XHOSA.818.big stars
Okuphathelwe ziinkwenkwezi kulo nyaka...
Ulumkile kwaye uthatha izigqibo ngezinto ozaziyo nonobungqina bazo. Kodwa oku kunga- thetha nokuba awuzimameli izimvo zabantu kwaye awulo dela- ngozi.
Imali: Uza kuphumelela ukuba uzimisele.
Usapho: Kungakuninzi okwenzekayo kusapho lwakho, kodwa uyakuchaphazeleka kancinci. Kukho utshintsho olungenzeka ukuba awutshatanga kwaye ucinga ngokuzimela.
Uthando: Usenokucinga ukuba isidala asilahlwa - kodwa kufanele ucingisise kakuhle phambi kokwamkela uthando lwesidala sakho kwakhona. Uthando olutsha lungathi kanti lolona thando lokwenene xa ungekatshati.
Ingqondo yakho ihlala idlamkile akumangalisi ke xa abantu becinga ukuba ukrele- krele. Kodwa akululanga ukukwazi, usoloko usenza okothusayo.
Imali: Qaphela. Thenge loo nto unako ukufikelela kuyo. Ungangeni ematyaleni kuba ufuna izinto.
Usapho: Wugade umsindo wakho. Ziyeke izinto ongangeniyo kuzo.
Uthando: Ubuhlobo bungakhokelela eluthandweni nanjengoko ubomi bakho basekuhlaleni buphucuka.
Uthando olutsha lungalolona thando lokwenene
Uyalibala, uzike emaphupheni kodwa amaxesha amaninzi izinto ozicingelayo zisuke ziyinyani kuba ukrele-krele unengqondo ekhawulezayo.
Imali: Loo nto iqale ngathi ngumthwalo onzima isenokuthi kanti sisifundo esifihlakeleyo esiza kukomeleza ukuze umelane neengxaki zoshishino.
Usapho: Okwenzekileyo kwixesha elidlulileyo kuko okukunika isikhokelo sokujongana neemeko zosapho.
Uthando: Yahlukana nokuba rhabaxa kuba bakho abaza kukhuphisana nawe ngokufunwa yintliziyo yakho. Yonwabisa uthembeke ukuba ufuna ukuphumelela.
OKUKODWA KWEBONA
Unengqondo ebukhali nekhawulezayo, ngoko kuhlala kungathi kukho ungxamiseko kwindlela ocinga ngayo. Uzithembile kwaye uyakhawuleza ukwenza. Ukulungele ukwenza izigqibo ezikhawulezileyo ufune neziphumo kwangoko. Iimbono zakho zintle, kodwa zifuna uzicwangcisise.
Imali: Intsebenziswano iza kuba nenzuzo. Ixesha libalulekile kwaye kufuneka ucwangcise yonke into.
Usapho: Ungakwazi ukumelana nosapho lwakho ukuba nje uthoba umoya. Utshintsho oluzayo loluhle. Obathandayo bafuna udlake indima yokuba ngutitshala ubakhokele.
Uthando: Ukuzithemba kwakho ngakumbi kuza kukwenza uphumelele eluthandweni.
Nangona unakho ukuzakhela imifanekiso-ngqondweni, uzimisele ukulibona ilizwe linjengokuba linje. Kunqabile ukuba ungabi nasigqibo usithathayo okanye ubhideke. Kodwa usuka ulumke kakhulu.
Imali: Zuza izincomo nezikhundla ngokuzibonakalisa ukuba unesakhono kwaye usemandleni. Sebenzisa italente yakho eyodwa ukuzenzela imali.
Usapho: Kwenzeka izinto ezingalindelekanga, abantu abakugqongileyo benza izinto ezingafani nabo. Kodwa wonke umntu ugqibela ngokonwaba.
Uthando: Ubomi bakho basekuhlaleni buyathembisa,zindaba ezintle ke ezo xa ufuna uthando. Ukuba unaye umntu oncuma naye iholide ingangumbono omhle.
Usoloko uzimisele ukufunda, noxa abanye abantu bekubona ngathi uthanda ukuzifaka. Ungumntu ongahoyiyo kwaye uthanda ukwenza izinto nje kuba zisenziwa ngabantu.
Imali: Lindela iziphumo ezihle kulo nyaka kwaye inzuzo oza kuyifumana emva kwemizamo yakho yebonakalayo.
Usapho: Cinga ngeemfuno zosapho lwakho xa usenza izicwangciso zakho. Bazise ngezinto ofuna ukuzenza.
