XHOSA.834.legalaug
BONA XHOSA - August 2006
Ndifun' umvuzo wam
Ndandiphangela kwivenkile ethengisa izinto zokubhala neencwadi iinyanga ezintandathu. Ndandihlawulwa ngetshekhi ndize ndiyifake ebhanki. Ibhanki ayizange ivume ukuyihlawula itshekhi yokugqibela.
Ndaxelelwa ukuba umqeshi wam akanamali yaza yabuyiselwa kum loo tshekhi. Ndathi xa ndisiya kumqeshi wam ndafika i-ofisi yakhe ivaliwe.
Ndamfumana apho akhoyo, ndathetha naye wandixelel' into yokokuba ukuthutha kwindawo akuyo kumdle imali eninzi ngoko akanamali.
Ngoku uqeshe umchwethezi omnye nomqhubi. Kodwa wandinika umvuzo wenyanga kwanesilumkiso sokuphelelwa ngumsebenzi senyanga. Wathi mandingaphangeli kule nyanga andinike ngayo isilumkiso waza akandinika imali yale enye inyanga. Ndingayifumana njani imali yam""
nguMY, eKapa
Xa uyijongisisa itshekhi uza kubona apho umsebenzi wasebhanki abhale khona la magama "refer to drawer".
La magama achaza ukuba ibuyiselwa kulowo mntu uyifakayo itshekhi xa ingekho imali kwi-akhawunti. Kuthiwa ke itshekhi ikhatyiwe yibhanki xa kunjalo.
Kufuneka uyifumane imali yakho nakanjani. Kucacile ukuba umqeshi wakho uza kuzama kangangoko anako ukubaleka ukukuhlawula.
Kufuneka ulumke kuba xa ungathathi amanyathelo asemthethweni ukumnyanzelisa ukuba akuhlawul' umvuzo wakho kwiminyaka emithathu ikhutshiwe itshekhi uza kuphulukana nelungelo lakho lokufun' intlawulo.
Ungayovul' ityala kwiSmall Claims Court okanye uthethe negqwetha likumele likhuphele umqeshi wakho iisamani.
Igqwetha liza kukuhlawulis' imali kwaye sikucebisa ukuba uye kwiSmall Claims Court ekufuphi nawe ukuze ufuman' uncedo. Thatha itshekhi ekhatywe yibhanki uyise kunobhala wenkundla umchazele ingxaki yakho.
Uza kukunceda ubhale "ileta yesinyanzeliso" echaza ngeenkcukacha zebango lakho kwanesinyanzeliso nomhla wokuhlawulwa kwemali yakho.
Yithumele ngeposi erejistiweyo ileta leyo uze ugcine irisithi.
Xa engakuhlawuli imali yakho ngomhla owumisileyo eleteni kuza kufuneka uphinde uye kunobhala umnike irisithi yeposi erejistiweyo umcele ukuba akhuphele umqeshi wakho iisamani.
Iisamani ziza kufuna umnini wevenkile ekutyalayo avele enkundleni ngosuku oluza kumiswa.
Uza kunikwa ithuba lokuchaza ingxaki yakho aze nomqeshi wakho anikwe elakhe ithuba lokuchaza isizathu sokungakuhlawuli umvuzo wakho.
Inkundla iza kumgweba umqeshi wakho imnike umyalelo wokuba akuhlawule umvuzo akutyala wona.
Xa engakuhlawuli nokuba sele enikwe umyalelo yinkundla kuza kufuneka uthabathe amanye amanyathelo omthetho ukumnyanzelis' ukuba akuhlawule.
Le nkqubo inde kodwa awuhlawuli mali xa ulandele yona ngoko ke yeyona ibhetele kunokufun' igqwetha. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
