xhosa.797.fuel
IBONA iyaphanda
SIKHE sive ngabantu baseMiddle East ababa nethamsanqa kwafunyanwa i-oli emhlabeni wabo - kwaye ngoku bazezi zingawothiyo umlilo izinhanha.
Ukanti abantu abanamashishini athengisa ukutya okuphekiweyo baza kuba zizinhanha ze-oli nabo kuba anecooking oil eninzi esebenzileyo.
Icooking oil esele isetyenzisiwe ingaba ngamafutha ezithuthi kwixa elizayo...
"Sele ndiqhube imoto yam eyiMercedes-Benz 300D ka-1980 umgama oziikhilomitha
ezili-100 000 ngaphandle kwamagingxi-gingxi," utsho uRoy Dibley waseKapa.
"Icooking oil ithambisa bhetele kunedizile eqhelekileyo yaye yenza iinjector pump ingangxoli," utshilo.
"Icocekile kunjalonje - ungayisela xa uthanda!"
Akukho lula ukugalela la mafutha kwisithuthi sakho kuba awuwathathi epanini yokuqhotsa uwagalele kwisithuthi sakho.
Kufuneka uwasefe kuphume konk' ukutya ukuze acoceke. La mafutha wona atyebile kunedizile eqhelekileyo ngoko kufuneka enziwe alungele ukugqitha kwimibhobho nee-injector akwazi ukufikelela kwinjini.
Zimbini iindlela zokwenza le nto; ungawafudumeza amafutha ukuze abe lula ngaphambi kokuwagalela kwinjini, kungenjalo ungagalela ezinye izinto eziza kuwenza lula uwaxube nazo.
UDIBLEY usebenzisa le ndlela yokuqala yena. Uthengisa ikit exabisa i-R5 000 yaye inetanki encinci yokugalela amafutha eligcina idizile eqhelekileyo yokudumisa imoto, isifudumezi esifudumeza amafutha xa esiya kwinjini esuka kwitanki enkulu kunye neqhosha lokutshintsha la mafutha mabini xa usendleleni.
"Xa udumisa imoto kusasa sebenzisa idizile eqhelekileyo. Usakuhamba umgama oziimitha ezingamakhulu ambalwa utshintshele kwitanki enkulu yamafutha aza kuba sele efudumele ngokwaneleyo," kuchaza uDibley.
Xa uyipaka imoto yakho ngokuhlwa yibuyisele kwidizile eqhelekileyo imizuzu embalwa ngaphambi kokuba uyipake ngokupheleleyo ukuze icoceke imibhobho ukulungiselela intsasa elandelayo.
UDibley uyiqhube imoto yakhe esuka eKapa esiya eNamibia naseMozambique waphinda wabuya esebenzisa amafutha amadala yaye uthi uhambo lwakhe alubanga namagingxi-gingxi. La mafutha uwaqokelela kwiindawo ezithengisa ukutya okuphekiweyo aze awasefe ngobunono ngaphambi kokuzalisa ngawo itanki yemoto yakhe yamafutha. Akukho msebenzi ungako uwenzayo usakuyifaka emotweni yakho ikit.
UDRIES Joubert ongumfama yena uthanda ukuzenza ngoluny' uhlobo yena izinto - utshintsha amafutha ukuze alungele imoto yakhe, akatshintshi imoto ukuze ilungele la mafutha.
Nangona inzima le ndlela enza ngayo kodwa xa sele ukwazi ukuyenza ngokukuko inkqubo yakhona iyakhawuleza.
"Ndiqala ndiwasefe la mafutha ndize ndiwenze lula," utsho uJoubert.
Zininzi iindlela zokuyenza le nto kodwa abantu abaninzi abenza ibiodiesel kwihlabathi benza umlinganiselo othile wemethanol necaustic soda oza kubumbanisa ukukhabana kweekhemikhali xa zidityaniswa.
Emva koko amafutha ayohlulwa kulo mxube aze athi esakuyondelelana agalelwe kwitanki yemoto yaye emva koko ungawasebenzisa ngaphandle kokuwafudumeza.
"Ndisebenzisa la mafutha amadala emotweni yam yaye andinangxaki," utsho uJoubert. Uwasebenzisa nakwiBMW 320 diesel sedan yakhe.
