xhosa.907.beauty
iintsomi zobuhle
Silungisa
Sela amanzi kakhulu
Sisoloko sixelelwa ukuba sisele amanzi kakhulu - ngaba ayilungele ngenene imizimba yethu" Imizimba yethu inamanzi ayi-70 phesenti ngoko ke ukusela iiglasi zamanzi ezintandathu okanye ezisibhozo ngemini kunceda kugutyule ukungcola emzimbeni kuze kugcin' imizimba yethu inokufuma okufunekayo.
Itshokolethi yenza amaqhakuva
Abathandi betshokolethi baza kuzithanda ezi ndaba! Xa usitya ukutya okungayi egazini ixesha elide (kungaba kukutya okunamafutha kakhulu okanye itshokolethi eninzi) kuyichaphazela yonk' impilo yakho kuquka nolusu.
Xa usitya ukutya okunempilo netshokolethi encinane ngeveki awubinawo amaqhakuva. Kaloku wona enziwa ziinguqu zeehomoni noxinzelelo.
I-oyile lutshaba lolusu lwakho
Kule minyaka idlulileyo abantu bayeka ukuthambis' izinto ezine-oyile kulusu lwabo. Kwezobuhle i-oyile ithatyathwa njengento eyonakalisa ulusu. Kuthanjiswa iikhrim ezenziwe ngamanzi nezingena-oyile.
Akulunganga ukungayisebenzisi i-oyile - ii-oyile ziyalondla yaye ziyalucoca ulusu. Zilungele ulusu olomileyo, olubuthathaka, olune-oyile nolunamaqhakuva. I-oyile isusa imake-up nokungcola ishiye ulusu lwakho lucocekile, londlekile yaye lumpuluswa.
I-Essential oil yeyona oyile engungqa-phambili ekucoceni ulusu. Igutyula ukungcola kodwa ayiluxobuli ulusu, ilushiya nesikhuseli esingabonakaliyo yaye ilugcina lufumile. Loo nto iyalukhusela ulusu lungomi, nto leyo ixhaphakileyo kulusu lwabantu abaninzi.
IClarins ineemveliso zobuso ezintathu ezilungiselelwe ulusu olomileyo, olumbatshileyo nolune-oyile eninzi ukanti iReturn To Roots (umnxeba 011-485-5526) inoluhlu olubanzi olulungiselelwe ngokukodwa iintlobo zolusu lwabemi beloMzantsi Afrika.
Xa unolusu olungenangxaki sebenzisa i-avokhado ebandayo, ijojoba okanye i-almond oil. Kubhetele uyithambise ebusuku ngaphandle kokuba awuzuyithambisa imake-up. Thambisa i-oyile ebusweni nasemqaleni uyiyeke umzuzu uze uyosule ngesponji esifumileyo okanye umqhaphu.
ICoconut oil yondla ithambise iinwele zakho. Yifudumeze kuqala ngaphambi kokuyithambisa kwintlonze, yiyeke imizuzu eli-15 uze uyihlambe.
Iivithamini ziyimfuneko
Kudala kuphikiswana ngokuba zityiwe na izongezi zeevithamini okanye hayi.
Uninzi lwabacebisi ngezidlo noogqirha bathi ukutya ukuty' okunempilo kunik' umzimba wakho zonk' izondlo ozifunayo. Ingxaki ke yeyokuba bambalwa kakhulu abantu abatya ngokukuko - zingena apho ke izongezi.
Njengoko izongezi ziphucula impilo yakho nokomelela komzimba wakho, zikwanjalo ukuyonzakalisa xa uzisebenzisa ngokungekuko.
Ungacingi ukuba iivithamini ziza kukunceda xa usity' ukutya okungenampilo. Izongezi zeevithamini azisosiqinisekiso sokuba utya ukutya okunempilo.
