xhosa.924.yourceleb_ebony
Ndiyawu-
thanda umzi wam
ULinah "Ebony" Ngcobo odlala kuMuvhango nomyeni wakhe, uBhekisisa nodume ngokuba nguHashi Elimhlophe, banomzi kummandla weengcungcu waseKempton Park eJohannesburg.
Nangona kunjalo,
u-Ebony uthi lusapho lwakhe aluxabise kakhulu emzini wakhe
PHANTSE kube ngunyaka sihlala kulo mzi. Ndawuthandiswa kukuba ndiwubona ukhuselekile. Kaloku sisoloko sisendleleni nomyeni wam, ngoko sasifuna umzi esiza kuqiniseka ukuba siwushiye ukhuselekile nabantwana.
Ndiwuthandiswa nakukwakhiwa kwawo avulekile amagumbi okutya nawokuphumla kuba siyabathanda abantu kwaye kufika nabantu abaninzi beze ezifundweni zeBhayibhile.
Asiwakhanga siwuqala phantsi lo mzi, kodwa kufuneka siwandise kuba sinosapho olukhulu.
Ndifun'ukuwubona ubuhle bawo sakuwugqiba. Ndiyathanda ukuhombisa umzi wam ngezipili nangemisebenzi yezandla yase-Afrika. Ndibuya nezinto ezintle zokuhombisa kwiihambo zam ezindisa eThekwini, eZimbabwe naseTanzania.
Nangona abantwana bam abadala uNathi (26) noNtombi (24) betshatile bengasahlali nathi, abanye baza kubuya bazokuhlala nathi sakugqiba
ukwakha umzi.
Kwakukubi xa kwakuhamba uNathi noNtombi, kodwa ndiyazama ukuyiqhela into yokuba badala yaye batshatile ngoku. Abany' abantwana bam ababini, uJabu (21) noVusiwe (20) baya kukuxelela ukuba ndingumama ongqongqo osoloko efuna ukubazi
ukuba baphi.
Nangona ndikuthanda ukuhlala nabantwana, elona gumbi ndilithandayo lelokulala. Ndiyakuthanda ukuphumla kulo nomyeni wam nangona sisalilungisa.
Sisoloko sonwabile nomyeni wam yaye ndineqhayiya ngokuba nomyeni onjengaye. Uphumelele emsebenzini wakhe wokucula kwaye uzenzele
igama kuwo.
Yiloo nto ke sithanda ukwamkela abantu emzini wethu yaye sikuthanda nokufotwa.
UThixo wasipha isiphiwo sokonwabis' abantu kwaye xa ekunike isiphiwo esithile, kubalulekile ukusisebenzisa kakuhle. Enye into siyakuthanda ukusebenza nabantu. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Shaun Smith
UTYELELWE YIBONA EKHAYA
UNathi (onxibe ijakhethi emhlophe) noNtombi (obophe okumnyama ezinweleni) abasahlali ekhaya, kodwa uJabu (onejezi eluhlaza) noVusiwe (onefrinji) baza kuba namagumbi abo ekhaya.
ULinah uthanda imibala emhlophe nemnyama emzini wakhe. Imifanekiso eqingqwe ngokhuni wayithenga eTanzania.
ULinah uceba ukwenza amagumbi omzi wakhe abenobu-Afrika njengegumbi lokutyela.
Esi sibini sibeka izinto zaso zexabiso
kule kona.
