Xhosa.734.10ques
IMIBUZO
kaMshoza
inenekazi leKWAITO elihle lisiXELELA NGEndlela eliyichitha ngayo imali yalo namaculo eliwaculela usana lwalo
1.Ukuba ubungeyomvumi ubuya kukhetha ukuba yintoni"
Ngendingumhlalutyi-zincwadi zemali. Ndandiyincutshe kwizifundo zezoshishino esikolweni, ingakumbi i-accounting.
2. Ingaba ungamcebisa umntwana wakho ukuba alandele isakhono somculo"
Andisoze. Andifuni abantwana bam beve ubunzima endabuvayo.
3. Yintoni oyicaphukelayo kwishishini lomculo"
Abantu bacinga ukuba wena awungomntu. Ulindeleke ukuba usoloko womelele uzinzile lonk' ixesha.
4. Athini amagama eniteketisana ngawo nesithandwa sakho"
Ndithi nguNtuku yena athi ndinguMamnisi.
5. Zeziphi iingoma ozithandayo ngoku"
Kwezalapha ekhaya yeyeJaziel Brothers' ethi Ngeke Ngiphinde. Kwezaphesheya yethi Stay Down kaMary J Blige. Ungomnye weemvumi zaphesheya endizithandayo, kunye noMissy Elliot noLauryn Hill.
6. Unecwecwe elitsha. Yintoni eza kwenza abantu balithenge"
Lisemgangathweni kwaye limnandi. Ndicula zeemvumi eziphambili zeli. Kwaye xa ufuna ukundazi bhetele, kufuneka umamele eli cwecwe. Ngaphezulu ineeCD ezimbini!
7. Ngawaphi amaculo owaculela usana lwakho, uPride"
Ngawegospile. Ndiyayithanda igospile!
8. Yinyani ukuba waba nomntwana uneminyaka eli-12"
Akunjalo. UPride ngumntwana wam wokuqala, uzelwe kunyaka ophelileyo. Bebonke abantwana bam bane, abathathu ngabomyeni.
9. Usitshintsha emva kwexesha elingakanani istayile seenwele zakho, kwaye uyitshintshele ntoni indlela onxiba ngayo kwiividiyo zakho"
Ndisitshintsha emva kweveki. Ndizenza rhoqo ngoLwesihlanu iinwele. Ndisoloko ndiprekthiza ndibile iinwele zam zimoshakale. Kwaye akukuhlanga ukusoloko ubonwa unestayile esinye. Malunga neevidiyo kuya ngokwengoma nganye.
10. Ukuba ungasisityebi, ungayichitha njani imali"
Ndisiso ngoku - kwaye ndiyichitha ndilumkile imali yam. Xa unemali ngoku akuthethi ukuba ngomso awunakuphinda ube lihlwempu kwakhona! [x]
INCOKO NENDWALUTHO
