xhosa.1537.golddigger
lumkela
oojong' ichele
Unomtsalane nobubele kwaye uyazi ukuba indoda iphathwa kanjani - kodwa uthand' imali. Uyinyoka erhubuluza engceni efun' imali yakho. Nantsi indlela yokubona ibhinqa elijong' ichele - uyazi nendlela omawulilumkele ngayo
AKUKHO nto ibuhlungu ngathi kukudibana, ukuvana - andithethi ke ngokuthandana uze utshate nojong' ichele. Olu hlobo lwebhinqa injongo yalo inye ebomini kukuqiniseka ukuba lifumana nesenti yokugqibela yemali yakho oyisebenzele nzima. Njengoko kusitshiwo: lifana nqwa nehenyukazi, kodwa lona lisebenzis' ingqondo.
Linobubele, lihle kwaye lizazi zonke iindlela zokutsal' indoda. Ungacinga ukuba uyindoda esisibethi, kodwa kuphel' ukwazi xa sele lizifake zonke iinzipho kuwe. Kaloku likwenza ucinge ukuba nguwe ophetheyo kanti likudlala nje ingqondo.
Lithi ligqiba ngawe, ipokotho yakho ibe sele ibeth' umoya intliziyo yona ibuhlungu.
Ukuze nililumkele eli bhinqa, madoda, kufuneka nilazi ukuba linjani nendlela elicinga ngayo.
Amabhinqa aloluhlobo akafani. Nanjengoko kukho iintlobo ngeentlobo zezaphuli-mthetho, ngokunjalo namabhinqa angoojong' ichele.
Masiqale ngebhinqa elingenabungozi kakhulu:
Umafikizolo
Kulula ukumbona. Uyokozela okukaKhanyisile Mbau ungumgodi wegolide ohambayo. Uzifuna zonke ezinamagama - ooPrada, Givenchy, Tom Ford, nooLouis Vuitton - kodwa umnqa kukuba akakwazi nokuwapela la magama, andisathethi ke ngemali yokuwahlawulela.
Kodwa ngethamsanqa lakho akanamava kulo mdlalo ngoko uza kuqinisekisa ukuba ukwazisa zibekwa ukuba yena ngowexabiso!
Eli nenekazi licinga ukuba unetyala lalo kuba nje usuke wathandana nalo. Lifuna: i-airtime, ibhiya okanye izihlangu ezingaqhelekanga zamaTshayina.
Indlela yokwahlukana naye:
Noxa kulula ukuyibona, musa ukuzinza kule nkazana. Njengendoda esebenzayo mhlawumbi ke engelilo negqolo, uya kufumanisa ukuba eyona nto iyifunayo kuwe kukuba uyondle.
Phola, ungangxami - yithi jize nge-R30 yokuthenga i-airtime (yibonise ukuba unayo imali) kodwa uyigcine kude ingade izingenele epokothweni.
Xa umana umphosela ingququ uze uthi xa ecela izihlangu okanye eyokwenza izifundo zekhompyutha, umane ukumkhumbuza omenzele kona usenokudikwa akhalale.
Inenekazi elizimeleyo
Ewe, ufunde kakuhle. Olu hlobo lukajong' ichele alunabungozi kakhulu, kodwa kunzima ukulibona. Linenekazi elinomsebenzi ophezulu, umnyobo wemoto, lihlala kwindawo ephucukileyo - kwaye xa ulibona, lilinenekazi elizimeleyo.
Kaloku lona licinga ukuba alifanelanga likhuphe nesenti kwezi zinto zenza ubomi balo bubento-fontofo - uyabona ke mfokabawo, zonke ezi zinto ziza kuba ngu-mthwalo wakho.
Uza kuqala ulibone ngathi libhinqa elilungileyo. Kodwa kungekudala liza kumana likukrobisa, likuxelele ngendlela uyise, umntakwabo okanye iqabane lomhlobo walo abakwazi ngayo ukukhathalela amabhinqa abo.Ungazihluphi, uza kukhawuleza abone xa uwuvile umyalezo wakhe wokuba amadoda okwenene ayayikhuph' imali.
Ulolu hlobo lusonga izandla luncume xa kuza kubhatalwa kwivenkile yokutya. Kwaye ungacing' ukuba uza kuba neentloni zokucela umzalisele itanki yemoto yakhe kuba ke ngokokutsho kwakhe "i-ATM ikude, Sithandwa" kwaye ke usalindele ukuba ufike uphethe nasendlwini! Ukuba uyala uza kukohlwaya ngokuba nolunya akuqhoshele nangesondo.
Indlela yokwahlukana naye:
Hlala ulumkile - xa eqala esitsho izinto ezifana nokuthi "utata wayewunika umama umrholo wakhe", mnqande wakugqiba wena uthethe ngama-50/50, amalungelo amabhinqa nokuzimela. Kuba engumntu onekratshi uza kuyeka ukukuxhwitha. Ukuba uyaqhubeka ubanomsindo, mshiye.
Ujong' ichele ozifihlayo Ngengqondo ebukhali nobuhle bayo (izinto ezithi zakudibana zibe yingozi) le nzwakazi ingayiqongqotha ipokotho yakho ngomzuzwana.
Akalunganga kakhulu - kwaye uyazi ukuba ayathandeka amabhinqa angalunganga!
Yonk' indoda edibana naye lo jong' ichele ifuna ukumlobola, ifuna ukumhlawulela idiphozithi yeRange Rover imondlele nabantwana.
Umhle, uyazi kakuhle indoda ukuba iphathwa njani ngaphakathi nangaphandle kwegumbi lokulala. Uza kuzibona sele umnika icredit card yakho ungacinganga.
Uza kumazi kakuhle ukuba unguye ujong' ichele kuba akoyiki ukusebenzisa imali... uyayibaxa!
Uya kuqabuka sele ekhuphe abahlobo bakhe baya kwimpela-veki yolonwabo eMpumalanga esebenzisa ikhadi lakho phofu, ethenge izihlangu zase-Italy neenwele ezifakelwayo zaseBrazil.
Kwaye wena uyakube ungaboni nto imbi apho de imali yakho ibe buphela ubone sele ekususa okwetshungama phantsi kwesihlangu. Yakuphela imali, nawe kuphelile ngawe, uyakushiya ayokukhangela omnye aza kumenza umphathiswa wezemali (ezothutho nolonwabo).
Indlela yokwahlukana naye:
Igama linye - BALEKA! Ukuba ngelishwa lakho uwele ezandleni zeli rhamncwa, kuza kufuneka umelane nalo okanye ke ube ngusozigidi ukuze ukwazi ukumonelisa.
Kodwa kuko konke, musa ukujika ubesisaphuli-mthetho kuba ufuna ukwanelisa yena - intolongo akuyondawo imnandi.
Kwaye akazukulinda wena. [x]
Umbhali: Sbu Mpungose
EZOTHANDO
Liyayazi indlela yoku-phatha indoda phaka-thi nanga-phandle kwegu-mbi loku-
lala
