xhosa.709.scams
Ungenza imali eninzi" Asiyikholwa loo nto!
Ingaba uwufuna ngamandla umsebenzi" Lumka! Baninzi abantu baseMzantsi Afrika abaqhathwe ngamaqhetseba abathembisa imali enkulu abaya kuyenza besebenzel' ekhaya...
Bubuqhetseba!
BONA SESOTHO - November 2007
UBONA isibhengezo esithi: Yamkela i-R20 000 ngenyanga usebenzel' ekhaya. Uke usibone isibhengezo esinjalo" Umel' ukuba uke usibone kuba izibhengezo ezinje zikho yonk' indawo - uzibona zincanyathiselwe ezibondeni zombane, kwiimagazini nakumaphepha-ndaba. Ubanomdla wakusifunda ingakumbi xa uwufuna ngamamandla umsebenzi, kodwa ayizizo zonke izithuba zokuphangela usekhaya ezizizalisekisayo izithembiso zazo.
Isithethi seSebe loRhwebo neMveliso, uVukani Mde uthi inkoliso yezithuba zokusebenza usekhaya ngamayelenqe nje okukufaka koo-push-push abafuna nawe ufumane abanye abantu ukuze uhlawulwe.
Uthe umzekelo waloo nto sisithuba esithi yamkela i-R50 ngokubhala iimvulophu. Kodwa ukuze uyifumane loo mali kufuneka ufumane abanye abantu abaza kwenza loo nto.
"Amany' amaqhetseba akuthumelel' incwadi edurayo enamacebiso okuvula ishishini lasekhaya, lize elinye laloo macebiso kube kukuthengisela abantu iincwadana zamacebiso okusebenzela ekhaya!" utsho uMde.
Ukuthengisa
"Into ayenzayo la maqhetseba akuthengisela iimveliso zawo," utsho uThami Bolani weNational Consumer Forum.
"Amanye ade akhuphe izibhengezo zokuba hlawula imali encinane ukuze akuxelele indlela yokuzenzel' imali usekhaya ngokubhala iimvulophu.
"Ubhaqa ethubeni sele uyihlawule imali ukuba ibibubuqhetseba obo. Endaweni yokuba bathumel' into ebebekuthembise yona, bathumel' ileta ethi nawe faka eso sibhengezo emaphepha-ndabeni nakwiimagazini, okanye bathi sithumele kubahlobo nezalamane zakho.
"Ekuphela kwendlela ongenza ngayo imali kuxa abantu besiphendula isibhengezo sakho."
"Kuyenzeka maxa wambi inkampani ikhuphe isibhengezo sokuba ifuna abasebenzi kulo lonke eli abaza kwenza imisebenzi yolawulo besekhaya, ize ithembise ukuhlawula umvuzo osisiseko we-R4 000 ngenyanga kunye nekhomishini," utsho uMde.
"Azitsho ukuba kukho imali yobulungu ekufuneka umntu ayihlawule! Wakuyihlawula loo mali, bakuthumelela uluhlu lweenombolo bathi zifowunele ucele umsebenzi kuzo.
"Umntu ufowunela ezo nombolo ke ngethemba lokuba uza kuwufuman' umsebenzi nakanjani, aze axelelwe ukuba azikho izithuba zomsebenzi. Xa ebuyela kwinkampani eyamnika ezo nombolo, uxelelwa ukuba abananto bangamnceda ngayo."
Zivaliwe
Indlela abantu abalukuhlwa ngayo ngamaqhetseba afuna imali yabo yenze iSebe loRhwebo neMveliso lazivala izibhengezo ezikuthembisa ukusebenzel' ekhaya. UMde uthi oko kuthetha ukuba izibhengezo zokusebenzel' ekhaya azisekho mthethweni.
Ezo zibhengezo ziquka ezokubhala iimvulophu nezokubhala iileyibheli ezichasiweyo yiAdvertising Standard Authority.
Isohlwayo sokophula oku singafikelela kwi-R200 000, okanye uvalelwe entolongweni iminyaka emihlanu.
UMde uthi icebo lokungabi lixhoba lala maqhetseba kukungafaki imali kwi-akhawunti yenkampani ongayaziyo ungekayifumani into oyithenjisiweyo. [x]
' FUMAN' UNCEDO! Xa uchithe imali nexesha kwinkqubo yokusebenzel' ekhaya kwaye ukholelwa ekubeni loo nkqubo ayikho mthethweni, yixele kwiDTI Customer Contact Centre ku-0861-843-384.
kubhale uTEDDY GOMBA kufote uROELENE PRINSLOO
Ingaba ukufak' iileta ezimvulophini ukubona kungumsebenzi ongakwenzel' imali" Cingisisa ngaphambi kokuba uzifake kuloo "mgibe" .
BONA - August 2007
