xhosa.776.new letters april
Ileta ezuze
Masiqiqe
Icebiso elihle...
ILIZWE lonakele. Ukuba nje bendikwazi ukubonisa abo basingise kwantshabalalo indlela abaphazama ngayo.
Ababoni ukuba le ndlela bayithathileyo iza kubatshabalalisa bona ncakasana"
Ndinga bendingenza abantu bayiqonde into yokokuba ubomi sisipho esingummangaliso esivela kuThixo ekungafanelanga ukuba kudlaliswe ngaso.
Kubantu abalungileyo ndithi eli lithuba lokuba bazibonakalise! Yekani iziyobisi nolwaphulo-mthetho. Yekani ubundlobongela nobusela. Fundani nize nifund' ukuziphilisa!
Ngaba sifun' ukuba "sisizukulwana esiphambukileyo"" Ngaba sifun' ukuhlala siluluntu olungaphucukanga nolungakhuselekanga"
Masiqiqe kwizenzo nakwiintetho zethu siphile ubomi obunentsingiselo.
Ngaloo ndlela siza kuba nekamva eliqaqambileyo!
nguMichael Makola, eMidrand
i-R100
Ukuthand' ukufunda neencwadi kusinika ulwazi olubanzi ngehlabathi liphela nokusingqongileyo.
Ukufunda yinto apha enamandla esinika ukuqiqa kwengqondo isinike ulwazi, kondla iingqondo ezilambel' ulwazi kwaye kusinika amandla okuzimela singoyiki.
UMzantsi Afrika mawukhuthaze ulutsha ukuba lufunde ngaphezulu kokuba lusenza ukuze lube nekamva eliqaqambileyo.
Ulutsha lwale mihla ludlal' imidlalo yevidiyo, iiCD neeDVD, lubukel' iTV, luthumel' iiSMS, lusebenzise neInternet - ayikho eyona ilunceda kakhulu kwezi zibalwe apha.
Makakhuthaze ulutsha ukuba lukuthande ukufunda urhulumente wethu.
nguAM, eNquthu
Malubuy' uswazi
Isebe lezemfundo malibuyis' uswazi ezikolweni. Kukho ubundlobongela obungaka nje ezikolweni zethu kungenxa yokuyekwa kokohlwaywa kwabafundi.
Xa abazali ngokwabo besoyisakala kukuqeqesha abantwana babo baza kuphumelela njani ebomini aba bantwana"
Thina sasibethwa xa singawenzang' umsebenzi wesikolo okanye xa singabahloniphi abantu abadala kuthi. Safunda saphumelela!
Lenza impazamo enkulu isebe lezemfundo ngokuphelis' ukubethwa kwabantwana esikolweni.
nguAaron Tlou, eTweefontein
KULUSIZI ukuva ukuba athelekelewa kwi-50 phesenti amantombazana angaphantsi kwe-16 leminyaka athengisa ngemizimba.
Loo nto itsho umntu azibuze ukuba bone ntoni abazali bethu - kaloku ngabo ekufanele bakhokele boluse ulutsha"
Ngokuqinisekileyo ingxaki ikubo.
Kutheni ndisitsho nje"
Ngamadoda amadala ahenda amantombazana aselula ngemali, iimpahla zodidi nobunewu-newu. Ngenxa yolwazi oluncinci la mantombazana awaboni nto igwenxa xa ethandana nala madoda madala kunawo.
Endaweni yokuba abany' abantu abadala babe ngumzekelo ebantwaneni bayakrexeza, bonyelis' imitshato yabo ngokonwabela ukukrexeza.
Abanye bathi: "Ayiyontombi yam." Agqitha amaxesha apho umntwana wayengowakhe nawuphi na umzali.
Abantwana ababambeki ngoku. Abakhathalelwanga yaye aboluswanga. Benza unothanda. Kufuneka ilungiswe kwasemva ekhaya le ngxaki, abazali bathath' uxanduva lokukhulisa ngokukuko abantwana babo.
nguSamuel Dube, eBotswana
Amasikizi!
