xhosa.742.diabetes
U-OMPHILE wafunyaniswa ukuba unesifo seswekile eneminyaka emihlanu. Ngaphambi kokuba afunyaniswe ukuba unesi sifo wayenxanwa kakhulu nto leyo yayimenza abeth' ebuyelela ngasese. Waxakwa unina yindlela awasela ngayo amanzi waza wamsa eklinikhi apho axelelwa khona ukuba unesifo seswekile.
Abazali bakhe bakhathazeka besakuva ezi ndaba kodwa baye bafumanisa ukuba ukusamkela esi sifo kuko okuza kubanceda.
Neentsana ziba nayo iswekile
"Xa umntwana efunyaniswa ukuba uneswekile abazali bakhe bayothuka, bangakholwa yaye bakhathazeke. Uninzi lwabo benziwa kukuba becinga ukuba iswekile yinto yabantu abadala baze bangakwazi ukuyamkela into yokokuba umntwana wabo unayo," itsho ingcali yesifo seswekile ebantwaneni.
"Eyabantwana iswekile kuthiwa yiType 1 Diabetes - nto leyo itheth' ukuba idlala elilawula iswekile egazini alikho.
"Eli dlala liyafuneka kakhulu emzimbeni ukuze lihambise izakha-mzimba (ikhabhoyidrethi, amafutha neeproteni) yaye xa lingekho lenza iswekile inyuke egazini.
"Xa iswekile inyukile egazini ingenza umntu afe isiqaqa okanye afe nokufa."
Ziziphi iimpawu zayo"
Xa umntwana eqalwa yiswekile uba ngathi unomkhuhlane. Uyagula, achame qho, ahlale ekhala ngonxano. Maxa wambi uyachama xa elele, alambe kakhulu, atyebe okanye ehle emzimbeni, angaboni kakuhle, adinwe, abe nezilonda ezingapholiyo, acatshuzelelwe kungenjalo ahlanze.
Nced' umntwana wakho aphile nesifo seswekile
Kuba nzima kwiintsapho ezininzi xa zinelungu losapho elinesifo seswekile kuba abazali abaninzi abakwazi ukumelana neemfuno zomntwana wabo onaso. Kufuneka ube nomonde ukuze usiqonde esi sifo nendlela yokusinyanga nto leyo iza kuninceda nonke nilusapho. Njengoko niza kulandel' inkqubo ethile iza kuhla nenkxalabo kuni.
Loo nto iza kumnced' umntwana wakho akwazi ukumelana nesi sifo aze akwazi nokusilawula de akhule abe mdala.
Ukuqal' isikolo komntwana oneswekile
Abantwana abaneswekile bafuna ingqwalasela eyodwa ingakumbi xa beselula. Kubalulekile ukudibana nenqununu netitshala eza kumtitsha umntwana wakho ngaphambi kokuba aqale esikolweni ubachazele ngemeko yakhe ukuze baqinisekise ukuba uza kuwasela amayeza akhe ngokufanelekileyo.
Ukubenzel' izinto lula kubhetele ubabhalele amaxesha okutya komntwana, iimpawu ezibonisa ukunyuka okanye ukuhla kweswekile kwanemabakwenze xa enengxaki. Qinisekis' ukuba olu luhlu luncanyatheliswa eklasini kufutshane nedesika katitshala ukwenzela xa kungena eny' ititshala eklasini.
Dibana nazo zonke iititshala aza kubonana nazo umntwana wakho uzixelele ngemeko yakhe.
Umntwan'oneswekile angayidlala yonk' imidlalo xa encediswa kwindlela atya nadlala ngayo.
Kunganceda ukumnxibisa isacholo sesandla esichaza impilo yakhe. Xa evelelwa yingozi singamnceda esi sacholo sibonise abezempilo ukuba uneswekile.
Ukunyanga isifo seswekile ebantwaneni
Kule mihla sele kwaba lula ukumelana nesifo seswekile ngenxa yokuba unyango luyafumaneka yaye neswekile egazini ilawuleka bhetele kunakuqala.
Ukulawula isifo seswekile ebantwaneni kuquka ukuhlolwa kweswekile esegazini, ukunyangwa kwedlala elilawula iswekile, ukutya okunempilo nokudlal' imidlalo.
Ukulawula iswekile kuko okubalulekileyo ekuqinisekiseni impilo yomntwana wakho uze uthintele neengxaki ezingaphaya. Xa umntwana wakho eyigcina iswekile yakhe ikwindawo eyimfuneko angaphil' ubomi obuqhelekileyo abe neengxakana nje ezingephi okanye angabinazo kwaphela.
Kufuneka aye kugqirha okanye ekliniki qho ukuze ahlolwe kuqinisekiswe ukuba iswekile yakhe ikule ndawo ifuneka ibe kuyo.
Ebudaleni
Umntwana onesifo seswekile uphila naso ixesha elide kunomntu esimphathe sele emdala yaye xa umntu simphathe ixesha elide uba sesichengeni sokuba neengxaki zokugula.
Xa iswekile esegazini ingalawulwa ngokukuko ingonzakalisa amanye amalungu omzimba.
Abantwana abanesifo seswekile basesichengeni sokuphathwa yintliziyo, izintso, iingxaki zemithambo-luvo ikakhulu ezo zichaphazela iinyawo nto leyo ikhokelela ekunqunyulweni kwazo, iingxaki zeentsini, amazinyo kungenjalo amfameke.
Ezi ngxaki ziyaphela ngokuya ekhula umntwana kodwa imithambo yegazi namalungu athile angonzakala ngaphambi kokuba inyuke kakhulu iswekile. Isifo seswekile senz' iingxaki kumntu okhulelweyo yaye sikhokelela ekuzalweni kwabantwana abangaphilanga. [x]
Ukukhula nesifo seswekile
Isifo seswekile sisifo esinobungozi esifuna ukunyangwa ngokukhawuleza. Kodwa loo nto ayithethi kuthi umntwana wakho angabonwabeli ubomi xa enaso...
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
Ukulamba rhoqo lolunye lweempawu zesifo seswekile ekufuneka abazali balulumkele.
Ayinyangeki kodwa iyalawuleka
BONA XHOSA - November 2005
u
u
Ukukhula nesifo seswekile
BONA XHOSA - November 2005
