xhosa.900.parenting
BONA XHOSA - May 2008
KUNYAKA wokuqala umntwana wakho ezelwe ubomi bakhe butshintsha mihla le. Uncumo lwakhe lokuqala, iingxolwana amana ukuzenza xa efuna uhoyo, amaxesha akhe okulala, izikhalo xa ephuma amazinyo...
Eli lixesha elinzima kubazali bonke, kodwa ke uzakubona sele ilusuku lwakhe lokuzalwa lokuqala, eqalisa ubomi bakhe bobuntwana.
Izinto eziza kutshintsha omawuziqaphele ngeli xesha...
Xa iinyanga zili-12
Uyagaqa okanye uhamba ngokuzirhuqa ngeempundu phantsi.
Ubambelela ngesandla esinye kwifenitshala xa ehamba.
Uyakwazi ukuzihlalela phantsi ixesha elide engaxhaswanga.
Uyakwazi ukuziphakamela.
Uvuka lula ahlale ngeempundu.
Usela ngekomityi.
Uqhwaba izandla, abhabhayise.
Uchola izinto ezincinane ngencam yeminwe yakhe.
Ukukhombela izinto, okanye akutsale ukuba uze akubonise into.
Xa iinyanga zili-15
Ugaqa anyuke izitepsi aze azehle ehamba ngomva.
Uyazihambela kodwa agqadaze.
Uyakwazi ukubeka ibhloksi phezu kwelinye akuba ebonisiwe ngumntu omdala.
Uyakwazi ukubona into esetyenziswa yonk' imihla.
Uyawazi amagama ambalwa.
Xa iinyanga zili-18
Uyazihambela kodwa eyivulile kancinci imilenze.
Uyakwazi ukuzinqanda angawi.
Uyakwazi ukunyuka ehle izitepsi xa encediswa.
Uyakwazi ukutyhala, atsale izinto zokudlala ezinkulu ezinamavili.
Uyakwazi ukukhwela nozehlela esofeni.
Xa iminyaka imibini
Umntwana wakho uza kube esebenzisa amagama athile xa ethetha, kwaye ke azakuya ngokwanda yonke imihla.
Uyahamba ngeenzwane.
Uyakwazi ukuxhuma.
Uyazinxibisa azikhulule.
Uyakwazi ukubamba izinto ezincinci kwaye uza kuchith' ixesha ezidibanisa okanye efaka enye kwenye - njengokufaka iiphegzi entweni yazo okanye afake amaso erhalini.
Uzibamba ngconywana ngoku iikhrayoni, kwaye imizobo yakhe iya ngokubonakala.
Xa iminyaka imithathu
Umntwana wakho ngoku uthetha akayeki, kwaye amagama awasebenzisayo aye esanda. Abanye abantwana bazi amagama ali-1 000 xa bengaka, kwaye bakha nezivakalisi ezifutshane.
Uma ngomlenz' omnye ithutyana.
Wonyuka izitepsi ngonyawo olunye kwistepsi ngasinye.
Uyakwazi ukukhwela ibhayisikili enamavili amathathu.
Uyawakhulula amaqhosha amakhulu noziphu.
Udlala ngezitena zeplastikhi nezinye izinto kwaye ngoku wakha izinto ezibukekayo.
Uyakwazi ukusisebenzisa isikere sabantwana seplastiki.
Xa iminyaka imine
Uyakwazi ukwehla izitepsi enyathela esinye ngonyawo olunye.
Uyasizoba isangqa kakuhle.
Uyakwazi ukubamba ikomityi enesiselo angachithi.
Uyakwazi ukuzenzel' ezinye izinto, njengokuhlamba izandla, ukwandlala itafile nokusonga iimpahla ezihlanjiweyo.
Xa iminyaka imihlanu
Uyakwazi ukwehla izitepsi etshintsha-tshintsha iinyawo.
Uhamba angqale.
Uyakwazi ukukhwela phezu kwefenitshala, kwibhayisikili enamavili amathathu nangaphandle ngokuzithemba.
