xhosa.702.sandy
AYIKHO INDAWO AYITHANDA
NJENGEKHAYA
NJENGOKO iziqendu zenkqubo ethi Strictly Come Dancing zikufutshane nokuphela, umsasazi wayo uSandy Ngema uzonwabele ekhayeni lakhe - kodwa uyazikhumbula iziganeko ezidlulileyo.
"Kusoloko kukuninzi okwenzekayo kule nkqubo ngaphandle kokudanisa. Uyakhumbula uTamara Dey ekruna idolo lakhe no-Ashley Hayden esophula uzwane lwakhe?" utshilo ehleka
"Kodwa eningazange nikubone ngu-HHP eleqeka ukuya endlwini yangasese! Wayenexhala kangangokuba wayefuna ukuhlanza."
Oko kuthetha ukuba istresi esiphatha uSandy no-Ian von Memerty asasaza naye le nkqubo xa bebhala okuza kwenzeka kuyo ngoMvulo siyaphela xa kusasazwa le nkqubo ngqo ngoLwesine.
Oku ayikokuphela kwesizathu esibangela uSandy afune ukuba nekhaya aphumza kulo ingqondo. Ngaphandle kokukhulisa iintombi zakhe ezimbini, uLuyanda (16) noZinhle (12), ukusasaza kwiTV ukwangumlawuli kwezentengiso kwaC&R Umnobo ekuyinkampani evelisa izinto ezithengisa iimveliso.
"Xa uyindumasi, umenywa kumatheko amaninzi kodwa ndiyawakhetha endiya kuwo ukuze ndibe nethuba lokuba sekhaya nosapho lwam.
"Mithandathu iminyaka ndihlala apha kwaye ndiyayithanda le ndawo," utsho.
Indlu athi "luhlobo lwezindlu ezindala zaseBryanston" - inomgangatho omnye, inamagumbi neefestile ezinkulu. Yakhiwe esizeni esikhulu ngokulingeneyo, inechibi lokuqubha athanda ukuqubha kulo uZinhle akubuya esikolweni ngeentsuku zehlobo.
"Zininzi izindlu endazibonayo phambi kwale, kodwa le ndayithanda zibekwa. Kwaye andizisoli ngokuyikhetha.
"Yindawo ethuleyo kodwa abantu bakhona banobuntu. Indikhumbuza apho ndakhulela khona eBerea eThekwini.
"Siyinxalenye yabamelwane abadityaniswa zizitrato ezine apho abantwana bephuma baye kucela iiswiti emizini ngemini yeHalloween - baze abazali badibane bahlale kunye," utsho. USandy nabamelwane bakhe babhiyozela imini yeNtwasa-hlobo, eyeeGuy Fawkes, ndibala ntoni na. Kwaye oku kusondelana ukubona kwiifoto zosapho emzini kaSandy ezitsala amehlo usangena emnyango.
"Ndiyazidla ngokuyihombisa ngokwam indlu yam. Andikhange ndiqeshe mntu konke konke."
Kodwa seleke waphoxeka njengamntu wonke. Uthe etyelele eChina wathanda imifanekiso eqingqiweyo yomkhosi weTerracotta waza wayithenga, kodwa yafika kweli iziingceba noxa yayipakishwe kakuhle.
USandy uyakuvuyela ukufumana uncedo lweengcali xa enakho - wamyilela ikhitshi lakhe uRiaan "Die Nuutsman" Venter owakhe waphuma phambili kuStrictly Come Dancing nosele engumhlobo wakhe omkhulu.
"Yayilikhitshi elidala loo-1970 elalifuna ukulungiswa nyhani. "Namagumbi okuhlambela nawo ndiwenze ngokutsha," utsho.
Imibala uyixube kakuhle uSandy endlwini yakhe.
"Umbala oluhlaza okwesibhaka-bhaka ndandisoloko ndiwuthanda. Kodwa ngoku ndiya ngokuthanda lo wengca - kuba wona uzolile."
Ukho noluhlaza okwesibhaka-bhaka nasebhedini yakhe kodwa uya ngokukhanya ufane nolwandle. Kuze ke ngoku kungenelele oluhlaza okwengca okhanyayo. Kodwa iindonga ze-ofisi yakhe zezona ziluhlaza okwengca ngenene, ziyilwe khon' ukuze ahlale edlamkile.
Kwigumbi lokubukela i-TV kukho u-orenji nopinki okrakrayo otsala amehlo, kwaye igumbi lokutyela lihonjiswe ngeglasi ebomvu. Kugcwele iingqokelela yezinto ezintle zeglasi. Akumangalisi ke ukuba akhethwe njengo-"buso" bakwaSwarovski Crystal.
