xhosa.79.boss
Uphekel' amatheko!
Ziqeshe ngokwakho
Ukulungiselela nokuphekela amatheko ohlukeneyo lishishini elinomvuzo...
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
UDOREEN Ngcobo owadendwa kwibhanki owayephangela kuyo, wagqiba ekubeni axoze mphini wumbi ukuze abenento aza kuziphilisa ngayo. Wavula iD's Décor elungiselela yaye iphekele amatheko ukususela kwiipati ezincinci zomhla wokuzalwa kuse kumatheko karhulumente anabantu abangaphaya kwe-1 500.
UDoreen ufundise nolutsha lwasekuhlaleni ukuphakela abantu kwaye uqesha lona xa ephekel' amatheko.
Ingaba uyakonwabela ukuziqesha ngokwakho? "Ndikonwabela gqitha. Ndiyawuthanda umsebenzi wam, ngoko andiziboni ndisenza nto yimbi," utshilo.
UKUQALISA
UDoreen uthi kufuneka ukuthande ukupheka nokunika inkonzo esemgangathweni.
Emva koko jonga ukuba ikhona na imfuneko yeshishini lokupheka kwingingqi yakho.
Licebo elihle nokuya kufumana uqeqesho xa unako. Amaziko amaninzi emfundo ekuthiwa ziiFET (Further Education And Training) anezifundo zokupheka ongazenza imini yonke okanye ngamaxesha athile.
"Kubalulekile nokwenza izifundo zokuqhuba ishishini kuba kuyakunceda ukwazi ukubala imali yeshishini lakho," utsho uDoreen.
Qala ngeshishini elincinane uze ukhule ngokukhula. Impazamo enkulu eyenziwa ngabantu kukuthenga kakhulu bengekafumani nzuzo baze bonganyelwe ngamatyala.
"Mna ndaqala ndineepleyiti ezingama-50 neeglasi ezingama-30. Ngoku ndineeglasi ezingama-500, iipleyiti ezingama-350 nezitulo neetafile ezili-100. Zonke ezo zinto zezam andinatyala lazo."
Kwasekuqaleni ke kufuneka ube nestovu nefriza enkulu.
Xa unika ixabiso lomsebenzi oza kuwenza qinisekisa ukuba uyabalisisa, ukususela kwiswekile kuse embaneni - uyaqhela ukubala ixabiso lakho ngokuya ufumana imisebenzi.
Ukuze liphumelele ishishini lakho kufuneka uligcine ixesha ukuze bangakubaleki abaxumi bakho.
UKUZAZISA EBANTWINI
Ukuzibhengeza kumaphepha-ndaba kungakutyabul' imali entle, kodwa zikhona eziny' iindlela zokwazisa ngeshishini lakho.
Cela umhlobo onekhompyutha akwenzele amaphepha achaza ngeshishini lakho uwancamathisele eziholweni zoluntu, kwiivenkile zasekuhlaleni, kwithala leencwadi, eklinikhi naseposini.
"Kuyanceda nokuba namakhadi achaza ngeshishini lakho. Awam ndiwabeka kwiitafile endizilungisele itheko endiliphekelayo.
"Kuyanceda nokuva ngomlomo kwabantu ngeshishini lakho. Xa unike inkonzo engenachaphaza, abantu bafuna wena uphekele amatheko abo, ukanti baxelela nabanye ngawe," utsho uDoreen.
IMALI OYIFUMANAYO
Imali oyenzayo ixhomekeka kubukhulu bamatheko owaphekelayo nokuba uphekela amangaphi ngenyanga. Umzekelo, xa uphekel' amatheko amancinci, ungenza imali ephakathi kwe-R3 000 ne-R5 000 ngenyanga. Iinyanga ongafumananga msebenzi ngazo zivalwa zezo wenze ngaphezu kwe-R10 000 kuzo. [x]
Ukuze ufumane amacebiso nenkxaso yokuqala ishishini lakho, qhagamshelana neSEDA (Small Business Development Agency), tel: 0860-103-703; okanye uvule iwebsite ethi: www.seda.org.za.
BONA XHOSA - February 2008
BONA XHOSA - February 2008
EKUGQIBELENI EKHOHLO: UDoreen uyakuthanda ukuziqesha ngokwakhe, ulungiselela amatheko anabantu abali-1 500!
EKHOHLO: "Kufuneka ukuthande ukupheka," utsho uDoreen.
NGASENTLA EKHOHLO: Abalungele ukuphaka (ukusuka ekhohlo) nguNu Ngubane, uNonhlanhla Ntombela noDoreen.
NGASENTLA EKUNENE: UDoreen akapheki kuphela, uhombisa nendawo elikuyo itheko.
