xhosa.1361.teenaug
Izoluleko zikaFat Charlie
Abanye abantu bakubona uxabisa imali eninzi - nasi isizathu saloo nto...
UMZANTSI AFRIKA omtsha ugqiba iminyaka eli-13 kulo nyaka ka-2007, kwaye oko kuthetha ukuba "awusemtshanga" kwaphela nokuba singalindela iingxaki kwixesha elizayo kuba sonke siyazi okwenzekayo nasemntwini xa ekule minyaka ubudala.
Kodwa ke ezo ngxaki masiziyekele kwiinkokeli zopolitiko. Ngenxa yeso sizathu ke uFat Charlie ubone ukuba kule nyanga makathethe ngokuba kuthetha ukuthini ukuba ngumntu omtsha.
Siphila kwixesha apho ulutsha lulolona lubekwa phambili - kwaye igama elithi "ulutsha" lisoloko lisemlonyeni. Imiba esoloko isezindabeni yethi: ulutsha neziyobisi; ulutsha nezifo ezisulelwa ngesondo; ulutsha nokulukuhlana kwalo; ukukhulelwa kolutsha; njalo-njalo.
Ukuzibuza ukuba: "Ingaba kuthetha ukuthini ukuba ngumntu omtsha"" - kungasenza siqonde ukuba yintoni eyenza abantwana babe yinkathazo kangaka xa bekweli bakala lokukhula.
Ngoko ke ingaba kuthetha ukuthini ukuba ngumntu omtsha"
Iminyaka yobudala
Okokuqala umntu omtsha ngoneminyaka engaphaya kwe-13 nosele engena ebudaleni. Ngokwesilungu ke umntu okobo budala ubizwa ngokuba uyi-teenager!
Eli gama laqala eMelika kuba ngesiNgesi ulutsha oluneminyaka ephakathi kwe-13 ne-19 igqibela ngo-"teen".
Ndiyacinga ukuba uyazibuza ukuba zibangelwa yintoni iinguqu ezenzeka emzimbeni nasengqondweni yakho xa ukweli bakala lokukhula"
Kaloku ngokuya ukhula usuka ebuntwaneni ungena ebudaleni kubakho iinguqu zesithethe neenguqu zokukhula emzimbeni nasengqondweni.
Okulahlekisayo
Kubalulekile ukukwazi ukwahlukanisa iinguqu ezenzekayo kuwe xa ukweli bakala lokukhula.
Nangona iinguqu zokungena ebutsheni ziqalisa xa uneminyaka eli-13, ukuqala kwazo ngaphambi koko akuthethi ukuba "unomahluko" ukanti ufanele ungaxhalabi xa ziqala sele uneminyaka eli-14.
Kaloku abantu abafani ngoko akuthethi kuthi ufanele ulindele ukuba ziqale xa uneminyaka eli-13 zize ziphele xa uneminyaka eli-19.
Kushicilelo lwenyanga ezayo siza kuqwalasela iinguqu ezenzeka emzimbeni nasengqondweni xa ukweli bakala lobudala.
Ngokwesithethe
Kolu shicilelo uFat Charlie ufuna ukujonga igama elithi "teenager" (umntu omtsha) ngokwesithethe.
Njengoko noJon Savage esitsho kwincwadi ethi Teenage: The Creation of Youth Culture 1875-1945, abantu abatsha bebesoloko "beyinkathazo."
Imigulukudu eyayilawula ummandla omkhulu weNew York ngasekupheleni kweminyaka yoo-1800 yayilulutsha inkoliso yayo.
Le migulukudu neyakwamany' amazwe anjengeFrance neEngland yayinendlela ethile yokunxiba, kwaye ubuhlwempu nokungafundi kwakusithiwa kuko okungunobangela wolutsha oluziindlobongela.
Ulutsha lukwangabona bantu bafunwa kakhulu ziinjengele zomkhosi ezithand' imfazwe. Enye yathi: "ubungangamsha belizwe buselutsheni lwalo." Enye yathi imikhosi ifanele ibe nabantu abatsha kuba "ulutsha lufa lungenasazela."
NgeMfazwe yeHlabathi Yokuqala kwafa ulutsha olungaphaya kwezigidi ezithathu eYurophu kwaye ngokwemibhalo kaSavage, "oko kwayiphelisa imbeko abantu abadala abayilindelayo ebantwaneni babo."
