xhosa.781.yourlifeguide_career
Umyili wezakhiwo
USabelo S'thole ongumseki wenkampani eyila izakhiwo ekuthiwa yi-s2s uncokole nathi ngomsebenzi wakhe
Izakhiwo endiziyilayo ziza kuhlal' ixesh' elide mna sendalandulelayo eli phakade.
Umsebenzi wobugcisa ndawuthanda emva kokuwubona kumzala wam owayeyigraphic designer. Xa ndandikhetha umsebenzi endiza kuwufundela, ndabona umyili wezakhiwo efikelela ebantwini abaninzi kunamanye amagcisa. Kaloku nguye oyila izakhiwo abantu abaphangela kuzo.
Abany' abantu bayazi ukuba bafuna ibenjani imizi yabo, kodwa oko akubenzi abayili bezakhiwo.
Ndiyazazi iibhulukhwe neehempe endizithandayo, kodwa oko akundenzi umthungi. Wonk' umntu unaso isiphiwo sokuyila, kodwa bayamfuna umntu oza kukudibanisa oko.
INDLELA YOKWENZ' IZINTO KWI-OFISI EVULEKILEYO
Lumka xa uncokola nefowuni kuba abanye abasebenzi bangeva nezinto obungathandi bazive.
Ukukhala kweefowuni yeyona nto yenza ingxolo kakhulu. Yiphendul' ifowuni ingekakhali ngaphezu kwesithathu kwaye uyenze ifowuni ikhalele phantsi.
Ungabambi iintlanganiso edesikeni yakho.
Ungazithatheli into umnini wayo engekho.
Ungatyeli ukuty' okushushu edesikeni yakho. Amavumba okutya angabaphazamisa abany' abasebenzi.
Ungabaphazamisi abantu abaneengxaki zomsebenzi xa besity' ilantshi.
Ukufaka okokumamela ezindlebeni kwenza ungaphazamisi abany' abasebenzi kwaye kunciphisa nengxolo.
Ungachwechwi ufunde into efundwa ngumntu engakuboni ngaphandle kokuba ukuvumele ukuba uyifunde.
Xa unyanzelekile ukuba uye emsebenzini ugula, lumkela ukusulela abanye ngentsholongwane onayo.
Ungasebenzisi ikhompyutha yomntu ungenamvume yakhe - xa ekuvumele uyisebenzise, ungatshintshi nto kuyo!
WATHANDA NTONI EKUBENI NGUMYILI WEZAKHIWO?
YINTONI OYITHANDA KAKHULU NGOMSEBENZI WAKHO?
Umbhali: Patricia McCracken
Ndandifun' ukuzimela kuba ndandingafuni ukuba kubekho umntu opasisa umsebenzi wam.
Kufuneka uqinisekise abantu ukuba uza kuwenza kakuhle umsebenzi. Ngaphezulu kulo msebenzi kugqith' iinyanga ngaphambi kokuba imizobo yakho ibezizakhiwo. [x]
Liyashiyana, kodwa udla ngokufund' iminyak' emithandathu.
WAFUND' IXESHA ELINGAKANANI?
YINTONI EYAKWENZA WAVUL' ISHISHINI LAKHO?
YIYIPHI IMICELI-MNGENI YALO MSEBENZI?
WENZA NTONI?
Umyili wezakhiwo uzoba izakhiwo eziza kwakhiwa kulandelwa imizobo yakhe ngabakhi bazo.
Kuxhome-keka kubukhulu besakhiwo ukuba loo msebenzi uthabatha ixesha elingakanani, utsho uSabelo.
Ibala lemidlalo elikhulu lingakhiwa iminyak' emithathu ukuya kwemine, ukanti indlu ingakhiwa iinyanga ezintandathu.
IMISEBENZI
