XHOSA.970.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - May 2006
Umsebenzi: Lixesha lokwenz' izinto ezintsha. Yenz' izinto ngokuzithemba.
Impilo: Yijong' indlela otya ngayo! Yity' ukutya okunempilo wenze imithambo.
Imali: Yenz' amathuba eshishini amaninzi.
Uthando: Luvuthis' uthando lwenu ukuze iqabane lakho libon' ukuba ulikhathalele. Umsebenzi: Yenz' into entle uza kuvuzwa.
Impilo: Uziva unamandla yaye uza kumelana neengxaki.
Imali: Yiba nobulumko ukuze ube nenkqubela ngasezimalini.
Uthando: Ungabi neentloni eluthandweni. Fumana yonk' into oyifunayo!
Umsebenzi: Lixesha elihle yaye uyazithemba nto leyo iqinisekisa impumelelo.
Impilo: Qinisek' ukuba uphumla ngokwaneleyo.
Imali: Yiqingqe ngobulumko kungenjalo uza kulahlekelwa.
Uthando: Useluthandweni kodwa lumka ungaphoxi umntu okuthandayo. Nyamezela yaye ube nomonde.
Umsebenzi: Uhamba kakuhle umsebenzi, ziza kusebenz' iiprojekthi obuzipheka.
Impilo: Yihoy' impilo yakho. Yitya ngokukuko futhi uthambe.
Imali: Yisebenzise ngobuchule imali, ungayichithi kakubi. Uthando: Lonwabele uthando. Xa ungenaqabane uza kuba seluthandweni.
Umsebenzi: Lumka ungadibanisi uxanduva lwasekhaya nolomsebenzi.
Impilo: Zigcin' uphilile uthambe qho yaye utye ngokukuko.
Imali: Zam' iindlela zokungenis' imali.
Uthando: Lisengxakini iqabane lakho libonis' uhoyo.
Umsebenzi: Wasebenzise amathuba okuzibonakalisa.
Impilo: Zibethise ngomoya utye ukuty' okunempilo.
Imali: Yilumkel' indlela oyisebenzisa ngayo imali yaye uyonge.
Uthando: Yiba nothando umfekethise lowo umthandayo.
Umsebenzi: Zilungiselel' ukumelana neengxaki zasemsebenzini.
Impilo: Yek' imikhwa emibi wenz' imithambo.
Imali: Yenz' amaqhinga okuphucul' imeko yakho yemali.
Uthando: Thethana neqabane lakho. Kufuneka nivisisane.
Umsebenzi: Xa uzama ngokuzimisela uza kungena kwishishini.
Impilo: Funda ukutya ukuty' okunempilo.
Imali: Uza kwenz' ingeniso ngobulumko bakho bemali.
Uthando: Bulawul' ubukhwele. Yiba nomonde ulithande iqabane lakho.
Umsebenzi: Zimisele uyazi into oyifunayo xa ufun' ukuvuzwa.
Impilo: Yonwabel' imidlalo nemithambo ucel' abahlobo bakujoyine.
Imali: Ungachithi imali yakho ekungcakazeni!
Uthando: Uza kufuman' umntu omthandayo ngenxa yobubele nothando onalo.
Umsebenzi: Ungathathi cala xa ujongene neemeko ezinobunzima.
Impilo: Ungavumeli uxinzelelo lukudodobalise. Phumla.Imali: Uza kwenz' ingeniso xa ukwazi ukuyilawula imali yakho.
Uthando: Zinik' ixesha lothando - uza konwaba kakhulu.
Umsebenzi: Uza kuphumelela xa unomonde futhi ulumkile.
Impilo: Yonwabela impilo yakho encumisayo.
Imali: Uza kuba neendleko ongazilindelanga, hlal' unemali.
Uthando: Ungazoli kakhulu okanye uzicingele wedwa. Yiba novelwano.
Umsebenzi: Milisel' ingqondo kwingcamango yeshishini uyisebenzise.
Impilo: Yenz' imithambo ukuze kuvuseleleke ingqondo.
Imali: Ceba kwangoko uze uyiqingqe ngokukuko imali ukuze uyonge. Iyez' imini kaxakeka.
Uthando: Licingel' iqabane lakho ulibonis' uthando ukuze luphucuk' uthando lwenu. [x]
>
>
