xhosa.799.cover (lira)
ULOYIKO
Jonga
BONA XHOSA June 2008
RHOQO ngenyanga uLira oyimvumi ephambili kweli wenza into ayoyika kakhulu. Phakathi kwezo zinto kukudada kumlambo iZambezi. Ukhe watsiba kwindawo engamawa kanti kulo nyaka uceba ukuhla kwinqwelo-moya ngephenyane. "Andingomntu uthanda udelo-ngozi kodwa xa ndigqibe ekwenzeni into ndizijul' ijacu," itshilo le nzwakazi inama-29 eminyaka ubudala.
Yiloo nto ke engazange acinge kabini ngokulahla umsebenzi wakhe ophambili kwicandelo lezimali waya kuba yimvumi, waza wafumana negama likaLira. Kaloku igama lakhe lokwenene nguMoipane Lerato Molapo yaye wazalelwa eWattville ekuRhuleni.
"Abazange bayiginye kakuhle abazali bam into yokulahla kwam umsebenzi. Ndandiwukhethe loo msebenzi kuba ndandiqhuba kakuhle kwi-accounting esikolweni. Abazali bam ke babengayiva eyokuba nomntwana okwezolonwabo."
Kodwa iimpawu zokuba uLira unesiphiwo sokuba yimvumi babefanele bazibone xa waphumelela kwicandelo leBest Performance neleBest Song kukhuphiswano lokufuna ulutsha oluneziphiwo zokucula ngengoma owayezibhalele yona eneminyaka eli-16. Ngelo xesha kowabo kwakuseDaveyton neyindawo eyaziwa ngokuvelis' oophopho emculweni weli. "Kulapho ndaqala khona ukubona ukuba ndiyawuthand' umculo. Abantu babendincoma nabo besithi ndinelizwi elimnandi," utsho uLira.
Kodwa eso siphiwo akazange akungxamele ukusisebenzisa. "Ndikholelwa ekubeni umntu uneziphiwo ezininzi, qha uphumelela kweso amilisel' ingqondo kuso. Mna ndiyakwazi nokwenza umsebenzi wezandla nokuzoba. Nokuba ndiyacinga ngemisebenzi, ndibona ngathi ndandiya kuqhuba kakuhle ekubeni ngumzobi wezakhiwo kunokuba ngumphicothi weencwadi zemali. Kodwa andithethi kuthi ndafeketha ngexesha ngokwenza ezo zifundo. Kaloku kubalulekile ukuba njengemvumi ndikwazi ukuziphicotha izinto. Oko kuza kundinceda nakwimicimbi yoshishino yomsebenzi wam.
"Ndikhuthaza neziny' iimvumi ukuba zenze izifundo ezifuna uphicothe izinto njengezomthetho okanye ezokuphath' imali ukuze zingemi ngento enye."
Nangona kunjalo izinto azikhange zimhambele lula uLira. Emva kokulahla umsebenzi wakhe wancedwa ngumhlobo wosapho wangena e-999 Music ka-Arthur Mafokate ngo-2000.
Ngelo xesha le nkampani yayifuna ukuba neemvumi zeR&B, kodwa alizange libe nampumelelo ingako elo phulo. ULira walikhupha icwecwe lakhe elithi All My Love emva kweminyak' emithathu ngo-2003. Alizange lithengwe kangako kwaye wayenamaxesha okungabinayo imali yokuhlawula iindleko zakhe.
"Ndandikhe ndizibuze ukuba 'ndandiwuyekela ntoni umsebenzi wam?'. Kaloku akukho ndlela imiselweyo yokuphumelela emculweni njengokuqeqeshelwa ukuba ngugqirha uze wamkele izitywentywe zemali emva koko.
"Kwakufuneka ndithwale uxanduva lobomi bam, ndazi ukuba inkampani eshicilela amacwecwe iyandixhasa nje ngekwenzayo. Oko kwandikhulisa njengemvumi, kwandenza ndawubona umculo njengeshishini, hayi njengento yokuzonwabisa."
Mkhulu umahluko phakathi kokwenzeka eMzantsi Afrika nesikubona kwiTV kusenzeka emculweni e-US naseYurophu. "Iimvumi zakhona zenza izigidi emculweni, awunakuyifumana loo mali kweli. Apha kufuneka ubile usoma ungabinexesha lokuhlala nje uvuyele ukuba uvele kwiTV. Oko ke kuthetha nokuba kufuneka ungayidyakazi imali, ucingele ingomso ubahloniphe namalandeli bakho."
Ngo-2006 utyikitye isivumelwano sokushicilela kwaSony BMG Waza wakhupha icwecwe lakhe elithi Feel Good nekuligama lengoma ephambili elo.
Ikhe yasenkcopheni kumanqwanqwa eMetro FM, izuze iMTN Record Of The Year, iSAMA Video Of The Year neMetro FM Best Jazz Album.
Imbonakalo entsha yokuba neenwele ezimfutshane yenze uLira wachongelwa iphulo lanyakenye lefashoni leSensational South African ngabakwaWoolworths.
"Ndiyithanda kakhulu ifashoni yaseMzantsi Afrika kuba ayinamiqathango yaye ayinaxesha. Ndincediswe ngabathungi beli ekutshintsheni imbonakalo yam kwaye ndiyayithanda indlela abasebenzisa ngayo imibala. Iyenye indlela esibhiyozela ngayo ubuntu bethu.
