xhosa.733.parenting
EZOBUZALI
unga- TYABULI
iimpundu zosana
Qinisekisa ukuba usana lwakho alutyabuki...
UKUTYABUKA ngenxa yelweyile elimanzi kubuhlungu ezintsaneni. Oku kutyabuka kubangelwa sisifo ekuthiwa yithrush, okanye xa usana lwakho luhleli nelweyile elimdaka nelimanzi ixesha elide. Xa kungaluhlaseli ngamandla ulusu lubangathi lubomvu okanye ludumbile. Kanti xa sele imandla kubakho neendawo elusukileyo ulusu. Zombini zikhangeleka zibuhlungu, ngoko cingela usana!
Ukuthintela
Khumbula ukuba ukuthintela kubhetele kunokunyanga, ngoko nazi iindlela zokunciphisa amathuba okutyabuka...
Tshintsha ilweyile losana ngokukhawuleza xa limanzi okanye limdaka. Xa lihleli ixesha elide lenza iimpundu ezibuhlungu.
Xa unako, luyeke usana lunganxibanga ilweyile okwexeshana, ukuze iimpundu zibethwe ngumoya zome.
Xa sele lutyabukile, kufuneka ulutshintshe rhoqo kunesiqhelo.
Lonk' ixesha xa utshintsha ilweyile, zicoce uzisule kakuhle iimbundu zosana usebenzise amanzi ashushu necotton wool. Ungazisebenzisi ibaby wipes ezifumileyo kuba zinotywala.
Ukuba usebenzisa amalweyile angamalaphu, wahlambe ngamanzi ashushu uze uwabulale iintsholongwane. Wahlambulule, uqiniseke ukuba isepha iphumile kuba iyalana nolusu.
Rhoqo xa ulutshintsha usana luthambise kakhulu ngeVaseline.
Musa ukuyisebenzisa iwaterproof kuba igcina ubumanzi, ulusu luhlale lufumile kuze kwande le ngxaki.
Kukhethe okutyayo xa uncancisa! Ukutya okunezipayisi okanye i-asidi kungabangela ukutyabuka kosana.
Ukukunyanga
Kuyashiyana kusana ngalunye, kodwa naku ongaku-linga...
Thambisa iimpundu kancinane ngecornflour. (Ungayise-benzisi nezinye izithambiso ngaxeshanye.)
Zikho izithambiso ezenzelwe kanye ukutyabuka ezifumaneka kwiivenkile zamayeza, zikhusela ulusu losana ebumanzini, zipholise zinyange ulusu olubuhlungu.
Eyakudala indlela ugalela ithontsi "likazifozonke" emanzini afudumeleyo uhlambe iimpundu zosana.
Yiya eklinikhi/kugqirha xa...
Ukutyabuka kungapholi kwiintsuku ezimbini okanye ezintathu.
Ukutyabuka kunokhokho, kunebala elityheli okanye kunamadyunguza.
Incanca yosana ibomvu kwaye idumbile.
SIMAHLA!
Zuza incwadi kaMadiba!
Yonwabisa umntwana wakho ngale ncwadi inemibala emihle ethi What A Gentleman ebhalwe nguDianne Case enemizobo eqaqambileyo, ezotywe nguJo Harvey (Maskew Miller Longman). Kubhalwe ngomakhulu obalisela abazukulwana bakhe ngokuthanda uNelson Mandela - kwaye ikunika ithuba lokuba uncokole nomntwana wakho ngeendwalutho eziyimizekelo emihle, iinkumbulo nembali yeli.
Yincwadi emnandi nexabisa i-R79,95. Sineencwadi ezili-10 esiphisa ngazo kubafundi beBONA! Thumela igama, idilesi nenombolo yomnxeba yasemini kwiposkhadi kule dilesi: BONA/Madiba Book Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060.
Xa usitya ukutya okune-zipayisi
oko kunga-bangela usana lutya-buke
Xa luncanca ibhotile, kubalulekile ukubulala iintsholongwane kuzo zonke iibhotile neengono zazo de usana lube nonyaka omnye ubuncinane.
Ukuba usana lwakho alukugqibanga ukutya esityeni, kulahle. Musa ukukugcina.
Qwalasela imihla yokonakala kokutya kosana!
Ungaze ulushiye usana lodwa nokutya okanye isiselo. Iingozi zokomiwa zenzeka ngephanyazo.