Ummi omnye kwabathathu eMzantsi Afrika utya izongezi zeevithamini. Singaqiniseka njani ukuba ezi mveliso zisemgangathweni" Umzimba uthatha ezingakanani uze uncedwe zezingakanani" Ngaba izongezi zisichamis' umchamo onukayo"
Xa sithetha inyaniso ke akakho umntu onobuchule bolwazi ngezi zinto. Iimfuno zabantu azifani - nezinto esizithambisayo siyazitshintsha qho. Yenz' uphando ngaphambi kokuba uthenge into oza kuyisebenzisa.
Okokuqala, ungamthembi umvelisi xa esithi imveliso yakhe ilungele wena ncakasana. Okwesibini, ungathathi nokuba yintoni na. Imixube ethile emininzi neemultivitamin zilungiselelwe ukuthengisa. Okwesithathu, xa isongezi sikunceda kufuneka ube bhetele kwiveki yesine usisebenzisa. Kuyanceda ukwazi ukuba kwenzeka ntoni xa usele ezingakanani ngoko ke kufuneka uzivavanye.
Umgubo wokuthambis' ubuso (foundation) uvala imingxuma
Le yinkolelo ebubuxoki eyavela ngeminyaka yoo-1950 kusekho laa migubo yobuso esesipoponini. Iimbalasane zeefilim zazithambisa umgubo omninzi ebusweni nto leyo yenza amabhinqa amaninzi ehlabathi alandela ekhondweni.
Kule mihla kukho imigubo (foundation) yokuthambisa ubuso ephucukileyo. Umntu othi le migubo ival' imingxuma kusenokuba akabuhlambi ubuso ngaphambi kokuba alale okanye unemingxuma emikhulu.
Imigubo yokuthambis' ubuso ngoku yenzelwe ukuba ingangeni eluswini ngaphakathi, ilukhusele kodwa ingaluvali imingxuma.
Ukwenz' imithambo kuphela kwendlela yokugcin' umzimba womelele yaye umhle
Sibulela ukuphunyuzwa kwimithambo enzima yeeyure ezimbini zonke ngemini. Ngoku kukho indlela yokuthamba entsha elula noko.
Le ndlela intsha igxininisa ukuzolula nokugoba yaye ayikusebenzisi nzima ikwenze ube nezihlunu. Iyakudlamkisa, ikuvuselele, ikwaye ayisebenzisi amandla kakhulu.
Ukwenz' imithambo efana nokubaleka iwuthwalisa nzima umzimba wakho ingakumbi amaqatha namadolo. Hamba uze uzolule kamva endaweni yokuya ejimini.
Iikhrim ziyayiphelisa iminyama
Ngelishwa ayikho into ephelisa iminyama. Ezi khrim zithembisa ukuyiphelisa aziyenzi loo nto. Zona ziyenza ikhangeleke ibhetele okanye zihlise isantya sokuvela kwayo futhi iphucule inkangeleko yolusu lwakho. Iminyama iyaphela ngokuhamba kwexesha noxa nje ayipheli tu.
Umnyama lulusu olunwebekileyo olungasakwazi ukuphinda lubuyele kwimo yalo. Iminyama yenziwa kukukhula ngamandla komzimba yaye idla ngokuvela ngexesha lokufikisa naxa umntu ekhulelwe kuba umzimba ukhula ngamandla ngala maxesha.
Kubalulekile ukuzikhusela kuyo ingekaveli ngokukhathalela ulusu lwakho uze uthambise iikhrim nee-oyile zomzimba qho. Nangona esi ingesiso isiqinisekiso sokuba iminyama ayisoze ivele kodwa aba makhulu amathuba
okuyithintela. [x]
BONA XHOSA - January 2006
Yinyaniso okanye bubuxoki" Maxa wambi kunzim' ukwazi ukuba yintoni elungileyo nengalunganga kwezobuhle
BONA XHOSA - January 2006
kubhale uCHRISTINE HAMMANN
kufote abeGREAT STOCK!
