xhosa.884.career
Imisebenzi
Yiba 'sefashonini'
Ishishini lokuyila iimpahla liqulethe lukhulu, aliphelelanga ekuthungeni iimpahla kuphela...
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
ISHISHINI lokuyila iimpahla liyaphumelela yaye linokhuphiswano oluninzi kodwa linamathuba eliwanika abo bakuthandayo ukwenza izinto ezifana nokusika iipateni, ukuthunga iimpahla nokuba ngumsiki.
UWanda Ndaba onama-22 eminyaka ubudala ngumsiki, umthungi weempahla, umyili nomnini weshishini eliphumelelayo.
Iimpahla zakhe azithungileyo zabonwa kumboniso wefashoni ngumnini wevenkile ephambili ethengis' iimpahla emva nje kokuba egqibe izifundo zakhe zediploma yokuyila ifashoni.
Emva koko iivenkile ezimbini zafaka ii-odolo zezi mpahla rhoqo yaye ngoku uWanda une-ofisi nendawo yokusebenzela eThekwini, uqeshe abantu abathandathu abamncedayo akwazi ukumelana nokuthung' iimpahla zezi venkile nezabany' abaxumi bakhe.
Iimpahla zakhe yiAvalanche yaye ziquka iisuti, iihempe, iishoti neebhlukhwe.
Umsebenzi awenzayo ubukhulu becala kukusika athungele abathengi bakhe iisuti neempahla abazifunayo.
UWanda uyakwazi ukuthunga iimpahla zamadoda nezamabhinqa kodwa ugxininisa kakhulu kwezamadoda.
"Umama nomakazi wam ngabathungi yaye ndandithanda ukubabukela xa bethunga ndisakhula.
"Ndaqonda ukuba mna ndifuna ukuthunga ndibodlule. Ishishini lokuthung' iimpahla linokhuphiswano kakhulu kodwa ndinethemba lempumelelo.
"Asoze uhlale phantsi ulindele amathuba ukuba eze kuwe, kufuneka usebenze nzima ukuze uphumelele."
Umsebenzi omkhulu akhe wawenza uWanda ngowokuthunga iisuti zamadoda ayesiya emtshatweni yaye amanye kuwo ayevela phesheya.
"Kwakufuneka ndithunge iisuti zamadoda alithoba kwiiveki nje ezintandathu! Kodwa ndazithunga ndazigqiba ngexesha yaye azithanda kakhulu loo madoda," utshilo.
Amathuba engqesho
Kuxhomekeka kuqeqesho olufumeneyo.
"Abafundi abenze izifundo zexeshana bangaba ngabancedisi estudiyo ekuthungelwa kuso okanye bathunge iimpahla zokubonisa okanye benze iipateni," utsho uMonique Rolando weLinea Academy yaseThekwini.
"Abaphumelele isidanga baba sethubeni lokuba ngabathungi nabayili befashoni, iintatheli zefashoni, abarhwebi, abanxibisi okanye bazivulele amashishini abo.
"Bangathungela nasemakhaya nangona ungaba mninzi umsebenzi de kufuneke ufune umncedisi.
URonaldo wongeze ngelithi, "Funda kwabany' abantu kuqala. Ungasebenza kwistudiyo ekuthungelwa kuso okanye usebenze kwishishini lefashoni.
"Wakulufumana ulwazi olufunayo kwaye uzithemba ungavula elakho ishishini. Zimisele yaye yithande into oyenzayo."
Iimpawu ezifunekayo
Kufuneka ube nobuchule, uthande abantu yaye ukwazi ukuzibhengeza. Kufuneka ukwazi ukulawula ishishini.
"Xa ungumntu othanda ukuyila iimpahla kuyakunceda ukuba nesiphiwo nobuchule kulo msebenzi. Kufuneka uzimisele yaye uzinze kweli shishini kuba linokhuphiswano olumandla," ucebise ngelitshoyo uRolando.
Umvuzo
Imivuzo ayifani. Umthungi/ umsiki weepateni ufumana umvuzo ophakathi kwama-R3 500 nama-R4 500 ngenyanga.
Umyili wefashoni okwinqanaba elisezantsi ufumana umvuzo ophakathi kwama-R5 000 nama-R6 000 ngenyanga, unyuke de ufikelele phakathi kwe-12 000 nama-R25 000 xa sele ungumthungi, umyili weempahla okanye umrhwebi onamava. [x]
BONA XHOSA - December 2006
UWanda esemsebenzini.
Iindawo zoqeqesho
uIitechnikon zinazo izifundo zokuyila ifashoni.
uI-Linea Academy eseThekwini inezifundo zethutyana nezidanga zeBA Honours in Fashion Design. Umnxeba: 031-261-1414.
uI-Intec inezifundo ezikunika iziqinisekiso zedressmaking, ipattern-cutting and design nefashion merchandising. Umnxeba: 08600-313-131.
uI-Damelin inezifundo ezikunika iziqinisekiso zefashion design kula masebe ayo alandelayo:
Boksburg: 011-823-3790
Bramley : 011-440-7020
Centurion: 012-665-4824
West Rand: 011-955-5326
Cape Town: 012-686-8991.
NGEZANTSI: UWanda ngoku une-ofisi nendawo yokuthungela eThekwini yaye uqeshe abantu abathandathu ukuze amelane nemfuno zeevenkile nabantu abathungelayo.
NGASEZANTSI EKUNENE: UWanda Ndaba lityendyana elineminyaka engama-22, kodwa sele engumthungi, umyili wefashoni nosomashishini ophumelelayo.
BONA XHOSA - December 2006
