xhosa.77.firewalking
Bahamba emlilweni!
Kuvavanywa ukholo lwabo...
KUFANELE ukuba eli lixesha loloyiko nentlungu kodwa abantu abandingqongileyo ababonakalisi kuba naxhala. Kumgama ongekude kuyaphi iinkokheli zasetempileni ziphemb' umlilo wamalahle. Kwisithuba seyure nesiqingatha abantu abangama-200 abalindileyo baza kusikelelwa nguGuru Krishna Naidoo baze bahambe kula malahle benganxibanga zihlangu...
Mna ndilinde kunye nabo ukuze ndisondele eziko ndikwazi ukufota.
Kwaba bantu ndilinde nabo abanye babo bathambise ubuso ngezinto eziqaqambileyo. Amalwimi abo nezidlele zigqojozwe ngezinto ezibukhali kwaye abanye babo babophelele izinto zentsimbi emizimbeni nasesifubeni.
Kweliny' icala kukho amawaka-waka ababukeli abazobukela into eza kwenzeka.
Ukuhamba emlilweni yinto ekwakukudala isenziwa ngabantu abafuna ukubonakalisa ukuzinikela kwabo kwinkolo yabo nasekunquleni izithixo zabo ezahlukeneyo.
Umsitho waminyaka yonke wokuhamba emlilweni kumalungu eSathie Sanmarka Sungum Temple eseChatsworth eThekwini yiyona nto ibalulekileyo kulo mnyhadala wabo weentsuku ezili-18.
Ndibuze uGuru Naidoo ukuba kutheni amalungu enkolo yobuHindu esenza umsitho wokuhamba emlilweni ngePasika ekulusuku olukhulu lwamaKrestu.
"Ngoo-1860 xa abasebenzi bamaNdiya babefika kweli bahlala eSipingo naseMount Edgecombe.
"AbaseSipingo bathandaza kwiKumkanikazi yeMvula uMariamman ukuze abaphe imvula bazokwazi ukulima. Wabaphendula ngelithi bahambe indlela ende besiya eMzantsi Afrika kwaye uza kubanceda, yana imvula bonwaba.
"Abefundisi bakwaLizwi bacenga amaNdiya namaHindu ukuba aguqukele kwinkolo yobuKrestu.
"UMariamman wathetha nabo wathi: 'Nithandazile ndaninceda kodwa xa niyek' ukundinqula niza kuvelelwa yintlekele.'
"Emva kweentsuku ezisixhenxe kwabakho izikhukhula baza basaba abantu. Yonk' into yemka nezikhukhula kodwa iGuru yahlala etempileni yathi 'Mama, sikuthembisile ukuba siza kukunqula. Ndiza kuhlala kule tempile.'"
Bathi xa bebuya abantu bayifumana iGuru isabambelele etempileni. Abuyelana amaHindu aseNatal nokholo lwawo lwabuyiselwa.
"Loo nto yenzeka ngePasika ngoko ke siyibhiyozela minyaka yonke ukususela ngoko," utsho uGuru Naidoo.
Ngaphambi kokuba aba bantu bahambe emlilweni basikelelwa ngaManzi aNgcwele yiGuru.
Emva koko bangena echibini elinesiqholo (turmeric) namanzi ngaphambi kokuba bahambe uhambo lwabo emlilweni.
Abantu abahamba emlilweni baquka amadoda namabhinqa, abantwana nabantu abadala, abatyebileyo nababhityileyo kwaye bonke bazilungiselele ngokuthandaza yonk' imihla, ukubukula iinginga nezenzo ezingendawo nokutya imifuno iintsuku ezili-18 ngaphambi komhla omkhulu.
Abantu abakhangeleka bomelele ubabona bexhuma ukuya kufikelela esiphelweni samalahle lo gama aba ubabona bebuthathaka ingabona banyamezelayo.
Zininzi izinto ezithethwayo malunga nokuhamba kwabantu emalahleni avuthayo kodwa bangatshi. Abanye bakholelwa ekubeni xa iinyawo zingahlali kakhulu emalahleni asoze zitshe.
Abanye bakholelwa ekubeni basindiswa lukholo lwabo.
Into endiyaziyo kukuba mna andifuni nokwai ukuba kungenzeka ntoni na kum! [x]
BONA XHOSA - June 2006
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
Ukholo luhamba naye emalahleni atshisayo.
Nabantu abasebatsha bayaluthatha olu "hambo"...
Abany' abantu banezinto zentsimbi ezixhonywe ezifubeni zabo njengenxalenye yomsitho.
Isiko elingaqhelekanga
BONA XHOSA - June 2006
Bekunxitywe iimpahla ezimbeje-mbeje kufakwe nameva ezidleleni.
