xhosa.865.sisstars
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
NDINEMINYAKA engama-45 kwaye ndinabantwana ababini emtshatweni weminyaka engama-20. Ingxaki yam kukuba ndizibona indim obulala ubomi bothando lwethu. Ndiziva ndityebile, ndingenamtsalane, ndingenamandla kwaye ndaluphele. Andinawo nomdla wokuzama ukuzilungisa nokuzenza ndibe nomtsalane emyenini wam. Xa ndizijonga espilini ndizibona kundim unobangela wengxaki yam.
Ndicel' uncedo kuba andifuni ukushiywa ngumyeni wam nangona yena ebonakala endithanda ndiyinto endiyiyo.
Ongenamtsalane, ePitoli
Zizigidi ehlabathini amabhinqa aziva njengawe - azibona etyebile, engenamtsalane kwaye emadala. Okuhle kukuba ungakwazi ukuyiguqula le meko. Awunako ukubuyis' umva iminyaka yakho, kodwa ungaziguqula eziny' izinto ukuze ubonakale yaye uzive usemtsha.
Yiya kugqirha kuqala ukuze akuxilonge umzimba wakho wonke.
Kwiminyaka yakho kunokwenzeka ukuba ufikelela kwibakala lokuyeka ukuya exesheni. Ngeli xesha inzalo iyavaleka ungabi sakwazi ukufumana abantwana.
Eli libakala lokukhula ebomini bebhinqa, kodwa likwenza ube namaxesha okungatyhileki okanye awokuziva uphantsi koxinzelelo, kwaye uba namaxesha okungaziva mnandi emzimbeni. Ugqirha uya kukunceda ngamayeza.
Ukuziva ungenamandla kungenziwa kukuba mkhulu kwakho. Xa usenza umthambo, umzimba ukhupha amachiza akwenza udlamke, kuze oko kuphucule ukutyhileka kwakho yaye uzithembe ubenawo nomdla wesondo.
Ukuziva ungenamtsalane akubangelwa yimbonakalo yakho kuphela. Kubakho nasengqondweni. Xa uzibona umbi, nabantu baya kukubona umbi.
Ngokuya ekhula amabhinqa ayayamkela imizimba yawo, angazihoyi iindawo azibona ziziziphene.
Tshintsha oko unako ukukutshintsha, kodwa xa kufuneka wamkele iingalo ezinenyama ejingayo, kuza kufuneka ungoyiki ukuziveza. Ubuhle buyindlela wena oziva ngayo, nto leyo inokuba ibonwa ngumyeni wakho.
Eli kungaba lixesha lokuba ubenento oyenzayo yaye ubenomdla kwizinto ezintle. Ukhe ucinge ngokujoyina istokfela okanye iklabhu yamanina?
Okuhle kukuba uyibonile ingxaki echaphazela uthando lwakho. Zithembe, utshintshe oko unako ukukutshintsha yaye uzithande.
Undithandela nje imali yam
Satshata ngo-2001 kwaye izinto zazihamba kakuhle emtshatweni wethu kunyaka wokuqala. Ngoku ndineminyaka engama-30, ndinomntwana omnye endamfumana ndingekatshati - kodwa alusekho tu ulonwabo. Umyeni wam akaphangeli, enjalonje uyazithanda gqitha iilokhwe. Akagqibeli nje ngokuthandana namabhinqa, uyawamithisa nokuwamithisa.
Ngoku andisenasidima kwilali yasekhaya kuba amankazana akhe akandihloniphi. Andityabeka ngezithuko athethe akuthandayo.
Mna ndiyaphangela yaye ndibona ndifanele ndifake isicelo soqhawulo-mtshato kuba umyeni wam sele eqale ukuthi ngowakhe umzi ndibe ndiwakhe ngemali yam. Ndibona ngathi akandithandi, qha ufuna nje imali yam. Ndoyika nento yokuba xa sixabana ufaka nomntwana wam kuloo ngxabano. Ndiyacinga ngeny' imini uya kuze asibulale naye...
Okhathazekileyo, Umzimkulu
Umyeni wakho akakuhloniphi kwaye kubuhlungu ukuhlala nomntu owenza izinto ezimbi ezikuvisa ubuhlungu.
Kufuneka ulumke njengokuba usithi uyakugrogrisa nje. Bayakuxhasa bona abadala bosapho? Okanye ke umfundisi?
Kaloku kufuneka ubenabantu abangecala lakho xa uthetha nomyeni wakho ukuze ayamkele nento yokuba ufuna ukuqhawula umtshato wenu.
Mhlawumbi kuza kubabhetele uwuthengise umzi okanye urentise ngawo uye kuhlala kweny' ilali okanye kweliny' iphondo. (Cela umqeshi wakho akutshintshele kwenye indawo.)
Akufanelanga kona kubenguwe ohambayo kuba nguye onengxaki - kodwa ke nguwe ongcungcuthekiswa ngamankazana akhe, kanti naye uyakugrogrisa. Ukhuseleko lwakho yeyona nto ibalulekileyo, ngoko kubhetele umshiye kungabikho nto ikudibanisa naye.
Yomelela, wakugqiba ngofuna ukukwenza ungamvumeli akujik' ingqondo, akuyekise nokuqhawul' umtshato.
Fumana neengcebiso zegqwetha kuba nomzi ngowakho.
Ufanele ukwazi ukuba ufuna ntoni emva kweminyaka emithandathu ekungcungcuthekisa umyeni wakho.
