xhosa.1529.muthi
sithetha ngamayez' esintu
KUTSHANJE ndifumene isicelo esichukumisayo kumama wabantwana abathathu waseQueenstown ovakala edandathekile. "Kukho umntu obe uyise wabantwana bam abathathu! Uneminyaka elishumi samgqibelayo kwaye akabhali nencwadi le. Likho iyeza elingambuyisa"" ubhale watsho lo mama.
Akakamncami umyeni wakhe nangona eneminyaka emininzi wemkayo. Uthi nangaphambili wakhe wahamba iminyaka emihlanu kodwa waphinda wabuya.
Uthi ucinga ukuba kukho ibhinqa owadibana nalo xa wayeyofun' umsebenzi eRhawutini.
Igqirha owaya kucela uncedo kulo lathi ugxothwe yimimoya emdaka ekhaya.
"Andinakumncama umyeni wam. Ndifuna abuye kuba unguyise wabantwana bam," utsho.
Kusenjalo indoda endibhaleleyo isithi nayo ikwanengxaki efanayo. Umfazi wayo wahamba ekhaya esiya kuphangela emsebenzini obhetele waza akabuya.
"Ngoku akasafuni nokusityelela ngeempela-veki. Kudala ndimcenga ukuba abuye, akafuni. Ngoku ndifuna iyeza lokumbuyisa," itsho le ndoda.
Ukanti omnye umfundi waseLadysmith eKZN uthe: "Unina womntwana wam waphel' emehlweni nomntwana wam kwiminyaka emibini edlulileyo. Mhlawumbi waqhubekela phambili watshata neny' indoda. Kodwa ukuba akakatshati ndiyamfuna abuye. Ngaba likho iyeza elingandinceda ndimbuyise""
Umfana onama-20 eminyaka waseWolseley yena ufuna ukuthatha udadewabo oneminyaka eli-15 kuninakazi.
"Akuhli nobuthongo xa ndicinga indlela aphila kabuhlungu ngayo udadewethu. Ungathi umakazi uneyeza amkhuleke ngalo emzini wakhe. Andikholwa ukuba angahlala ngokuthanda apho aphethwe gadalala ngolo hlobo."
Umlimi waseMahalapye, eBotswana yena unengxaki yokubelwa imfuyo.
"Likho iyeza elingandinceda ndibuyiselwe imfuyo ebiweyo"" ubuza atsho.
Izisombululo
Ingaba iyeza lingabanceda aba bantu"
Masiqale ngemfuyo ebiweyo...
Umlimi onengxaki yokubelwa imfuyo kufuneka afune igqirha eliza kubethelela ubuhlanti bakhe.
Ngaphezulu kufuneka afumane iyeza lokukhusela imfuyo yakhe ingebiwa emadlelweni ngokuyichela ngeyeza kabini ngenyanga. Iyeza lokubethelela ubuhlanti lisetyenziswa kanye ngonyaka.
Umama waseQueenstown ndimcebisa ukuba azame ukufumana ukuba umyeni wakhe akathakathwanga ngeyeza ekuthiwa nguduka nezwe na elimenza umntu alibukule ikhaya.
Likho iyeza elinganceda abantu abaneengxaki zokufuna ukubuyisa abantu ababashiyayo.
Elo yeza lenziwa ngokuxuba amaqwili athile nommemezi obomvu.
Loo maqwili kufuneka agutywe abe ngumgubo.
Umntu olisebenzisayo elo yeza uligalela esandleni, aze alivuthele abize loo mntu ngegama athi makabuye.
Kufuneka alisebenzise kathathu ngemini, kusasa, emalanga nasebusuku.
Ulisebenzisa ngolo hlobo naxa ufuna kubuye imfuyo yakho ebiweyo.
Khumbula
Ukhumbule ke nokuba xa kukho umntu olahlekileyo kwaye ukhathazekile ngokhuseleko lwakhe, kufuneka uye kuxela emapoliseni kuqala ngokulahleka kwakhe!
Ungakhupha nesaziso ngokulahleka kwakhe kumaphepha-ndaba.
Ukuzama ukumbuyisa ngeyeza lelinye icebo ongalisebenzisa xa engafumaneki. [x]
Ukubuyisa abalahlekileyo
88 BONA XHOSA - September 2007
nguFORCE KHASHANE
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email ku- muthi@caxton.co.za
