xhosa.674.yourcelebs_10ques_2
IMIBUZO
kaTeko Modise
1. Xa ungekho sebaleni, uthanda ukunxiba eziphi iimpahla neyiphi imibala"
Ndiyawuthanda umbala oluhlaza okwesibhakabhaka kwaye ndithanda ukunxiba idenim nezikipha ezipholileyo, iiteki nezihombo zexabiso, njengewotshi neendondo.
2. Ukho umntu osentliziyweni yakho"
Andinakutsho ukuba ngubani, kodwa linenekazi elikhethekileyo, lihle kwaye linothando.
3. Imoto yamaphupha akho"
YiLamborghini etyheli.
4. Ingaba uyakholwa"
Ndiyakholwa kancinci. Ndiqala imini yam ngomthandazo - ukuze ndiphumelele, ndibek' usapho lwam, ndicel' impumelelo, ndibulele.
5. Yiyiphi inkqubo ye-TV ongathandiyo ikuphose"
YiLive ku-SABC1, kaloku ndiyawuthanda umculo. Le nkqubo inako konke ngomculo weli iividiyo nefashoni.
6. Yintoni oyithandayo nongayifuniyo ngawe"
Ndiyakuthanda ukuthobeka kwam. Ndiyakuthanda ukulunga kwam kodwa ndiphinda ndingakuthandi, kuba abanye abantu bayandivuyelela bangabi nambulelo.
7. Yintoni ekuthabatha ingqondo"
Yinzwakazi entle! Kufuneka akhanye ngebala, abesempilweni, angabhityi - kufuneka abelilunga abemhle.
8. Ukuba ubungeyondumasi yebhola, nguwuphi umsebenzi ongowufundele"
Ndingathanda ukuba ngumyili wefashoni yeempahla zamabhinqa, kuba ndakuba nethuba lonke lokubonisa isakhono sam.
9. Yiyiphi eyona nto ungathanda ukuyenza phambi kokuba ufe"
Ndakhe ishishini - mhlawumbi eleentengiso nelokusasaza iindaba. Besike safota iintengiso, inkqubo yakho indinika umdla.
10. Bathi "Xa uke waliBhakhaniya, uya kusoloko uliBhakhaniya" - ingaba yiyo loo nto usekweli"
Akunjalo ncam. Ndingathanda ukudlalela amaqela aphesheya afana neBarcelona. Nto nje andikasifumani isicelo esanelisayo. [x]
Umqulunqi: Patricia McCracken
SINCOKOLA NENDUMASI
LE NDUMASI YEPIRATES NEBAFANA ITHETHA NGOKUBA KUTHENI IFUNA UKUBA NGUMYILI WEEMPAHLA ZAMANENEKAZI, IQHUBE ILAMBORGHINI NAMANYE AMAPHUPHA