Ukuthandana nomncinane
Ndiyintombazana eneminyaka eli-14 kwaye ndifuna ukuqonda ukuba ingaba ndenza impazamo na xa ndithandana nenkwenkwe engaphantsi kwam? Kona kuyinto eyamkelekileyo ukuba kube yintombazana ezicelela uthando enkwenkweni?
Ungambona njani kona umntu okuthanda ngenene?
Obhidekileyo, eBotswana
Akukho ngxaki xa intombazana ithandana nomfana omncinane kunayo xa nina ningenangxaki naloo nto. Abantu baza kukutsho abakutshoyo ngani.
Ekuthini ungazicelela na uthando? Ndikubona uselula kakhulu ukuba ungenza loo nto kwaye abantu basenokuthi uyazifunela abafana? Ngoko khawulinde de ukhule ngokwaneleyo ukuze ukwazi ukusingatha imicimbi yothando.
Unzima umbuzo wakho wokugqibela. Xa intombazana ithandana nomfana, iye icinge ukuba bathandana ngokwenene - de imbambe nenye inkazana okanye yona iphandlwe ngomnye umfana.
Oko ukufunda emva kokuthandana nabantu abambalwa uze ubone ukuba awubathandi ngokufanayo.
Ingaba ndiyi-ATM yakhe?
Ndinenkazana ehlala ePitoli enabantwana ababini nomntu eyayithandana naye ngaphambili. Sasixabana rhoqo saza sohlukana. Qho xa kuphel' inyanga iza izocel' imali ize iphel' emehlweni. Sesithandane nayo ngaphezu kweminyak' emine. Andazi nokuba indenza i-ATM yayo na. Ndiyithini le ngxaki?
nguThemba, e-Alexandra
Xa nohlukanayo nale nkazana, isafuna ntoni kuwe?
Nokuba ubusafuna ukuqhubeka nayo, uyabona ukuba ikwenza into eyinik' imali?
Funda ukuthi "Hayi" uyixelele nokuba mayikwehle. [x]
amandl' obomi
NDINCEDE!
Andinamtsalane
USis Sarah
ukho ukuze
aphendule
imibuzo
yakho, ngethemba lokuba uza kuphilisa iintliziyo ezaphu-kileyo
Mbhalele kule dilesi:
Ask Sis Sarah,
Box 32083, Mobeni
4060.
Qaphela:
USis Sarah
akwazi
ukukucebisa ngeengxaki
zempilo.
indwalutho yale nyanga
Umdlali webhola owazalwa ngomhla wama-22 kuDisemba ka-1982
Ngokutsho kombhali webhola othile, lo mdlali owazalelwa eSoweto "unobuchule bokubamba ibhola nobokuthumela iibhola ezishiya abadlali basemva bebhidekile." Kutshanje uchongwe "njengonozaku-zaku" wakwaMcDonald ngeNdebe yeHlabathi ka-2010.
IINKWENKWEZI
BONA xhosa January 2009
Xa unomntu othandana naye, eli lixesha elihle lokuba niluvuselele ngokutsha uthando lwenu. Xa ungenamntu, vul' amehlo nentliziyo yakho kuba ungadibana nomntu omtsha.
Buyathembisa ubomi bakho bothando, ngoko hamba phambili ekwenzeni izicwangciso zengomso lenu nesithandwa sakho. Ukuba awunamntu, funa amathuba okuqalisa uthando oluhle.
Phucula uthando lwakho ngokubonisa inkathalo. Zibalulekile nezinto eniya kuzonwabela nobabini, ngoko yothusa umntu wakho ngezinto ezimnandi ebengazilindelanga.
Kukho ithemba lokwaneliseka, ngoko ungaphozisi maseko ukwakha isiseko esomeleleyo sothando oluzinzileyo. Ungazifumanela umntu omtsha ukuba akunamntu.
Lixesha elimnandi nelonwabisayo eli. Wena nesithandwa sakho ningafuna ukwenza izigqibo ezibalulekileyo ngalo. Hlabela mgama ukuba awunamntu kodwa ukho ombonayo.
Niza kuba nothando yaye nisondelelane xa nibaliselana ngeminqweno yenu. Zama ukulenzela okuthe kratya iqabane lakho. Xa ungenamntu, okwenza ungakucebanga, kuya kukusebenzela.
Lixesha lokuba nothando olunzulu. Iimfuno zakho zothando ziya kuzaliseka xa usenza izinto ngendlela. Yakha uzinzo ngokubonisa ukuzinikela.
Unamandla omphefumlo ekunzima ukungawahoyi. Ngoko xa ungenamntu, ngoku ukulungele ukuba seluthandweni kwakhona kwaye amava onawo aya kukunceda.
Uthando lufana nokufun' isity' emnyameni, ngoko lindela ixesha lolonwabo. Ukukhuthalela ukubonisa inkathalo nothando kuya kukwenza ubenomtsalane.
Luyaqina uthando lwenu kukuhlala ndawonye neqabane lakho kwaye nifuna ukulinga izinto. Ukuba akunamntu, zithembe xa kukho umntu obonisa ukukuncwasa ube nawe umthanda.
Uza kubanako ukuzinikela ngakumbi eluthandweni lwakho xa unaye umntu othandana naye. Uya kuziva useluthandweni lula xa ubona umntu onomtsalane okuncwasileyo.
Ubonisa ukuba nothando nokuqonda. Ukuba nothando nobubele kwakho sisiseko esihle sokwakha uthando oluya kutsala ixesha elide.
IINKWENKWEZI ZAKHO
