xhosa.878.finance
BONA XHOSA November 2008
WULUNGISELELE
U-2010!
ZITHINI iinjongo zakho ngeNdebe yeHlabathi ka-2010? Ingaba ubunephupha lokubukela umdlalo omnye ebuncinaneni ebaleni oko uMzantsi Afrika wanikwa ilungelo lokusingatha le midlalo ngo-2004.
Ukuba awuxhamlanga kwicham elinikwe abasebenzi abakha amabala ka-2010 abathenjiswe amatikiti amabini asimahla, uza kulithenga nge-R140 itikiti ngoFebruwari...xa abantu beli sukuba bengenamali. Ingxaki kukuba samkela kwangoko ngoDisemba - kufuneke sise abantwana ezikolweni singekarholi ngoJanuwari.
NgoFebruwari sileqwa ziivenkile ngamatyala esiwenze ngeeholide.
Nantsi indlela ongazalisekisa ngayo iphupha lakho...
1. Zilungiselele
Qala ukucwangcisa ngoku nge-2010 Project Budget.
Unokucinga uqingqo-mali lwenziwa ekuqaleni konyaka - kodwa yeyona ndlela unayo yokucwangcisela ingomso nongayisebenzisa nanini na.
Ngoko nawe ungazenza isinhanha ngokucwangcisa kakuhle - uze uzalisekisa iphupha lakho lokubukela imidlalo ka-2010 ebaleni!
2. Qinisa ukhuseleko lwokho
Dibanisa imali oza kuyifumana kwiinyang' ezintathu ezizayo:
Umvuzo, ibhonasi nayo nayiphi na imali oza kuyifumana ngomsebenzi wabucala owenzayo okanye ngezinto oceba ukuzithengisa. Ukhumbule ukuba amatikiti aza kuqala ukuthengiswa ungekamkeli ngoFebruwari.
Imali obuyongile ingakunceda.
Imali obubolekise ngayo onethemba lokuba iza kuhlawulwa ngelo xesha.
3. Lungisa iingxaki zakho
Ungahendeki ukuba wongeze izinto osebenzisa kuzo imali kwiinyanga ezintathu ezizayo:
Iindleko ongenakuziphepha - irenti okanye intlawulo yebhondi; iintlawulo zikamasipala, amanzi nombane; intlawulo yamatyala; intlawulo yesivumelwano sefowuni okanye i-airtime; ukutya; iindleko zokuhamba (imali yokukhwela; eyepetroli ne-oyile), imirhumo yecawe...
Imali yesikolo, eyeyunifom, eyeencwadi neyokuya esikolweni.
Eyeendleko zonyango ixhomekeke kwimeko yempilo yosapho lwakho.
Eyokuseyivisa nokulungis' imoto.
4. Lungel' imidlalo
Khupha imali yezinto ofanele uzihlawule nakanjani emvuzweni wakho uze wenze isigqibo sokuba uza kuyisebenzisa njani imali eseleyo.
Ngoku lixesha lokuba ucinge ngemidlalo ngoko:
Yimalini oza kuyichitha ngeeholide zeKrismesi.
Fumana izinto ongonga kuzo imali - mhlawumbi iindleko zokuhamba ngokuhamba ngololiwe.
Bala ukuba ufuna ukuthenga amatikiti amangaphi emidlalo. Xa ugqibela ungenayo imali yokutheng' amatikiti, jonga indlela osebenzisa ngayo imali kwakhona ubone ukuba akukho apho unokonga khona na, uzame ukwenza imali bucala okanye unciphise inani lamatikiti ofuna ukuwathenga... [x]
AMANDL' EMALI
Qal' ukucwangcisa kwangoku ukuze ubenemali yamatikiti eNdebe yeHlabathi ka-2010 aza kuthengiswa ngoFebruwari wonyaka ozayo... Kubhale uPatricia McCracken
YAKHA IQELA LAKHO LIKA-2010!
Cinga ngokufumana abahlobo bakho abafuna ukuya kubukela imidlalo ka-2010 emabaleni, nize nenze istokfela sexeshana ukuze nikhuthazane ukuba nonge imali.
