xhosa.904.kids
NGOJUNI walo nyaka amakhwenkwana amabini aneminyaka esixhenxe neli-12 abekwe isityholo sokubulala uWilfred Kriel oneminyaka esibhozo ngezembe kwindawo yaseKlawer kufuphi naseClanwilliam. Umzimba kaKriel wafunyanwa unamanxeba aliqela kwaye iinyawo zakhe zazibotshwe zadityaniswa nto leyo intama ukuba akazange abulawe ngengozi okanye ngomdlalo oqatha.
Ngowe-12 kuFebruwari 1993 eLiverpool, eEngland uRobert Thompson noJon Venables ababeneminyaka eli-10 baxhwila uJames Bulger owayeneminyaka emibini. Umzimba wakhe owonzakeleyo wafunyanwa kwisporo sikaloliwe, unqunyulwe phakathi nguloliwe.
Wayeqatywe ipeyinti ebhlu, esikwe umlebe namashiya kwaye enamanxeba aliqela entloko. Xa benika ubungqina enkundleni uThompson noVenables bathi baqhubeka nokumbetha uJames kuba "wayesoloko evuka."
UJesse Pomeroy waseMelika wayeneminyaka eli-11 xa wathi wangcungcuthekisa waphinda waphatha gadalala ngokwesondo amakhwenkwe asixhenxe. Kwiminyaka emithathu emva koko wabulala inkwenkwana eneminyaka emine. Wagwetywa ukuyohlala esikolweni sokulungiswa kwezimilo kodwa wakhawuleza wakhululwa. Wabulala intombazana ene-10 leminyaka emva koko wayingcwaba.
Waphinda wabulala ngokungenalusini umntwana oneminyaka emine.
UMary Bell owayene-11 leminyaka wabulala uMartin Brown owayeneminyaka emine. Emva kokuba ufunyenwe umzimba wakhe waya kuloMartin ukuyombona "elele emkhumbini wakhe." Kwiinyanga ezimbini emva koko wabulala umntwana oneminyaka emithathu uBrian Howe ngokumkrwitsha waza wamsika imilenze nesisu ngereyiza nesikere...
Amasikizi
Ukuguquka kwabantwana babe ngababulali yinto emasikizi. Abantu abaninzi bagxeka iifilim neenkqubo zeTV ezinobundlobongela.
UJesse Pomeroy wayephila ngoo-1870 - zazingekho iinkqubo zeTV neefilim ezinobundlobongela ngoko. UMary Bell wayebulala ngoo-1960 kwaye ngelo xesha iinkqubo zeTV "zazilungiselelwe iintsapho."
Enye yeengcali zengqondo ithi, "ukubukel' iinkqubo ezinobundlobongela akumenzi abulale umntu xa engenanjongo zakubulala."
Abany' abantu bathi abantwana abangababulali bakhohlakele!
Ubundlobongela
Akakho umntu ozalwa endlongo-ndlongo. Abantwana ababulalayo (okanye abenza izenzo zolwaphulo-mthetho) baqhutywa ziimeko zasemakhayeni abo nezasekuhlaleni, ngokutsho kukaMike Earl-Taylor waseRhodes University ongugqirha wengqondo oyingcali yezenzo zokubulala ezenziwa ngabantwana.
Uyayiqonda into yokokuba izenzo zobundlobongela ezenziwa ngabantwana "ziyingxaki yehlabathi" kwaye uthi zizinto ezine ezikhokelela abantwana kulo mkhwa.
Okokuqala, abantwana bangamaxhoba okuxhatshazwa enyameni, ngokwesondo nangokomoya. Okwesibini babona ubundlobongela obenzeka emakhayeni abo apho uyise ebetha unina.
