xhosa.782.bossjan
Ziqeshe ngokwakho
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uMARC CURRIE
BONA XHOSA - January 2008
Umsebenzi wokugcina abantwana uyavuza...
ABANTU abakwishishini lokugcina abantwana iEarly Childhood Development (ECD) bathi benza imali entle kodwa ufumana umvuzo omkhulu xa ungumntu obathandayo abantwana kwaye usaneliseka xa ubagodusa bonwabile kwaye bephilile.
Kufuneka uqale uzibuze le mibuzo ilandelayo ukuze ubone ukuba uwulungele na lo msebenzi:
Ingaba uyabathanda abantwana kwaye unawo umfanekiso wakho uhleli nabo imini yonke"
Ingaba uneliso elibukhali kwaye udlamkile emzimbeni"
Unawo umdla wokunxibelelana nabantwana ubakhuthaze ukuba badlale ukuze bafunde nokwenza ezinye izinto"
Ingaba unomonde kwaye uyahlekisa"
UKUQALISA
Kufuneka uqale ujonge indawo oza kusebenzela kuyo.
Qinisekisa ukuba indawo ikhuselekile kwaye icocekile kuba luxanduva lwakho ukuqinisekisa ukuba abantwana bakhuseleke ngokukuko kwaye bahlala endaweni ecocekileyo. Nkqu nepheyili enamanzi iyingozi kuba iintsana zirhaxwa lula emanzini amancinci.
Kubalulekile ukuba ugcine abantwana abalinganayo, njengeentsana (ezineenyanga ezi-3 ukusa kwiminyaka emi-3) okanye abaneminyaka emi-3 ukusa kwemi-6 ngaphandle kokuba unendawo eyaneleyo nabantu abancedisayo.
Xa ufuna ukugcina abantwana abangaphaya kwaba-6 nokuba bangakanani na ngobudala kufuneka ubhalise kwisebe lentlalontle elikwingingqi yakho.
Kweli sebe uza kufumana iifom omawuzigcwalise kwanemithetho eza kukukhokela.
IZIXHOBO
Lishishini eli ngoko ke kufuneka uthenge izixhobo ezisemgangathweni.
Umzekelo xa uza kugcina iintsana kufuneka uthenge iipowu, iibhafu zokubahlamba, imigqomo ekhuselekileyo yokulahla amalweyile angcolileyo nezitulo ezikhuselekileyo zokuhlalis' iintsana xa uzityisa njalo njalo.
Kufuneka nezinto zokudlala ezizindidi ngeendidi ezilingene iintsana.
Kunyanzelekile ukuba wenze izifundo zeECD kuba zinceda abantwana obagcinayo kwaye zenza abazali bakuthembe xa bebona ukuba uwuqeqeshelwe lo msebenzi.
ICEBISO ELIHLE
"Umntu okwiECD kubalulekile ukuba abagcine kakuhle abantwana kwaye afumane uqeqesho," utsho uPam Picken, iNgqonyela yeTREE (Training And Resources For Early Education).
"Kaloku eli xesha libaluleke kakhulu ekukhuleni kwabantwana kuba i-80% yengqondo yabo ikhula iphelele xa beneminyaka emi-6.
"Kufuneka bafundele endaweni edlamkisayo. Kaloku esi sisiseko semfundo yabo nesibanceda xa sele beqal' imfundo belungiselela ingomso labo."
Yenza uphando lokuba ingaba kuyimfuneko na ukuvula indawo yokugcina abantwana kwindawo ohlala kuyo. Ingaba uninzi lwabazali bayaphangela" Ingaba bangakwazi ukukuhlawula ngenyanga"
Funa iingcebiso kwiqumrhu loosomashishini abasakhasayo kuba banalo uncedo abangakunika lona.
Abazali mababe yinxalenye yokwakhiwa kwekhreshi - ingakumbi ootata! Baza kuncedisa ekwakheni indawo ekhuselekileyo nelungele abantwana.
Kungenjalo ungadibana noomama babantwana nincedisane nifune indawo eniza kuyisebenzisa njengeholo yoluntu nize niye kumbutho ofana neTREE ukuyofuna inkxaso yokuqeqeshwa niliqela. [x]
Ukugcina
abantwana
BONA XHOSA - January 2008
NGASENTLA: Kubalulekile ukuba indawo abafundela kuyo abantwana ibe mbeje-mbeje, ikhuseleke kwaye ibe yelungele bona.
PHEZULU: Imifanekiso eseludongeni iyabanceda xa befunda.
EKHOHLO: Bhalisa kwiSebe leNtlalontle xa ufun' ukugcina abantwana abangaphaya kwesi-6.
NGEZANTSI EKHOHLO: Ukugcina abantwana ngumsebenzi onomvuzo.
' IINOMBOLO ZOMNXEBA
Xa ufuna ulwazi oluthe kratya ngeTREE: 031-579-4711.
Xa ufuna iingcebiso nolwazi ngoqeqesho qhagamshelana neNational ECD Alliance: 021-683-2420; cecd@iafrica.com.
Xa ufuna iingcebiso ngezoshishino qhagamshelana neSmall Enterprise Development Agency (SEDA): 012-441-1000; www.seda.org.za.
