour, iCutting, iStyling neRetailing.
Zikho nezifundo ezenziwa ngamaxesha athile.
Ilizwi lesilumkiso
"Ngelishwa kukho iikholeji eziqesha abahlohli abangaqeqeshwanga (ezingabhaliswanga kwiSSETA) kwaye azizilandeli iinkqubo zokubhalisa ukuze zinike izifundo ezivunyiweyo," ulumkisa ngelo uCarol van Tonder, oyiNtloko yeDeptartment of Hairdressing and Cosmetology eCoastal KZN Further Education And Training College.
"Zilumkele ezo kholeji kuba uya kufeketha ngemali nexesha lakho. Uvavanyo lokwenza umsebenzi wokulungisa iinwele kufuneka lwenziwe ziingcali.
"Ngaphezulu amaziko oqeqesho kufuneka aqeshe abahloli abavunyiweyo ukuze baqinisekise ukuba uvavanyo lululo.
"Xa bengaqondi abafundi bangafuna ukwazi iinombolo zobhaliso zabahloli nabavavanyi ukanti bangajonga nakwiSSETA ukuba elo ziko loqeqesho libhalisiwe na.
"Ukulungisa iinwele yeminye yemisebenzi embalwa apho wenza umahluko omkhulu ebomini bomntu nendlela abaziva ngayo engqondweni nasemzimbeni. Nawe mlungisi weenwele ushiyeka wanelisekile kukwazi ukuba utshintshe imbonakalo yomntu ngempumelelo," utsho uCarol.
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uZANE COLQHOUN
BONA XHOSA - November 2005
EKHOHLO: Nkqu eseyintombazana eselula uZaba Mvelase wayekuthanda ukudlala ngeenwele zabantu.
KUDE EKHOHLO: "Ndinqwenel' ukuba neyam isaluni yobuhle ngeny' imini," utsho uZaba.
u
t
Zikho izifundo zethutyana
Ulwazi oluthe vetshe
TXa ufuna ukubona ukuba ikholeji ibhalisiwe na okanye ufuna ulwazi ngamathuba elearnership okanye eendibano qhagamshelana nee-ofisi zeSSETA ezikufuphi ucele iGosa leETQA (Education Training And Quality Assurance):
Gauteng: 011-715-1800;
KZN: 031-304-0367;
Eastern Cape: 043-743-5410; Western Cape: 021-914-7740;
Free State: 051-430-6223.
Iziko leengcingo: 086-110-1148.
Ungalufumana uluhlu lwamaziko oqeqesho abhalisiweyo kwiwebsite yakwaSSETA ethi:
www.serviceseta.org.za [x]