Iileta Zenu
Ukufunda ngundoqo!
BONA XHOSA - April 2006
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Luyaphawul' ulutsha!
Iziyobisi esikolweni
Iyandikhathaza into yokubon' abantwana besikolo besitya iziyobisi. Nkqu nabantwana abenza uGrade 5 bangamakhendle eziyobisi.
Iziyobisi zonzakalisa intliziyo, ingqondo, izintso nesibindi. Ziyabulala.
Awunakufunda xa usitya iziyobisi. Xa ungafundanga uya kubhenela kubomi bobundlobongela.
Ngenxa yeziyobisi ungazibandakanya nesondo elingakhuselekanga uze wosulelwe yiAIDS.
Funda ukuthi "Hayi." Bulawul' ubomi bakho ungadlalisi ngekamva lakho.
nguNtombizanele Gqola, eGcuwa
BONA XHOSA - April 2006
Cinga ngaphambi kokufuman' abantwana
Le leta ndiyibhekise emantombazaneni akhulelwa kuba efuna igranti karhulumente. Iyandikhathaza into yokubona abantwana abakhula bengenayise besanda.
Qiqani, musani ukutshabalalis' ubomi benu. Niza kuthini xa kuvotelwa omny' urhulumente aze ayiphelise le granti"
Ndinicebisa ukuba nizikis' ukucinga ngaphambi kokuba nenze nantoni na. Niyazilibazisa.
nguNM, eMatatiele
Iileta Zenu
INGXAKI enkulu kweli lizwe lulutsha olutya iziyobisi. Kutheni le nto ulutsha luqhubeka nokuty' iziyobisi lube luzazi kakuhle iziphumo zazo" Ngaba ulutsha lweli lizwe luziziyatha ezizeyeliselayo"
Funda inqaku lethu lolutsha elithi - Incoko noFat Charlie.
Kolwale nyanga ushicilelo uthetha ngolutsha neziyobisi - yaye ziza kukothus' izinto azitshoyo ngalo mba.
UFat Charlie akanazo zonk' iimpendulo kodwa unazo ezininzi...
Fat Charlie. Into ekufuneka ulutsha luyazi NGENENE!
Ukuzithemba kukwenza uphumelele
Xa uzithemba kwinto yonke oyenzayo uyaphumelela ebomini.
Nkqu nokuba ungumfundi qinisekisa ukuba uyawenz' umsebenzi wakho wesikolo uzixelele ukuba uza kuphumelela nokuba abany' abantu bayakunyelisa xa ubaxelela ngeenjongo zakho.
Elokugqibela ndithi kuni fundani kanobom, phulaphulani iindaba ukuze niyazi yonk' into eqhubekayo elizweni, kunjalonje kufuneka nibe neenjongo enifun' ukuziphumeza.
Zixeleleni ukuba yonk' into ningayenza.
nguSenzo Sithebe, eDaggakraal
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
Amabanjwa nabahlobo
Ucinga ntoni"
AKUYONTO entle ukubona abantu abangathembekanga bebhalela kwimagazini yethu befuna abantu abaza kuthandana nabo. Ngamabanjwa atsal' izigwebo entolongweni adla ngokubhala.
Akukhululwa entolongweni awazifezekisi izithembiso azenze kwaba bantu ngethuba esentolongweni.
Ndithi mna imagazini yethu mayiyeke ukunika amabanjwa ithuba lokubhala afune abahlobo kuba awazimiselanga ntweni.
nguSilvia Masina, eAtteridgeville
Ucinga ntoni wena mfundi" Mhlawumbi amabanjwa awaphosisi. Mhlawumbi abaphosisayo ngabo bakholelwa kwizithembiso ezenziwa ngabantu abangathembekanga. Mhlawumbi akufanelekanga ukuba umntu athembe indoda esentolongweni angayazi nokuyazi. Sibhalele usixelele ukuba ucinga ntoni na...[x]
