xhosa.1533.teens
Ezolutsha
KUMNTU omtsha ukuphuma esikolweni samabanga aphakamileyo ukuya kwiziko lemfundo ephakamileyo kuza nemincili engenambaliso. Eli lixesha lokuqalisa izinto ezintsha, elifuna iinguqu ezinkulu, ukuceba kakuhle nelokwenza izigqibo ezinzima nezibalulekileyo.
Esona sigqibo siphambili kwezi kukukhetha ukuba ufun' ukufundela wuphi umsebenzi. Kule mihla lukhulu uxinzelelo lokukhetha umsebenzi ofun' ukuwufundela. Lukhulu ukhuphiswano ngemisebenzi kwaye mininzi imisebenzi onokukhetha kuyo.
Okwenza ke kubenzima nangakumbi kukuba ulutsha oluninzi lufumana isikhokelo esincinane okanye lungasifumani tu isikhokelo sokukhetha imisebenzi. Ngaphezulu alufundeli imisebenzi abanqongopheleyo abantu abayifundeleyo.
Ndiwukhetha njani umsebenzi ondifaneleyo"
Ukukhetha umsebenzi oza kuwufundela yimbopheleleko enkulu. Kwabanye kubalula ukanti kwabanye kufuneka bacingisise. Nokuba ke wena ukuyiphi imeko, xa ukhetha umsebenzi wukhethe ngobulumko ujonga izinto ozithandayo, ubuchule bakho, umsebenzi ovana nawo neemfuno zelizwe.
Xa uwufuman' umsebenzi okufaneleyo, uya kuvuka yonk' imihla usiya emsebenzini udlamkile kuba usiya kwenza umsebenzi owuthandayo.
Nguwuphi umsebenzi ondifaneleyo"
Thetha neengcali. Amaziko eCareer Information Centres, isikolo ofunda kuso nenkoliso yamaziko emfundo ephakamileyo aya kukucebisa ngendlela yokukhetha umsebenzi. Eziny' izikolo zamabanga aphakamileyo ziba nemini yokuchazela abafundi ngemisebenzi emininzi.
Iinkcukacha ngomsebenzi owunqwenelayo ungazifumana nasebantwini abawenzayo loo msebenzi. Zama ukudibana naba bantu ukuze uthethe nabo. Babuze ngomsebenzi wabo, iimeko abaphangela kuzo, uqeqesho ekufuneka ulufumane, amathuba okuwufumana, izinto abazithandayo nabangazithandiyo ngawo, uze uthelekise iimpendulo zabo nezinto ozilungeleyo.
Uwenza kakuhle umsebenzi owuthandayo, kwaye abantu abanjalo badla ngokufikelela enkcochoyini kwimisebenzi yabo.
Zazi wena
Zazi izinto ozithandayo nongazithandiyo. Zinik' ixesha lokujonga izinto ozenza kakuhle nezikubethayo, ujonge izifundo ozithandayo nongazithandiyo.
Cinga ngohlobo lomsebenzi owunqwenelayo, iimeko zawo zokusebenza nokuba unqwenel' ukwamkela malini, nokuthi uya kubutshintsha kanjani ubomi bakho.
Thetha ngezi zinto, ngamacebo akho nangezinto ongaziqondiyo nabazali, iititshala, abacebisi ngemisebenzi nabahlobo, ukuze ukhethe umsebenzi okufaneleyo, owuthandayo nozokunika izinto ozilindeleyo kuwo.
Yazi imisebenzi efumanekayo
Enye yezinto ezibalulekileyo kukujonga ukuba angakanani amathuba omsebenzi owufunayo. Imisebenzi "eqhelekileyo" iyajika kule mihla ngenxa yesayensi nobuchwepheshe, imeko yoqoqosho kunye neemfuno zabantu.
Ngoku kufuneka abantu abafundele imisebenzi ekhethekileyo, eziny' iinkampani zinabasebenzi abambalwa ngenxa yobuchwepheshe, kuvel' amathuba amatsha emisebenzi ukanti eminye iyaphela.
Zikhethele ngokwakho umsebenzi owufunayo
Ngaba unyanzelwe ngokuba ufundele umsebenzi ongawuthandiyo" Ngaba abazali okanye abahlobo bacinga ukuba bayawazi umsebenzi okufaneleyo - kodwa wena ubona ungakufanelanga loo msebenzi"
Amaxesh' amaninzi abazali abaneenjongo ngabantwana babo badla ngokubakhethel' imisebenzi emabayifundele bengajonganga ubuchule bomntwana nokuba yena unomdla wokwenza ntoni. Oku kungenza imvano ingabikho elusatsheni yaye umntwana ahlal' iminyaka imkhathaza loo nto.
Inkoliso yabantu bagqibela besenz' imisebenzi abangayithandiyo. Kuyo bonwabel' imivuzo kuphela. Ungavumeli ukuba ngomnye wabo bantu. Cingisisa ufumane noncedo ukuze wenze isigqibo esisiso.
Ukuqeqeshelwa umsebenzi
Njengoko imisebenzi itshintsha, ulutsha lwale mihla lungena kwimisebenzi oluyikhethileyo luyilungele. Wakwazi ukuba ufuna wuphi umsebenzi, qinisekisa ukuba uyawufundela. Inkoliso yemisebenzi kule mihla ifuna ube nematriki nemfundo ephakamileyo noqeqesho.
BONA XHOSA - January 2006
Ufun' ukuba yintoni"
Esinye sezigqibo ezibalulekileyo ekufuneka zenziwe lulutsha kukukhetha umsebenzi oluza kuwufundela
BONA XHOSA - January 2006
kubhale uPRIMROSE WILLIAMS
kufote abeGREAT STOCK!
Amacebiso olutsha ngemisebenzi
Pasa imatriki. Phantse yonk' imisebenzi ifuna ulwazi olusisiseko lonxibelelwano nolwemaths. Abantu abaxhome esikolweni kumabanga aphakamileyo baba nengxaki yokufumana imisebenzi nokuyigcina kunabantu abafumene imfundo ephakamileyo. Bamkela nemivuzo ephantsi ubomi babo bonke.
lCinga ngokuqhubeka nemfundo. Okukhona unemfundo ephakemeyo, kokukhona uya kwamkela umvuzo omhle.
lPhanda ngeenkcukacha zomsebenzi. Oko kungakunceda wenze isigqibo esifanelekileyo nesingakuvuza ubomi bakho bonke. Ingamawaka-waka imisebenzi ongakhetha kuyo, ngoko ukukhetha nokucebela umsebenzi kunzima kunokuba ucinga.
lWucebele umsebenzi wakho. Buza ngemisebenzi oyibona inamathuba amahle, enomvuzo omhle, nangeziny' izinto ozithandayo. Ukuwucebela kakuhle umsebenzi kuphucul' amathuba akho ngaphezulu kwenqanaba lemfundo yakho.
lZijonge izinto ozithandayo nozaziyo. Ungayeki umsebenzi owuthandayo kuba ubona bebaninzi abantu abawufundeleyo. Umsebenzi owuthandayo wufundele. Lulungele ucelo-mngeni oza kulufumana kuloo msebenzi.
lFunda ikhompyutha. Sebenzisa naliphi na ithuba lokufund' ukuyisebenzisa.
lUngayeki ukufunda. Sebenzisa naliphi na ithuba lokufund' ulwazi olutsha. Xa usandis' ulwazi lwakho, uya kuphucula ulwazi lomsebenzi wakho. [x]