Enye yezi ngcali ithi, "Yintoni esothusayo xa sibona umntwana ongakhathalelwanga, onganikwa mbeko, onganikwa thando nakhuseleko elugcwabevu ngumsindo kwaye ebulala ngokungenalusini""
"Ayingabo bonke abantwana abakwezi meko ababulalayo kodwa abanye benza izinto ezimbi nezimasikizi kwabanye abantu nkqu nakwiziqu zabo. Abantwana bakuthanda kakhulu ukufumana uthando kubazali babo.
"Uthando lwabazali lusifundisa ukuzithanda, ukuzithemba nokuphath' abany' abantu."
Bamkelekile
Okwesithathu abantwana benza izenzo zobundlobongela kuba becinga ukuba buyindlela "eyamkelekileyo" yokusombulula iingxaki aze aphenjelelwe bubundlobongela obuqhubekayo ekuhlaleni. Bathatha imigulukudu njengemizekelo emihle kubo kwaye ubundlobongela babubona buyinto entle neyamkelekileyo.
"Abantwana babhenela kubundlobongela xa bebona abanye abantu bengohlwaywa ngezenzo zobundlobongela abazenzayo," utsho uArina Smit, unontlalontle kwiNational Institute For Crime Prevention And The Reintegration Of Offenders (Nicro).
Izenzo zolwaphulo-mthetho ebantwaneni ziphenjelelwa yimigulukudu - yiyo esebenzisa abantwana ngokubathuma ukuba bayophanga baze babanjwe okanye babulawe, ngokutsho kukaGqr Nirmala Gopaul weUniversity of KwaZulu-Natal.
Aba bantwana abananjongo zakubulala kodwa ngokuzibandakanya nezenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nokuphanga iimoto nokuqhekeza bazibeka esichengeni sodushe oluvuka nanini na.
Kodwa ke kuthiwani ngobundlobongela babantwana ababulalayo baze badlwengule kwaye bangcungcuthekise abanye abantwana"
Bayagabadela
Apha siza kuthetha ngezinye zezinto ezingunobangela wobundlobongela obuchaziweyo.
Ababulali bakaJamie Bulger, uRobert Thompson noJon Venables babephuma kumakhaya aneengxaki, uThompson waphathwa gadalala.
UMary Bell wayephuma kwikhaya lamahlwempu ekhulele kwidolophu enobundlobongela gqitha, enenqanaba eliphezulu lokuselwa kotywala nenentswela-ngqesho enkulu, kuphawule uGitta Sereny kwiCries Unheard.
Unina wayelihenyukazi. Xa wayeneminyaka emine uMary waxhatshazwa ngokwesondo ngunina owayemenza into yokonelisa iimfuno zakhe zesondo.
UNjingalwazi Katherine Ramsland oyingcali kwezolwaphulo-mthetho uthi uphando olwenziwe kulutsha "oluphazamisekileyo" lubonisa ukuba abo benza izenzo zobundlobongela ezimasikizi ngabo abangenanceba.
Umntwana ololu hlobo akayazi into yokokuba abanye abantu baneemvakalelo kwaye akanasazela enjalonje akazisoli ngesenzo sakhe.
Abanye abantu bababona njengamaxhoba abo okuviswa ubuhlungu hayi njengabantu abeva ubuhlungu.
Abanye ababulali baqalisa beselula ngokungcungcuthekisa izilwanyana, batshise iimpahla okanye babulale. Baba yingozi kakhulu besakukhula.
Abantwana abangenanceba, abafuni kwenza nto, abanabubele, bayadikwa kwaye benz' izinto ngobungxamo. Benza iimpazamo ezininzi kwaye ababonisi kuzisola xa bevise abanye ubuhlungu.
Besakukhula baba ngamakroti kwaye bayalukuhla.
Intolongo
Sibathini abantwana abangababulali (okanye abenza izenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nokudlwengula)"
UGqr Gopaul uthi umthetho owamiliselwa ngurhulumente wokugwetywa ngokufanayo kwabantwana abophule umthetho ufuna ukuhlalutywa kwakhona.
