xhosa.67.parenting
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
BONA XHOSA - September 2006
Ukopha
XA USOPHA ngethuba ukhulelwe uye uzixelele ukuba uphunyelwa sisisu. Ewe ukopha xa ukhulelwe kuntama ingxaki kodwa akuthethi kuthi uza kuphunyelwa sisisu yaye ngoncedo lukagqirha ungayilungisa lula loo ngxaki.
Zininzi izinto ezingunobangela wokopha. Ezona zixhaphakileyo zezi:
Amaqabaza egazi
Abonakala kwiintsuku ezi-6 ukusa kwezili-10 ukhulelwe. Enziwa kukungena kwesihluma sembewu okanye iqanda elinembewu esizalweni.
Awophi ngamandla yaye uba ngathi usexesheni. Kuyaziphelela yay euninzi lwamabhinqa awaxhalabi njengoko besuke bengazi nokuba bakhulelwe na.
Usuleleko
Usuleleko kusisi nezifo ezosulela ngesondo zingunobangela wokopha. Zona azinanto yakwenza nokukhulelwa kodwa zingenza ukukrala okungunobangela wokopha.
Ukuphunyelwa sisisu
Ukuphuma kwesisu kuyawaxhalabis' amabhinqa akhulelweyo ingakumbi kwiiveki ezili-12 zokuqala. Wopha kakhulu ude ube nesilumo.
Xa usopha ngolu hlobo baleka ufun' uncedo kugqirha okanye uye ekliniki ekufuphi nawe.
Ukukhulelwa ngaphandle kwesizalo
Uyopha kakhulu futhi ube nesilumo njengaxa uphunyelwa sisisu. Oku kopha kwenzeka usandul' ukukhulelwa yaye kuntama ukuba iqanda elinembewu alingenanga esizalweni koko likwiFallopian tube.
Xa likhula likrazula iityhubhu nto leyo ibangela ukopha. Inobungozi ke le into yaye kufuneka ufuman' uncedo lukagqirha msinyane.
Iingxaki zesizamva
Xa usopha sel' uza kubeleka kungenzeka ukuba ingxaki yenziwa kukwahlukana kwesizamva nodonga lwesizalo kwanaxa isizamva sisogquma umlomo wesizalo. Ezi zinto zombini zinobungozi yaye zifun' ukujongwa ngeliso elibukhali ngoogqirha esibhedlele yaye kufuneka nawe uphumle.
Ungalufuna nini uncedo
Xa usandul' ukukhawulwa kuxhaphakile ukubona amaqabaza egazi, akhawuleza aphele yaye awaxhalabisi. Xa sele uneeveki ezili-12 ukhulelwe yaye usopha ngamandla kungenzeka ukuba uza kuphunyelwa sisisu ngoko yiya kugqirha, ekliniki okanye kumbelekisi uxele ingxaki yakho.
Xa usopha sele uza kubeleka funa uncedo lukagqirha kuba kuntama ingxaki enkulu. Kumatyeli amaninzi oogqirha bayakwazi ukuluhlangula usana.
Ukopha xa ukhulelwe kuntama ingxaki kodwa akuthethi kuthi uza kuphunyelwa sisisu yaye ngoncedo lukagqirha ungakuphelisa...
kuyingozi
Okoomama nootata....
Intwasa-hlobo
emnandi
BUPHELILE ubusika ngoku singena ehlotyeni! Baza kwenza ntoni abantwana"
Imozulu yehlobo intle ngoko yisebenziseni! Phumani niyodlala phandle. Ilanga linoVitamin D yaye zininzi izinto eniza kuzifunda phaya phandle.
Xa ninalo ichibi lokuqubha ekhaya qubhani. Xa lingekho ke hamba nabantwana bakho mzali niye kwichibi lasekuhlaleni niyoqubha khona. Niza kufika bekho oonogada nabahlanguli kuze kufuneke uhlawule imali engephi.
Hambani niyowonwaba elwandle xa nihlala kufuphi nalo. Ungabavumeli bangen' elwandle xa bengakwazi ukuqubha.
Qalisani imidlalo. Imidlalo edlalwa phandle imnandi kakhulu ehlotyeni. Ningadlala nonke nilusapho okanye ubathathe abantwana bakho bayojoyina umbutho wabantwana badlale ibhol' ekhatywayo, iqakamba nantoni na abafun' ukuyidlala.
Lixesha lootata eli lokuchith' ixesha nabantwana babo. Bangaqhubeka nemidlalo naxa sele zivuliw' izikolo.
Bayibukele neTV kuba ineenkqubo ezifundisayo njengeTakalani Sesame ezuze iimbasa ezininzi zehlabathi ngeemfundiso nolonwabo elunika abantwana. Jonga isikhokelo seTV ukuze ubone eziny' iinkqubo ezifundisayo ezingabukelwa ngabantwana.
BONA XHOSA - September 2006
nguNONHLANHLA KHUMALO
u
t
isidlo sakusasa
BONA XHOSA - September 2006
Sibalulekile
KUBA maxhaphetshu ngentsasa kangangokuba kubakho izinto ezibalulekileyo ezilityalwayo. Xa ulibal' ukuty' isidlo sakusasa kufuneka uzame eny' into.
