xhosa.748.BEC recipes-tips
I-Illovo Banana Pudding
ZININZI iindlela zokuphumeza amaphupha akho ebomini. Ukwenz' uluhlu lwezinto ezibaluleke kakhulu kuwe yaye unyaniseke kulo yenye yeendlela eziphambili zokukunceda uphumelele. Olu luhlu ungalubiza ngokuba Luluhlu lweMpumelelo!
Khawucingisise ngento ebaluleke kakhulu kuwe. Dwelisa izinto ozithanda kakhulu ngokokubaluleka kwazo. Usakugqiba uza kuba sel' uzazi izinto ezibaluleke kakhulu kuwe.
Umzekelo:
UThixo
Isiqu sam (umzimba, umphefumlo, ingqondo neemvakalelo)
Iqabane lam
Abantwana
Usapho nabahlobo
Izilwanyana zasekhaya.
Bhala yonk' into ekufuneka uyenze ukuze unyaniseke kwezi zinto zibalulekileyo kuwe.
Umzekelo: uThixo - Yenza kwaye ugcine ubudlelwane obomeleleyo ngokwenza izinto ezintle ezifana nokusombulul' iingxaki endaweni yokuzenza; ukunced' uluntu; ukuphatha abany' abantu njengoko nawe ufun' ukuphathwa; ukuthandaza yonk' imihla; ukuba nombulelo ngezinto ezintle ebomini bakho kwanemiceli-mngeni ekuncedayo ukhule yaye ufunde, ube nesisa.
Isiqu sam - Umzimba - Ndifun' ukuphumelela, ndifun' ukugcin' umzimba nengqondo yam ziphilile. Ukuzigcina ndiphilile okanye ndenze nantoni na eza kundigcina ndiphilile; ukwenz' imithambo nokugcin' umzimba ungatyebi kakhulu; ukulala ngokwaneleyo; ukungazichukumisi iziyobisi notywala; ukwahlukana nemikhwa emibi.
Umphefumlo - Ndifun' ukugcin' ubudlelwane bam noThixo bomelele; ukuzazi kakuhle ngokusondela kuThixo; ukuba nobubele nesisa kwabany' abantu; ukwenz' into yobuchule yonk' imihla; ukonwabel' umculo nobuchule; ukuchith' ixesha nendalo.
Ingqondo - Ndifun' ukuba neengcinga ezintle; ndize nezisombululo kwimiceli-mngeni; ndibe neenjongo ezintsha qho; ndizifundise ukugcin' izinto engqondweni.
Iimvakalelo - Ukunyaniseka kwinkolelo yam; ukuzibekela mna nabanye imiqathango; ukoyis' uloyiko; ukwamkel' uthando nokuthanda; ukwenza into efanelekileyo ukuze ndizithande ngenene; ukuzamkela; ukwamkela abany' abantu; ukufund' ukuzixolela mna nabany' abantu ndize ndiqhubekele phambili.
Abantwana - Ukubafundisa ngoThixo nokulunga; ndibathande, ndibamkele; ndibazi kakuhle; ndibahloniphe; ndibanike iimfundiso ezizizo; ndibafundise ukuziphatha kakuhle, ukunyamezela nokuthetha kakuhle.
Usapho nabahlobo - Ndinxibelelane nabo, iingxaki ezivelayo sizisombulule msinyane; ndingakhuthazi ukutenxa endleleni, ndinyaniseke; ndixolele kwaye ndivumel' ukuxolelwa; ndincede; ndifumaneke yaye ndinik' inkxaso; ndikhuthaz' iinguqu ezintle; ndibe nexesha labo; ndikhumbul' imihla yabo yokuzalwa nemihla ebalulekileyo; ndibe nabo ngamaxesha obunzima.
Izilwanyana zasekhaya - Ndizithande yaye ndizihloniphe; ndizihlonele iimfuno zazo; ndiyikhathalele ngokukuko impilo yazo; ndibe nexesha lazo; ndidlale nazo.
Lo mzekelo usenokungahambisani nendlela ophila ngayo. Imali neempahla zasekhaya azibalwanga apha kolu luhlu.
Phawula: ULuhlu lwakho lweMpumelelo yindlela yokuzimisel' iinjongo. Xa ubona ngathi into oyenzayo ayihambisani nezi zinto zikuluhlu lwakho zama ukuyenza ihambisane nalo. Uza kuba nenkqubela ebomini.
Icatshulwe kwiLaura Silva Quesada. [x]
Yenza 36
Izithako
n 2/3 yekomityi yemajarini
n 2/3 yekomityi iIllovo sugar entlaka-ntlaka
n 2 amaqanda
n 1 itispuni yevanilla extract
n 1/2 setispuni yebaking powder
n 1/2 setispuni yetyuwa
n 1 ipakethe ye-instant banana pudding
n 2 1/2 iikomityi zeflawa
Indlela yokuyenza
1. Xuba imajarini neswekile zibe lafu-lafu. Qhuqha amaqanda, libe linye ngexesha.
2. Zamisel' ivanilla extract, ibaking powder netyuwa. Galel' ipudding.
3. Xuba iikomityi ezi-2 zeflawa ugalele isi-1/2 seflawa eseleyo xa ifuneka.
Yivale intlama uyibeke iiyure ezi-2 okanye ubusuku bonke.
4. Fudumez' i-onti ibe ku-180oC. Bumba intlama ibe ziibhola uyibeke kwisitya sokubhaka esithanjisiweyo ushiye isithuba esiyi-6cm phakathi kwazo. Zilalise ngefolokhwe ubhake imizuzu esi-8 de ibe bugolide.
BONA XHOSA - August 2006
BONA - August 2005
