XHOSA.852.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - October 2006
Umsebenzi: Izinto zakho zihamba kakuhle, ngoko lindela impumelelo.
Impilo: Ukuba namandla athe kratya kukwenza ufune eminye imiceli-mngeni.
Imali: Ukuyisebenzisa ngobulumko imali kuza kukwenza ubenemali.
Uthando: Qinisa uthando lwenu ngokuthanda izinto nemidlalo ethandwa sisithandwa sakho.
Umsebenzi: Xa uneengcamango onazo ungazigcini ngaphakathi. Unokuvuzwa ngazo.
Impilo: Uza kuba noxinzelelo kodwa uza kumelana nalo.
Imali: Lisebenzise ngokukuko eli xesha ume kakuhle emalini.
Uthando: Lixesha lolonwabo. Konwabele ukudibana nabantu abatsha.
Umsebenzi: Udlamko olufumene kutshanje lukwenza uboyise okhuphisana nabo.
Impilo: Lumkela okutyayo, uphumle xa ufumana ithuba.
Imali: Ukuyiqingqa kakuhle imali kwenza ingakupheleli.
Uthando: Yonwabela ukwazisa isithandwa sakho kubahlobo nezalamane.
Umsebenzi: Ukwazana nabantu abatsha kuwenza lula umsebenzi wakho.
Impilo: Kuphephe ukuqunjelwa. Yitya ukutya okunempilo wenze nomthambo.
Imali: Ungatyikityi sivumelwano ungasifundanga.
Uthando: Kuphephe ukuxabana. Thetha nesithandwa sakho.
Imisebenzi: Yiba ngumntu othanda ushishino, kodwa ukucebe okwenzayo ukuze uphumelele.
Impilo: Yiba nexesha lokusebenza nokuphumla.
Imali: Lixesha lokulungisa imicimbi yakho yemali uzikhuphe nasematyaleni.
Uthando: Uthando luhle. Yiba nomonde.
Imisebenzi: Susa okusengqondweni yakho ukuze uphucuke umsebenzi wakho.
Impilo: Ungenzi nantoni na ungenankathalo.
Imali: Lixesha elihle eli lokutyala imali kwishishini elinenzuzo.
Uthando: Iiveki ezimbalwa zothando zinganenza nibuyelane nesithandwa sakho.
Umsebenzi: Yiba neqhayiya ngezinto ezintsha oziphumezileyo. Zibekele okunye ofuna ukukuphumeza.
Impilo: Ukuxola emphefumlweni kuza kukwenza ubesempilweni.
Imali: Ithamsanqa liza kukwenza wonwabe.
Uthando: Yothusa iqabane lakho ngokulikhuphela apho niza konwaba nobabini.
Umsebenzi: Wasebenzise amathuba okuzifumanela isikhundla esihle.
Impilo: Zola! Yitya kakuhle yaye wenze umthambo.
Imali: Lumkel' indlela oyichitha ngayo imali. Ungalibali ukuyonga.
Uthando: Ubomi bumnandi, uthando luhamba kakuhle kwaye ninako ukuzonwabisa.
Umsebenzi: Kuza kuba nomvuzo ukuba nenkathalo, ubuchule nomonde.
Impilo: Uziva unamandla yaye uyathanda ukudlala.
Imali: Lumka kuba awazi ingomso likuphathele ntoni.
Uthando: Ukuba kunye kunomvuzo. Lixesha lokucinga ngengomso.
Umsebenzi: Uza kuzuza kwizicwangciso ezitsha.
Impilo: Yenza umthambo rhoqo yaye ungakutyi kakhulu ukutya okutyayo.
Imali: Sebenzisa iingcamango ezintsha xa ufuna ukutyal' imali ngobulumko.
Uthando: Yiba nothando nenkathalo. Bonisa iqabane lakho ukuba ulikhathalele.
Umsebenzi: Zivavanye iingcamango zakho. Zithembe ukuba ziza kukusebenzela.
Impilo: Phumla ngokwaneleyo - fumana umdlalo waphandle ongawudlala.
Imali: Yabe ngokukuko imali xa ufuna ukongela ukutheng' into entsha.
Uthando: Kuphephe ukuphikisana. Vuma nokuba ungathandi.
Umsebenzi: Yenza inkqubela ngokulandela okucingayo.
Impilo: Gcina ukomelela kwakho. Kuphephe okwenza uxinzelelo lwengqondo yaye ulale ngokwaneleyo.
Imali: Uyaqiqa xa usebenzisa imali.
Uthando: Lixesha lokwaneliseka kuwe neqabane lakho. [x]