Uza konwabela izinto zokudlala ezinzima ngoku ezinamalungu amaninzi okwakha izinto.
Xa iiminyaka imi-6
Uza kuqaphela ukuba uya ngokuba mde, etyeba kwaye esiba namandla.
Iitshukumo zakhe zomzimba ziya ziphucuka.
Kwiminyaka esi-7 ukuya kwesi-8
Ubude nokutyeba kuyaqhubeka kuhle, namandla ngokunjalo.
Onke amalungu omzimba aya ngokuya esetyenziswa.
Iintshukumo ezisebenzisa izihlunu ezikhulu zomzimba njengokuhamba ziya ziphucuka.
Ngokunjalo neentshukumo zezihlunu ezincinci njengokubhala.
Kuyanda ukusebenzisa izihlunu, kodwa zisasetyenziswa nganye.
Ngoku ingqondo ingama-90% phambi kokuba ikhule ngokupheleleyo.
Xa ili-9 ukuya kwi-10
Amantombazana aqala ukukhula ngokukhawuleza, aye ngokomelela kwaye aye encipha ukuthamba.
Amalungu omzimba ayakhula kwaye uya ngokuwaqonda nendlela
umzimba osebenza ngayo.
Uyakwazi ukudibanisa intshukumo zomzimba lula.
Nokuzinza kuphucukile.
Kwiminyaka eli-11
Amantombazana adla ngokuba made kwaye atyebe kunamakhwenkwe.
Amakhwenkwe kulapho aqala ukukhula ngokukhawuleza.
Kuya ngokuphucuka ukusetyenziswa kwamalungu omzimba amancinane.
Uyakwazi ukudibanisa iitshukumo lula.
Zisanda iindlela zokusebenzisa amalungu omzimba.
Ukukhula kosana lwakho
Emva konyana wokuqala, umntwana wakho akaselulo usana. Ubuntwana sele buqalile kwaye kwiminyaka elishumi ezayo kuza kubakho amanqanaba aza kudlula kuwo ongawasebenzisa ukubona ukuba umntwana ukhula kakuhle na. Masicangcathe kunye kolu hambo lokukhula komntwana...
UBUSAZI NA?
Ungakwazi ukumbalela umntwana wakho ubude bakhe bobudala obulindelekileyo ngokudibanisa ubude bukayise nobukanina (ubala ngee-cm). Lahlule kubini elo nani, udibanise i-7cm xa kuyinkwenkwe uthabathe i-7cm xa kuyintombazana.
UMZALIOFANELEKILEYO
BONA XHOSA - May 2008
u
t
Isisu esihambisayo somntwana
Siyintoni?
Kuxa umntwana emana ukukhupha ilidle elithambileyo, elingamanzi kwaye elinyumbululu.
Senziwa yintoni?
Ixesha elininzi isisu esihambisayo senziwa yingxaki esemathunjini. Kodwa ukuba ukuhambisa akukho kangako kungathi kanti kwenziwa kukutya okuthile, nezinye ke iingxaki ezisemathunjini.
Izinto omawuziqwalasele
Eyona nto ibalulekileyo, usana okanye umntwana onesisu esihambisayo akafanelanga aphelelwe ngamanzi emzimbeni ngenxa yokuba ekhupha amaninzi angaphezulu kwawaselayo. Abantwana abancinci ngomzimba ngabona bafuna ukujongwa kuba bayakhawuleza ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni. Ukuba kukho imfuneko dibana nogqirha.
Wenza ntoni
Nika umntwana izinto eziselwayo eziza kunqanda ukoma, ukhe ume ngokumnika ukutya okuqinileyo. Ezi ziselo zingena endaweni yoko kulahlekileyo emzimbeni. Zama ukumseza kancinci kancinci endaweni yokumseza kakhulu ngexesha elinye.
KHUMBULA!
Ukuba isisu asiyeki ukuhambisa de kuphele iiyure ezingama-24, thetha nomongikazi wasekliniki okanye ugqirha ngokukhawuleza.