IIngcali zokutya nezonyango zithi isidlo sakusasa sesona sidlo sibalulekileyo. Sinik' umntwana wakho amandla ukuze akwazi ukufunda nokudlala.
Isidlo sakusasa kufuneka sinike amandla yaye sibe neekhabhoydreti. Kulula ukuqinisekis' ukuba abantwana bakho bayasity' isidlo sakusasa kuba zikho ezingaphekwayo. Isiriyeli nobisi zinezondlo ezaneleyo ukugcin' abantwana bedlamkile yaye bemilisel' ingqondo de kufik' ixesha lesidlo sasemini.
Ngamany' amaxesha banik' iziqhamo neyogathi. Isidudu esishushu somgubo nesamabele sinik' amandla naso.
Uphando lubonis' ukuba abantu batya njengoko babesitya besengabantwana - xa wawungatyi kusasa usengumntwana kuba nzima ukutya kusasa xa sel' umdala. Ukungatyi isidlo sakusasa kukhokelela ekubeni utye ukutya okuneswekile eninzi yaye oko kutya kuyatyebisa.
Ixesha lokumilisa
... malingabi buhlungu
XA usana lwakho lumilisa kuba buhlungu nakuwe. Luyalila ngenxa yeentlungu kodwa alukwazi ukuziphepha ezi ntlungu kuba ziyinxalenye yokukhula. Nawe mzali awukwazi ukuzithintela ezi ntlungu kodwa ungazinciphisa.
Ulubona njani usana xa lumilisa
Eziny' iintsana azibi nangxaki xa zimilisa lo gama ezinye zivele zingakucaceli tu ukutya. Luyalila okanye lungazoli usana lwakho luthi lusuka luhlafune kwanto oluyibonayo.
Luncede usana lwakho
Iiringi zokumilisa: Mhlawumbi ucinga ukuluthengela iringi yokumilisa. Ilulungele kakhulu usana lwakho khon' ukuze lube nento oluyihlafunayo maxa onke yaye ezinye ziyafakwa efrijini. Uyigcine icocekile ikhutshwe neentsholongwane.
Ijel yokumilisa: Yiya ekhemisti uyoyifuna khona ijel yokumilisa. Ikhuselekile, izilungel' iintsana yaye iyazinceda kakhulu.
Into ebandayo: Njengoko usana lwakho lungafuni kutya lungazithanda izinto ezibandayo. Nantoni na ebandayo iyazinced' iintsini ezibuhlungu. Xa uza kulutyis' isiqhamo qala usifake efrijini imizuzwana ngaphambi kokutyisa usana.
Lugcine lomile: Xa iintsana zimilisa ziyabhibhidla. Lunxibis' ibhibhi uluthambis' iVaseline emilebeni nasesilevini ukuze lungabi nemilebe nolusu olomileyo.
Okoomama nootata....
u
BONA - September 2006
BONA - September 2006
t
Ibali le-
OOGQIRHA nababelekisi bayathanda ukuthi abantu abakhulelweyo mabayisebenzise. Ngaba uyazi ukuba ngenene inceda ngantoni ifolic acid kwanokuba kungani kufuneka uyisebenzise xa ukhulelwe"
IYINTONI" Ifolic acid ayililo iyeza koko isisongezi sesondlo.
Ifolic acid iyinxalenye yeemveliso ezinoVitamin B yaye ifumaneka nakwizityalo.
Idlal' indima enkulu ekwahlula-hluleni iiseli zento oyiquletheyo nto leyo iqala ukwenzeka xa uneentsuku ezingama-28 ukhulelwe.
KUTHENI IFUNEKA NJE XA UKHULELWE" Ifolic acid iyakwazi ukuthintel' iingxaki zokuzalwa kosana ezifana nengxaki yokuzalwa kosana luyingxwelerha.
Uphando lukwabonise nokuba iyanceda ukuhlisa ubungozi bokuphunyelwa sisisu, ukubeleka ngaphambi kwexesha, ukubelek' usana oluncinci kakhulu, isifo sentliziyo nemihlaza ethile.
ISETYENZISWA NINI" Ifolic acid ikulungele nokuba awukhulelwanga. Ibaluleke kakhulu kwinyanga yokuqala ukhulelwe.
Xa uceba ukuba nomntwana kufuneka uyisebenzise ifolic acid njengesongezi ekutyeni kwakho.
Thetha nogqirha okanye umncedisi wasekhemisti ngohlobo omawulusebenzise nokuba ufuna engakanani na. Ezinye iipilisi zokucacis' intliziyo zamabhinqa zinefolic acid ngoko ke yijonge ileyibheli xa uthenga.
MAYINGASALI EKUTYENI KWAKHO! Xa ungasebenzisi isongezi seevithamini esinefolic acid yiya kugqirha xa ungaziva mnandi. Kungenzeka kuthi kanti ukhulelwe yaye kubalulekile ukuba ukhawuleze uzisebenzise izongezi.
Ungayifumana ifolic acid xa usitya ukutya okunempilo njengemifuno eluhlaza enamagqabi, ubisi, ukutya kwengqolowa nenyama.[x]
folic acid
Okoomama nootata....
