xhosa.761.streetkids
kubhale uGRACE KHUZWAYO
SINEEMVAKALELO ezohlukeneyo ngabantwana abahlal' ezitratweni. Abanye bababona beyinkathazo, abanye bababona bengabantwana abanentlondi ukanti abanye bayavelana nabo. Amaxesha amaninzi siyiphosa kwelokulibala le miphefumlo kuba singafuni nokucinga ngayo.
Inyaniso ekrakra ke yeyokuba ukungabahoyi ixesha elide kuza kwenza bande, baze babeyingozi naseluntwini ngokubanzi.
ULucia Shange oligosa loncedo embuthweni waKwaZulu-Natal ekuthiwa yiI Care nojongene neemfuno zabantwana abahlal' ezitratweni uyazi ukuba bavelaphi aba bantwana.
Kaloku naye uLucia walahlwa ngabazali eselula wakhulela ezitratweni wayiva intlungu yokuphila obu bomi ngaphambi kokuba enze isigqibo sokutshintsha ubomi bakhe.
Usenyongweni kuye umsebenzi wokujongana nentlalo-ntle yabantwana basezitratweni kwaye uzinikele ekubakhokeleni kwingomso eliqaqambileyo.
"Ndancedwa ngabantu ababekhathazekile yimeko yabantwana basezitratweni ngoko nam ndibone ndifanele ndibancede.
"Ndaqala ngokuba livolontiya kwindawo yokubagcina eseThekwini. Kuthe ngo-2002 ndaqeshwa njengomncedi wabo yi-I Care," utshilo uLucia.
Linyukile inani labo
Ukususela ngoko linyuke kakhulu inani laba bantwana.
"Zininzi izizathu zaloo nto kwaye ziquka ukwanda kweenkedama zeAIDS, ukuphathwa gadalala emakhaya nobuhlwempu.
"Noluntu kufuneka lufundiswe ukungabaphi ukutya nemali aba bantwana," utsho uShange.
Oku kungavakala kungenabuntu kodwa ukufumana imali lula ngokungqiba sesinye sezizathu ezenza abantwana bakhethe ukuhlal' ezitratweni kunokuhlala kumaziko okubagcina okanye emakhayeni abo.
"Xa ephiwa isonka esomileyo ekhaya umntwana aze aphiwe inyama yenkuku eqhotsiweyo neetshipsi esitratweni loo nto imenza akhethe ukuyohlal' esitratweni!
"Abacingi ngengomso ukanti bayafa ezitratweni.
"Iingozi abajongana nazo ezitratweni ziquka ukubethwa, ulwaphulo-mthetho, ukuba ngamakhoboka eziyobisi, ukuxhatshazwa kumzimba ongezantsi nokuthengisa ngemizimba. Bakuba ngamakhoboka eziyobisi bahlabana ngeemela bebanga ibhotile yeglu.
"Njengomama womntwana one-13 leminyaka, ndiba buhlungu xa ndigoduka ndisiya kulala ebhedini efudumeleyo kube kukho abantwana abalele ezitratweni.
"Ndifun' ukubaqokelela ndibase kwindawo efudumeleyo nekhuselekileyo."
Olunye uncedo
Umthetho awuyivumeli imibutho enceda abantwana abahlal' ezitratweni ukuba ibasuse ezitratweni nokuba bayazenzakalisa - ukanti namapolisa angabasusa xa besenza ulwaphulo-mthetho kuphela.
"Nokuba bangasuswa ngetshova, uninzi lungabuyela ezitratweni ngemin' elandelayo. Ngoko yimibutho enjengeI Care enganceda," utsho.
UShange uya kwiindawo eziyingozi eThekwini ayokuthetha naba bantwana azame ukuba bamthembe kwabaxelela kona. Sele engumhlobo kuninzi lwabo kangangokuba bambona njengegorha labo.
"Kufuneka kulungiswe nengxaki yabanye oomama baba bantwana ababathuma ukuba bayongqiba ezitratweni.