BONA XHOSA - May 2008
Zenzele amanzi okunqanda ukoma
1. Bilisa ilitha yamanzi uwayeke aphole.
2. Galel' itispuni yetyuwa engampunganga neetispuni ezisibhozo zeswekile uxube.
3. Abantwana mabanikwe intwana yala manzi rhoqo emva kweeyure ezi-2 ukuya kwezi-3.
u
t
Ujonga ntoni xa uthenga ibhegi yokufaka amalweyile
Ibhegi elungileyo yokufaka amalweyile iyakwenza ubomi bakho obuxakekileyo bube lula. Izinto omawuziqwalasele xa uzakuthenga le bhegi...
? Ukumila: Uyixwaya emqolo, egxeni okanye yeqhelekileyo - khetha ukuba yeyiphi eyona ilungele wena engazi kukusokolisa. Ingaba le ixwaywa emqolo ihlala kakuhle kuwe? Ingaba ibhegi exwaywa emagxeni inkulu kwaye inzima ikushiya uqaqanjelwa ngamagxa?
? Ubukhulu: Yenza uluhlu lwezinto oza kuzifaka uze ujonge ukuba inkulu ngokwaneleyo na.
? Indawo yezinto ezimanzi: Ibalulekile koomama nabantwana abathath' uhambo. Awunakufaka amalweyile neempahla ezicocekileyo kanti awunandawo yakufaka amalweyile amanzi neempahla ezimdaka.
? Iipokotho ezizitshwayo: Zimelwe kukuba liqela.
? Iipokotho ezigcina ubushushu:Izinto ezishushu nezibandayo izigcina zinjalo, iyimfuneko xa umntwana esitya ibhotile.
? Ipokotho kamama: Ungayilibali indawo yakho yokufaka ezakho izinto.
? Ukomelela: Thenga eyona yomeleleyo ongafikelela kuyo.
UBUSAZI?
Ubusazi ukuba intloko yomntwana omncinci ilingana ne-25% yomzimba wakhe, xa uyicingisisa kakuhle le nto, bubunzima obuvakalayo noko xa ujonga ubungakanani bomzimba sele uwonke.
ICEBO ELILILO
Nali icebiso koomama abaqalayo ukuba nabantwana abazibona bengabuboni ubuthongo ngenxa yemo yezulu eya ngokubanda.
Ukuba usana lwakho lumana ukuphaphama ebusuku kungenzeka ukuba luva ingqele ngenxa yentloko engaphandle. Lunxibise nje umnqwazi olula ... ukuze nobabini nilale kakuhle.
BONA XHOSA - May 2008
12 IINGCEBISO ZOKOYIS' INGULO EBANGELWA KUKUNQUMKA
Izisombululo ezingakusebenzela...
1 Into yokuqala, ekuseni yitya iqhekeza lesonka esomisiweyo okanye ibhiskithi ezingenanto.
2 Emini yitya kancinci rhoqo, kunokutya kakhulu ngaxesha nye.
3 Sela iziselo ngamandla.
4 Sela ubisi.
5 Usele neziselo ezihlwahlwazayo.
6 Musa ukutya ukutya okunamafutha, yitya izinto ezifana neetapile ezibhakiweyo iphasta okanye isaladi yerayisi.
7 Lala ixesha elininzi.
8 Ukuba alinyamezelek' ivumba lokutya cela umntu akuphekele.
9 Musa ukutya ukutya okuqholiweyo nokuqhotsiweyo.
10 Yitya iswiti eneglukhosi.
UBra Force uthi...
Ukuba uvuka udiniwe unesiyezi ekuseni sela ikota yeglasi yamanz' ashushu anesiqingatha setispuni yegobho kunye nomdabu.
Esinye isisombululo yikota yetispuni yomdabu kunye nomhlonyane netispuni yobusi obuxutywe nekota yeglasi yamanzi ashushu. Sela ngecephe ngoku iseshushu.[x]
