xhosa.950.live
Sincokole noAndile noBonang
Ingaba kukh' umgca phakathi kwabo"
Bayafanelana xa ubabona kwiTV kwaye banomtsalane kodwa bathi abathandani...
ESI sisibini esinomtsalane kwiTV nesitsala umdla wezigidi zababukeli kwinkqubo yaso yangorhatya lwangoLwesihlanu ethi Live. Kukho amarhe okuba bayathandana kodwa uAndile Ncube noBonang Matheba bayawahleka la marhe kuba abubuvuvu.
"Ndixakeke gqitha andinalo ixesha lokuthandana. Ukuba ibikho intombi endincuma nayo ibiza kuba nobukhwele xa ibona ixesha endilichitha noBonang," utsho uAndile.
UBonang unomtsalane kwaye xa ezula-zula kumaziko eevenkile aseRosebank abantu bajika naye.
Uneminyaka engama-20, ufunda eJohannesburg University kwaye unomzimba nemilenze emihle ngathi uyimodeli yefashoni.
U-Andile wamkhetha ngokwakhe uBonang xa wayefun' umntu aza kuyisasaza naye le nkqubo kwaye okoko afika liyakhula inani lamadoda ayibukelayo le nkqubo.
"Bendifuna ukukhula ekusasazeni waza uAndile wandivulela iingcango," utshilo uBonang.
"Sidityaniswa yinto yokokuba sifuna ukunyusa iLive ibe kumgangatho ophezulu eAfrika.
"Ndizithandela ukuhamba iipati kwaye uAndile yena uthanda ukuzihlalela ekhaya asebenze kwiikhompyutha zakhe."
U-Andile uthi, "Ndiligatyana lomfana elinethamsanqa lokuba namathuba amaninzi kwezolonwabo.
"Xa ndichith' ixesha lam kwiipati ndiza kuphulukana nethuba elihle lokuvula ishishini lam.
"Kaloku kufuneka utyale imali emsebenzini wakho njengoko uyityala emzini wakho nakusapho lwakho."
U-Andile uvule inkampani yakhe ebizwa ngeBlackface Exchange ephuhlisa italente yeemvumi zangomso ezimthumelela iiCD neeDVD ngethemba lokushicilela kwaye nangethuba ethetha neBONA bezifika ngokufika iiCD neeDVD zeemvumi zangomso.
Italente
"Ndizimamela zonke ezi CD kwaye ininzi italente efuna ukuphuhliswa phandl' apha," utshilo.
UZam Nkosi owayengumsasazi weenkqubo zomculo kwiTV nosele engusomashishini nomvelisi weenkqubo zeTV ngomnye wabantu afunda kubo uAndile.
U-Andile waqala ukusebenza kwiTV esasaza nabanye abasasazi inkqubo yomculo eyayingena ngoLwesihlanu iOne kwiminyaka emine edlulileyo.
Wagqibela sele eyisasaza yedwa kwaye ngoku uvelisa ekwasasaza iLive kunye noBonang "onamandla nonika umdla xa ephambi kwekhamera."
"Ndavavanywa izihlandlo ezine kwiLive phambi kokuba ndiwufumane lo msebenzi," utsho uBonang.
Ukususela ngoko ke uAndile uyamncedisa kwizinto ezifana nobuchule bokujongana nekhamera, indlela yokudlan' iindlebe nabantu kwanokwazi abantu emculweni.
"Sichith' ixesha elininzi kunye kangangokuba xa ndizikhuphe nabahlobo bam baye bathi kum: 'Unjani uAndile" Kuqhubeka ntoni phakathi kwenu"'
"Xa ndibaxelela ukuba akukho nto phakathi kwethu koko sidityaniswe ngumsebenzi qha bathi - 'Kulungile ke khawusidibanise naye"'
"Asoze ndiyenze loo nto mna! Akukho bhinqa ndiza kulivumela lingene phakathi kwethu!"
Ulonwabo
U-Andile umbiza ngo-"B" uBonang kwaye uthi kwiminyaka ezayo uza kube esasaza iinkqubo zakhe. Bobabini bathi bathanda ingoma ethi Fabolous nethi You Make Me Better eculwa nguNe-Yo.
Kuyo yonke into ayenzayo uBonang akasali uAndile.
Kungekudala uza kube ekwinqanaba elinye noChomee noKelly Khumalo kwiindumasi kodwa amadoda azizinhanha angoodlalani akawaniki thuba.
"Andikufuni ukuba lilolo kungoko ndithanda ukuzikhupha nabahlobo bam ebusuku xa ndingaphangeli siye kwiiklabhu siyozonwabisa.
"Yindlela endizonwabisa ngayo emva kokufunda nokusebenza nzima.
"Ndenz' iinzipho neenwele zam qho ngeveki. Kufuneka ndisoloko ndimhle kuba ndimele iLive esasaza ngeendumasi ngoko ngumsebenzi wam ukubukeka.
"Andifuni bukhazi-khazi, ndifuna nje into endincumisayo," utshilo. [x]
BONA XHOSA - December 2007
UBonang noAndile basebenzisana kakuhle...loo nto icacile! (Iimpahla: YDE; izihlangu: Europa Art; isacholo somqala: Piece.)
kubhale uDOUG GORDON
kufote uIVAN NAUDE
iinwele nemake-up nomlungisi nguFAITH SEUOE
umnxibisi nguMARINA WALSH
(Ifoto ekwikhava: iitophu: YDE; isacholo somqala: Piece; amacici ngakaBonang)
BONA XHOSA - December 2007
