xhosa.946.rats
BONA XHOSA - July 2006
Iimpuku ezijoj' iziqhushumbisi
EMSEBENZINI wazo zihamba entlabathini ebomvu ziphinyeleze nasengceni ende. Umsebenzi wazo ngowona uyingozi ehlabathini, kodwa akunakutsho xa uzijongile. Zibonakala zonwabile zingathi azenzi umsebenzi oyingozi ongazibulala ngesaquphe.
Xa uzibona zingathi ziyarhubuluza kungenxa yokuba zinemilenze emifutshane...Xa ubona iimpumlo zazo zinyemfuza yazi ukuba kaloku iimpumlo zezona zixhobo zisebenza ngazo.
Iimpuku asizifuni kuba zisasaz' izifo ngoko sizama kangangoko sinako ukuzibulala. Kodwa ezi ngathi zezona zisisindisayo.
Ezi zimpuku zaseAfrika ezibonunzima obuyi-1,3kg nobude obuyi-80cm. Kulula ukuzifuya, akuzondleko ukuziqeqesha, azingenwa lula zizifo, kwaye okubalulekileyo kukuba nangona zinkulu zilula kakhulu ukuba zinganyathela isiqhushumbisi sitsho siqhushumbe...
IZIQHUSHUMBISI sezisube imiphefumlo engaphezulu kwesigidi kwimimandla kafayayo ehlabathini kwiminyaka engama-20 edlulileyo, ukanti ama-80 ekhulwini abo bantu abangomajoni. Kuthelekelelwa ekubeni zingaphezulu kwama-60 ezigidi iziqhushumbisi eziphantsi komhlaba ezilindele ukubulala abantwana, abalimi, abatyeleli nabazingeli.
Ukuze ufumane isiqhushumbisi esiphantsi komhlaba kufuneka ube nento ekwazi ukuva intsimbi. Lowo ngumsebenzi ocothayo nofun' abasebenzi abaninzi.
Kodwa ukususela ngo-2000, iphulo leBelgian APOPO eTanzania beliqeqesha iimpuku ukuze zikwazi ukujoja iziqhushumbisi.
"Kaloku iimpuku zineempumlo ezibukhali ukuva ivumba kwaye zifunda lula," utsho umququzeleli weli phulo, uChristophe Cox.
Iimpuku azikuphiwa ukutya ngaphambi kokuba zifune iziqhushumbisi. Xa zisifumene zixelela umphathi wazo ngokuhlala phezu kwaso. Umphathi wempuku efumene isiqhushumbisi uyibulela ngokuyipha ibhanana zize iingcali zesiqhushumbisi zisikhuphe ulwamvila.
Impuku eqeqeshiweyo ingajoja iziqhushumbisi indawo eyi-100 skwemitha ngexesha elingaphantsi kweyure.Ukanti umntu kumthabatha imini yonke ukufuna iziqhushumbisi kwindawo engako.
Kungoku nje kusetyenziswa ezi mpuku eMozambique apho kuthiwa kusekho iziqhushumbisi ezimalunga nama-500 000 eziphantsi komhlaba emva kwemfazwe yobukhaya eyatsala iminyaka eli-15.
I MPUKU nganye iqeqeshwa iinyanga ezintandathu ukuya kwezilishumi. Uqeqesho luqala nje emva kokuba izelwe ngokuthi umphathi wayo ayigcine epokothweni ukuze iqhele ivumba lomntu.
Zakuba neeveki ezimbalwa zizelwe, zifakwa kwiiPlexiglass cage ziyekwe apho kwezo glasi zinemvuthuluka yesiqhushumbisi esiyiTNT.
Ziphiwa iceba lebhanana rhoqo xa zifumene isiqhushumbisi.
Ethubeni iimpuku ziqeqeshelwa ukufumana izingxotyana zeti ezinomgubo weTNT ezifihlwe phantsi komhlaba. Rhoqo xa impuku iyifumene umphathi wayo wenza isandi esithi "click" aze ayiphe ukutya.
Emva kweenyanga ezi-6 ukuya kwezili-10 ziqeqeshwa zidibanisa ukufumana isiqhushumbisi nesandi esithi "click" nokuphiwa ukutya.
"E-Afrika iimpuku zingaluncedo ekususeni iziqhushumbisi unomphelo," utsho uChristophe.
UJudy oyinkosikazi kaChristophe uthi kumnandi ukusebenza ngeempuku, kodwa uthi kuyingozi.
"Kaloku ulandela iimpuku osebenza ngazo kwindawo eneziqhushumbisi. Ngoko kufuneka uqiniseke ukuba uyazazi iimpuku osebenza ngazo," utshilo.
Ngokutsho kwabephulo leAPOPO, akukho mpuku zikhe zenzakala zisebenza ukuza kuthi ga ngoku! [x]
Abantu bafumene ihlakane elidelekileyo kwiphulo lokuvumbulula iziqhushumbisi ezimbelwe phantsi komhlaba...
Iimpuku zilijoja lula ivumba njengezinja, ukanti nezinja ziyasetyenziswa ukujoja iziqhushumbisi. Kodwa iimpuku zona zilula ngoko zingazijoja iziqhushumbisi zingaqhushumbi.
ifoto siyifumene kwabeAPOPO
Umqeqeshi weempuku eyiqeqeshela ukuv' ivumba leziqhushumbisi.
Ziyasebenza iinyawana zempuku
BONA XHOSA - July 2006
...aziphelelanga kuloo msebenzi!
Iimpuku eziqeqeshelwe ukujoj' iziqhushumbisi eAfrika zifundiswa nokujoja intsholongwane yesifo sephepha (iTB) ematheni omntu.
"Oku ndikubona kulucelo-mngeni olukhulu kuba kuza kuba neempembelelo ezinkulu kwintlalo yoluntu," utsho uBart Weetjens ongumlawuli wephulo leAPOPO ethetha eseDar es Salaam, eTanzania.
"Isifo seTB siyanwenwa kakhulu kwaye abantu basibona ngathi siyoyiswa kukulwa naso."
IWorld Health Organisation iqikelela ukuba inani labantu ababulawa yiTB liza kunyuka ukusuka kwizigidi ezibini ngonyaka kulo nyaka liye kutsho kwizigidi ezisibhozo ngo-2015.
UWeetjens uthi impuku eqeqeshiweyo ingajoja amathe abantu abali-150 ngemizuzu engama-30, ukanti ingcali yeentsholongwane ingaxilonga amathe abantu abangama-20 kuphela ngemini.