Uthando: Uza kuba nabahlobo abaninzi ube nomtsalane. Zibandakanye nephulo lokunceda abahluphekayo ukuba ufuna abantu bakuqaphele.
Ukrele-krele, umsebenzi wakho uyancomeka, unemibono kwaye uyakhathazeka. Iingcinga zakho zisoloko zihamba neemvakalelo zakho unayo nentliziyo encinci.
Imali: Abantu abanefuthe bangakunceda uphumeze amaphupha akho.
Usapho: Thetha ungafihli nto kuba inyani iyanceda. Wena nosapho lwakho kufuneka nincedane lonke ixesha.
Uthando: Kulo nyaka uthando luza kufikelela kuvutho-ndaba. Zimisele ukonwabisa ukuze ube nomtsalane ngokumangalisayo.
Wonwabile kwaye unobubele, waziwa ngokuba krele-krele. Uyazama ukuzenza umntu ozithembileyo, kodwa maxa wambi wenza ngaphezulu kokuba unakho. Abanye abantu bangathi uziphakamisise - noxa unentliziyo entle.
Imali: Uza kuwonyusa umrholo wakho kodwa ulumkele ukuba neentshaba ngenxa yokuba namaphupha nokusoloko ukhuphisana nabantu.
Usapho: Zilungisele ukudlala indima yakho ekusombululeni iingxaki zasekhaya. Usapho lwakho luza kufuna inkxaso yakho, kwaye kufuneka wehlise umoya xa kukho uxambuliswano.
Uthando: Musa ukulibazisa xa kukho umntu omthandayo.Uza kuzisola!
Abantu abanefuthe elivakalayo bangakunceda uphumeze amaphupha akho
Uyakwazi ukusombulula iingxaki kuba unengqondo ekwaziyo ukuhlalutya iimeko. Kodwa ulumke ungagxeki kakhulu ude ube nolunya.
Imali: Xa usebenzisa okwakho ukucinga ukudibanise neengcebiso zabantu abaphumeleleyo, ungaqhuba kakuhle kwezoshishino.
Usapho: Uza kufumanisa ukuba abona bantu baluncedo zizihlobo zakho. Mamela iingcebiso zabo ngokuqinisekileyo uza kufunda lukhulu.
Uthando: Yenzela impumelelo. Phucula unxibelelwano phakathi kwakho neqabane lakho. Ncama ezinye izinto ukuze uzongezele amanqaku.
Ixesha elininzi wonwabile, kodwa uyadikwa xa izinto zingahambi ngendlela yakho.
Imali: Gada ithuba lokuqala into entsha. Phatha imali yakho kakuhle maxesha onke.
Usapho: Yenza usapho lwakho lukuqonde ukubaluleka kobomi bosapho. Yiba ngumzekelo, uza kuyifumana intsebenziswano.
Uthando: Kungekudala kuza kutyhilwa konke kuwe nanjengoko ubuzibuza ukuba uphi kanye kwezothando.
Noxa ukwazi ukubona izinto ngobunjalo bazo, awukulandeleli ukuqonda kwakho kangangokuba endaweni yokuwasebenzisa amathuba akho usuke ubuy' umva. Ungumntu ozifunayo kwaye uyaqwalasela, ucinga nzulu ngezinto ezikukhathazayo.
Imali: Uza kufumana enye imali esuka kwindawo entsha. Uzame ukungabaxi xa uthenga.
Usapho: Chitha ixesha elininzi nosapho lwakho. Nonophela abadala uze ukhuthaze abancinane ukuba bafunde.
Uthando: Xa ungenamntu, uza kuba nomdla kumntu oza kukuqonda ngokukhawuleza.Ukuba unomntu ceba uhambo oluya kwindawo ekude.
Unengqondo ephangaleleyo kwaye onenzondelelo, usoloko ufuna ukuphumeza amaphupha akho nokuba imeko ithini na.
Imali: Cwangcisa ngobulumko wenze izinto ngenjongo eyiyo. Ungazuza lukhulu kwiingcebiso nentsebenziswano.
Usapho: Lindela utshintsho. Mazipheliswe indlela zokwenza zakudala kwaziswe imithetho emitsha ekhayeni.
Uthando: Lindela ulonwabo nezinto ezininzi. Ikho indibano eza kukuvuyisa. Xa ungenamntu, ungafumana umntu oza kukutshata. [x]