Abakhi beemoto abafuni kusetyenziswe amany' amafutha kwezi moto kodwa uJoubert akanaxhala.
"Yimoto yam le. Ndim oyisebenzisayo ndilinge la mafutha yaye andiboni mahluko kwindlela esebenza ngayo," utshilo.
UNGAYISEBENZISA icooking oil engazange isetyenziswe uze uyixube nezinye iikhemikhali okanye usebenzise le ndlela kaDibley yokuyifudumeza. Kodwa ungagqibela sele uchith' imali eninzi xa usebenzisa amafutha angekasetyenziswa kuba iyi-R5,50 ibhotile uphinde uthenge neekhemikhali zokuwalungiselela ukuba angene kwinjini.
Ikhuseleke kangakanani imoto yakho kula mafutha"
IBONA iqhagamshelane noNjingalwazi Kevin Bennett, oyingqonyela yeEnergy Research Institute eUniversity Of Cape Town.
"Luninzi uphando olwenziwa ngoo-1970 ngokusetyenziswa kwamafutha okupheka kwiinjini zeemoto. Ingxaki ngala mafutha kukuba kungakho icarbon kwii-injector zenjini yakho.
"Xa imoto yakho inengxaki umvelisi wayo akanakukunceda - akukho inshorensi ingakunceda.
"Ndicebisa ukuba xa ufuna ukusebenzisa la mafutha uwadibanise nedizile ungawasebenzisi wodwa.
"Qala ngokusebenzisa i-25 phesenti yamafutha okupheka ubone ukuba ayiphatha njani. Xa eyiphatha kakuhle yinyuse ibe yi-50 phesenti.
"Andiqondi ukuba ukho umonakalo ongenzeka kwinjini yakho ngaphandle kokwakheka kwecarbon kwiiinjector.
"Kodwa kwezi njini zintsha ezifakelwe ielectronic injection systems ndingaba nexhala lomonakalo ongenziwa ngala mafutha. Xa ufuna ukusebenzisa icooking oil ndikucebisa ukuba uhlale unento yokubulala ivumba kuba imoto yakho ingagqibela sele inuka ngathi yivenkile ethengisa intlanzi neetshipsi!" [x]
'Ngolwazi oluzeleyo qhagamshelana noRoy Dibley: 083-228-9423; web: www.veggiemobile.co.za;
Dries Joubert: 015-297-3749.
BONA XHOSA - October 2006
Udikiwe
kukunyuka kwepetroli umhla nezolo" Uyafuna ukuzalisa itanki yemoto yakho ungakhange uhlawule nepeni" Nasi isisombululo esiza kukongela imali - xa isithuthi sakho sihamba ngedizile
kuphela...
Ngaba la ngamafutha ezithuthi angomso"
kubhale uGAVIN FOSTER
BONA XHOSA - October 2006
Kutheni ndingakwazi ukusebenzisa amafutha xa ndinenjini yepetroli"
Iinjini zepetroli zinoxinzelelo oluncinane kuneenjini zedizile ngoko ke zifuna umbane ukuze zikhuphe iintlantsi kwiispark plug zize zilayite umxube wepetroli nomoya.
Idizile inamandla ngaphezu kwepetroli kodwa iinjini ezilungiselelwe idizile zinoxinzelelo olumandla.
Ukutsha kwenzeka xa amafutha okanye umxube we-oksijini unoxinzelelo olukhulu uze utshise uvuthe ngaphandle kweespark plug okanye umbane. Xa wakhe wayisebenzisa ngamandla impompo yebhayisikile uza kubazi ubudlelwane phakathi koxinzelelo nobushushu.
Iinjini zedizile zisebenzisa nawaphi na amafutha atshisayo yaye eyokuqala eyakhiwa nguRudolf Diesel ngo-1895 yayihamba nge-oyile yamando-ngomane.
Ezale mihla iinjini zedizile kwihlabathi jikelele zihamba ngamafutha athatyathwe kwirape seed oil, isunflower seed oil, ipeanut oil, ipalm oil, iparafini ne-oli endala yenjini.
Ngenxa yokunyuka kwenkxalabo yokufumaneka kwamafutha ayesetyenziswa mandulo afumaneka phantsi komhlaba sele kulinywa izityalo zokwenza ibiodiesel - la ngamafutha ezithuthi enziwa ngamafutha emifuno.
