XHOSA.775.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - September 2006
Umsebenzi: Zisebenzise iinguqu ezivelayo emsebenzini.
Impilo: Yenz' imithambo qho ukuze womelele yaye uhlale uphilile.
Imali: Izinto ozifuna ngamandla uzifumana ngamaxabiso anesaphulelo.
Uthando: Uza konwaba xa utshatile. Xa ungenalo iqabane uza kufuman' umntu oza kukonwabisa.
Umsebenzi: Jongana nemiceli-mngeni ngomdla uza kuphumelela.
Impilo: Yijong' indlela otya ngayo! Lumkel' ukutyeba.
Imali: Zithembe. Xa ufun' uncedo lwemali, lucele.
Uthando: Xa ufun' ubudlelwane bakho bomelele yiba nothando.
Umsebenzi: Sebenzisa abantu abanolwazi abaza kukunceda kwezoshishino.
Impilo: Phumla uthintele uxinzelelo. Yenza imithambo kakhulu.
Imali: Fun' umsebenzi osisingxungxo ukuze ube nemali ethe kratya.Uthando: Zonwabise kuba uza kubon' abantu abatsha yaye uza kubonwabel' ubomi.
Umsebenzi: Umsebenzi wakho mhle yaye kuza kuvuleka amathuba amahle.
Impilo: Zilawule iimvakalelo zakho kungenjalo uza kuba sengxakini.
Imali: Yiphathe kakuhle imali ukuze uwahlawule amatyala akho.
Uthando: Uza kuba seluthandweni. Yiba nomonde nohoyo.
Umsebenzi: Qhubeka nokuzithemba uzibonakalise kwabo usebenza nabo.
Impilo: Yity' ukutya okunempilo usele itonic xa uziva ungenamandla.
Imali: Iza kukwanelisa imiba yakho yemali.
Uthando: Uza kuthandeka kakhulu, ungaziyekeleli.
Umsebenzi: Yenz' izinto zicace xa ufun' ukuphumelela. Ungangxami.
Impilo: Yenz' imithambo qho yaye ungatyi ngokugqithisileyo.
Imali: Aza kuvel' amathuba okuzenzel' imali kodwa ulumke.
Uthando: Inkxaso nokuthembeka kuza kulomelez' uthando lwakho.
Umsebenzi: Umceli-mngeni ukukhuthaza ukuba uphumelele kwimizamo yakho.
Impilo: Yitya rhoqo, ukutya okunempilo ukuze uhlale usempilweni.
Imali: Imeko yakho yemali iza kuphucuka kunokuba ubuyilindele.
Uthando: Uza kwaneliseka. Uthando lwakho luza kuqaqamba yaye uza kulonwabela.
Umsebenzi: Zilungiselel' ukuthath' ithuba uze ulisebenzise msinyane.
Impilo: Qinisekis' ukuba wenz' imithambo rhoqo yaye uphumle kakhulu.
Imali: Xa uyiqingqa kakuhle imali uza kuba nayo oyongayo.
Uthando: Likhathalele ulithande iqabane lakho. Lazise uhlobo elibaluleke ngalo.
Umsebenzi: Lisebenzise ithuba lokudibana nabantu abanolwazi.
Impilo: Yenz' imithambo yaye ungatyi nokuba yintoni na.
Imali: Uza kuba nethamsanqa lemali. Yisebenzise ngobulumko.
Uthando: Uza kuba seluthandweni. Zonwabise.
Umsebenzi: Ungaliyeki lithuba lokufuman' umsebenzi okanye lokuphucul' iimeko zomsebenzi wakho.
Impilo: Uza kuxakeka kakhulu yaye umzimba wakho uza kuba kwimo entle.
Imali: Iza kuphucuk' imeko yakho yezezimali.
Uthando: Ungawayeki amathuba othando kuba hleze kuthi kanti akuphathele lukhulu!
Umsebenzi: Milisel' ingqondo yakho ekulungiseni iingxaki.
Impilo: Yenz' imithambo rhoqo yaye ulale ngokwaneleyo.
Imali: Xa ufun' ukuba nemali ungawathathi amathuba angaqondakaliyo.
Uthando: Yonwabela inzolo oyifumana eluthandweni lwakho.
Umsebenzi: Imiceli-mngeni emitsha iza kukhuthaz' iinjongo zakho. Thath' izigqibo ezizizo.
Impilo: Uza komelela wonwabele nemidlalo eliqela.
Imali: Xa ufun' ukong' imali yiqingqe ngobulumko.
Uthando: Yenz' uthando lwakho lube mnandi. Likhathalel' iqabane lakho.[x]
