xhosa.873.10Q
UHlubi uphendul' imibuzo yenu
1. Kukuphatha kanjani ukudlal' indawo kaNandipha oneHIV?
Kufana nesifundo esiqhubekayo kum. Ndafumanisa ukuba enye yezinto endifuna ukuzenza kukufundisa abantu ngeHIV-AIDS, ndishumayele umyalezo wethemba kwabanayo ndincede nabanye babenamandla okujongana nengulo yabo.
2. Abantu bakuphatha kanjani xa bedibana nawe ezitratweni?
Bayayincoma kakhulu indawo endiyidlalayo. Kumnandi ukuva ukuba abantu bayayonwabela into engumsebenzi esiziphilisa ngawo.
3. Kubalulekile ukupas' imatriki xa ufuna ukuba ngumlinganisi emidlalweni?
Kubalulekile ukupas' imatriki nokuba ufuna ukuba yintoni kweli hlabathi. Kwaye oko kulinyathelo lokuqala kwamaninzi kuba kubalulekile nokuba nemfundo ephakamileyo. Kaloku imfundo ikuvulel' iminyango ikunike namandla okuziphucula.
4. Ukuba ubungayenzi into oyenzayo ngoku, ubungenza ntoni?
Ndiyabathanda abantwana, ngoko ndingathanda ukwenza umsebenzi onento yokwenza nabantwana! Okwangoku ndisaxakeke ngumsebenzi wam, kodwa xa ndingawuyeka ndingathanda ukuba nabantwana abaninzi.
5. Ziziphi izinto oziphumezileyo oneqhayiya ngazo?
Ndineqhayiya ngokuba ndikwazi ukufundisa abantu abakufutshane nabakude ngendawo endiyidlala emdlalweni weTV.
6. Kuwe yintoni eyenza urhatya lothando lubemnandi?
Xa mna nomntu wam siqhutyelwa imoto ukuya kubukel' ifilim sihleli kwisitulo esingamsemva sisity' ipizza, sisela newayini.
7. Yintoni oyithandayo?
Ukutya okumnandi, ukuhlala nabantu endibathandayo nokuya kwiholide emnandi.
8. Yintoni oyithandayo nongayithandiyo ebantwini?
Abantu bangabantu, kwaye akukho nzwana ingenasiphako. Kufuneka wamkele izinto ezimbi nezintle emntwini. Ndibaxabisile abantu abasebomini bam kuba ubomi bufutshane! Ungachith' ixesha lakho ngabantu abangenanjongo okanye abakuvisa ubuhlungu!
9. Yintoni oyithandayo nongayithandiyo ngoMzantsi Afrika?
UMzantsi lilizwe elinamandla nelinengomso eliqaqambileyo! Alikho ilizwe endingalithanda ngaphezu koMzantsi. Inkaba yam ilapha, ngoko eli lizwe lilikhaya lam.
10. Xa kungathiwa cebisa ihlabathi, ungalicebisa ngantoni?
Xa sikwazi ukukhathalelana thina sodwa, nehlabathi liya kusikhathalela. [x]
BONA XHOSA November 2008
INGXOXO NENDWALUTHO
Imibuzo ka-
