xhosa.810.gardening
ISITIYA SAKHO
Iindlela zokulwa
nezinambuzane
Yonga imali ngokuzenzela ezakho izitshizi zokubulala izinambuzane ezingatshabalalisa izityalo zakho
AYINGUWE wedwa ofuna ukutya izityalo ozilimileyo. Zininzi izinambuzane ezibona isitiya sakho njengendawo ezingafumana kuyo ukutya.
Ukunqanda oku kungenzeki ungazikhathazi ngokuthenga iityhefu zexabiso ezivenkileni.
Ungazenzela owakho umxube wokubulala izinambuzane usebenzisa izinto eziqhelekileyo ezisoloko zikho ekhaya. Awuzukonga imali nje kuphela, kodwa uza kuba nezitshizi ezingenabungozi kwiintaka, amasele nezinye izilwanyana eziphila ngokutya izinambuzane ezikuncedayo ekukhuseleni igadi yakho.
Ofanele ubenako
Ukuze uqale kuza kufuneka:
Ipheyile ecocekileyo.
Imbiza endala. (Eza kusetyenziselwa ukwenza le tyhefu kuphela, kuba ezi zinto ziyingozi!)
Ukhuni olude olungangerula yesikolo.
Ibhotile yesitshizi. (Ibe yeyeplastiki esebenziseka kaninzi, ezi bhotile ziyafumeka ezivenkileni ngexabiso eliphantsi.)
Ulumke
Xa usoloko uyisebenzisa into, uyayiqhela uze ungayihoyi. Zikhusele wena nosapho lwakho:
Zihlambe rhoqo izandla zakho emva kokuyisebenzisa ityhefu.
Beka izitshizi kwindawo abantwana abangenako ukufikelela kuyo.
Ungayigaleli kwiibhotile zeziselo, ukuze umntwana angacingi ukuba sisiselo.
Ngoku ulungele ukuxuba. Kwitshathi yethu uza kufumana "iiresiphi" ezisixhenxe ezinako ukubulala izinambuzane ezininzi ezingatshabalalisa isitiya sakho. [x]
Umbhali: Thandi Zulu
Isuka: West Park Permaculture Development Centre and the Woolworths Trust EduPlant Programme
KHETHA ITYHEFU OZA KUYISEBENZISA
Khetha kwezi zitshizi esiza kukusebenzela ukutshabalalisa esona sinambuzane sikuhluphayo esitiyeni sakho
EYENZIWE NGESEPHA!
Tshiza amagqabi/imifuno ukuze ugxothe iimpethu, iileafcutters, iimealy bugs, amangolwane neewhitefly.
Thatha isitena sesepha eluhlaza usike igaqa elingangobhontsi wakho ubude.
Yigreyithe (okanye uyisike ibe zizilayi ezibhityileyo).
Yifake kumanzi angangelitha inyibilike.
Galela umxube kwibhotile yokutshiza.
ICEBO: Isepha ungayifaka nakwesiphi
isitshizi kwezi ziza kukhankanywa
ngezantsi - isepha iwenza umxube wethyefu wakho ubencangathi uncamathele emagqabini ezityalo zakho, utshize ngakumbi ngaphantsi, ukuze ugxothe izinambuzane.
.
EZIBULALA ZONKE!
Yityhefu eluncedo egxotha izinambuzane ibulale esele zihleli ezityalweni.
Nqunqa igaqa elinye letswele nelegarlic uzinqunqisise kangangoko. Galela icephe lecayenne pepper.
Faka kwingxowa yama-orenji.
Yibophelele elukhunini uze ulubeke luxwese emlonyeni wepheyile enamanzi agcweleyo untywile ngaphantsi umxube (njengoko kubonisiwe emfanekiso). Isaka lingafiki emazantsi epheyile! Ntywilisa ubusuku bonke.
Lisuse isaka - eyona nto ifunekayo yile ishiyeke emanzini.
Thatha umlinganiselo omnye wetyhefu uwuxube namanzi aphinda lo mlinganiselo kahlanu. (Umzekelo, xa kuyikomityi enye yomxube, galela iikomityi ezintlanu zamanzi.)
ICEBO: Tshiza yonke imihla xa zikukhathaza kakhulu izinambuzane.
UMGUBO WOKUFA!
Le ibulala zonke izibungu zekhaphetshu. Xuba uthuthu lwamaplanga olugcwala isandla nezandla ezibini zeflawa nesiqingatha sekomityi yetyuwa. Yimvumvuzele phezu kwamagqabi ezityalo.
EYENZIWE NGECHILLI!
Igxotha izinambuzane ezityalweni.
Faka isepha, izitompi zecuba, umgubo wechilli negarlic etyunyuziweyo epheyileni elinamanzi.
Zamisa ngokhuni.
Xa idibene, galela kwibhotile yokutshiza.
ICEBO: Tshiza rhoqo emva kweentsuku ezimbini kwiindawo ezinengxaki de kuphele iveki kodwa ungazimanzisi kakhulu.
EYENZIWE NGEGARLIC!
Ibulala iintwala zemithi, iicabbage white amabhabhathane, imibungu, iingcongconi, iminyiki nemibundane.
Faka izilayi zesepha ezi-3 ukuya kwe-4 emanzini asisiqingatha selitha.
Galela isandla segarlic enqunqiweyo netisphuni yeparafini.
Ziyeke zihlale iiyure ezingama- 48.
Wuhluzele ebhotileni umxube ngelaphu.
Zalisa ibhotile yokutshiza ngamanzi, uze ugalele itispuni ezimbini zomxube.
ICEBO: Ingasetyenziswa ukunyanga umngundo, amagqabi anamachokoza, imbotyi ezibolayo nomtshaza.
Iintwala zemithi zibulaleka lula ngokusebenzisa iTyhefu eyenziwe ngesepha okanye eyeGarlic!
ISWITI KODWA IYABULALA!
Iza kubulala i-adult spider mites namaqanda azo kuba zogqunywa ngulo mxube uncangathi zirhaxwe.
Xuba itispuni yebuttermilk nesiqingatha sekomityi yeflawa.
Galela iilitha ezimbini zamanzi.
Galela lo mxube kwibhotile yokutshiza.
ICEBO: Le tyhefu ingagcinwa efrijini - khumbula ukubhala ibhotile yayo ngokucacileyo ivalisiswe.
EYENZIWE NGESOLISI!
Iphilisa izityalo ezigulayo namagqabi asele eqalisa ukubuna.
Nyibilikisa ama-50g e-Epsom Salts (magnesium sulphate) kwiilitha ezine zamanzi.
Yifake ebhotileni uze utshize kwizityalo ezinengxaki.
ICEBO: Amagqabi atyheli axela ukuba izityalo zakho zifumana ichemical magnesium engonelanga emhlabeni. Cinga nangokuwutshintsha umhlaba eso sisisombululo sexesha elide.
UMLINGO OMHLOPHE!
Ikhusela izityalo kwitomato mosaic, amangolwane, nezibungu zeetumato.
Ngxenga umlinganiselo omnye wobisi okanye amasi ngamanzi angumlinganiselo ophinda lo kali-9.
ICEBO: Senze ngokutsha isitshizi qho xa uza kusisebenzisa
Izibungu zingazitshabalalisa iintyatyambo zakho nemifuno ngokukhawuleza.
SIKA IKHASI ULIGCINE
