XHOSA.951.advice cover
KOLU SHICILELO: 64 Gcina amaxabiso empahla yesikolo ephantsi 67 Nceda! umntwana wam akakwazi ukufunda 68 Indlela yokuziqesha ngokwakho 70 Ezolimo: iindlela ezi-3 zokugcina igadi yakho intle 71 Iingcebiso Zomthetho 72 Amayeza esintu 74 Buz' uSis Sarah 76 Iingcebiso zabazali 80 Ezolutsha: amacebiso kaFat Charlie 98 Ukuzikhethela iqhawe
IMFUNDO YASIMAHLA yomntwana wakho
Abantwana bakho basengaya esikolweni nokuba awunamali yakubahlawulela...
ZIMALUNGA ne-14 000 izikolo ezikwazi ukufundisa abantwana simahla. Ezi zikolo zingafuni ntlawulo zikwiindawo ezihluphekileyo kwaye zifumana inkxaso-mali kurhulumente. Kunyaka ophelileyo bangaphezulu kwezigidi ezihlanu abafundi abafumene imfundo yasimahla, ngokutsho kweSebe lezeMfundo, kwaye kulo nyaka ngamawaka aseza kuxhamla.
Nokuba awumbhalisanga umntwana wakho kwesinye sezi zikolo, kodwa usengaziphepha ezinye kungenjalo zonke iindleko zesikolo xa ukwiimeko ezinje:
Iinkedama nabantwana abangenabani:
Abantwana abangenabazali okanye abagcini babo abamelanga kuyihlawula imali yesikolo. Nabani na ofumana isibonelelo semali somntwana ofundayo kunye nabani na ogcina umntwana ongumfundi kwikhaya leenkedama, okanye kwindawo yokhuseleko akufuneki abhatale.
Kuza kufuneka ubeneempepha ezinjengesiqinisekiso sokubhubha, isiqinisekiso sokuba ngenene ufumana isibonelelo semali yomntwana nokuba wena ungumgcini waloo mntwana ukuze kube bubungqina xa umbhalisa esikolweni.
Eli lilungelo lakho kwaye akukho nqununu yesikolo evumelekileyo ukujikisa umntwana ngenxa yokungahlawuli imali yesikolo.
Ukuba urhola imali encinci:
Ukuba imali oyirholayo incinci, akufanelanga uyihlawule imali yesikolo. Ingakumbi ke xa ungumzali ongatshatanga.
Ukuze uvumeleke ukungahlawuli, umrholo wakho uthelekiswa nemali yesikolo yonyaka - tsalela umnxeba weSebe leZemfundo ukuze likuncede likubalise.
Ukuba uphantse uvumeleke, kodwa akude kuthi ncam, ungathethana nekomiti eyongameleyo yesikolo ucele ukuhlawula imali onako ukuyihlawula kodwa hayi yonke.
Ukuba uvumelekile, kuza kufuneka usibhale phantsi isicelo sakho usise kwikomiti yesikolo xa ubhalisa umntwana wakho. Lungela ukuza nobungqina ngemeko yakho yemali - umzekelo, iikopi zakho zamaphepha ebhanki neempepha ezibonisa ukuba bangaphi abantu abaxhomekeke kuwe, ubonise iindleko zakho zonyaka namatyala.
Yenza isicwangciso :
Ukuba uneengxaki zemali kodwa urhola imali eninzi kwaye ayikuvumeli ukuba ungahlawuli, isikolo singakuvumela uhlawule enye yaloo mali kungenjalo ubhatale ngezavenge.
Thetha kusekutsha uze uveze amaphepha afana nala sele ekhankanyiwe njengobungqina bemeko okuyo. Khumbula usenokucelwa nakwizikolo ezingahlawulisiyo ukuba ubhatale iimali ethile (idla ngokuba malunga ne-R50 ngonyaka) kwaye bangakuhlawulisa imali yezinto ezenziwayo, njengohambo okanye imidlalo yesikolo. [x]
Umbhali: Patricia McCracken
SIYAKUNCEDA UZINCEDE