"Xa ndiphesheya kuyandinceda ukuba yintombazana entsundu enesiqwana nebukekayo enxibe iimpahla ezintle. Abantu babona ngeempahla zam ukuba ndingowaseMzantsi Afrika kwaye ndiyayithanda loo nto. Bancokola nam ngeempahla nangembonakalo yam."
Ngoku akasenazo iinwele ezinde ezibreyidiweyo.
"Ekuqaleni ndandisoyika ukutshintsha imbonakalo yam, kodwa emva kokuyenza ndazibona ndibuyele kwimbonakalo yam yokwenene. Abantu bayayithanda kwaye nam ndiyithandela ukungasokolisi. Ngoku ndiyakwazi ukulinga nokuba yintoni ndifaneleke, kanti ndandicinga ukuba ayizukundivumela ndinxibe nantoni na."
UTHI akakuqeqeshelwanga ukudlal' izixhobo zomculo. "Ndizidlala ngokumamela ngendlebe. Xa ndandisenza icwecwe lam lokuqala ndandiziva entloko izandi zezixhobo zomculo kodwa ndingakwazi ukuzichazela iprodyusa yam okanye abantu endicula nabo.
"Njengokuba ndikwazi ukubeth' ikatala nepiyano, oko kuvala isithuba phakathi kwam neemvumi eziwufundeleyo umculo. Ngoku ndicula kamnandi kwaye ndiqhagamshelana lula nabantu abandikhalisela izixhobo zomculo."
ULira akakhange abe nangxaki ngokuthi pahaha ubomi bakhe bothando. "Ndinaye umfana womlungu endincuma naye ogama linguRobin Kohl. Nguye oprodyuse icwecwe lam lokugqibela neli litsha.
"Sineminyak' esibhozo sisazana kwaye sineminyaka emine sihlala ndawonye."
Bahlala kumzi oseRandburg, eJohannesburg, neekati ezimbini nezinja ezimbini ezinkulu yaye uLira uthi "zonke zimnyama".
"Ndiyayithanda iyadi enkulu yomzi wethu kuba indenza ndizive ngathi andihlali edolophini. Ndizihlalela ekhaya
xa ndifuna indawo enenzolo.
"Ayikho into endingakhalaza ngayo kuba izinto zindihambela kakuhle kulo nyaka. Ndizibona ndisikelelekile. nobomi buhamba kakuhle."[x]
emehlweni
ULira oyimvumi ye-Afrofusion uthi ufanele uyenze into nokuba uyayoyika, kwaye naye wenza loo nto kanye . . . Kubhale uPatricia McCracken, kufote uIvan Naude, iinwele nolungiso-buso nguNthato Mashishi, umnxibisi nguMarina Walsh
IKHAVA YEB0NA
ULira usenkcopheni yehlabathi emva kokukhupha icwecwe lakhe kwikomkhulu lefashoni lase-Italy, iMilan, aze emva koko antingele eFiji ayocula khona.
Iimpahla: Truworths; izihombo: Attitude
Kukho izinto ogqitha kuzo ebomini ezikwenza womelele.
Kwandiphoxa kakhulu ukuba mdala ndibe ndingakwazi ukuhlawulela iindleko zam. Ndandizibona ndidlala ngeminyaka yobomi bam kungekho mvuzo ndiwubonayo. Kona ndandingabuyela emsebenzini wam osisigxina, kodwa ndandingafuni ukuthi sendineminyaka engama-40 ndicinge ukuba, "Ndaphantse ndawufeza umnqweno wam."
Ndandifuna ukwenza into endandizimisele ukuyenza. Ndakhe ndazibona ndilahlekile ndinoxinzelelo lwengqondo kodwa ngoku ndizibona ndiphumelela emva kokusebenza nzima.
Ndiqale ukubona into endiyenzayo mhla ndayeka ukuzibona ndilixhoba elilindele ukwenzelwa izinto. Maxa wambi izinto ezimbi ezenzeka kuwe zezona zikuvusayo. Into enzima kukufezekisa umnqweno wakho kuba kufuna ubenomqolo."
NDITSALE NZIMA
BONA XHOSA June 2008
Iimpahla: Edgars; izihombo: Attitude; iibhutsi: Woolworths
BONA XHOSA June 2008
NGECWECWE LAKHE
ULira ugqibezela icwecwe lakhe elitsha eliza kuphuma ngomhla woku-1 kuSeptemba. Iingoma ezikulo zibhalwe nguye zonke ngaphandle kwezimbini, kwaye usebenzisana noRJ Benjamin, owabhala ingoma ethi Iris kwicwecwe lakhe elithi Feel Good. Xa besincokola ubebhal' ingoma ethetha ngokuba mnandi kokuhlala eMzantsi Afrika.
"Ndinqwenela abantu bade bazive ezi ngoma. Ndiza kuzidlala ezinye kwiikhonsathi zam," utshilo. Naku ongakulindela kweli cwecwe...
sisekho isingqi seLatin American njengakwicwecwe lakhe elithi Feel Good.
Lindela neengoma ezichukumis' umphefumlo ezinesingqisho sase-Afrika esifana nesikaLetta Mbuli."
Zikho nezabantu abathanda ukujuxuza, eziphenjelelwe "kukujuxuza kwabantu kwiikhonsathi zam bebonisa ukuba bonwabile."
IKHAVA YEB0NA
Iimpahla: Truworths; izihombo: Attitude; izihlangu: zezikaLira