Kukho izitulo neesofa ezininzi ezinemiqamelo, ezilungele ukwamkela abahlobo bakaSandy. Phakathi kwee-TV ezimbini ezinkulu uza kubona iikhabhathi ezisuka kude lee eNtshona azifumene ngoncedo lwesithandwa sakhe, uPeter Ehrenreich oyingcaphephe kwezeenqanawe.
Esi sibini besisaziqhelisa nokuhlala kunye kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo. Phambi koko ubezinze eSingapore bethandana besithwe ziintaba.
"Sabonana siphuma kwihotele yaseThekwini emva kohambo lwezoshishino. "Sasincokola endleleni ebheka esikhululweni seenqwelo-moya, saze satshintsha izitulo kwinqwelo-moya ukuze sihlale kunye sancokola sade safika eRhawutini.
"Wabuza ukuba angandibona na xa ebuyile kwixesha elizayo. Ndaqonda ukuba udlala ngam!
"Kodwa ke sasiqhagamshelana - ndikuthanda ukuqhula kwakhe. Ukubuya kwakhe, sasimelwe ukudibana ngezoshishino kodwa wasuka wayiba intliziyo yam..."
Kunyaka olandelayo "besithandana kakuhle - sonwabile! Ndabe nam ndiziva ngathi ndingumntwana," utshilo uSandy.
"Sathembisana ukuba siza kubonana kanye ngenyanga. Ngethamsanqa besikwazi ukukwenza oko. Bendimtyelela, naye andityelele - okanye sihlangabezane sibonane kwindawo ethile yolonwabo njengaseThailand okanye eMalaysia."
Noxa bekumnandi ukumane behambelana, uSandy uthi kuyamvuyisa ukuba ekugqibeleni bade bahlala ndawonye. Usibonise neekhabhathi zabo ezimbini.
Bathenga amalungu okuzakha eSingapore kwa-IKEA kwiincutshe eziyilayo ezithengisela eYurophu nezingekafiki kweli, kwaye kwabathatha "iintsuku ezimbini," kuphela ukuzenza.
IkwanguPeter owenze indawo entle yokugcina izihlangu zika-Sandy zaseBrazil, e-Italy, naseFrance... Kodwa bekufanele enze into emva kokuba uMissy, injana kaSandy ayikhethelwa nguye nabantwana, yatyhoboza yangena egumbini lokulala yanqakula ibhuthi ekhethekileyo kaSandy yase-Australia yabaleka nayo!
Ngenxa yolu tshintsho uSandy uyabona ukuba luyanda usapho kwaye luza kufuna indawo ephangaleleyo ukuze luzolule kakuhle.
"Kodwa andifuni kusuka apha ndiyayithanda le ndawo.Mhlawumbi ngeny' imini ndakuyandisa ndongeze umgangatho ngaphezulu - sitsho siyibone kakuhle iMagaliesberg!"
Kodwa okwangoku usawuthanda umzi wakhe.
"Ndisikelelekile kuba ndihlawulelwa ukwenza into endiyithandayo. Ndineentombi zam ezimbini endizithanda kakhulu nendoda endithandayo - ndingaphinde ndifune ntoni?
"Ndilelona bhinqa linethamsanqa emhlabeni. Kodwa kundifanele - kudala ndibetheka." [x]
Umbhali: Patricia McCracken
Umfoti: Peter Whitfield
Umlungisi-buso: Deirdre Holzer
UBOMI BENDWALUTHO
''
Sendi-hleli imi-nyaka emitha-ndathu apha yaye ndiyayi-thanda le ndawo
USandy nentombi yakhe encinci, uZinhle begone nenjana yabo ethanda ukudlala uMissy.
USandy Ngema weStrictly Come Dancing ufuna umzi aza kuphumla kamnandi kuwo...
Xa ejonge phandle ubona ingca eluhlaza yaka kwaye nalo igumbi likaSandy lokulala linemibala emihle, ngoko yindawo elungele ukuphumla ngenene emva komsebenzi nasemva kwamatheko.
Iglasi ekhazimlayo, izinto zokuhombisa ezintle zaseNtshona nezitulo ezihle - ububele nendlu kaSandy entle itsala izihlobo nabahlobo kweli xesha lonyaka leeholide.
''
Ndiziho-mbisele le ndlu kwaye ndiya-zidla ngaloo nto
USandy ekhitshini lakhe elitsha eliyilwe yintshatsheli yeStrictly Come Dancing, uRiaan Venter.
USandy wayedlala iHokhi phambi kokuba abe nabantwana - kodwa ngeke ukholwe ukuba wayesaziwa "njenge-hacker" xa ubona izihlangu zakhe ezihle.