"Amanye amabhinqa athatha abantwana abagcinayo aye kungqiba nabo ezitratweni. Abanye bade babeleke iingubo ezenziwe ngathi ngumntwana xa bengqiba ezitratweni!
"Umbutho wethu uzama ukuyisiphula neengcambu eluntwini le ngxaki," utshilo.
Iindabano zolwazi
Umbutho weI Care usebenzisana neFAMSA (iFamily And Marriage Society Of South Africa) neSebe lezoBulungisa ukwenza iindibano zokuncazelana ngolwazi ngeendlela zokususa abantwana ezitratweni babuyele eluntwini.
Lo mbutho uphumelele ukunceda amakhulu abantwana ebebehlala ezitratweni baba nengomso eliqaqambileyo.
Abanye basiwa kumakhaya abahlala kuwo bafunde de baye kufikelela eyunivesithi.
Abanye bayahlala bancedise kulo mbutho njengoSthembiso Ngcobo naye owayehlal' esitratweni.
Ngoku ungutata kwelinye lamakhaya aphantsi kweI Care.
"Andiyifihli into yokuba ndandihlala esitratweni nam kwaye abantwana bayandihlonipha kuba bayazi ukuba ndithetha ngento endiyaziyo. Inkoliso yabo bafun' ukuguqula ubomi babo bohlukane nokuhlal' ezitratweni," utsho uSthembiso. [x]
BONA XHOSA - October 2007
Isizathu sokuba kuthiwe masingabaphi ukutya nemali...
Kuhlangulwa abantwana abahlala ezitratweni
Ingxaki ekhulayo
Imeko iya ibambi!
Amanani abonisa ukuba zizigidi eziyi-1,2 iinkedama zeAIDS ezingaphantsi kweminyaka eli-18 eMzantsi Afrika. Kukholelwa ekubeni eli nani liza kunyuka libe zizigidi eziyi-1,7 ngo-2010.
NGASENTLA: ULucia Shange kufuneka abatyelele izihlandlo eziliqela abantwana abahlala ezitratweni ukuze bamthembe.
IFOTO ENCINCI EKHOHLO: ULucia Shange noSthembiso Ngcobo beI Care bephethe olunye lweentsana abazithatha koonina abahlala ezitratweni.
BONA XHOSA - October 2007
u
t
Ngombutho weI CARE
BONA XHOSA - October 2007
Inkoliso yabo bafun' ukuguqul' ubomi babo
Umbutho weI Care ukhuthaza uluntu ukuba luzibandakanye kwiphulo lawo ngokufunda ngokuthe kratya ngabantwana abahlal' ezitratweni.
"Wonk' umntu ufanele abenenxaxheba ekuncedeni abantwana nolutsha oluhlal' ezitratweni," utsho uChristy McConnell oliGosa loNxibelelwano leI Care.
"Xa uluntu lungayisi-so le ngxaki, le meko iza kuba mandundu. Sibongoza uluntu ukuba lungabaphi imali koko luyiphe imibutho enceda abantwana bayeke ukuhlal' ezitratweni."
Umbutho weI Care owasekwa ngo-2002 uqokelela imali uze uxhase namaphulo nemibutho engenzi nzuzo ezama ukususa abantwana ezitratweni ngokufundisa uluntu, ukulungiswa kwezimilo, ukwakhiwa kwezindlu, imfundo nokuxhotyiswa ngezakhono.
Xa ufun' eziny' iinkcukacha, yiya kwiWebsite yeI Care ethi www.icare.co.za; okanye ufowunele ku: 0861-470-047.
Ukufa kusebho-
tileni
Iglu sesinye seziyobisi esiyityhefu esisetyenziswa kakhulu ngabantwana abahlal' ezitratweni eMzantsi Afrika.
Ubabona befunx' iibhotile zeplastikhi zejusi ezibonakala zingenanto. Bafunx' ivumba leglu elingena nzulu emiphungeni yabo libanxile.
Ukufunx' iglu kungenzakalisa ubuchopho babo.
Umonakalo owenzeka ebuchotsheni ubenza babe zizirhalarhume bangakwazi nokubona izinto eziyingozi njengokubaleka phambi kweemoto.
