xhosa.94.Spa
Ubanika
ithemba
Abantwana abaneziphene emzimbeni abahoywa kwaye balilifa lokuxhatshazwa ekuhlaleni, kodwa lo mama usebenzela ukuyitshintsha loo nto - aqinisekise ukuba aba bantwana bathabatha indawo yabo ehlabathini
LIBALI elibuhlungu, kodwa ikwalibali eliqhelekileyo. Unyana kaPrisca Tshabalala, uNkanyezi, wazalwa enesiphene emzimbeni. Wafunyaniswa ukuba unesigulo ekuthiwa yicerebral palsy, uhamba ngesitulo esinamavili kwaye unaso nesifo sokuxhuzula.
Kodwa eso yayisisiqalo seengxaki zakhe. Wayengalufumani uncedo ekhaya. Umyeni wakhe wayemsola ngokuzala unyana osisidalwa.
"Wandinyanzela ukuba ndikhethe phakathi kukaNkanyezi naye," utsho uPrisca.
Sasinzima eso sigqibo amelwe kukusenza lo mama! Kwakuthetha ukuba kuphelile ngomtshato wakhe, kodwa loo nto yamenza womelela ngakumbi uPrisca.
Bangaphi oomama abakhe bakule meko?
Babe bebangaphi bona abantwana abaneziphene emzimbeni abangahoywanga?
Indlela awayemthanda ngayo uNkanyezi yamenza womelela - wafuna ngakumbi ukufunda ngecerebral palsy (CP) nezinye iziphene zomzimba.
"Ndaluzingela ngokwam ulwazi," utsho.
Kungekudala waba ngumgcini wabantwana. Kodwa wabona ukuba amaziko awayesebenza kuwo anemithetho emininzi.
"Ndaqaphela ukuba baninzi abantwana abangamkelwayo ngenxa yemithetho emininzi elawula la maziko."
UTshabalala waqokelela oomama babantwana abaneziphene emzimbeni yaze ke yasisiqalo seNkanyezi Stimulation Centre ese-Orlando West. Okubuhlungu ke kukuba emva nje kokuvulwa kweli ziko ngo-1998 - inkwenkwana eyaliqalayo yalandulela eli. "Waba kwikhoma ixesha elide, kodwa ndalifumana ithuba lokuthetha naye engekasuswa kum.
"Ndamthembisa ukuba ndakubakhathalela abantwana abaneziphene emzimbeni impilo yam yonke."
Ekuqaleni laphantse lavalwa eli ziko ngenxa yokungabi namali. Saze iStandard Bank sanikela ngemali engaphaya kwe-R1 million ukuze kwakhiwe indawo enako konke nkqu nendawo yokudlalela.
Inoojingi abenzelwe izitulo ezinamavili, umthombo ohombisileyo, amabala anengca, negadi - ezi ke zezinye zezinto ezintle ezikhoyo.
Noxa uTshabalala enombulelo kwiJoburg City Parks noStandard Bank, uthi eli ziko liseneengxaki.
Imali yeyona ngxaki. "Isibonelelo esisuka kwiSebe lezeMpilo sigqibele ukusifumana ngoMeyi," utsho uPrisca.
Kwanyanzeleka ukuba abanye abasebenzi bayekiswe. Omnye wabo nguPatricia Ngcobo oneminyaka engama-30 ubudala.
Lo mgcini-bantwana uthi wondla abantwana ababini ngomrholo wakhe. "Ngoku ndilahlekelwe ngumsebenzi! Ndiza kubondla ngantoni abantwana bam?"
Kodwa akayekanga ukuzinikela ebantwaneni beli ziko. "Ndibuhlungu kuba ndiyabathanda aba bantwana - kwaye ilihlazo imeko yemali, imbi kakhulu."
Enye ingxaki yeli ziko zizithuthi. UPrisca uthi ngenxa yeebhasi ezingonelanga abanye abantwana abakwazi ukuza.
Eli ziko lingamacandelo amabini - isikolo sabafundi abaphilileyo kunye necala lokukhathalela abantwana abaneziphene emzimbeni, enabantwana abanga-30.
UPrisca uthi ukudibana nabantwana abaneziphene emzimbeni kwenza abantwana abaphilileyo bakwazi ukuphilisana nabantwana abaneziphene emzimbeni.
ULesego Mokomela une-19 ubudala kwaye uvolontiya kweli ziko. Uthi ukuchitha ixesha naba bantwana kumnika "uvuyo olumangalisayo" kwaye kubi ukubona abantu bengafuni ukunceda. [x]
Ibali: Mbuyisi Mgibisa
Imifanekiso: Molefi Sebatie
BONA XHOSA December 2008
ISENZO ESIHLE
Uku-gcina aba- bantwa-na kulu-vuyo
Indawo yokudlalela yeli ziko isemva kwestediyam esisandul' ukulungiswa i-Orlando Stadium.
Umgcini wabantwana waseNkanyezi ufunza umntwana.
IYINTONI?
ICerebral palsy kuxa imithambo-luvo ingasebenzi kakuhle ibangele kungabikho nxibelelwano olululo phakathi kwengqondo nezihlunu, umntu angakwazi kushukuma kakuhle aze abe nokumila okungaqhelekanga.
Xa ufuna ulwazi yiya kule website:
www.CHASA.org
Umseki weziko iNkanyezi, uPrisca Tshabalala ekunye nabanye babantwana.
