xhosa.1517.zamajobe
BONA XHOSA December 2008
U
Nangona engazi ukuba uneminyaka emingaphi uyise wentombi yakhe, kodwa uZamajobe oyinzwakazi emanz' andonga uthi ukuba ngumama kumenze wabubona ngeny' indlela ubomi
SELE IMINE ngoku iminyaka emva kokuba intombi eselula yaseVosloorus yaba yindumasi ngequbuliso emva kokuphuma kukhuphiswano lwamagqibela-kankqoyi lwe-Idols laza icwecwe layo lokuqala lathengisa iikopi ezingama-30 000. UZama Sithole wayeneminyaka eli-19 ngoko kwaye wayenako konke. Abaphathi beenkampani ezishicilela amacwecwe eJoburg, eNew York naseLondon babezifuna iingoma zakhe ezadumayo ezifana nethi Magic, Ndawo Yami noHey, Hey, Hey. Kwabakho neekhonsathi eziliqela ezicetyelwe le nzwakazi eyimvumi nombhali weengoma.
Uthe shwaka emehlweni ngo-2005 waya kuqulunqa icwecwe lakhe lesibini. Ngoku uneminyaka engama-23 kwaye uzibone sele ejongene notshintsho olukhulu empilweni yakhe. Uthi ukuzalwa kwentombi yakhe, uTiyanjana nokusweleka kukayise, zizinto ebezibaluleke ngaphezulu kokuthengisa kwecwecwe lakhe nodumo lwezolonwabo.
"Utata uqale ukumazi uTiya kancinci nje phambi kokuba ahlaselwe sisifo sentliziyo asweleke. Umnike isiteketiso esithi Ndoni Yamanzi, okuthetha ukuba mhle, kwaye ndilinike elo gama eli cwecwe, ukunika imbeko kwindoda eyenze ukuba ndibe kulo msebenzi," utsho uZama
Ongasekhoyo uThemba Sithole wanika isiqalo isakhono sikaZama ngokumpha ikatala ene-17 leminyaka kwaye waqinisekisa ukuba uyakufunda ukuyisebenzisa.
"Utata ubengavumi kuqhathwa. Yonk' imihla xa efika ubefuna ndimdlalele endikufundisiweyo. Ubekholelwa ekubeni umculo uza kundivulela ingcango ezifanelekileyo."
Indlela acula ngayo wayifunda kumacwecwe omculo kayise saze isakhono sakhe sakheka ngakumbi kwisikolo segospile sikaBenjamin Dube.
Kulapho wadibana nomdlali wekatala waseMalawi osele eyiprodyusa yakhe ngoku, ongumdlali womculo ophambili kwiqela labo nokwanguyise womntwana wakhe.
U-Erik Paliani mdala kunaye, kodwa akayazi iminyaka yakhe. "Mhlawumbi u-Erik unama-30 okanye ama-32, kodwa andizange ndambuza. "Siziimvumi, ezingamageza angakhathaliyo ngeenkcukacha ezingananto yakwenza nomsebenzi wethu."
Nomtshato asiyonto ibalulekileyo kuye. "Mhlawumbi sakutshata ngeny' imini okanye singatshati - awubalulekanga okwangoku. "Uliqabane lam kwaye silusapho oluthandanayo, iphupha lethu kukuthatha iqela lethu lomculo we-African funk liye ehlabathini jikelele.
"Umntwana wethu uza kuba yinxalenye yoko - sendiqalile ukumfundisa umculo, njengoko notata wayesenza kum.
"Bendingakukhumbuli ukuba ngundaba-mlonyeni. Ndisoloko ndiyiphepha kakade imisitho yekhaphethi ebomvu. Mnye endakhe ndaya kuwo yi-MTV Awards eyayiseLisbon ngo-2005. Kwabamnandi apho ndiseqongeni neemvumi ezifana noShakira noTatu."
Kwicwecwe lakhe lesibini badibanise ilizwi lakhe nekatala ka-Erik kwiingoma ezili-11 eziluncuthu eziyijezi epholileyo kwaye baqalise ukucula kumatheko eli angekho sematheni emva nje kokuba umntwana wabo ezelwe.
"Ndibuyile ngoku," utshilo uZama eqinisekile. Sele ebhale isiqingatha sonke secwecwe lakhe lesithathu, nafuna ukulikhupha ngexesha leekhonsathi zeNdebe yeHlabathi ka-2010.
Ilizwi lakhe kweli cwecwe likhulu, uthi oku kubonakalisa ukuzithemba ngakumbi. Ngoku unciphile ngomzimba kwaye womelele, neenwele zakhe zendalo eziphothiweyo zikhulile.[x]
Umbhali: Doug Gordon
Sikhulu-
lekile kwaye singamageza angakhatha-lelanga zinto ezingaba-ndakany' umsebenzi wethu
ubuyile!
INDWALUTHO
BONA XHOSA December 2008