UJoan van Niekerk oyingqonyela kazwelonke yeChildline naye uyayingqina loo nto kwaye uthi abantwana abophula umthetho abaxhotyiswa ngokwaneleyo.
Iingcali zengqondo zithi ukubathumela entolongweni akuncedi. "Xa bevalelwa entolongweni bahlala nezikrelemnqa baze bafunde eminye imikhwa emibi kuzo," utsho uEarl-Taylor.
Abantwana abalinde ukuthethwa kwamatyala abo entolongweni abafundi - imfundo isisixhobo esibalulekileyo ekulweni nobundlobongela.
Xa usihlalo weUnited Nations Committee On The Rights Of The Child (Uncroc), uNjingalwazi Jaap Doek wayethetha kwinkomfa yobulungisa ebantwaneni wathi kufuneka abantwana bangagwetywa njengezikrelemnqa.
Uthe, "Maninzi amathuba okuba umntwana owaphul' umthetho abuyiselwe ekhaya okanye athunyelwe kwezinye iinkqubo zokulungisa isimilo ezilungiselelwe abantwana."
Umzekelo, abantwana abazizaphuli-mthetho bangagcinwa "kwindawo yokhuseleko" baze bafumane ukolulekwa ngabantu abaqeqeshiweyo nto leyo iza kubanceda baphucule ukuzithemba, kucebise uEarl-Taylor.
INicro inenkqubo elungiselelwe abantwana abophula umthetho neyichaza "njengenye indlela yokumelana nokuziphatha kakubi kwabantwana."
"Umntwana akafakwa entolongweni koko uthunyelwa kwinkqubo emenza akwazi ukuthwala uxanduva neziphumo zemisebenzi yakhe," kuchaza uDeon Ruiters weNicro.
Abantwana bamkelwa kwezi nkqubo kuphela xa bewavuma amatyala abo. Injongo yezi nkqubo kukuxhobisa abantwana, ukubenza babuqonde ububi bezenzo zabo, ukubakhuthaza ukuba balungise umonakalo abawenzileyo baze bafundiswe ukuphila ubomi obutsha.
Kubakho neendibano zamaqela eentsapho apho kudibana khona isaphuli-mthetho, ixhoba laso kunye neentsapho zabo benikwa ithuba lokuthetha ngesi senzo solwaphulo-mthetho, unobangela waso kunye neziphumo zaso.
Ithemba
"Abantwana banelungelo lokuphathwa njengabantwana nokuba benze izenzo eziluhlobo luni na," utsho uJaji Yvonne Mokgoro weNkundla yoMgaqo-siseko
Kaloku abantwana basethubeni elihle lokutshintsha izimilo.
UMary Bell wabulala ngokungenalusini iintsana ezimbini ngoo-1960. Wakhululwa ngo-1980 waza wabubona ububi bezenzo zakhe.
Ngoku sele engumama kwaye ubomi bakhe abusoze bufane nobabanye abantu kunjalonje usafumana ukolulekwa kodwa ngoku ungummi onoxanduva eluntwini.
EMzantsi Afrika iNicro ithi iinkqubo zayo ziyimpumelelo nge-98 phesenti nto leyo ithetha ukuba kubantwana abazizaphuli-mthetho abangama-45 mnye kuphela ophindela kulwaphulo-mthetho.
Inyaniso ke yeyokuba lisekho ithemba lokulunga kwabantwana abandlongo-ndlongo! [x]
Ngubani omakagxekwe" Luluntu" Abazali" Iifilim ezinobundlobongela" Okanye unobangela woku wothusa kangangokuba kunzima ukukholelwa kuninzi lwabantu" Bafanele babuyiselwe njani ebuntwini aba bantwana"
BONA XHOSA - September 2007
u
Abantwana abangababulali
BONA XHOSA - September 2007
Uphando lweBONA
t
BONA XHOSA - September 2007
'Abantwana banelungelo lokuphathwa njengabantwana nokuba benze into embi kangakanani'
BONA XHOSA - September 2007