Ngelishwa ukuphoxeka kolutsha ngokusetyenziswa ngolo hlobo nokungafumani misebenzi kwalo okwalandela loo mfazwe kwenze uninzi lwangamaxhoba eenkokeli zopolitiko ezaziluthembisa "ihlabathi elibhetele." Ngo-1939 ulutsha olwalungamalungu eHitler Youth kwiNazi Germany lwaluzizigidi eziyi-8,9.
Kodwa lwalukho olwaluchasene nenkqubo yamaNazi. Olwaluzibiza ngeSwing Kids of Hamburg nangeZazous of Paris lwalungonjwa rhoqo yimigulukudu yamaNazi kwaye luchetywa ngenxa yokuyeka iinwele zikhule, ukunxiba iisuti zeZoot nokudanisela ijazz eyayivaliwe.
Abathengi
Emva kweminyaka yoo-1950 ulutsha eMelika lwalusetyenziswa njengabathengi. Oko yaba sisiqalo sokwenza ulutsha abathengi abaphambili nokusenzekayo nangoku - kaloku siyazi ukuba kukho iifilim, umculo, iinkqubo zeTV, imidlalo yeekhompyutha, iiselfowuni neempahla ezenzelwa ngokukodwa ulutsha.
Abanye abantu bade bathi siphila "Kwimihla Yolutsha" kwaye batsho befanele.
Mlisela nomthinjana nilishishini elikhulu, kwaye oko kufanele kunenze nizikise ukucinga. Cingani ngexesha enilichitha niphendulana nabazali neetitshala zenu, kungani ke nikhawuleza nizithembe izibhengezo ezithi niya kufaneleka xa niphatha uhlobo oluthile lweselfowuni okanye xa ninxiba ijin ethile"
Zininzi izinto ezintle phandle apha, kodwa kulumkeleni ukusetyenziswa.
Ngubani okuxelela ukuba ufanele ube neselfowuni" Ikwangabantu abafuna imali yakho!
Uyafuna babulawule ubomi bakho" Bayakulawula rhoqo xa urhalela into oyibone intle komnye umntu.
Ingaba uzibona ubhetele kunabany' abantu xa uneselfowuni yodidi oluphambili" Okanye xa unxibe izinto zefashoni entsha" Ingaba nawe urhala njengokuba abavelisi bezo zinto nababhengezi babo becinga ukuba unjalo"
Khumbulani mlisela nomthinjana wakowethu ukuba indlela eniphendula ngayo lo mbuzo iya kubonakalisa uhlobo lwabantu abadala eniya kukhula nibe ngabo, nohlobo lobomi ongalulindela... [x]
BONA XHOSA - August 2007
Kuthetha ukuthini ukuba ngumntu omtsha"
BONA XHOSA - August 2007
Ulutsha kweli
EMzantsi Afrika abantu ubeva bethetha "ngolutsha" endaweni yokuthetha ngee-"teenagers". Nokuba ungasebenzisa liphi na igama xa uthetha ngolutsha, iingxaki zalo ziyafana.
Xa kuthethwa ngolutsha kubhekiswe ebantwini abakwibakala lokuphuma ebuntwaneni bangene ebudaleni nakwizithethe zokugqitha komntwana kwelo bakala.
Ulutsha lubonwa njengabona bathengi bafumaneka lula, yiyo naloo nto kubakho iimveliso
ezininzi ezenzelwe lona.
u
t
Siphila kwiminyaka yolutsha
Ukukhula
Sonke siyalazi isiko lamaXhosa lololuko, kodwa phantse zonk' iintlanga zehlabathi zinesiko lazo lokukhulisa abantwana xa bengena ebudaleni.
Ngokomzekelo eJapan banesiko ekuthiwa yi-"seijin shiki." Lo mnyhadala wenziwa minyaka le kuMvulo wesibini ngoJanuwari kwaye kuba yiholide yelizwe. Lo msitho wenzelwa abantwana abagqiba iminyaka engama-20 kuloo nyaka.
Le misitho yenziwa kusasa kwii-ofisi zedolophu. Amagosa karhulumente enza iintetho, luze ulutsha olungeniswa ebudaleni luphiwe izipho.
Emva koko kube zizisusa...
AmaJuda wona akhulisa amantombazana aneminyaka eli-12 namakhwenkwe aneminyaka eli-13 abizwe ngeb'nai mitzvah kuze kubekho itheko lokubhiyozela ukungena kwabo ebudaleni.
Kwamanye amabandla amaKrestu kwenziwa umthendeleko wokungenisa ulutsha ebudaleni kwaye oko kungenziwa ngemini abagqobhoke ngayo.
Emva koko kubakho amatheko enziwa ziintombi zibhiyozela ukungena ebudaleni.