Ukutya kosana okuphekiweyo akufanelanga kufudunyezwe kabini.
Ukuba usana lwakho lusatya ukutya okuthengwa kusebhotileni, kuthululele esityeni xa ulufunza endaweni yokukha ngecephe ngqo ebhotileni kuba kungamoshakala. Kwenze oko xa lusitya kube kabini ebhotileni enye.
Ukutya olukwaziyo ukukubamba ngesandla luyakonwabela, kodwa kungayingozi kuba lungomiwa. Ungaluniki usana amaqhashu, kwaye kuhle ukuwusika phakathi umdiliya, nesoseji uyisike ilingane umthamo walo.
iindlela ezikhuselekileyo zokutyisa usana
Amathambo omeleleyo
Nika umntwana wakho ukutya okunecalcium
QINISEKA ukuba umntwana wakho omncinane utya ukutya okunecalcium eninzi kuba amathambo akhe asakhula. Ukomelela nokwakheka kwamathambo kuqhubeka ngakumbi xa usengumntwana. Icalcium ibalulekile nasekomelezeni amazinyo.
Abantwana abancinci abanonyaka ukuya kwemithathu kufuneka bafumane icalcium engama- 350mg ngemini. Naku okunye kokutya - nemilinganiselo - ongayinika abantwana ukuze bafumane icalcium ngokwaneleyo...
Ibrokholi
Abantwana abaninzi abayithandi, kodwa ukuba nje ungayigalela ekutyeni kwakhe, iyakunceda. Malunga nama-32mg malunga namaqhekeza ama-2-3 ebrokholi.
Itshizi
Iyathandwa ngabantwana abaninzi, undlela- lula kukuyisika ibe ngamaceba uyifake kwisidlo sasemini. Malunga nama-200mg eCheddar cheese eyi-30g.
Ii-orenji
Akukho nto imnandi ngathi yi-orenji eswiti nenamanzi xa ufuna ukuphelisa unxano, ufuna nokongeza amandla. Malunga nama-75mg ecalcium kwigaqa ngalinye.
Ubisi
Ubisi olunekhrim lolona lulungele abantwana. Malunga nama-300mg ecalcium kumlinganiselo ongama-250ml.
Intlanzi enkonkxiweyo
Imnandi kwaye inecalcium eninzi. Ayithandwa ngabo bonke abantwana, kodwa mqhelise esemncinane.
Malunga nama-400mg ecalcium
kwi-100g yentlanzi.
Iyogathi
Kukutya okunecalcium eninzi kwaye abantwana abaninzi bayayithanda enencasa yeziqhamo, ityeka lula. Malunga nama-300mg kwi-200ml.
Ungalibali!
UVithamin D unceda icalcium ukuba ingene emzimbeni, kwaye le vithamin iveliswa ngumzimba xa ufumana ilanga ngokwaneleyo- ngoko abantwana mabadlale phandle yonke imihla endaweni yokubukela iTV.
Ukudlala kufana nokwenza umthambo ngoko kuyawomeleza amathambo. Amaqanda nokunye ukutya kwakusasa, kokunye ukutya ofumana kuko
uVithamin D. [x]
Abantwana abancinci bamele bafumane icalcium yonk'
imihla
UBUSAZI NA?
Xa ukhulelwe uphantsi koxinzelelo, unyukelwa yihayi-hayi, intliziyo yakho ibetha ngamandla uze umzimba wakho ugqibe amandla, nto ke leyo engakushiya udiniwe. Kubalulekile ukutya okunempilo, okunezondlo zonke, iziqhamo nemifuno.
3 IINDLELA ZOKWENZA IZINTO ZIBELULA XA ULUNYWA
1. Imithambo.
Yenza imithambo kangangoko unako xa ukhulelwe. Imithambo inceda usana lukwazi ukumelana nokuzalwa, kunciphise nexesha lokulunywa. Buza ugqirha wakho okanye umongikazi eklinikhi ngemithambo ekhuselekileyo ongayenza.
2. Ithambo lesinqa.
Ngaphandle kwemithambo nje, imithambo yethambo lesinqa xa ukhulelwe inganceda ukunciphisa ixesha lenqanaba lesibini lokulunywa kwakho.
3. Yima uthi nkqo.
Ukuma nkqo kunciphisa iintlungu nexesha lokulunywa.
